UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IZENZO 6–8
Ibandla LamaKristu Elitsha Liyavavanywa
Abahlolokazi abathetha isiGrike ababesandul’ ukubhaptizwa, ababetyelele eYerusalem baza bahlala ixesha elide kunabebelicebile, babecalulwa. Ngaba loo nto yabakhubekisa, okanye baba nomonde balinda uYehova azilungise izinto?
Emva kokuxulutywa ngamatye kukaStefano nokutshutshiswa okwenza amaKristu aseYerusalem abalekela kwaYuda naseSamariya, ngaba ayekelela ukushumayela ngenxa yaloo nto?
Ibandla lamaKristu elitsha lanyamezela laza lakhula kuba uYehova wayelixhasa.—IZe 6:7; 8:4.
ZIBUZE, ‘Ndenza njani mna xa ndivavanywa?’