IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr19 Matshi iphe. 1-9
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela (2019)
  • Imixholwana
  • MATSHI 4-10
  • MATSHI 11-17
  • MATSHI 18-24
  • MATSHI 25-31
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela (2019)
mwbr19 Matshi iphe. 1-9

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

MATSHI 4-10

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ROMA 12–14

“Kuthetha Ukuthini Ukuwathanda AmaKristu”

(Roma 12:10) Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.

it-1-E 55

Uthando

Uthando lobuzalwana (Igama lesiGrike elithi., phi·la·del·phiʹa, lithetha “ukuthanda umntakwenu”) lumele lubekho kubo bonke abazalwana abasebandleni lamaKristu. (Rom 12:10; Heb 13:1; jonga neyoku-1Pe 3:8.) Ngoko, abazalwana kufuneka basondelelane baze bathandane njengentsapho. Nangona abazalwana sele bethandana kakade, bayacelwa ukuba bathandane ngakumbi.​—1Te 4:9, 10.

Igama lesiGrike elithi phi·loʹstor·gos, elithetha “ukuthanda umntakwenu,” lisetyenziswa kubantu abathandanayo kuba bezalana. Elinye igama elivela kulo elithi sterʹgo, lidla ngokusetyenziswa kubantu abathandana kuba beyintsapho. Umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba azame ukuba nalo olu thando. (Rom 12:10) UPawulos wathi imihla yokugqibela siya kuyibona ngabantu ‘abangenawo umsa wemvelo’ (ngesiGrike aʹstor·goi) ibe abantu abanjalo bafanelwe kukufa.​—2Ti 3:3; Rom 1:31, 32.

(Roma 12:17-19) Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. Yenzani okuhle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.”

w09 10/15 8 ¶3

‘Yibani Noxolo Nabantu Bonke’

3 Funda eyabaseRoma 12:17. UPawulos wathi xa sichaswa masingaphindezeli. Kubaluleke nakakhulu ukusebenzisa esi siluleko kumakhaya ahluleleneyo ngonqulo. UmKristu umele angaziphindezeli kwiqabane lakhe xa liye lathetha amazwi okanye lenza okuthile angakuthandiyo. Umntu akazuzi nto ‘ngokubuyisela ububi ngobubi.’ Kunoko, ukwenjenjalo kunokubangela ezinye iingxaki.

w07 7/1 24-25 ¶12-13

‘Yibani Noxolo Nabantu Bonke’

12 Ngoku uPawulos usiluleka ngendlela esimele siphathe ngayo amanye amaKristu nabo bangengawo, uthi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na.” Loo mazwi uwathetha ngenxa yoko aye wakutsho ngaphambili, esithi: “Kwenyanyeni oko kungendawo.” Eneneni ke, umntu ebenokutsho njani ukuba uyakwenyanya oko kungendawo, okanye ububi, xa eza kwenza kwaokubi ukuze aziphindezele kwabanye? Oko bekuya kungqubana nokuba nothando “olungenaluhanahaniso.” Emva koko uPawulos uthi: “Yenzani okuhle emehlweni abantu bonke.” (Roma 12:9, 17) Siwathobela njani loo mazwi?

13 Ngaphambilana, kwincwadi awayibhalela abaseKorinte, uPawulos wathetha ngentshutshiso ababejamelene nayo abapostile. Wathi: “Siye saba ngumboniso wokubonelwa lihlabathi, naziingelosi, nangabantu. . . . Xa sitshabhiswa, siyasikelela; xa sitshutshiswa, siyanyamezela; xa sinyeliswa, siyabongoza.” (1 Korinte 4:9-13) Ngokufanayo, namhlanje amaKristu okwenyaniso abekwe esweni ngabantu beli hlabathi. Xa bebona izinto ezilungileyo esizenzayo ngoxa siphathwa kakubi ngokungekho sesikweni, oko kunokubenza basabele kakuhle kwisigidimi sethu sobuKristu.—1 Petros 2:12.

(Roma 12:20, 21) Kodwa, “ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba ngokwenza oku woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.” 21 Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.

w12 11/15 29 ¶13

Xolelanani Ngesisa

13 Maxa wambi usenokukwazi ukunceda umntu okonileyo ukuba ayixabise indlela aziphatha ngayo amaKristu. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “‘Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba ngokwenza oku woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.’ Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.” (Roma 12:20, 21) Ukumphatha kakuhle umntu okucaphukisayo, kunokwenza noyena mntu unentloko elukhuni athambe aze atshintshe. Ngokubonisa ukuqonda novelwano​—kuquka nothando—kumntu okukhubekisileyo, unokumnceda afunde inyaniso yeBhayibhile. Enoba wenziwe ntoni, ukungaziphindezeli kwenza lo mntu ukonileyo abone indlela entle ngayo ihambo yakho.​—1 Pet. 2:12; 3:16.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Roma 12:1) Ngenxa yoko ndiyanibongoza ngeemfesane zikaThixo, bazalwana, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla enu engqiqo.

