IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lff isifu. 48
  • Bakhethe Kakuhle Abahlobo Bakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bakhethe Kakuhle Abahlobo Bakho
  • Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • FUNDA NEZINYE IZINTO
  • UFUNDE NTONI?
  • JONGA NEZI ZINTO
  • Sinokubakhetha Njani Abahlobo Abafanelekileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Unokuba Ngumhlobo KaYehova
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ukuhlala Sinabahlobo Kweli Hlabathi Lingenaluthando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Abahlobo Abalungileyo—Abahlobo Ababi
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
lff isifu. 48
Isifundo 48. Abahlobo abane bafota kunye.

ISIFUNDO 48

Bakhethe Kakuhle Abahlobo Bakho

Printed Edition
Printed Edition
Printed Edition

Abahlobo abasondeleyo basonwabisa kakhulu xa kumnandi baze basincede xa kunzima. Kodwa iBhayibhile ithi bakhona abahlobo abangalunganga. Ungabakhetha njani ke abahlobo abalungileyo? Khawujonge le mibuzo ingezantsi.

1. Kunokwenzeka ntoni kuwe ngenxa yabahlobo obakhethayo?

Siye sifane nabantu esichitha ixesha elininzi nabo, noba sihleli nabo okanye sincokola nabo kwi-intanethi. Le nto ingasinceda okanye isifake engxakini. IBhayibhile ithi, “ohamba nezilumko uza kuba sisilumko, kodwa osebenzisana nezidenge [nabantu abangamthandiyo uYehova] uza kungena engxakini.” (IMizekeliso 13:20) Abahlobo abamthandayo nabamkhonzayo uYehova bangakunceda uhlale usondele kuye uze wenze izigqibo ezifanelekileyo. Kodwa abahlobo abangamthandiyo uYehova banokusibhekelisa kuye. Yiloo nto iBhayibhile isikhuthaza ukuba sibakhethe kakuhle abahlobo! Xa sinabahlobo abamthandayo uThixo, siyakwazi ukubanceda, nabo basincede. ‘Sihlala sikhuthazana yaye sisakhana.’​—1 Tesalonika 5:11.

2. UYehova uziva njani ngabahlobo esibakhethayo?

UYehova ubakhetha kakuhle abahlobo bakhe. “Ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.” (IMizekeliso 3:32) Angaziva njani uYehova xa sinokukhetha ukuba ngabahlobo babantu abangamthandiyo? Angaphoxeka kakhulu! (Funda uYakobi 4:4.) Kodwa xa sisondela kuYehova nakubantu abamthandayo, singabi ngabahlobo nabantu abangalunganga, uza kuvuya kakhulu aze asenze abahlobo bakhe.​—INdumiso 15:1-4.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Jonga ukuba kutheni kubaluleke kakhulu ukubakhetha kakuhle abahlobo, nokuba ungenza njani ukuze ube nabahlobo abaza kukunceda ebomini.

3. Qiniseka ukuba awukhethi bahlobo bangalunganga

Abantu abangamthandiyo uThixo nemithetho yakhe, ngabahlobo abangalunganga. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

IVIDIYO: Funda Ukuluphepha Unxulumano Olubi (6:17)

  • Yintoni enokusenza sizibone sinabahlobo abangalunganga singaqondanga?

Funda 1 Korinte 15:33, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Umhlobo ongalunganga ngumntu onjani? Kutheni usitsho?

Funda iNdumiso 119:63, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yintoni ofanele uyikhangele emntwini oza kuba ngumhlobo wakho?

Isitya esineeapile. I-apile elinye elibolileyo lizisa iimpukane ibe limosha ezinye.

I-apile elibolileyo linokuzimosha zonke ezinye. Umhlobo omnye ongalunganga angenza ntoni kuwe?

4. Nabantu abangalinganiyo nathi banokuba ngabahlobo abalungileyo

IBhayibhile isixelela ngamadoda amabini akwaSirayeli, uDavide noYonatan. UYonatan wayemdala kakhulu kuDavide ibe wayengunyana kakumkani, kodwa babengabahlobo abasondeleleneyo. Funda 1 Samuweli 18:1, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni kunganyanzelekanga ukuba abahlobo bethu balingane nathi okanye babe nezinto njengathi?

Funda amaRoma 1:11, 12, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Bangakhuthazana njani abahlobo abathanda uYehova?

Kule vidiyo, jonga indlela lo mzalwana usemtsha abafumana ngayo abahlobo kwiindawo angazilindelanga. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

IVIDIYO: Fumana Abahlobo Kwiindawo Ezingalindelekanga (5:06)

  • Kule vidiyo, kutheni abazali baka-Akil benexhala ngabahlobo bakhe esikolweni?

  • Ekuqaleni, uAkil ebethanda ntoni kwaba bahlobo basesikolweni?

  • Wenze njani ukuze abe nomhlobo olungileyo?

5. Indlela yokwenza abahlobo abalungileyo

Jonga ukuba unokubafumana njani abahlobo abalungileyo​—nokuba wena ungenza njani ukuze ube nguye. Dlala IVIDIYO.

IVIDIYO: Ngumntu Onjani Umhlobo Wokwenene? (4:14)

Umfanekiso okwividiyo ethi, ‘Ngumntu Onjani Umhlobo Wokwenene?’ Intombi eselula ikunye nabahlobo bayo abaneminyaka engalinganiyo, abaziintlanga ezahlukeneyo, nabakwazi ukwenza izinto ezingafaniyo.

Funda iMizekeliso 18:24 no-27:17, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Abahlobo bokwenene bancedana njani?

  • Unabo abahlobo abanjalo? Ukuba uthi hayi, ungenza njani ukuze ube nabo?

Funda amaFilipi 2:4, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ukuze ube nabahlobo abalungileyo, kufuneka wena kuqala ube nguye. Unganguye njani?

Imifanekiso: Ibhinqa liyobona abahlobo balo abasondeleyo abathathu. 1. Lithetha nomnye efowunini. 2. Lithetha nomhlobo walo okhulileyo kwiHolo yoBukumkani. 3. Liyobona omnye okhathazekileyo.

Ukuze ube nabahlobo abalungileyo, kufuneka wena kuqala ube nguye

ABANYE ABANTU BATHI: “Kubhetele ube nabahlobo noba banjani, kunokuba ungabi nabo.”

  • Uthini wena?

UFUNDE NTONI?

Xa sibakhetha kakuhle abahlobo, sivuyisa uYehova, nathi siyancedakala.

Khawutsho

  • Kutheni uYehova eyihoyile into yokuba sikhetha abahlobo abanjani?

  • Ngabantu abanjani esingafanele sibe ngabahlobo nabo?

  • Ungenza njani ukuze ube ngumhlobo osondeleyo nabantu abalungileyo?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Jonga ukuba abahlobo abalungileyo bangasinceda njani kumaxesha anzima.

“Yiba Nabahlobo Ngaphambi Kokuba Kufike Isiphelo” (IMboniselo, Novemba 2019)

Cinga ngezinto onokuzenza ukuze ube nabahlobo abalungileyo.

“Ndinokubafumana Njani Abahlobo Abafanelekileyo?” (Imibuzo Yabantu Abaselula, Umqulu 1, isahluko 8)

Yintoni ofanele uyazi ngokuba nabahlobo abakwi-intanethi?

Zisebenzise Kakuhle IiWebhsayithi Zokuncokola (4:12)

Kwibali elithi “Ndandinqwenela Ukuba Notata,” jonga ukuba yintoni eyenza enye indoda yafuna abanye abahlobo.

“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Aprili 1, 2012)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share