Into Ebhetele “Kunamaza Amakhulu”
Kubalisa uKarl Heinz Schwoerer.
Ndazalwa ngowe-1952 ePittsburgh, ePennsylvania, eUnited States, kodwa ndakhulela eNew Smyrna Beach, eFlorida. Ngoxa ndandikwishumi elivisayo ndaqalisa ukuthanda isurfing. Ekugqibeleni yaba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam.
NGOWE-1970, ndandifunda eEmbry-Riddle Aeronautical University eDaytona Beach, eFlorida, ngenjongo zokuba ndibe ngumqhubi wenqwelo-moya. Urhulumente wandiphoxa ngokuthi alwe imfazwe endandivakalelwa kukuba yayingekho sesikweni eVietnam. Ndikruqulwe yile nkqubo yezinto, njengolunye ulutsha lwelo xesha ndayeka ukuya esikolweni ndaba lihippie. Ndandinesihlwitha seenwele yaye ndandisity’ iziyobisi.
Ndadibana negqiyazana uSusan, idela-ngozi nelinesiphiwo aph’ ekuzobeni nasekufoteni. Ndacinga ukuba, ukuze siphile ubomi obulula ndandiza kusebenza njengomakhi kangangeenyanga ezintandathu ukuya kwezisibhozo eFlorida, ezinye iinyanga eziseleyo sasiza kugxumeka iintente kunxweme lwePasifiki lwaseMexico nolukuMbindi Merika.
Ukuphaphela Intswelo Yokomoya
Ndandikuvuyela gqitha ukuphila ubomi obungenazinkathazo elunxwemeni—uSue ezoba kwaye efota mna ndisurfer. Kodwa emva kweminyaka eliqela safumanisa ukuba sasingenanjongo ebomini. Sasiziva singanelisekanga. Ngenxa yoko, phakathi kunyaka wowe-1975 ngoxa ndandihlala kuNxweme lwePasifiki lwaseCosta Rica ndandifuna ukukhanyiselwa ngokomoya. Ndandifunda iincwadi ezineengcamango zonqulo lwaseMpuma, ezazixhaphakile ngelo xesha.
Ekubeni ezi ncwadi ndandizifunda zazicaphul’ iBhayibhile njengobungqina bobunyaniso beemfundiso zazo, ndaqiqa ngelithi iBhayibhile ifanele ukuba inesiseko senyaniso. Ndatshintshisa ngamakhowa ukuze ndifumane iBhayibhile endala eyiKing James Version. Emva kokuba ndidlale emanzini intsasa yonke, emva kwemini ndandihlala ndifunde iBhayibhile. Noko ke, nakuba ndandizimisele aph’ ekuyifundeni kodwa ndandingayiqondi kakuhle.
“Ngaba Ukh’ Umbuzo Onawo WeBhayibhile?”
NgoAgasti, 1975, sisuka eCosta Rica sisiya eUnited States mna noSue samisa e-El Salvador sisiya kuthenga iyeza kwivenkile ethengisa amayeza. Njengokuba sasinengxaki yokunxibelelana nomnini wale venkile, uJenny naye owayezele ukuza kuthenga wacela ukusinceda. Wayeyintwazana yaseMerika eyayineminyaka eli-16 ubudala yaye iSpanish wayesithetha ngokutyibilikayo. Wayikhankanya into yokuba yena nabazali bakhe bangamaNgqina kaYehova nokuba bafudukele eEl Salvador ukuze bafundise abantu iBhayibhile.
UJenny wandibuza, “Ngaba Ukh’ Umbuzo Onawo WeBhayibhile?”
Ndaphendula ndathi: “Ewe, ndinawo!” Nakuba sasiziihippie, ngoko nangoko uJenny wasimema ukuba siye kowabo ukuze asidibanise nabazali bakhe, uJoe noNancy Trembley. Sahamba naye. Sachitha yonke imva kwemini sibuza imibuzo yeBhayibhile yaye sachukumiseka yindlela uJoe noNancy abayiphendula ngayo imibuzo yethu. Babesoloko besithi, “Tyhila lo mbhalo eBhayibhileni yakho uze uwufunde.”
Kwakhawuleza kwasebusuku, ngenxa yoko basicela ukuba silale endlwini yabo. Noko ke, abazange basivumele mna noSue ukuba silale kunye kuba sasingatshatanga. USue noJenny zange balale kangangeeyure eziliqela, babexubusha imixholo emininzi yeBhayibhile—ukususela kuAdam ukuya kutsho kwiArmagedon.
IBhayibhile Eluhlaza
Ngosuku olwalandelayo, ngaphambi kokuba simke kuloo dolophu uJoe noNancy basinika iiMboniselo, ooVukani! abaninzi, iincwadi neBhayibhile. IBhayibhile abasinika yona yayiyiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, ngelo xesha yayinoqweqwe oluqinileyo oluluhlaza. Kwakhona sahamba noJoe saya kubona iHolo yoBukumkani. Yayingenabugoci-goci, yayisisakhiwo nje esihle apho amaNgqina kaYehova ayehlanganisana ukuze afunde iBhayibhile. ‘Onjani wona umahluko xa uthelekisa neecawa zeNgqobhoko ezitsal’ amehlo, apho kungekho nto ingako ifundwayo ngabantu esuka eBhayibhileni!’
Kamva ngaloo mini, xa sasimise emdeni ngaphambi kokuba sinqumle siye eGuatemala, abasemagunyeni baxakwa xa bebona iBhayibhile eluhlaza. Babedidekile ngenxa yokuba babeyazi ukuba ngokuqhelekileyo yayisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova. Kodwa thina sasingakhangeleki njengamaNgqina. Nakuba kwakunjalo, abasemagunyeni bakhawuleza basikhulula. Sasixakiwe nathi kuba ngokuqhelekileyo babedla ngokuyimisa imoto yethu bekhangela iziyobisi. Ngenxa yoko, iBhayibhile eluhlaza sasiyijonga njengekhubalo lethu.
Njengokuba sasiqhubeka sifund’ iBhayibhile neempapasho saseyisekile ukuba sasiyifumene inyaniso ngoThixo. Xa sasisiya eMexico ndandikhangele phambili kumdlalo wamaza (surfing) ePuerto Escondido. Emva koko ndandizimisele ukubuyela eFlorida ukuze ndibe ngumkhonzi kaYehova.
Kwiiveki ezimbini ezalandelayo ntsasa nganye ndandidlala phezu kwamaza. Ngemva kwemini ndandisiya elwandle ndize ndifunde iBhayibhile neempapasho. IBhayibhile eluhlaza yathimb’ ingqalelo yentwazana eneminyaka esibhozo, eyema ngelithi kukho indawo efuna ukusisa kuyo ngalo ngokuhlwa. Sasingazi ukuba ifuna siyephi kodwa sasiqonda ukuba loo ndawo inento yokwenza neBhayibhile eluhlaza. Sala kodwa yasicenga. Ekugqibeleni, emva kweentsuku eziliqela sagqiba ekubeni siye kule ndawo isimemela kuyo. Yasisa kwiHolo YoBukumkani yamaNgqina kaYehova, isakhiwo esincinane esakhiwe ngoqalo nesasinophahla olufulelweyo. Wonke umntu owayelapho wasixhawula waza wasiwola ngokungathi sasingabahlobo ababegqityelwe kudala.
Sasichukumisekile yindlela ababenentlonelo ngayo abantu ababelapho. Njengokuba kwakuqhubeka iintlanganiso abanye abantwana babesithe ntsho, mhlawumbi ngenxa yokuba zange bababone abantu abaneenwele ezinde kangako. Abazali babo babesoloko bebakhumbuza ukuba banikel’ ingqalelo ezintlanganisweni. Kodwa, uYehova wayesebenzise umntwana njengaba bantwana ukuze okwesihlandlo sokuqala asise kwiintlanganiso.