lv 64-65 ¶5-6

Ukukhetha Indlela Efanelekileyo Yokuzonwabisa

5 Yonke into oyenzayo ebomini inento yokwenza nokunqula uYehova. Kwincwadi awayeyibhalela abaseRoma, uPawulos wasebenzisa amagama aqatha ukuze abethelele le ngongoma kwamanye amakholwa. Wawabongoza esithi: “Niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla enu engqiqo.” (Roma 12:1) Umzimba wakho uquka ingqondo, intliziyo namandla akho. Zonke ezi zinto uyazisebenzisa xa ukhonza uThixo. (Marko 12:30) UPawulos uthi inkonzo enikelwa ngomphefumlo uphela ingumbingelelo. Eli gama linesilumkiso esifihlakeleyo. Phantsi koMthetho kaMoses, umnikelo owawunesiphako wawungamkelwa nguThixo. (Levitikus 22:18-20) Ngendlel’ efanayo ke, xa umKristu enikela umbingelelo wokomoya ongcolileyo ngandlel’ ithile, awamkeleki kuThixo. Kodwa ke inokwenzeka njani loo nto?

6 UPawulos wabongoza amaKristu aseRoma esithi: “Ningaqhubeki ninikela amalungu enu [“amalungu omzimba wenu,” New International Version] esonweni.” UPawulos waphinda wawaxelela ukuba ‘alubulale uqheliselo lomzimba olusa ekufeni.’ (Roma 6:12-14; 8:13) Ngaphambidlana kule ncwadi yakhe, wayeye wachaza imizekelo yolo “qheliselo lomzimba.” Ngokuphathelele abantu abanesono, sifunda oku: “Umlomo wabo uzele kukuqalekisa.” “[Ngeenyawo zabo] bahamba ngezantya ukuya kuphalaza igazi.” “Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.” (Roma 3:13-18) UmKristu ebeya kuwungcolisa umzimba wakhe ukuba ebenokusebenzisa “amalungu” awo ukuze enze izono. Ngokomzekelo, ukuba umKristu wanamhlanje ebenokuthi, ngabom, abukele izinto ezilizothe njengamanyala, okanye abukele ugonyamelo olukhatshwa yinkohlakalo, ‘unikela amehlo akhe esonweni’ ibe ngenxa yoko ungcolisa umzimba wakhe uphela. Nayiphi na into ayenzayo ngelithi uyanqula, ayingcwele kwaye ayamkeleki kuThixo. (Duteronomi 15:21; 1 Petros 1:14-16; 2 Petros 3:11) Ibiya kuba mbi ngokwenene into yokuba side sibe kuloo meko ngenxa nje yokuzonwabisa ngeendlela ezingafanelekanga!

(Roma 13:1) Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo, kuba akukho gunya libekho ngaphandle kukaThixo; amagunya akhoyo abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.

w08 6/15 31 ¶4

Iimbalasane Zencwadi Eya KwabaseRoma

13:1—Kutheni kusithiwa amagunya awongamileyo “abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo”? Amagunya karhulumente “abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo” ngengqiqo yokuba avunyelwe nguThixo ukuba alawule, yaye amanye uThixo wawazi kwangaphambili ukuba aza kulawula. Oku kucaca kakuhle kwisiprofeto seBhayibhile esiphathelele inani lamagunya ehlabathi.

