Ngaba Ubusazi?
Wayethetha Oluphi Ulwimi UYesu?
Izimvo zabaphengululi ziyabethabethana kulo mba. Noko ke, emhlabeni kuyabonakala ukuba wayesebenzisa isiHebhere nesiAramiki. Xa uYesu wayeseNazarethe eGalili wangena kwindlu yesikhungu apho wafunda khona isiprofeto sikaIsaya esasibhalwe ngesiHebhere. Akukho nto ithethwayo ngokuguqulela kukaYesu le ndinyana ngesiAramiki.—Luka 4:16-21.
Ngokuphathelele iilwimi ezisetyenziswa ePalestina xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, uNjingalwazi uG. Ernest Wright uthi: “IsiGrike nesiAramiki yayizezona lwimi zazisetyenziswa. . . . Amajoni angamaRoma namagosa karhulumente xa babencokola babethetha isiLatin ngoxa wona amaYuda ayencokola ngesiHebhere.” Kungenxa yoko le nto umbhalo owawubekwe kwisibonda sentuthumbo sikaYesu wawubhalwe ngeelwimi ezintathu—ngesiHebhere, isiLatin nangesiGrike.—Yohane 19:20.
Kwincwadi yakhe ethi Discoveries From the Time of Jesus uAlan Millard uthi: “Xa zisemsebenzini iirhuluneli zamaRoma zazithetha isiGrike yaye uYesu usenokuba wayethetha isiGrike xa kwakuvavanywa ityala lakhe nguPilato.” Nangona iBhayibhile ingatsho ngokungqalileyo okubangel’ umdla kukuba kwakungekho toliki eyayisetyenziswa kule ngxoxo.—Yohane 18:28-40.
Ngokutsho kukaNjingalwazi uWright, “asinabungqina bokuba [uYesu] wayethetha isiGrike okanye isiLatin kodwa xa wayeshumayela wayedla ngokusebenzisa isiAramiki okanye isiAramiki esixubene nesiHebhere.”—Biblical Archaeology, 1962, iphepha 243.
Ayemakhulu kangakanani amatye akha itempile yeYerusalem?
Xa babethetha noYesu ngetempile yaseYerusalem, abafundi bathi: “Mfundisi, khangela! olunjani lona uhlobo lwamatye yaye olunjani lona uhlobo lwezakhiwo!” (Marko 13:1) Ayemakhulu kangakanani loo matye?
Ngoxa uYesu wayesemhlabeni, uKumkani uHerode wayesele eyandise yankulu iTempile eyayiseNtabeni kunaleyo yomhla kaSolomon. Yayiyeyona ndawo iphakamileyo inkulu kwezenziwe ngabantu ehlabathini mandulo, iziimitha ezinokuba ngama-480 ubude nezimalunga nama-280 ububanzi. Amanye amatye okwakha ayemalunga neemitha ezili-11 ubude, ezintlanu ububanzi neemitha ezintathu ukuphakama. Amanye amatye ayenobunzima obuziitoni ezingama-50. Elinye lawo lalide lasondela kwiitoni ezingama-400 yaye ngokutsho komnye umphengululi “lalingekho elilingana nalo mandulo.”
Ekuphenduleni abafundi bakhe uYesu wathi: ‘Niyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.’ (Marko 13:2) Amaninzi kula matye makhulu anokubonwa kufutshane nalapho ayeqengqelwe khona ngamajoni aseRoma ngowama-70 C. E.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Amatye eTempile akufutshane neTempile esentabeni eYerusalem