Sasizimisele Ukukhonza UYehova
Emva kweeveki ezimbini ndidlala emanzini, ndathengisa iibhodi zam ndaza ndaya eFlorida. Apho safunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaye sasisiya kuzo zonke iintlanganiso. Ekubeni sasizimisele ukukhonza uYehova sayeka ukuhlalisana sayeka ukuba nabahlobo esasinabo. Ndacheba iindevu neenwele yaye uSue wathenga iilokhwe ezimbalwa. Emva kweenyanga ezine satshata yaye ngoAprili 1976 sabhaptizwa sifuzisela uzahlulelo lwethu esilwenzileyo lokukhonza uThixo.
Ngoku, siphil’ ubomi obunenjongo. Sibulela uYehova ngazo zonke iintsikelelo asithululele zona, sasijonge phambili ekubuyeleni kwilizwe ekuthethwa kulo iSpanish ukuya kushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kodwa abadala abangamaKristu kwibandla lethu basicebisa bathi: “ Musani ukukhawuleza nihambe. Qalani ngokwakha ukholo lwenu ukuze nikwazi ukuya kunceda kuloo ntsimi.” Salamkela icebiso labo yaye emva koko sasinosukelo lokuba ngoovulindlela, njengokuba amaNgqina kaYehova bebabiza njalo abo bangabalungiseleli bexesha elizeleyo.
USue waqalisa ukuba nguvulindlela ngoJanuwari 1978. Nam ndandikufuna ukuba nguvulindlela kodwa ndanditshone zwabha ematyaleni, ndandingenamali yakuhlawulela izifundo zaseyunivesithi. Ndeza necebo. Ndangenela ilungiselelo lokugqalwa njengongenayo loo mali yaye ndandiza kukwazi ukuba nguvulindlela.
Noko ke, abadala abazange bavumelane neso sigqibo besithi oko kunxamnye nomgaqo weBhayibhile othi ‘sinyaniseke kwizinto zonke.’ (Hebhere 13:18) Ngenxa yoko ndaqhubeka ndisebenza ukuze ndihlawule amatyala endandinawo. NgoSeptemba 1979, ndalufikelela usukelo lwam lokuba nguvulindlela kunye noSue. Njengokuba sasiphila ubomi obulula, kwafuneka ndisebenze nje iintsuku ezimbalwa evekini ukuze sibe nezinto eziyimfuneko.
Ukukhonza KwiBheteli YaseBrooklyn
NgoAprili 1980 ngaphantsi nje konyaka singoovulindlela safumana okuthile esasingakulindelanga. Ngaphambilana, sisabela kwikhwelo lokufunwa kwabakhi safaka isicelo sokukhonza eBheteli, ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova, eBrooklyn, eNew York. Safumana isimemo sokuba sifike zingekapheli iintsuku ezingama-30! Sasingayazi nokuba masivuye okanye sibe lusizi kuba sasisakuvuyela ukuba ngoovulindlela. Singaqinisekanga ngento emasiyenze, sancokola nabadala ababini ngalo mba yaye basinceda sabona ukuba yayililungelo elikhethekileyo eli sasilifumene. Basicebisa bathi, “Yiyan’ eBheteli nize nihlale nje unyaka.” Sathengisa yonke into esasinayo saza saya eBrooklyn.
Emva kokuba ndisebenze njengomakhi kangangeminyaka emibini, kwathiwa mandisebenze kwiConstruction Engineering Office yaye apho ndaqeqeshelwa ukuzoba iiplani. USue wasebenza kwiindawo ekudityaniswa kuyo iincwadi yaye emva koko kwathiwa makaye kusebenza kwisebe ekuthiwa kuseGraphics. Nyaka ngamnye, xa sibhiyozela usuku esatshata ngalo, sasihlola izinto ezenzeke kunyaka odluleyo size sibone enoba singaqhubeka kusini na sikhonza eBheteli.
