‘Hlalani Nithwala Isiqhamo Esininzi’
“Nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.”—YOHANE 15:8.
1. (a) Nguwuphi umyalelo wokuba ngumfundi uYesu awawuxelela abalandeli bakhe? (b) Nguwuphi umbuzo esifanele sizibuze wona?
YAYIBUBUSUKU ngaphambi kokufa kwakhe. UYesu wayechithe ixesha elininzi ekhuthaza abapostile bakhe ebaphalazela imbilini yakhe. Ngoku, kusenokuba kusemva kwasezinzulwini zobusuku, kodwa uYesu, eqhutywa luthando ngabahlobo bakhe abasenyongweni, uqhubeka ethetha. Wandula ke, ebudeni bencoko yakhe, abakhumbuze ngomnye umyalelo ongakumbi abafanele bawuthobele ukuze bahlale bengabafundi bakhe. Wathi: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.” (Yohane 15:8) Ngaba nathi namhlanje siyawuthobela lo myalelo wokuba ngumfundi? Kuthetha ukuthini ‘ukuthwala isiqhamo esininzi’? Ukuze sikufumanise oko, makhe siphinde siqwalasele oko wakuthethayo ngobo busuku.
2. Nguwuphi umzekeliso ongesiqhamo uYesu athetha ngawo ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe?
2 Isiluleko sokuba sithwale isiqhamo siyinxalenye yomzekeliso uYesu awawenzela abapostile bakhe. Wathi: “Mna ndingumdiliya wenyaniso, yaye uBawo ngumlimi. Onke amasebe akum angathwali siqhamo uyawasusa, yaye onke lawo athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo esingakumbi. Nina senihlambulukile ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni. Hlalani nimanyene nam, nam ndimanyene nani. Kanye njengoko isebe lingenakuzithwalela isiqhamo ngokwalo ngaphandle kokuba lihlale emdiliyeni, ngokufanayo nani aninako, ngaphandle kokuba nihlala nimanyene nam. Mna ndingumdiliya, nina ningamasebe. . . . UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam. Kanye njengoko uBawo endithandile nam ndinithandile, hlalani eluthandweni lwam. Ukuba niyayigcina imiyalelo yam, niya kuhlala eluthandweni lwam.”—Yohane 15:1-10.
3. Yintoni abalandeli bakaYesu abamele bayenze ukuze bathwale isiqhamo?
3 Kulo mzekeliso uYehova unguMlimi, uYesu ungumdiliya, yaye abapostile uYesu awayethetha nabo bangamasebe. Aba bapostile baya kuthwala isiqhamo logama nje bezabalazela ‘ukuhlala bemanyene’ noYesu. Wandula ke uYesu achaze indlela aba bapostile abanokuphumelela ngayo ngokuhlala bemanyene esithi: “Ukuba niyayigcina imiyalelo yam, niya kuhlala eluthandweni lwam.” Kamva, umpostile uYohane wabhalela amanye amaKristu amazwi afanayo athi: “Lowo uyigcinayo imiyalelo [kaKristu] umanyene naye.”a (1 Yohane 2:24; 3:24) Ngenxa yoko, ngokugcina imiyalelo kaKristu, abalandeli bakhe bahlala bemanyene naye, yaye olo manyano lubenza bathwale isiqhamo. Sisiphi isiqhamo esifanele sisithwale?
Ithuba Lokukhula
4. Yintoni esinokuyifunda kwisibakala sokuba uYehova ‘ewasusa’ onke amasebe angathwali siqhamo?
4 Kumzekeliso womdiliya, uYehova “uyawasusa,” okanye uyawanqumla amasebe angavelisi ziqhamo. Oku kusixelela ntoni? Akusixeleli nje kuphela ukuba bonke abafundi bafanele bavelise isiqhamo kodwa kwakhona ukuba bonke banokukwazi ukwenjenjalo, zingakhathaliseki iimeko zabo okanye iintsilelo abanazo. Eneneni, oku bekuya kuba kwahlukile kwiindlela zikaYehova zothando ‘ukususa,’ okanye ukwenza abafundi bakaKristu bangafaneleki ngenxa yokungakwazi ukufeza okuthile obekungaphezu kwamandla abo.—INdumiso 103:14; Kolose 3:23; 1 Yohane 5:3.