Ufundo LweBhayibhile

(Roma 13:1-14) Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo, kuba akukho gunya libekho ngaphandle kukaThixo; amagunya akhoyo abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo. 2 Ngoko ke lowo ulichasayo igunya unxamnye nelungiselelo likaThixo; abo banxamnye nalo baya kufumana umgwebo. 3 Kuba abo balawulayo bafanele boyikwe, kungekhona ngenxa yesenzo esilungileyo, kodwa ngenxa yesibi. Ngaba, ke ngoko, akufuni na ukuloyika igunya? Hlala usenza okulungileyo, yaye liya kukudumisa; 4 kuba lingumlungiseleli kaThixo kuwe ukuze kulungelwe wena. Kodwa ukuba wenza okubi, yoyika: kuba aliliphathanga ngaphandle kwenjongo ikrele; kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli wokubonakalisa ingqumbo kulowo uqhelisela okubi. 5 Ngoko ke kukho isizathu esinyanzelisayo sokuba nithobele, kungekuphela ngenxa yengqumbo leyo kodwa kwanangenxa yesazela senu. 6 Kuba kungenxa yoko le nto nikwahlawula iirhafu; kuba asisicaka sikawonke-wonke sikaThixo ekhonza rhoqo ngenxa yale njongo. 7 Nikani bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka irhafu kuye, mnikeni irhafu; lowo kufuneka unikelo kuye, mnikeni unikelo; lowo kufuneka uloyiko kuye, mnikeni uloyiko olo; lowo kufuneka imbeko kuye, mnikeni imbeko leyo. 8 Musani ukuba natyala lanto nakubani na, ngaphandle kwelokuthandana; kuba lowo ulithandayo idlelane lakhe uwuzalisekisile umthetho. 9 Kuba uluhlu lwemithetho oluthi, “Uze ungakrexezi, Uze ungabulali, Uze ungebi, Uze ungakhanuki,” nawo nawuphi na omnye umyalelo okhoyo, ushwankathelwa ngeli lizwi, lokuba, “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” 10 Uthando alusebenzi bubi kummelwane kabani; ngoko ke uthando lukukuzaliseka komthetho. 11 Kwenzeni oku, kwanangenxa yokuba nilazi ixesha, okokuba sele kulilixa lokuba nivuke ebuthongweni, kuba ngoku usindiso lwethu lukufuphi ngakumbi kunangexesha esathi saba ngamakholwa ngalo. 12 Ubusuku buhambile; imini isondele. Ngoko ke masiyikhulule imisebenzi yobumnyama yaye masambathe izixhobo zokukhanya. 13 Njengakwixesha lasemini masihambe ngokundilisekileyo, kungekhona kwiziyunguma nasezindywaleni, kungekhona kwiintlobano zesini ezingavumelekanga nakwihambo evakalala, kungekhona kwimbambano nekhwele. 14 Kodwa yambathani iNkosi uYesu Kristu, yaye musani ukuyicebela kwangaphambili iminqweno yenyama.

MATSHI 11-17

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ROMA 15–16

“Amandla Okunyamezela Nentuthuzelo Wacele KuYehova”

(Roma 15:4) Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.

w17.07 14 ¶11

“Lilani Kunye Nabantu Abalilayo”

11 Ibali elithetha ngentlungu awayekuyo uYesu xa kwasweleka uLazaro liyinxalenye yezibhalo ezininzi ezithuthuzelayo ezifumaneka kwiLizwi LikaThixo. Phofu ke ayisimangalisi loo nto, “kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Ukuba uxhelekile emphefumlweni, zinokukuthuthuzela nawe izibhalo ezifana nezi:

▪ “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”​—INdu. 34:18, 19.

▪ “Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho [Yehova] yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.”​—INdu. 94:19.

▪ “INkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo noThixo uBawo wethu, owasithandayo waza wasinika intuthuzelo engunaphakade nethemba elilungileyo ngobubele obungasifanelanga, wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu aze aniqinise.”​—2 Tes. 2:16, 17.

(Roma 15:5) Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganenza nibe nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu,

w16.04 14 ¶5

“Unyamezelo Lwenu Malupheleliswe”

5 Cela amandla kuYehova. UYehova ‘nguThixo onika unyamezelo nentuthuzelo.’ (Roma 15:5) Nguye kuphela oyiqonda ngokupheleleyo imeko, iimvakalelo kunye nemvelaphi yethu. Ngoko uyazi kakuhle eyona nto siyidingayo ukuze sinyamezele. IBhayibhile ithi: “Uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo, nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa.” (INdumiso 145:19) Kodwa uza kuyiphendula njani uThixo imithandazo yethu yokucela amandla okunyamezela?

(Roma 15:13) Ngamana uThixo onika ithemba anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ngokukholwa kwenu, ukuze niphuphume ethembeni ninamandla omoya oyingcwele.

w14 6/15 14 ¶11

“Uze Umthande UYehova UThixo Wakho”

11 UYehova ‘usinika ithemba elisizalisa ngovuyo noxolo.’ (Roma 15:13) Ithemba esilinikwe nguThixo lisinceda sinyamezele iimvavanyo. AmaKristu athanjisiweyo ‘aye azingqina ethembekile de kwasa ekufeni, aya kunikwa isithsaba sobomi.’ (ISityhi. 2:10) Abo bagcina ingqibelelo nabanethemba lokuphila emhlabeni baya kunandipha iintsikelelo eParadesi ngonaphakade. (Luka 23:43) Sivakalelwa njani ngeli themba? Ngaba asizaliswa luvuyo, uxolo nothando ngoMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo”?​—Yak. 1:17.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Roma 15:27) Enyanisweni, baye bakholiswa kukwenjenjalo, ukanti bebenetyala kubo; kuba ukuba iintlanga ziye zabelana ngezinto zazo zokomoya, zikwabatyala ukubalungiselela esidlangalaleni aba ngezinto ezizezomzimba wenyama.

w89 12/1 24 ¶3

‘Ukucikidwa Kokunyaniseka Kothando Lwenu’

Ngokuqinisekileyo, abazalwana babo abangabeeNtlanga babefanele bashukunyiselwe ukuba basabele kwingxaki ababekuyo. Ngapha koko, ‘babewatyala’ ngokukhethekileyo amaKristu aseYerusalem. Zazingasasazeki zisuka eYerusalem kusini na iindaba ezilungileyo ukuya eziNtlangeni? UPawulos wathi: “Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo [namaKristu angamaYuda, NW] ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.”​—Roma 15:27.

