Funisisani Ofanelekayo
1 Umyalelo kaYesu wokuba sishumayele ulucelomngeni. Wathi: “Nakusiphi isixeko okanye idolophana eningena kuyo, funisisani ukuba ngubani na ofanelekayo kuyo.” (Mat. 10:11) Ekubeni ngoku abantu bengayihlali imizi yabo, sinokubafunisisa njani abafanelekayo ngokunempumelelo?
2 Hlolisisa Intsimi Yakho: Qala ngokuhlolisisa intsimi yakho. Bafumaneka nini abantu emakhaya? Banokufumaneka phi emini? Ngaba evekini lukho usuku okanye ixesha abanokukuvuyela ukutyelelwa ngalo? Ukuvisisanisa ixesha oya ngalo entsimini neemeko zabantu oshumayela kubo kunokukunceda ufumane imiphumo encumisayo.—1 Kor. 9:23, 26.
3 Abavakalisi abaninzi baye babafumana kakhulu abantu emakhaya ngorhatya. Ngelo xesha abaninimzi abaninzi bakhululekile yaye bakulungele ukuphulaphula. Xa kusebusika, ukushumayela ngomnxeba ngamarhatya (kwiindawo ekuvumelekileyo kuzo) kunokuba nemiphumo encumisayo. Ezinye iindlela zokufikelela abantu ngeendaba ezilungileyo kukushumayela kwintsimi yamashishini nakwiindawo zikawonke-wonke.
4 Ebudeni benyanga exakeke ngokukhethekileyo, elinye ibandla lalungiselela ukuba kushunyayelwe emva kwemini ngeMigqibelo nangeCawa nangamarhatya angoLwesithathu nawangoLwesihlanu. Kwakhona balungiselela ukuba kushunyayelwe ngomnxeba yaye kusetyenzwe intsimi yamashishini. La malungiselelo alenza layithanda kakhulu ibandla intsimi kangangokuba lagqiba ekubeni liqhubeke nawo.
5 Wakhuthalele Amabuyelo: Ukuba kunzima ukubafumana abantu xa ubuyela kwintsimi yenu, zama ukuqonda ixesha elichanileyo lokubuyela emva kotyelelo ngalunye, nkqu nakutyelelo lokuqala. Qiniseka ukuba uyaligcina ixesha enivumelene ngalo. (Mat. 5:37) Ukuba kunokwenzeka, cela inombolo yomnxeba yomninimzi. Oku kunokukunceda ukwazi ukunxibelelana naloo mntu kwakhona.
6 UYehova uya kukusikelela ukuzibhokoxa kwethu ekufunisiseni abafanelekayo nasekubuyeleni kubantu abanomdla.—IMize. 21:5.