Njengokuba iminyaka idlula sazenzela abahlobo nabanye abantu. Ukongezelela koko, ekubeni eBheteli sifumana ithuba lokukhonza uYehova nabazalwana bethu ehlabathini lonke, sizimisel’ ukuhlala. Ngowe-1989 siye saqalisa ukufunda iSpanish yaye oko kuye kwenza ukuba sabelwe kwibandla leSpanish eBrooklyn. Ngenxa yoko, sinelungelo elikhethekileyo lokukhonza eBheteli nakwibandla elisebenzisa olunye ulwimi.
Ngesinye isihlandlo uJenny okhankanywe ngaphambilana wasityelela kwiBheteli yaseBrooklyn yaye kwakubangel’ umdla ukuva esibalisela ngemini esadibana ngayo eEl Salvador. Wayekwisifundo sakhe seBhayibhile yaye wayengaziva mnandi. Endleleni egodukayo, wacinga ukuba makaye kuzifumanela amayeza. Ngenxa yesizathu esithile akazange aye kwivenkile yokuthenga amayeza awayeqhele ukuya kuyo kodwa waya kuleyo sasikuyo.
Ukukhonza Kwamanye Amazwe
Ngeny’ imini ngowe-1999 umzalwana owayevelela kwisebe endandikulo eBheteli wandibuza umbuzo endandingawulindelanga wathi, “Ngaba ungakulungela ukuya kwisebe laseOstreliya uye kusebenza neRegional Engineering Office kangangeenyanga ezintathu?”
Ngaphandle kokuzilazila ndaphendula ndathi: “Ewe.” Ngokukhawuleza sasisendleleni eya eOstreliya apho sakhonza kangangeminyaka emithathu. Ndandikuvuyela ukunceda ekuzobeni iiplani zamasebe amazwe aliqela aseMpuma nakuMzantsi wePasifiki. Xa sabuyela eBrooklyn ngowama-2003, sasilindelwe kokunye esasingakulindelanga. Sasabelwe kwilizwe lasemzini—kwisebe laseBrazil, ngaphandle nje kwesixeko esikhulu saseSão Paulo ukuya kusebenza neOfisi Yenqila Yokwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani.
Siselapho nangoku. Le ofisi yongamela umsebenzi wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezininzi zamazwe aseMzantsi Merika. Ndabelwe ukuba ndiye kuncedisa kulo msebenzi wokwakha nokukhuthaza abenza lo msebenzi yaye ndihamba noSue.
Ukwazi Ezona Zinto Zibalulekileyo
Ndimele ndivume ukuba ndiyakuthanda ukudlala emanzini kodwa ndifumene into ebhetele kunaleyo. Ukudlala emanzini kunexesha lako yaye ndikwenzela nje ukuzonwabisa. Ndixhaswa nguSue ndiye ndanikela ingqalelo kwinto ebaluleke ngakumbi, ukukhonza uThixo oluthando, uYehova.
Ngoku eyona nto iphambili kukusebenzisa ubomi nobuchule esinabo ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani nokuxhasa unqulo olunyulu lukaYehova uThixo. Siye safunda ukuba eyona nto ibalulekileyo kukukhonza uYehova ngomphefumlo uphela kungakhathaliseki ukuba siphi na.—Kolose 3:23.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]
“Ndisakuthanda ukudlala emanzini kodwa ndifumene into ebhetele kunaleyo”
[Umfanekiso okwiphepha 22, 23]
Le foto yam ndidlala emanzini yayisetyenziswa xa kubhengezwa iSummer Surf Festival
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Xa ndandineminyaka eli-13 ubudala
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ndafumanisa ukuba ndandiphila ubomi obungenanjongo ngokuya ndandiyihippie
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Ngasentla: Ndincedisa ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani;
Ekunene: Ndikunye noSue, namhlanje