(Roma 16:25) Ke kaloku kuye lowo unako ukuniqinisa ngokuvumelana neendaba ezilungileyo endizivakalisayo nokushumayela ngoYesu Kristu, ngokokutyhileka kwemfihlelo engcwele ebekungathethwa ngayo kangangamaxesha ahlala ehleli

it-1-E 858 ¶5

Ukwazi Into Ingekenzeki, Ukumiselwa Kusengaphambili

UMesiya, okanye uKristu, wayeyiMbewu ethenjisiweyo ababeza kusikelelwa ngayo bonke abantu abangamalungisa abaphuma kwintsapho ezikuwo wonke umhlaba. (Gal 3:8, 14) Le “mbewu” yachazwa okokuqala emva kokuba kuvukelwe e-Eden kodwa ngaphambi kokuzalwa kuka-Abheli. (Gen 3:15) Oku kwenzeka kwiminyaka eyi-4 000 ngaphambi kokuba “imfihlelo engcwele” ‘engeMbewu’ kaMesiya ityhilwe. Yiloo nto ‘bekungathethwa ngayo kangangamaxesha ahlala ehleli.’​—Rom 16:25-27; Efe 1:8-10; 3:4-11.

Ufundo LweBhayibhile

(Roma 15:1-16) Ngoko, thina bomeleleyo sifanele sithwale ubuthathaka babo bangomelelanga, singazikholisi thina ngokwethu. 2 Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke. 3 Kuba kwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe; kodwa kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Ungcikivo lwabo babekungcikiva luphezu kwam.” 4 Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba. 5 Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganenza nibe nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu, 6 ukuze ngamxhelo mnye nimzukise ngamlomo mnye uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu. 7 Ngoko ke yamkelanani, kanye njengokuba noKristu wasamkelayo nathi, ngokubhekisele kuzuko lukaThixo. 8 Kuba ndithi uKristu okunene waba ngumlungiseleli wabo balukileyo ngenxa yokuba nenyaniso kukaThixo, khon’ ukuze aqinisekise izithembiso awazenza kookhokho babo, 9 nokuze iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe. Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Ngenxa yoko ndiya kukuvuma ekuhleni phakathi kweentlanga negama lakho ndiliculele uncuthu lwengoma.” 10 Kwakhona uthi: “Chulumancani, zintlanga, kunye nabantu bakhe.” 11 Abuye athi: “Dumisani uYehova, nonke nina zintlanga, yaye zonke izizwana mazimdumise.” 12 Aze uIsaya athi: “Kuya kubakho ingcambu kaYese, yaye kuya kuvela lowo uya kulawula iintlanga; iintlanga ziya kubeka ithemba lazo kuye.” 13 Ngamana uThixo onika ithemba anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ngokukholwa kwenu, ukuze niphuphume ethembeni ninamandla omoya oyingcwele. 14 Ke kaloku nam ndeyisekile ngani, bazalwana bam, ukuba nani nizele kukulunga, njengoko niye nazaliswa lulo lonke ulwazi, nokuze nibe nokululekana. 15 Noko ke, ndinibhalela ndithetha ngokuphandle ngakumbi ngeengongoma ezithile, ndinikhumbuza kwakhona, ngenxa yobubele obungasifanelanga endabunikwa nguThixo 16 bokuba ndibe sisicaka sikawonke-wonke sikaKristu Yesu kwiintlanga, ndibandakanyeke kumsebenzi ongcwele weendaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze umnikelo, oko kukuthi, ezi ntlanga, ungqineke wamkelekile, njengoko ungcwaliswe ngomoya oyingcwele.

MATSHI 18-24

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 1 KORINTE 1–3

“Ngaba Ukhokelwa Ngumoya KaThixo Okanye Ulawulwa Yinyama?”

(1 Korinte 2:14) Kodwa umntu wokwenyama akazamkeli izinto zomoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye; yaye akanakuzazi, ngenxa yokuba zincinwa ngokomoya.

w18.02 19 ¶4-5

Unjani Umntu Okhokelwa Ngumoya KaThixo?

4 Makhe siqale ngendlela azijonga ngayo izinto umntu olawulwa yinyama. Abantu abaninzi eyona nto iphambili kubo kukwenza into efunwa ngabo. UPawulos uthi ‘ngumoya lowo ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.’ (Efe. 2:2) Lo moya wenza abantu abaninzi bacinge ngendlela efanayo ethi, landela isininzi. Balawulwa yinyama. Ngenxa yoko, abantu abaninzi benza into abayibona ilungile kubo, ibe abazihluphi ngokuphila ngendlela uThixo afuna siphile ngayo. Umntu olawulwa yinyama usoloko efuna ukutatazelelwa nokuba nezinto ibe usoloko ezithethelela ngelithi loo nto ayenzayo iselungelweni lakhe.

