Ucwangciso Lwentsapho—Itekisi Yosuku
1 Abazali abanothando baye benze umgudu omkhulu ukuze balungiselele abantwana babo ukutya okunesondlo suku ngalunye. Kubaluleke nangakumbi ke ukubalungiselela isondlo sokomoya esivela kwiLizwi likaThixo. (Mat. 4:4) Enye indlela onokunceda ngayo abantwana bakho bakulambele ukutya kokomoya yaye ‘bakhulele elusindisweni’ kukuzipha ixesha lokuhlola itekisi yosuku njengentsapho yonke imihla. (1 Pet. 2:2) Unokuyifaka ndawoni le nkalo kucwangciso lwakho lwentsapho?
2 Ngamaxesha Esidlo: Ukuqalisa usuku lwenu ngengxubusho yetekisi kunokunceda intsapho yenu ihlale icinga ngoYehova ebudeni bosuku. (INdu. 16:8) Omnye umama wayeqiniseka ukuba ufunda aze axubushe itekisi nonyana wakhe xa befumana isidlo sakusasa aze athandaze naye ngaphambi kokuba aye esikolweni. Loo nto yamenza wema akalalanisa xa kwakusithiwa makabonise umoya wokuthand’ izwe, naxa wayehendwa ukuba aziphathe kakubi, ibe washumayela ngenkalipho kwabanye afunda nabo nakootitshala bakhe. Nangona yayinguye yedwa iNgqina kweso sikolo, akazange azive elilolo.
3 Ukuba anikwazi kuyixubusha kusasa itekisi, ninokuyihlolisisa njengentsapho ngelinye ixesha ebudeni bosuku, mhlawumbi ngesidlo sangokuhlwa. Ngeli xesha abanye baye bafakelele namava entsimi neengongoma abazifumene kufundo lweBhayibhile lobuqu. Abaninzi bayazikhumbula izihlandlo ezinje njengezinye zezihlandlo ezimnandi abakha bazichitha kunye neentsapho zabo.
4 Ebusuku: Kwezinye iintsapho, elona xesha lifanelekileyo lokuhlola itekisi yosuku kungaphambi kokuba ziye kubek’ amacala ebusuku. Eli inokuba lixesha elihle lokuthandaza kunye. Njengoko abantwana bakho bekuva mihla le uthetha ngoYehova yaye uthandaza kuye, uba ngumntu wokwenene kubo.
5 Ngamana uYehova angayisikelela imigudu eniyenzayo yokubethelela inyaniso kubantwana benu njengoko nisebenzisa incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla.