UMesiya! Ilungiselelo LikaThixo Lokusindisa
“Kuba kanye njengoko kuAdam bonke besifa, ngokunjalo nakuKristu bonke baya kwenziwa baphile.”—1 KOR. 15:22.
1, 2. (a) UAndreya noFilipu bathini xa bedibana noYesu? (b) Kutheni sinokuthi sinobungqina obuninzi bokuba uYesu unguMesiya kunokuba kwakunjalo kumaKristu enkulungwane yokuqala?
EQINISEKILE ukuba uYesu waseNazarete unguMthanjiswa kaThixo, uAndreya wathi kuPetros umntakwabo, “Simfumene uMesiya.” UFilipu wakhangela umhlobo wakhe uNathaniyeli waza akumfumana wathi: “Simfumene lowo uMoses, eMthethweni, nabaProfeti babhala ngaye, uYesu, unyana kaYosefu, waseNazarete.”—Yoh. 1:40, 41, 45.
2 Ngaba weyisekile ukuba uYesu unguMesiya othanjisiweyo, ‘uMmeli kaYehova Oyintloko wosindiso’? (Heb. 2:10) Buninzi ubungqina esinabo namhlanje bokuba uYesu unguMesiya kunokuba kwakunjalo kubalandeli benkulungwane yokuqala. Xa lithetha ngobomi bukaYesu ukususela ekuzalweni de kuse ekuvusweni kwakhe, iLizwi likaThixo liyangqina ukuba unguKristu. (Funda uYohane 20:30, 31.) IBhayibhile ikwabonisa ukuba uYesu wayeya kuqhubeka ephumeza indima yakhe njengoMesiya esezulwini. (Yoh. 6:40; funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:22.) Nathi namhlanje sinokutsho sithi, “Simfumene uMesiya.” Kodwa masiqale sibone indlela abo bafundi abaqonda ngayo ukuba bamfumene uMesiya.
“Imfihlelo Engcwele” EngoMesiya Ityhilwa Ngokuthe Ngcembe
3, 4. (a) Abafundi benkulungwane yokuqala ‘bamfumana njani uMesiya’? (b) Kutheni unokuthi nguYesu kuphela owayenokuzalisekisa zonke iziprofeto ezingoMesiya?
3 Abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala, babenokuqiniseka njani ukuba unguMesiya? Esebenzisa abaprofeti, uYehova wayityhila ngokuthe ngcembe imiqondiso yokuza kukaMesiya. Omnye umphengululi weBhayibhile wafanisa oku nokudibanisa umfanekiso oqingqiweyo owenziwe ngamacwecwe amancinane elitye lemabhile. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wamadoda amaninzi angazange abonane ngaphambili iyileyo isiza nelayo icwecwana. Ukuba onke loo macwecwana athi gingci ngeendawo zawo kuze kuphume umfanekiso opheleleyo, ubuya kuqonda ukuba kumele ukuba ukho umntu oye wasika la matye waza wawathumela kula madoda. Njengaloo macwecwana omfanekiso oqingqiweyo, zonke iziprofeto ezibhekisela kuMesiya zaziza kuba luncedo ekuqondeni uMesiya.
4 Ngaba ke ngoko zonke iziprofeto ezithetha ngoMesiya zazinokuzaliseka emntwini omnye ngamabonandenzile? Omnye umphengululi wathi “ingamampunge” into yokuba zonke iziprofeto ezingoMesiya zizaliseke kumntu omnye ngamabona-ndenzile. “Kuyo yonke imbali nguYesu kuphela ezazaliseka kuye.”
5, 6. (a) Uza kugwetywa njani uSathana? (b) UThixo wawutyhila njani ngokuthe ngcembe umnombo eyayiza kuvela kuwo “imbewu” ethenjisiweyo?
5 Iziprofeto ezingoMesiya ‘ziyimfihlelo engcwele’ eneenkalo ezininzi ezibalulekileyo kwindalo iphela. (Kol. 1:26, 27; Gen. 3:15) Kule mfihlelo kuthethwa ngokugwetywa kukaSathana uMtyholi, “inyoka yantlandlolo,” owabangela ukuba abantu babe nesono baze bafe. (ISityhi. 12:9) Uya kugwetywa njani? UYehova waxela kwangaphambili ukuba ‘imbewu yomfazi’ iya kumtyumza intloko uSathana. “Imbewu” eyaxelwa kwangaphambili yayiza kutyumza intloko yenyoka ize ishenxise unobangela wemvukelo, ukugula nokufa. Noko ke, uThixo wamvumela uSathana ukuba aqale atyumze ngokufuziselayo isithende ‘sembewu’ yomfazi.
6 UYehova wayityhila ngokuthe ngcembe imbewu ethenjisiweyo. UThixo wafunga kuAbraham wathi: “Ziya kuzisikelela ngembewu yakho zonke iintlanga zomhlaba.” (Gen. 22:18) UMoses waxela kwangaphambili ukuba le Mbewu iya kuba ‘ngumprofeti’ omkhulu kunaye. (Dut. 18:18, 19) UDavide wayeqinisekile ukuba uMesiya uya kuphuma kumnombo wakhe aze ahlale kwitrone kaDavide ngonaphakade yaye nabaprofeti bayingqina loo nto.—2 Sam. 7:12, 16; Yer. 23:5, 6.
