UYAYAZI INTO ENOKUKUNCEDA XA UNESTRES?
Senziwa Yintoni Istres?
IMayo Clinic ithi: “Abantu abadala abaninzi bathi banestres kakhulu. Kweli xesha siphila kulo zininzi izinto ezitshintsha singalindelanga.” Nazi ezinye izinto ezenza istres:
- uqhawulo-mtshato 
- ukuswelekelwa ngumntu omthandayo 
- ukugula kakhulu 
- iingozi ezimasikizi 
- ulwaphulo-mthetho 
- ubomi obutshintshatshintshayo 
- iingozi ezibangelwa yindalo okanye ngabantu 
- ukungonwabi emsebenzini okanye esikolweni 
- ukungasebenzi nokungabinamali