5. (a) Umzekeliso kaYesu ubonisa njani ukuba sinokwenza inkqubela ekuthwaleni isiqhamo? (b) Ziziphi iindidi ezimbini zesiqhamo esiza kuziqwalasela?
5 Kwakhona umzekeliso kaYesu ongomdiliya ubonisa ukuba ngokweemeko zethu, simele sizame amathuba okwenza inkqubela kwimisebenzi yethu njengabafundi. Phawula indlela uYesu akuchaza ngayo oku: “Onke amasebe akum angathwali siqhamo uyawasusa, yaye onke lawo athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo esingakumbi.” (Yohane 15:2) Ngasekupheleni kwalo mzekeliso, uYesu ubongoza abalandeli bakhe ukuba bathwale “isiqhamo esingakumbi.” (Indinyana 8) Kuthetha ukuthini oku? Njengabafundi, asifanele nanini na singakhathali. (ISityhilelo 3:14, 15, 19) Kunoko, sifanele sijonge iindlela esinokwenza ngazo inkqubela ekuthwaleni isiqhamo. Luhlobo olunjani lwesiqhamo esifanele sizabalazele ukusithwala ngokuyintabalala? Sifanele sithwale (1) “isiqhamo somoya” (2) nesiqhamo soBukumkani.—Galati 5:22, 23; Mateyu 24:14.
Isiqhamo Esiziimpawu ZobuKristu
6. UYesu Kristu wakugxininisa njani ukubaluleka kwesiqhamo somoya sokuqala esikhankanyiweyo?
6 Uthando ludweliswe ‘njengesiqhamo somoya’ sokuqala. Umoya kaThixo oyingcwele uvelisa uthando kumaKristu, kuba athobela umyalelo kaYesu awawunikela ngaphambi nje kokuba enze umzekeliso ongomdiliya ovelisa isiqhamo. Wathi kubapostile bakhe: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane.” (Yohane 13:34) Eneneni, ebudeni bencoko yakhe ngobusuku bakhe bokugqibela esemhlabeni, ngokuphindaphindiweyo uYesu wakhumbuza abafundi bakhe ngemfuneko yokubonakalisa uphawu oluluthando.—Yohane 14:15, 21, 23, 24; 15:12, 13, 17.
7. Umpostile uPetros wabonisa njani ukuba ukuthwala isiqhamo kunxulumene nokubonakalisa iimpawu ezifana nezikaKristu?
7 UPetros, owayekho ngobo busuku, waqonda ukuba uthando olunjengolukaKristu neempawu ezihambisana nalo zifanele zibonakale phakathi kwabafundi bakaKristu bokwenyaniso. Kwiminyaka kamva, uPetros wakhuthaza amaKristu ukuba ahlakulele iimpawu ezinjengokuzeyisa, umsa wobuzalwana nothando. Wongezelela esithi ukwenjenjalo kusenza singabi “ngabangasebenzi nto okanye abangenasiqhamo.” (2 Petros 1:5-8) Enoba iimeko zethu zinjani na, sinako ukusibonakalisa isiqhamo somoya. Ngoko ke, ngamana singazabalazela ukubonakalisa ngokupheleleyo uthando, ububele, ubulali, nezinye iimpawu ezifana nezikaKristu, kuba “akukho mthetho unxamnye nezinto ezinjalo,” okanye umda omisiweyo. (Galati 5:23) Eneneni, masithwale “isiqhamo esingakumbi.”
Ukuthwala Isiqhamo SoBukumkani
8. (a) Isiqhamo somoya sinxulumene njani nesiqhamo soBukumkani? (b) Nguwuphi umbuzo esifanele siwuqwalasele?
8 Iziqhamo ezimibalabala nezimnandi zenza umthi ube mhle. Noko ke, ubuhle abubalulekanga ngaphezu kweziqhamo ngokwazo. Kwakhona iziqhamo zibalulekile ekusasazeni imbewu yeso sityalo. Ngokufanayo, isiqhamo somoya asenzi ubuntu bethu bobuKristu bube buhle nje kuphela. Iimpawu ezinjengothando nokholo nazo zisishukumisela ukuba sisasaze isigidimi soBukumkani esinjengembewu esifumaneka kwiLizwi likaThixo. Phawula indlela umpostile uPawulos alugxininisa ngayo olu nxulumano lubalulekileyo. Uthi: “Nathi sibonisa ukholo [inxalenye yesiqhamo somoya] yaye ke ngoko siyathetha.” (2 Korinte 4:13) Ngale ndlela, uPawulos ucacisa ngokubhekele phaya, ukuba “sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe”—uhlobo lwesibini lwesiqhamo esifanele sisibonakalise. (Hebhere 13:15) Ngaba likho ithuba ebomini bethu lokuba sibe nemveliso engakumbi, eneneni sithwale “isiqhamo esingakumbi,” njengabavakalisi boBukumkani bukaThixo?
