“Siya Kudibana Equleni”
UMBHALI KAVUKANI! EMOLDOVA
EBONAKALA ngathi wothukile, umtshakazi ubukele njengoko kukhiwa amanzi equleni aze achithwe endleleni. Uyagigitheka njengoko umyeni wakhe emwola aze amphakamise ukuze amweze kuloo manzi asendleni. Iba yimincili kwintsapho nakubahlobo njengoko bebukele aba basandul’ ukutshata besenza esi sithethe sakudala. Eli siko lingaqhelekanga lomtshato libonisa ukuba eMoldova iqula aliyo ndawo nje yokukha amanzi.
IMoldova ikumzantsi-ntshona weYurophu, ikumda ongasentla nempuma, nakumzantsi weUkraine, ize iRomania ibe sentshona. Imalunga nezikwemitha ezingama-34 000.
Nangona iModova inemilambo emalunga nama-3 100, ngokuqhelekileyo imbalela ishiya abemi balapha abazizi-4 300 000 bengenawo amanzi ngokwaneleyo. Ukongezelela emanzini afumaneka emilanjeni nasemachibini, abantu balapha abamalunga nama-20 ekhulwini bafumana amanzi emaquleni. Kwingingqi yasePrunt elapha eMoldova, kukho malunga namaqula angama-100 000 ukusa kuma-200 000.
Ukuze abo basebenzisa iindlela ezinkulu nezincinane bakwazi ukuthoba unxano, kukho amaqula ecaleni kweendlela zalapha. Kwiilali ezininzi zalapha, iqula yindawo yokudibana nabahlobo kuze kugwadlwe ezidl’ umzi.
Isithethe Esibonisa Ukuxabiseka Kwamanzi
Ukuxabisa amanzi equla eMoldova kuboniswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, izindlu zangasese zakhiwa mganyana ukusuka equleni lekhaya, yaye ukuze ligcinwe licocekile, ukubuyisela amanzi equleni kujongwa njengento embi. Ukuba uye wakha amanzi amaninzi kunalawo uwafunayo, umele uwachithe okanye uwakhuphele kwenye into ekufuphi nequla. Ngaphezu koko, ukutshica kufuphi nequla kujongwa njengokungabi nasimilo. Kaloku, ngokwesiko lalapha, akuxatyanwa kufuphi nequla.
EMoldova amaqula amanyanisa abantu basekuhlaleni. Ukumba iqula kuyinxalenye yomsebenzi wokwakha indlu. Kukho isaci salapha esithi: “Umntu oye wasilela ukwakha umzi, akhulise unyana, akhe iqula aze atyale umthi udlale ngobomi.” Xa ligqitywa ukwakhiwa iqula, bonke abantu belali abaye bancedisa kuloo msebenzi bamenyelwa kwingxikela yetheko.
Indalo Iyalondolozwa
Amaqula amaninzi aseMoldova atsala amanzi phantsi komhlaba. Kanti amanye amanzi afumaneka malunga neemitha ezintlanu ukusa kwezili-12 ngaphantsi komhlaba. Kanti akwafumaneka malunga neemitha ezili-150 ukusa kwezingama-250 ngaphantsi komhlaba. Phezu kwazo nje iindlela eziqhelekileyo zokuwakhusela, amanzi aseMoldova angcolile ngenxa yemizi-mveliso kunye namachiza asetyenziswa kwezolimo. Ngowe-1996 incwadi ethi Republic of Moldova Human Development Report, epapashwe ziZizwe Ezimanyeneyo ichaza ukuba izichumiso ezineenitrate kunye neentsholongwane ezibulalayo ziye zachaphazela “amaqula anokuba ngama-60 ekhulwini aseMoldova.” Noko ke, kwiminyaka yakutshanje, ukungcola okufumaneka emanzini asemaquleni kuye kwancipha ngenxa yokuhla kwemveliso kwimizi-mveliso nokuncipha kwemichiza nezinto ezineoli ezehlela emithonjeni.
Ukuba utyelela eMoldova, akuyomfuneko ukuchitha amanzi endleleni ukuze uncokole nabantu. Usenokubaliselwa izinto ezenzeka elalini njengoko usela iglasi yamanzi ukuze uthobe unxano. Ekuphela kwento efunekayo kukuba umntu waseMoldova onobubele akumemele equleni.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 30, 31]
IZINTO ZALAPHA ZOBUGCISA
UOleg, ligcisa elenza izinto zesinyithi ibe wenza iziciko zala maqula ukususela oko wagqiba esikolweni. UOleg uthi: “Ndicinga ukuba lo msebenzi usegazini. Ekuqaleni kweminyaka yee-1900, utatomkhulu wafunda ubuchule bokusebenza ngesinyithi kumaYuda awayehlala kufuphi nedolophana awayehlala kuyo, iLipcani. Emva kokubulawa kwamaYuda ngemfazwe yehlabathi yesibini, amagcisa asindayo ayengengomaYuda, yaye utata wabufunda naye obo buchule waza wabudlulisela kum.”
Xa esenza ezo ziciko zamaqula zihonjisiweyo, uOleg usebenzisa izixhobo eziqhelekileyo kunye nezixhobo azenzelwe lo msebenzi, yaye isandla sakhe siyatyibilika njengoko ecinga ngesithethe sakowabo. Ubuchule bakhe buyaxatyiswa ngabantu balapha. UOleg uthi: “Abantu abeze kuthenga badla ngokuwakhalazela amaxabiso wamanye amagcisa, kodwa ngeziciko ezenziwa ndim, bandihlawula imali endiyifunayo.
[Imaphu ekwiphepha 30, 31]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
UKRAINE
MOLDOVA
ROMANIA
Black Sea