Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukuthantamisa Kukuba Buthathaka?
“Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke.”—2 TIMOTI 2:24.
KWANANGAPHAMBI kokuba sizalwe, ulusu lwethu luyeva xa luchukunyiswa. Kwasekuzalweni siyakulangazelela ukuphathwa ngumama. Kwasebuntwaneni ukuncuma kwethu, ukuba neemvakalelo, nomnqweno wethu wokufunda ukuthetha kakuhle uphenjelelwa luthando esilufumene kubazali bethu.
Noko ke, iBhayibhile yathi, ngemihla yokugqibela abantu baya kuba ‘ngabangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo.’ Iimpawu zokuthantamisa ezinjengobubele novelwano zaziya kunqaba ekubeni abantu beya kuba “ngabazithandayo, iindlobongela, abangathandi kulunga.”—2 Timoti 3:1-3.
Namhlanje abaninzi bavakalelwa kukuba bamele babe ngqwabalala yaye bangabi nazimvakalelo. Bathi ukuthantamisa luphawu lokuba buthathaka. Kodwa ngaba ngokwenene kuluphawu lokuba buthathaka?
Ukuthantamisa Ngoxa Unamandla
UYehova uThixo uchazwa ‘njengendoda enamandla yemfazwe.’ (Eksodus 15:3) UnguMthombo wawo onke amandla. (INdumiso 62:11; Roma 1:20) Sekunjalo, amandla kaYehova akazange amthintele ekubeni ‘abe nomsa omkhulu nenceba’ xa wayevuza indoda ethembekileyo uYobhi. (Yakobi 5:11) UYehova wachaza indlela awayenomsa ngayo xa wayeqhubana namaSirayeli, efanisa indlela avakalelwa ngayo neyomfazi ovakalelwayo “ngonyana wesisu sakhe.”—Isaya 49:15.
Naye uYesu wayenamandla yaye ethantamisa. Wazigxeka kabukhali iinkokeli zonqulo zexesha lakhe ezazihanahanisa. (Mateyu 23:1-33) Kwakhona wabagxotha etempileni abatshintshi bemali. (Mateyu 21:12, 13) Kodwa ngaba ukucaphukela kukaYesu urhwaphilizo nokubawa kwamenza akabi nazimvakalelo? Akunjalo! UYesu wayesaziwa njengothantamisayo. Eneneni, wada wazifanisa nesikhukukazi ‘esihlanganisa amatshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso.’—Luka 13:34.
Ngaba Sifanele Sibe Ngqwabalala Okanye Somelele Ngaphakathi?
AmaKristu okwenyaniso akhuthazwa ukuba axelise uKristu ‘ambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo.’ (Efese 4:20-24) Sixelelwa ukuba ‘sibuhlube ubuntu obudala kunye noqheliselo lwabo,’ kanye njengokuba unokrwece elahla iqokobhe lakhe elidala ukuze akhule. (Kolose 3:9) Noko ke, ngokungafaniyo nomzimba kanokrwece okhawuleza wome emva kokwahlukana neqokobhe elidala, siyalelwa ukuba ngalo lonke ixesha ebomini bethu sizambathise “umsa wemfesane, ububele, . . . nokuzeka kade umsindo.” (Kolose 3:12) Ngoko ke, ukuthantamisa kufanele kubalasele kuthi.
Ukuzambathisa ngomsa akulophawu lokuba buthathaka. Ngokwahlukileyo koko, kufuna ‘somelele ngomntu esinguye ngaphakathi ngamandla omoya kaYehova.’ (Efese 3:16) Ngokomzekelo, indoda egama linguLee ithi: “Ndandikhe ndangumntu okhohlakeleyo, nongendawo. Nenkangeleko yam yayisoyikisa kuba ndandigqobhozile yaye ndifake nezacholo eziliqela emzimbeni wam. Ndandizimisele ukwenza imali eninzi yaye ndandidla ngokusebenzisa ulwimi olungcolileyo nobundlobongela ukuze ndifumane nantoni na endiyifunayo. Ndandingenaluvelwano.” Noko ke, uLee waqalisa ukufundisisa iBhayibhile nomntu awayesebenza naye yaye wamazi waza wamthanda uYehova uThixo. Uye wabuhluba ubuntu bakhe obudala waza wafunda ukuzeyisa. Ngoku ubonisa abantu indlela abathanda ngayo ngokuchitha ixesha lakhe efundisisa iBhayibhile kunye nabo.
Ngesinye isihlandlo nompostile uPawulos wakha ‘wangumntu osileyo’ yaye wayebhenela kugonyamelo ukuze afumane izinto azifunayo. (1 Timoti 1:13; IZenzo 9:1, 2) Sekunjalo, wathi uPawulos akubuqonda ububele nothando olwabonakaliswa kuye nguYehova uThixo noYesu Kristu, wazama ukuxelisa ezo mpawu. (1 Korinte 11:1) Nangona uPawulos wema eqinile kwimigaqo yobuKristu, wafunda ukuba ngothantamisayo xa eqhubana nabanye. Ngokwenene, uPawulos wayewubonisa ngokupheleleyo umsa kubazalwana bakhe.—IZenzo 20:31, 36-38; Filemon 12.
Ukufunda Ukuthantamisa
Njengoko amava kaLee nompostile uPawulos ebonisa, ukufunda ukuthantamisa xa uqhubana nabanye akufuni ube ngumntu obuthathaka. Enyanisweni, kufuneka umntu abe namandla. Kufuneka abe namandla okwenene okuguqula indlela acinga nazenza ngayo izinto aze alwe ngamandla nomnqweno ‘wokubuyisela ububi ngobubi.’—Roma 12:2, 17.
Nathi sinokufunda ukuba nomsa wemfesane ngokulifundisisa rhoqo iLizwi likaThixo size sicamngce ngothando nenceba esele iboniswe kuthi nguYehova uThixo noNyana wakhe uYesu Kristu. Ngokwenjenjalo, siya kuvumela amandla eLizwi likaThixo ukuba athambise iintliziyo zethu. (2 Kronike 34:26, 27; Hebhere 4:12) Kungakhathaliseki ukuba injani imvelaphi yentsapho okanye abuhlungu kangakanani amava esiwafumene ebomini, singafunda ukuba ‘ngabathantamisayo kubo bonke.’—2 Timoti 2:24.
Ukuba ungayivuyela inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba uthile eze ekhayeni lakho ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sesisa, nceda ubhale, uthumele igama nedilesi ohlala kuyo kule dilesi, AmaNgqina KaYehova, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ubawo olungileyo uyabathantamisa abantwana bakhe