9. Ngaba ukuthwala isiqhamo kuyafana nokwenza abafundi? Cacisa.
9 Ukuze siwuphendule ngokuchanileyo, okokuqala sifanele siqonde oko kumelwa sisiqhamo soBukumkani. Ngaba bekuya kuba kuchanile ukugqiba ngelithi ukuthwala isiqhamo kuthetha ukwenza abafundi? (Mateyu 28:19) Ngaba isiqhamo esiya kusithwala ngokuyintloko sibhekisela kubantu esiye sabanceda baba ngabanquli bakaYehova ababhaptiziweyo? Akunjalo. Ukuba bekunjalo, oko bekuya kuwadimaza ngokwenene onke loo maNgqina athandekayo ebevakalisa isigidimi soBukumkani ngokuthembeka kangangeminyaka emininzi kwiindawo ezingabonakalisi mdla. Eneneni, ukuba isiqhamo soBukumkani esisithwalayo simelwa kuphela ngabafundi abatsha, amaNgqina anjalo azibhokoxayo ebeya kufana namasebe angavelisi ziqhamo akumzekeliso kaYesu! Kakade ke, oko akunjalo. Ngoko ke, ngokuyintloko siyintoni isiqhamo soBukumkani sobulungiseleli bethu?
Ukuvelisa Isiqhamo Ngokusasaza Imbewu YoBukumkani
10. Umzekeliso kaYesu womhlwayeli nemihlaba eyahlukahlukeneyo ukubonisa njani oko kusisiqhamo soBukumkani noko kungesiso?
10 Umzekeliso kaYesu ongomlimi neentlobo ezahlukahlukeneyo zomhlaba unikela impendulo—impendulo ekhuthazayo kwabo bashumayela kwiindawo ezingenamveliso ingako. UYesu wathi imbewu sisigidimi soBukumkani esifumaneka kwiLizwi likaThixo, yaye umhlaba ufanekisela intliziyo yomntu yokomfuziselo. Enye imbewu “yawela emhlabeni olungileyo, yaza, emva kokuhluma, yavelisa isiqhamo.” (Luka 8:8) Sisiphi esi siqhamo? Kaloku, emva kokuba udiza lwengqolowa luhlumile lwaza lwakhula, luvelisa isiqhamo, kungekhona iindiza ezincinane zengqolowa, kodwa imbewu entsha. Ngokufanayo, umKristu uvelisa isiqhamo, kungekhona umfundi omtsha, kodwa imbewu entsha yoBukumkani.
11. Sinokuchazwa njani isiqhamo soBukumkani?
11 Ngoko ke, kule meko isiqhamo asingabo abafundi abatsha okanye iimpawu ezintle zamaKristu. Ekubeni imbewu ehlwayelwayo ililizwi loBukumkani, isiqhamo simele ukuba sibhekisela kwimbewu ephindaphindwa izihlandlo ezininzi. Kule meko ukuthwala isiqhamo kubhekisela ekuvakaliseni ngoBukumkani. (Mateyu 24:14) Ngaba sinokukwazi ukuthwala isiqhamo soBukumkani esinjalo—ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani—enoba iimeko zethu zinjani? Ewe, kunjalo! Kumzekeliso ofanayo, uYesu uyasichaza isizathu.