5 Yintoni enye esimbona ngayo umntu olawulwa yiminqweno yakhe? Simbona ngokwenza “imisebenzi yenyama.” (Gal. 5:19-21) UPawulos uchaza ezinye izinto esibabona ngazo abantu abalawulwa yiminqweno yabo kwincwadi yakhe yokuqala eya kwibandla laseKorinte. Babangela abantu bangevani, bathatha icala xa kuxatyanwa, bakhuthaza abanye abantu ukuba bavukele, bayamangalelana ezinkundleni, ababahloniphi abantu abakhokelayo ibe batya yaye basela kakhulu. Xa elingwa umntu olawulwa yiminqweno yakhe kuba lula ukuba anikezele. (IMize. 7:21, 22) UYude wathetha ngabantu ababeza kuqatsela kangangokuba ‘bangabinawo umoya’ kaThixo.​—Yude 18, 19.

(1 Korinte 2:15, 16) Noko ke, umntu wokomoya eneneni uncina zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akancinwa nguye nawuphi na umntu. Kuba “ngubani na oyaziyo ingqondo kaYehova, ukuze amyalele?” Kodwa sinayo ingqondo kaKristu.

w18.02 19 ¶6

Unjani Umntu Okhokelwa Ngumoya KaThixo?

6 Unjani yena umntu okhokelwa ngumoya kaThixo? Akafani tu nomntu olawulwa yiminqweno yakhe, kuba yena ukhathalele ubuhlobo bakhe noThixo. Umntu okhokelwa ngumoya kaThixo uzama ‘ukuxelisa uThixo.’ (Efe. 5:1) Le nto ithetha ukuba ufunda indlela uYehova acinga ngayo aze azibone izinto njengaye. Bakholelwa nyhani kuThixo. Abafani nomntu olawulwa yiminqweno yakhe, bazama ngamandla ukwenza izinto ngendlela kaYehova. (INdu. 119:33; 143:10) Kunokuba bacinge ngeminqweno yabo, bazama ukuba ‘nesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22, 23) Ukuze simcacise ngakumbi umntu okhokelwa ngumoya kaThixo makhe sizekelise: Umntu olichule kwezoshishino kudla ngokuthiwa uyakuthanda ukushishina. Unjalo ke nomntu okhokelwa ngumoya kaThixo uzixabisa kakhulu izinto eziqinisa ukholo okanye izinto ezinokwenza nonqulo, uthanda izinto zikaThixo.

w18.02 22 ¶15

Unjani Umntu Okhokelwa Ngumoya KaThixo?

15 Thina singamxelisa njani uKristu? Eyoku-1 kwabaseKorinte 2:16 ithi masibe ‘nengqondo kaKristu.’ NamaRoma 15:5 athi masibe “nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.” Ukuze sibe njengoKristu, kufuneka siyazi indlela awayecinga ngayo nazo zonke iimpawu zobuntu bakhe. Emva koko simele senze kanye le nto ebeyenza. Eyona nto acinga kakhulu ngayo uYesu bubuhlobo bakhe noYehova. Ngoko xa sifana noYesu, sifana noYehova. Ngenxa yezi zizathu sithethe ngazo, siyayibona indlela ekubaluleke ngayo ukufunda ukucinga njengoYesu.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(1 Korinte 1:20) Uphi na umntu osisilumko? Uphi na umbhali? Uphi na umphikisi wale nkqubo yezinto? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko behlabathi?

it-2-E 1193 ¶1

Ubulumko

Ihlabathi lisebenzisa ubulumko balo, lagatya isipho sikaThixo esingoKristu lisithi sibubudenge; abalawuli babenako ukuligweba kakuhle ityala lakhe kodwa ‘bayibethelela iNkosi ezukileyo.’ (1Ko 1:18; 2:7, 8) Kodwa uThixo wabonisa indlela obububudenge ngayo ubulumko behlabathi, wahlazisa abantu abacinga ukuba bazizilumko ngokusebenzisa “into ebubudenge kaThixo” nabantu abajongwa ‘njengezidenge, ababuthathaka, nabajongelwa phantsi’ ukuze injongo yakhe yenzeke. (1Ko 1:19-28) UPawulos wakhumbuza amaKristu aseKorinte ukuba “ubulumko bale nkqubo yezinto nobo babalawuli bale nkqubo yezinto” buza kupheliswa; yiyo loo nto obo bulumko babungekho kumyalezo wabapostile. (1Ko 2:6, 13) Walumkisa amaKristu aseKolose ukuba angaqhathwa “ziintanda-bulumko nayinkohliso elambathayo esekelwe kwizithethe zabantu.”​—Kol 2:8; thelekisa ivesi 20-23.

