IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/10 iphe. 23
  • Ubuchule Bokwemba Bembaza

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubuchule Bokwemba Bembaza
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Iziqulatho
    Vukani!—2010
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2009
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2014
  • Ukutsheva
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 9/10 iphe. 23

Ngaba Badalwa?

Ubuchule Bokwemba Bembaza

● Nangona isenokubonakala ingenamandla aneleyo okwemba intlabathi, imbaza yemba kwintlabathi eqinileyo ngokukhawuleza kangangokuba iye yaziwa ngokuba “ngumpetha wabembi abahlala emanzini.” Abaphengululi babethe khamnqa. UAnette Hosoi, ongunjingalwazi kwiMassachusetts Institute of Technology uthi: “Sasisazi ukuba ikhona le ndlela ingaqhelekanga ezikwenza ngayo oku.” Iyintoni imfihlelo yembaza?

Khawucinge ngoku: Imbaza ipitshozisa unyawo lwayo ukuze lungene entlabathini, ize yenze umngxuma ozala ngamanzi. Emva koko imbaza iwuhlisa iwunyusa umzimba wayo njengoko imana ukulivula ilivala iqokobhe layo. Oku kubangela ukuba kubekho umxube wentlabathi namanzi onceda imbaza ikwazi ukwemba lula. Imbaza inokwemba iisentimitha ezingama-70 ngesithuba nje somzuzu nemizuzwana elishumi. Ithi imbaza yakungena emngxunyeni, kube nzima kakhulu ukuyikhupha. Enyanisweni, xa ujonga amandla ayo okwemba imbaza iwaphindaphinda kalishumi amandla ayo nayiphi na iankile eyenziwe ngabantu.

Oononjineli baye bajonga kwimbaza xa besenza iankile yabo yokuqala ngobuchule bezobugcisa. Lo kaHosoi uthi: “Iyavuleka iphinde ivaleke, iyenyuka iphinde yehle, kanye njengembaza.” Iankile eyomelele neyonga umbane ngolo hlobo inokusetyenziswa xa kusenziwa uphando emanzini, kusenziwa izixhobo zokwemba ioli naxa kusenziwa izixhobo zokwemba iziqhushumbisi.

Ucinga ntoni? Ngaba ubuchule bokwemba bembaza bazivelela? Okanye ngaba badalwa?

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Le ankile ixelisa ubuchule bembaza xa isemba

[Inkcazelo]

Razor clams: © Philippe Clement/naturepl.com; “smart” anchor: Courtesy of Donna Coveney, Massachusetts Institute of Technology

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share