Ukwenza Konke Okusemandleni Ethu Ukuze Kuzukiswe UThixo
12. Ngaba onke amaKristu anako ukuthwala isiqhamo soBukumkani? Cacisa.
12 UYesu wathi: ‘Leyo ke ihlwayelwe emhlabeni omhle, . . . ivelisa ikhulu, enye amashumi amathandathu, enye amashumi amathathu.’ (Mateyu 13:23) Ukutya okuziinkozo okulinywe entsimini kunokuba nemveliso eyahlukahlukeneyo ngokuxhomekeke kwiimeko. Ngokufanayo, oko sinokukwenza ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo kusenokwahluka ngokweemeko zethu, yaye uYesu wabonisa ukuba uyakuqonda oku. Bambi basenokuba namathuba angakumbi; abanye babe nempilo entle namandla angakumbi. Ngoko ke, oko sikwaziyo ukukwenza kusenokuba kungaphezulu okanye kungaphantsi koko abanye abakwenzayo, kodwa lo gama nje sisenza konke okusemandleni ethu, uYehova uyakholiswa koko. (Galati 6:4) Enoba ukwaluphala okanye ukungabi namandla ngenxa yesigulo esithile kusenza singabi nasabelo singako kumsebenzi wokushumayela, uBawo wethu onemfesane, uYehova ngokungathandabuzekiyo usijonga njengabo ‘bahlala bethwala isiqhamo esingakumbi.’ Ngoba? Kuba simnika ‘konke esinako’—inkonzo yomphefumlo uphela.b—Marko 12:43, 44; Luka 10:27.
13. (a) Sisiphi esona sizathu siyintloko sokuba ‘siqhubeke’ sithwala isiqhamo soBukumkani? (b) Yintoni eya kusinceda ukuba siqhubeke sithwala isiqhamo nakwimimandla engabonakalisi mdla ungako?—(Bona ibhokisi kwiphepha 21.)
13 Enoba sivelisa isiqhamo soBukumkani esingakanani na, siya kushukunyiselwa ukuba ‘siqhubeke size sihlale sithwala isiqhamo’ xa sikhumbula isizathu sokuba senjenjalo. (Yohane 15:16) UYesu wakhankanya esona sizathu siyintloko esithi: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi.” (Yohane 15:8) Ewe, umsebenzi wethu wokushumayela ungcwalisa igama likaYehova kubo bonke abantu. (INdumiso 109:30) UHonor, iNgqina elithembekileyo eliphakathi kwiminyaka yalo yama-70 ubudala, uthi: “Nakwiindawo ezingenamdla ungako, kulilungelo ukumela oYena uPhakamileyo.” Xa uClaudio, obeliNgqina elinenzondelelo ukususela ngowe-1974, wabuzwa isizathu sokuba aqhubeke eshumayela nangona bembalwa abantu ababonakalisa umdla kwintsimi yakhe, wacaphula uYohane 4:34, apho sifunda amazwi kaYesu athi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” UClaudio wongezelela esithi: “NjengoYesu, andifuni nje kuphela ukuwuqalisa kodwa ndifuna ukuwugqiba umsebenzi wam njengomvakalisi woBukumkani.” (Yohane 17:4) AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke anembono efanayo.—Bona ibhokisi ethi “Indlela ‘Yokuthwala Isiqhamo Ngonyamezelo,’” kwiphepha 21.
Ukushumayela Nokufundisa
14. (a) Umsebenzi kaYohane umBhaptizi nokaYesu wawunaziphi iinjongo ezimbini? (b) Ubunokuwuchaza njani umsebenzi wamaKristu namhlanje?
14 Umvakalisi woBukumkani wokuqala okhankanywe kwiincwadi zeVangeli nguYohane umBhaptizi. (Mateyu 3:1, 2; Luka 3:18) Eyona njongo yakhe eyintloko ‘yayikukunikela ubungqina,’ yaye wakwenza oko enokholo olunzulu nethemba lokuba “abantu bazo zonke iintlobo bakholwe.” (Yohane 1:6, 7) Eneneni, bambi uYohane awashumayela kubo baba ngabafundi bakaKristu. (Yohane 1:35-37) Ngenxa yoko, uYohane wayengumshumayeli kwangaxeshanye engumenzi wabafundi. Naye uYesu wayengumshumayeli nomfundisi. (Mateyu 4:23; 11:1) Akumangalisi ke ngoko ukuba, uYesu ayalele abalandeli bakhe kungekuphela nje ukuba bashumayele isigidimi soBukumkani kodwa bancede nabantu abasamkelayo ukuba babe ngabafundi bakhe. (Mateyu 28:19, 20) Ngenxa yoko umsebenzi wethu namhlanje uquka ukushumayela nokufundisa.
15. Ifana njani indlela abantu ababesabela ngayo kumsebenzi wokushumayela owawusenziwa ngenkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo nalowo wenziwayo namhlanje?