(1 Korinte 2:3-5) Yaye ndafika kuni ndibuthathaka ibe ndisoyika kwaye ndingcangcazela kakhulu; yaye intetho yam noko ndakushumayelayo kube kungengamazwi eyisayo obulumko kodwa bekungokubonakaliswa komoya namandla, ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, kodwa lube semandleni kaThixo.

w08 7/15 27 ¶6

Iimbalasane Zeencwadi Eziya KwabaseKorinte

2:3-5. Ngoxa wayeshumayela eKorinte, nesisazulu sentanda-bulumko nemfundo yamaGrike, kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayexhalabele ukuba wayeya kukwazi kusini na ukweyisela abaphulaphuli bakhe. Noko ke, akazange avumele nabuphi na ubuthathaka okanye uloyiko ekusenokwenzeka ukuba wayenalo luphazamisane nobulungiseleli awayebunikwe nguThixo. Nathi asimele sivumele iimeko ezingaqhelekanga zisithintele ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. NjengoPawulos, sinokuthembela kuncedo lukaYehova.

Ufundo LweBhayibhile

(1 Korinte 1:1-17) UPawulos, obiziweyo ukuba abe ngumpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noSosithene umzalwana wethu 2 ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, nina bangcwalisiweyo ngokumanyene noKristu Yesu, nibiziweyo ukuba nibe ngabo bangcwele, ndawonye nabo bonke abo kuyo yonk’ indawo babiza egameni leNkosi yethu, uYesu Kristu, iNkosi yabo neyethu: 3 Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu. 4 Ndisoloko ndimbulela uThixo ngani ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaThixo obanikwa nina kuKristu Yesu; 5 ngokuba kuyo yonk’ into niye natyetyiswa kuye, emandleni apheleleyo okuthetha nakulwazi olupheleleyo, 6 kwananjengoko ubungqina obungoKristu buye baqiniswa phakathi kwenu, 7 kangangokuba anisileli nakwisiphi na isiphiwo konke konke, ngoxa nilinde ngentumekelelo ukutyhileka kweNkosi yethu uYesu Kristu. 8 Kanjalo iya kuniqinisa kuse esiphelweni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu. 9 Uthembekile uThixo, enathi ngaye nabizelwa kuko ukwabelana noNyana wakhe uYesu Kristu iNkosi yethu. 10 Ke kaloku ndiyanibongoza, bazalwana, ngegama leNkosi yethu uYesu Kristu ukuba nonke nithethe ngokuvumelanayo, nokuba kungabikho kwahlukana phakathi kwenu, kodwa nimanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye. 11 Kuba kuye kwatyhilwa kum ngani, bazalwana bam, ngabo bendlu kaKlowe, ukuba kukho iingxwabangxwaba phakathi kwenu. 12 Ndibhekisela kwinto yokuba, ngamnye wenu esithi: “Mna ndingokaPawulos,” “Kodwa mna ndingoka-Apolo,” “Kodwa mna ndingokaKefas,” “Kodwa mna ndingokaKristu.” 13 UKristu wahlulelene. Akuzange kubethelelwe Pawulos ngenxa yenu, andibi kunjalo? Okanye nabhaptizelwa egameni likaPawulos na? 14 Ndinombulelo kuba ndingazange ndibhaptize namnye kuni ngaphandle kukaKrispo noGayo, 15 khon’ ukuze kungabikho namnye othi nabhaptizelwa egameni lam. 16 Ndabhaptiza nendlu kaStefana. Ngaphandle kwabo ke, andazi mntu wumbi ndambhaptizayo. 17 Kuba uKristu wandithuma, kungekhona ukuhamba ndibhaptiza, kodwa ukuhamba ndivakalisa iindaba ezilungileyo, kungengabulumko bantetho, ukuze isibonda sentuthumbo sikaKristu singenziwa singabi namsebenzi.

MATSHI 25-31

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 1 KORINTE 4–6

“Igwele Elincinane Libilisa Intlama Iphela”

(1 Korinte 5:1, 2) Okunene kukho ingxelo engohenyuzo oluphakathi kwenu, henyuzo olo olungekho naphakathi kweentlanga, olokuba umntu abe nomfazi kayise. 2 Ngaba nisuke nakhukhumala na, beningafanelanga nizile na, ukuze umntu owenze esi senzo asuswe phakathi kwenu?

