Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Bhetyebhetye
1 Umpostile uPawulos wasimisela umzekelo ngokwenza intshumayelo yakhe yeendaba ezilungileyo ivumelane nemvelaphi nendlela abacinga ngayo abaphulaphuli bakhe. (1 Kor. 9:19-23) Nathi sifanele sizimisele ukwenza okufanayo. Xa sicingisisa kusengaphambili, sinokwenza iintshumayelo ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani zifanele abantu abakwintsimi yethu. Njengoko sisondela kuloo mzi, sisenokubona izinto ezithandwa ngumninimzi size siziquke kwintshumayelo yethu. Noko ke, ikho nenye indlela esinokuba bhetyebhetye ngayo xa sishumayela.
2 Intshumayelo Mayivisisane Noko Kuthethwa Ngabanye: Xa sishumayela iindaba ezilungileyo, sidla ngokubuza umbuzo size silindele impendulo yomninimzi. Uthini wena xa ephendula? Ngaba uvuma nje ngenkwalambisa uze uqhubeke nentshumayelo oyilungiseleleyo? Okanye uthetha ngendlela ebonisa ukuwaxabisa amagqabaza omninimzi? Ukuba unomdla onyanisekileyo koko kuthethwa ngabanye, unokusebenzisa eminye imibuzo yobuchule ukuze ufumane oko kusezintliziyweni zabo. (IMize. 20:5) Ngaloo ndlela uya kugxininisa kwiinkalo zesigidimi soBukumkani ezimchaphazela ngokuthe ngqo umphulaphuli wakho.
3 Oku kufuna ukuba sikulungele ukuthetha ngemibandela eyahlukileyo kuleyo besilungiselele ukuthetha ngayo. Ukuba siqala sithethe ngengxaki esezindabeni aze umninimzi athethe ngombandela wasekuhlaleni okanye ochaphazela yena, umdla wethu onyanisekileyo kwiimfuno zomninimzi uya kusishukumisela ukuba ingxubusho yethu yeBhayibhile igxininise kwizinto ezibaluleke kuye.—Fil. 2:4.
4 Ukutshintsha Intshumayelo Yethu: Xa umninimzi efuna ukwazi ngento ethile, kusenokuba yingenelo ukuqhubeka nengxubusho ngelinye ixesha, emva kokuba siye saqwalasela inkcazelo engakumbi ephathelele loo mbandela. Kanti sinokumnika iimpapasho eziwuphendula ngokucokisekileyo loo mbandela. Konke oku kubonisa umdla wethu onyanisekileyo wokunceda abanye bamazi uYehova.—2 Kor. 2:17.