15 Kwabo babephulaphule uPawulos eshumayela yaye efundisa ngenkulungwane yokuqala kwiXesha Eliqhelekileyo, “bambi bazikholelwa izinto awayezitsho; abanye babengakholwa.” (IZenzo 28:24) Namhlanje, abanye basasabela ngendlela efanayo. Okulusizi kukuba, inkoliso yembewu yoBukumkani iwela kumhlaba engenamveliso. Sekunjalo, enye imbewu isawela kumhlaba omhle, iyantshula, ize ihlume, kanye njengokuba uYesu waprofetayo. Enyanisweni, ehlabathini lonke, umlinganiselo wabantu abangaphezu kwama-5 000 baba ngabalandeli bakaKristu abanyanisekileyo veki nganye! Aba bafundi batsha ‘bayazikholelwa izinto ezithethiweyo,’ nangona inkoliso yabanye abantu ingazikholelwa. Yintoni encede iintliziyo zabo zamkela isigidimi soBukumkani? Umdla obonakaliswa ngamaNgqina—ukunkcenkceshelwa kwembewu etsha ehlwayelweyo, ngokungathi kunjalo—udla ngokuba luncedo. (1 Korinte 3:6) Phawula imizekelo emibini kwemininzi.
Ukubonakalisa Umdla Kuluncedo
16, 17. Kutheni kubalulekile ukubonakalisa umdla kwabo sidibana nabo kubulungiseleli bethu?
16 UKarolien, iNgqina eliselula eBelgium, watyelela ibhinqa elikhulileyo elalingazange libonakalise umdla kwisigidimi soBukumkani. Ekubeni isandla seli bhinqa sasibotshiwe, uKarolien nomhlobo wakhe bafuna ukulinceda, kodwa alizange livume. Kwiintsuku ezimbini kamva la maNgqina mabini abuyela kwikhaya leli bhinqa aza abuza impilo. UKarolien uthi: “Oko kwaba luncedo. Lamangaliswa kukubona ukuba ngokwenene sasinomdla kulo. Lathi masingene ngaphakathi, yaye saqalisa isifundo seBhayibhile.”
17 USandi, iNgqina laseUnited States, naye ubonakalisa umdla kwabo ashumayela kubo. Uye ajonge kwiphephandaba lasekuhlaleni abantwana abazelweyo aze atyelele abazali abatsha ephethe incwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.c Ekubeni umama edla ngokuba sekhaya yaye ekuvuyela ukubonisa abo batyeleleyo usana lwakhe, kudla ngokulandela incoko. USandi uthi: “Ndiye ndithethe nabazali ngokubaluleka kokwakha ulwalamano kunye nosana ngokufunda. Kamva ndithetha ngeengxaki zokukhulisa umntwana kweli hlabathi lanamhlanje.” Kutshanje, ngenxa yamatyelelo anjalo, umama nabantwana abathandathu baye baqalisa ukukhonza uYehova. Ukubonakalisa umdla kunokukhokelela kwimiphumo evuyisa ngokufanayo kubulungiseleli bethu.
18. (a) Kutheni sonke sinako ‘ukuthwala isiqhamo esingakumbi’? (b) Yiyiphi imiyalelo emithathu yokuba ngumfundi ekhankanywe kwincwadi yeVangeli kaYohane ozimisele ukuyithobela?
18 Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba sinako ‘ukuhlala sithwala isiqhamo esingakumbi’! Enoba siselula okanye sibadala, enoba impilo yethu intle okanye inkenenkene, enoba sishumayela kwindawo enabantu abanomdla okanye abangenamdla ungako, sonke siyakwazi ukuthwala isiqhamo. Njani? Ngokubonakalisa isiqhamo somoya ngokupheleleyo nangokusasaza isigidimi soBukumkani bukaThixo ngamandla ethu ephela. Kwangaxeshanye, sizabalazela ‘ukuhlala kwilizwi likaYesu’ ‘nokuba nothanda phakathi kwethu.’ Ewe, ngokuthobela le miyalelo mithathu ibalulekileyo yokuba ngumfundi ekhankanywe kwincwadi yeVangeli kaYohane, singqina ukuba ‘ngokwenene singabafundi bakaKristu.’—Yohane 8:31; 13:35.