(1 Korinte 5:5-8) nimnikele umntu onjalo kuSathana ukuba kutshatyalaliswe inyama, ukuze kusindiswe umoya ngemini yeNkosi. 6 Isizathu senu sokuqhayisa asisihle. Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela? 7 Lisuseni igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, kanye njengoko nikhululekile egweleni. Kuba, eneneni, uKristu ipasika yethu ubingelelwe. 8 Ngenxa yoko masigcine umthendeleko, kungekhona ngegwele elidala, nangegwele lobubi nobungendawo, kodwa ngamaqebengwana angenagwele okunyaniseka nenyaniso.

(1 Korinte 5:13) ngoxa uThixo egweba abo bangaphandle? “Mshenxiseni umntu ongendawo phakathi kwenu.”

it-2-E 230

Igwele

Umpostile uPawulos walisebenzisa ngendlela efanayo naye igwele xa wayeyalela ibandla lamaKristu aseKorinte ukuba liyikhuphele ngaphandle kwebandla indoda eyayiziphatha kakubi, wathi: “Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela? Lisuseni igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, kanye njengoko nikhululekile egweleni. Kuba, eneneni, uKristu ipasika yethu ubingelelwe.” Kwacaca ukuba wayethetha ngantoni xa wayethetha ‘ngegwele’ esithi: “Ngenxa yoko masigcine umthendeleko, kungekhona ngegwele elidala, nangegwele lobubi nobungendawo, kodwa ngamaqebengwana angenagwele okunyaniseka nenyaniso.” (1Ko 5:6-8) UPawulos wayesenza umzekelo ngoMthendeleko wamaYuda Wamaqebengwana Angenagwele, owawusiba semva kokubhiyozelwa kwePasika. Kanye njengokuba intlama encinci emuncu inokumosha yonke intlama okanye isonka, nebandla lonke linokungacoceki emehlweni kaYehova ukuba alimsusi umoni oziphatha kakubi. Kwakufuneka balikhuphe “igwele” phakathi kwabo, njengokuba namaSirayeli kusenokwenzeka ukuba ayengabi nalo igwele ezindlini zawo ngexesha lomthendeleko.

it-2-E 869-870

USathana

Kuthetha ukuthwani xa kusithiwa ‘nimnikele umntu onjalo kuSathana ukuba kutshatyalaliswe inyama’?

Xa wayelela ibandla laseKorinte ukuba limkhuphele ngaphandle ebendleni umntu olele nomfazi katata wakhe, umpostile uPawulos wathi: “Nimnikele umntu onjalo kuSathana ukuba kutshatyalaliswe inyama.” (1Ko 5:5) Lo yayingumyalelo wokuba bamkhuphele ngaphandle loo mntu ebandleni, bangabi nabuhlobo naye. (1Ko 5:13) Ukumnikela kuSathana kwakuthetha ukumkhuphela ngaphandle ebandleni baze bamse kwihlabathi othixo nomlawuli walo inguSathana. ‘Njengegwele elincinci’ ‘kwintlama iphela,’ le ndoda ‘yayiyinyama,’ okanye inemikhwa yokulawulwa yinyama; ngoko ukususa le ndoda kwibandla elilawulwa ngumoya kaThixo kupheliswa “inyama” phakathi kwalo. (1Ko 5:6, 7) Ngokufanayo, uPawulos wabanikela kuSathana uHimenayo noAleksandire, ngenxa yokuba izazela zabo zazingasasebenzi ibe nokholo lwabo lwalufana nenqanawa eyaphukileyo.​—1Ti 1:20.

(1 Korinte 5:9-11) Ndanibhalela encwadini yam ukuba niyeke ukunxulumana nabahenyuzi, 10 ndingathethi ngokupheleleyo ngabahenyuzi beli hlabathi okanye abantu ababawayo nabaphangi okanye abanquli-zithixo. Kungenjalo, okunene bekuya kufuneka niphume ehlabathini. 11 Kodwa ngoku ndinibhalela ukuba niyeke ukunxulumana naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila okanye umphangi, ningatyi kwaukutya nomntu onjalo.

lvs 241, endnote

Ukususwa Kubudlelwane

Xa umntu enze isono esinzulu aze angaguquki kwaye angafuni ukulandela imigaqo kaYehova, akanakuba lilungu lebandla. Kufuneka asuswe kubudlelwane. Xa umntu esusiwe kubudlelwane, akusekho nto isidibanisa naye, asithethi nokuthetha naye. (1 Korinte 5:11; 2 Yohane 9-11) Ukususa umntu kubudlelwane kukhusela igama likaYehova nebandla. (1 Korinte 5:6) Kukwayingqeqesho enokunceda umntu ukuba aguquke aze abuyele kuYehova.​—Luka 15:17.