[Imibhalo esemazantsi]
a Nangona amasebe omdiliya kulo mzekeliso ebhekisela kubapostile bakaYesu nakwamanye amaKristu aya kufumana uBukumkani bukaThixo ezulwini, lo mzekeliso uqulethe iinyaniso abanokuzuza kuzo bonke abalandeli bakaKristu namhlanje.—Yohane 3:16; 10:16.
b Abo basoloko besemakhaya ngenxa yokwaluphala okanye ukugula basenokukwazi ukunikela ubungqina ngokubhala ileta okanye, apho kuvumelekileyo, ukutsala umnxeba, okanye mhlawumbi bashumayele iindaba ezilungileyo kwabo babatyeleleyo.
c Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Imibuzo Yempinda
• Sisiphi isiqhamo esifanele sisithwale ngakumbi?
• Kutheni sinako ukulufikelela usukelo ‘lokuthwala isiqhamo esingakumbi’?
• Yiyiphi imiyalelo emithathu ebalulekileyo yokuba ngumfundi ekhankanywe kwincwadi yeVangeli kaYohane esiye sayiqwalasela?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 21]
INDLELA ‘YOKUTHWALA ISIQHAMO NGONYAMEZELO’
YINTONI ekunceda uqhubeke ushumayela isigidimi soBukumkani ngokuthembeka kwiindawo ezingenamdla ungako? Nazi iimpendulo ezithile eziluncedo kulo mbuzo.
“Ukwazi ukuba sixhaswa nguYesu ngokupheleleyo kundenza ndibe nentembelo ndize ndizingise, enoba abantu basabela njani na entsimini.”—UHarry, oneminyaka engama-72 ubudala; ubhaptizwe ngowe-1946.
“Incwadi yesi-2 yabaseKorinte 2:17 isoloko indikhuthaza. Ithi senza ubulungiseleli ‘phambi kwamehlo kaThixo, sikunye noKristu.’ Xa ndikubulungiseleli, ndiyakuvuyela ukuhamba nabahlobo bam abasenyongweni.”—UClaudio, oneminyaka engama-43 ubudala; ubhaptizwe ngowe-1974.
“Ngeliphandle, ndikufumanisa kunzima ukwenza umsebenzi wokushumayela. Sekunjalo, ndiyayibona indlela ayinyaniso ngayo amazwi afumaneka kwiNdumiso 18:29 athi: ‘NgoThixo wam ndinokulunyuka udonga.’”—UGerard, oneminyaka engama-79 ubudala; ubhaptizwe ngowe-1955.
“Ukuba nje ndifunde umbhalo omnye kubulungiseleli, oko kuyandanelisa xa ndicinga ukuba umntu othile uye wagocagocwa intliziyo yiBhayibhile.”—UEleanor, oneminyaka engama-26 ubudala; ubhaptizwe ngowe-1989.
“Ndiye ndizame iindlela ezahlukahlukeneyo. Zininzi kakhulu kangangokuba andinakukwazi ukuzisebenzisa zonke kule minyaka yobomi bam iseleyo.”—UPaul, oneminyaka engama-79 ubudala; ubhaptizwe ngowe-1940.
“Xa umntu engafuni ukuphulaphula andikhathazeki. Ndiye ndizame ukuncokola ngokukhululekileyo nabantu, ndize ndiphulaphule iimbono zabo.”—UDaniel, oneminyaka engama-75 ubudala; ubhaptizwe ngowe-1946.
“Ndiye ndadibana nabantu abasandul’ ukubhaptizwa abaye bandixelela ukuba umsebenzi wam wokushumayela uye wafaka isandla ekubeni babe ngamaNgqina. Ndingazi, omnye kamva uye wafundisisa kunye nabo iBhayibhile waza wabanceda benza inkqubela. Kuyandivuyisa ukwazi ukuba sisebenza ngaxhathalinye kubulungiseleli bethu.”—UJoan, oneminyaka engama-66 ubudala; ubhaptizwe ngowe-1954.
Yintoni ekuncedayo wena ukuba ‘uthwale isiqhamo ngonyamezelo’?—Luka 8:15.
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
Ngokubonakalisa isiqhamo somoya nangokuvakalisa isigidimi soBukumkani, sithwala isiqhamo esingakumbi
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi kubapostile bakhe: ‘Hlalani nithwala isiqhamo esingakumbi’?