Isahluko 3, isiqendu 19

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(1 Korinte 4:9) Kuba kum kubonakala ukuba uThixo uye wasibeka thina bapostile saba ngabokugqibela embonisweni njengabantu abamiselwe ukufa, ngenxa yokuba siye saba ngumboniso wokubonelwa lihlabathi, naziingelosi, nangabantu.

w09 5/15 24 ¶16

Iingelosi​—“Oomoya Abasebenzela Uwonke-wonke”

16 AmaKristu avavanywayo ‘angumboniso wokubonelwa ziingelosi.’ (1 Kor. 4:9) Zinolwaneliseko olukhulu, iingelosi ziyazibukela izenzo zethu zokunyaniseka yaye ziyavuya xa kukho umoni oguqukayo. (Luka 15:10) Indlela yokuziphatha ebonisa ukuhlonel’ uThixo yabafazi abangamaKristu, iyaphawulwa ziingelosi. IBhayibhile ibonisa ukuba ‘umfazi ufanele abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko yakhe ngenxa yeengelosi.’ (1 Kor. 11:3, 10) Enyanisweni, iingelosi ziyaneliswa kukubona abafazi abangamaKristu nabo bonke abanye abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni bethobela ulungelelwano kwakunye nobuntloko obumiselwe nguThixo. Oko kuthobela kubakhumbuza okuthile aba nyana bakaThixo basezulwini.

(1 Korinte 6:3) Anazi na ukuba siya kugweba iingelosi? Kutheni, ngoko, ingenakuba yimicimbi yobu bomi?

it-2-E 211

Umthetho

Umthetho Kwiingelosi. Iingelosi, eziphakamileyo kunabantu, zithobela umthetho nemiyalelo kaThixo. (Heb 1:7, 14; Nd 104:4) UYehova wayede ayalele aze abekele noSathana utshaba lwakhe imithetho. (Yob 1:12; 2:6) UMikayeli umphathi weengelosi wayesihlonipha isikhundla sikaYehova sokuba nguMgwebi Ophakamileyo kuba xa wayenqanda uMtyholi wathi: “Ngamana uYehova angakukhalimela.” (Yuda 9; thelekisa Zek 3:2.) UYesu Kristu ozukisiweyo ziye zabekwa phantsi kwakhe zonke iingelosi nguYehova uThixo. (Heb 1:6; 1Pe 3:22; Mat 13:41; 25:31; Fil 2:9-11) Yiyo loo nto enye ingelosi yayalelwa nguYesu ukuba ise umyalezo kuYohane. (ISi 1:1) Kweyoku-1 kwabaseKorinte 6:3 umpostile uPawulos uthetha ngabazalwana bakaKristu ababekwe ukuba bagwebe iingelosi, kuba nabo baza kugweba oomoya abangendawo.

Ufundo LweBhayibhile

(1 Korinte 6:1-14) Ngaba nabani na kuni onesimangalo ngakomnye unobuganga bokuya enkundleni phambi kwabantu abangengomalungisa, kungekhona phambi kwabo bangcwele? 2 Okanye anazi na ukuba abo bangcwele baya kugweba ihlabathi? Yaye ukuba ihlabathi liza kugwetywa nini, anifaneleki na ukugweba izinto ezingenamsebenzi kakhulu? 3 Anazi na ukuba siya kugweba iingelosi? Kutheni, ngoko, ingenakuba yimicimbi yobu bomi? 4 Ukuba, ngoko, ninayo imicimbi yobu bomi efuna ugwebo, ngabantu abajongelwa phantsi na ebandleni enibabeka njengabagwebi? 5 Ndithethela ukunishukumisela ukuba nibe neentloni. Ngaba enyanisweni akukho namnye umntu osisilumko phakathi kwenu oya kukwazi ukugweba phakathi kwabazalwana bakhe, 6 kodwa umzalwana usuka aye enkundleni nomzalwana, yaye esenjenjalo phambi kwabangakholwayo? 7 Ngokwenene, ngoko, kuthetha ukoyiswa kwenu ngokupheleleyo ukuba nimangalelane. Kutheni kunoko ningaziyekeli nenziwe ububi? Kutheni kunoko ningaziyekeli niqhathwe? 8 Ngokwahlukileyo koko, nenza ububi yaye niyaqhatha, ibe nisenjenjalo kubazalwana benu. 9 Intoni! Anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, nabanquli-zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda, 10 namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. 11 Kanti abanye kuni babenjalo kanye. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka, niye nangcwaliswa, niye navakaliswa ningamalungisa egameni leNkosi yethu uYesu Kristu nangomoya kaThixo wethu. 12 Zonke izinto zisemthethweni kum; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo. Zonke izinto zisemthethweni kum; kodwa andiyi kuziyekela ndilawulwe nayintoni na. 13 Ukutya kokwesisu, nesisu sesokutya; kodwa uThixo uya kusitshitshisa sona nako. Ke kaloku umzimba awungowohenyuzo, kodwa ngoweNkosi; yaye iNkosi yeyomzimba. 14 Kodwa uThixo wayivusa iNkosi yaye uya kusivusa nathi siphume ekufeni ngamandla akhe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share