Isizathu Sokuba UYesu Ekufanelekela Ukuba NguMesiya
7. UYesu waphuma njani ‘kumfazi’ kaThixo?
7 UThixo wathumela uNyana wakhe olizibulo, ophuma kwintlangano yakhe ebumfazi, esezulwini, ebunjwa zizidalwa zomoya, ukuba abe ‘yimbewu’ ethenjisiweyo. Kwakufuneka lo Nyana okuphela kozelwe nguThixo ‘aziqongqothe’ ashiye ubomi basezulwini aze azalwe njengomntu ofezekileyo. (Fil. 2:5-7; Yoh. 1:14) ‘Ukusibekelwa’ kukaMariya ngumoya oyingcwele kwaqinisekisa ukuba usana olwaluza kuzalwa lwaluza ‘kubizwa ngokuba lungcwele, lunguNyana kaThixo.’—Luka 1:35.
8. UYesu wasizalisekisa njani isiprofeto esingoMesiya xa wabhaptizwa emanzini?
8 Iziprofeto ezingoMesiya zachaza indawo awayeya kuvela kuyo uYesu nexesha awayeya kuvela ngalo. Njengoko kwaxelwa kwangaphambili, uYesu wazalelwa eBhetelehem. (Mika 5:2) Ngenkulungwane yokuqala, amaYuda ayelindele lukhulu kuMesiya. Bebhekisela kuYohane uMbhaptizi, abanye ababelindele ukuza kukaMesiya bathi: “Makube mhlawumbi unguKristu na?” Kodwa uYohane wabaphendula wathi: “Uyeza lowo womelele ngakumbi kunam.” (Luka 3:15, 16) Ngokwindla lowama-29 C.E., xa uYesu wayeneminyaka engama-30 ubudala, waya kuYohane ukuba ambhaptize yaye wazibonakalisa njengoMesiya ngexesha elifanelekileyo. (Dan. 9:25) Emva koko waqalisa ubulungiseleli bakhe, yaye wathi: “Lizalisekile ixesha elimisiweyo, yaye ubukumkani bukaThixo busondele.”—Marko 1:14, 15.
9. Nangona abafundi bakaYesu babengazazi zonke iinkcukacha, yintoni ababeqiniseke ngayo?
9 Noko ke, abantu kwafuneka batshintshe indlela abacinga ngayo. Eneneni, uYesu wayenguye uKumkani kodwa abantu babengekayiqondi into yokuba ixesha lokulawula kwakhe lalingekafiki nokuba wayeza kulawula esezulwini. (Yoh. 12:12-16; 16:12, 13; IZe. 2:32-36) Sekunjalo, uYesu wabuza, “Nina nithi ndingubani na?” Eqinisekile, uPetros waphendula wathi: “UnguKristu, uNyana woThixo ophilayo.” (Mat. 16:13-16) UPetros waphinda waphendula ngaloo ndlela emva kokuba abaninzi bemkile kuba bekhutyekiswe yimfundiso ethile.—Funda uYohane 6:68, 69.
Ukuphulaphula UMesiya
10. Kwakutheni ukuze uYehova athi makuphulaphulwe uNyana wakhe?
10 Xa wayesezulwini, uNyana kaThixo okuphela kozelweyo wayesisidalwa somoya esinamandla. Xa wayesemhlabeni, uYesu ‘wayengummeli kaYise.’ (Yoh. 16:27, 28) Wathi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.” (Yoh. 7:16) Engqina ukuba uYesu unguMesiya, ebudeni bokwenziwa kumila kumbi kwakhe uYehova wathi: “Mphulaphuleni yena.” (Luka 9:35) Babemele bamphulaphule okanye bamthobele Lowo Onyuliweyo. Oku kwakuthetha ukuba babefanele babe nokholo nemisebenzi elungileyo—nto leyo ebalulekileyo ukuze sikholise uThixo size sifumane nobomi obungunaphakade.—Yoh. 3:16, 35, 36.
11, 12. (a) AmaYuda enkulungwane yokuqala amchasa ngaziphi izizathu uYesu njengoMesiya? (b) Ngoobani ababa nokholo kuYesu?
11 Nangona babubuninzi ubungqina obubonisa ukuba uYesu unguMesiya, amaYuda amaninzi enkulungwane yokuqala amchasa. Kwakutheni? Ayeneengcamango ezahlukileyo ngokuphathelele uMesiya, enye yazo yayikukuba wayeza kubandakanyeka kwezopolitiko aze awakhulule kwingcinezelo yamaRoma. (Funda uYohane 12:34.) Ngenxa yoko, ayengafuni kumamkela uMesiya owayezalisekisa iziprofeto zokuba uya kudelwa, aphetshwe ngabantu, abe neentlungu, aqhelane nesifo aze ekugqibeleni abulawe. (Isa. 53:3, 5) Kwanabanye abafundi bakaYesu abanyanisekileyo baphoxeka kuba wayengazukubakhulula kwingcinezelo. Sekunjalo, baqhubeka benyanisekile kuye yaye ekuhambeni kwexesha bacacelwa ngakumbi ngulo mbandela.—Luka 24:21.
12 Enye into eyabangela ukuba abantu bamchase uYesu onguMesiya othenjisiweyo, ziimfundiso zakhe ababekufumanisa kunzima ukuzamkela. Ukuze umntu angene eBukumkanini kwakuya kufuneka ‘azincame,’ ‘atye’ inyama negazi likaYesu, “azalwe kwakhona,” aze angabi ‘yonxalenye yehlabathi.’ (Marko 8:34; Yoh. 3:3; 6:53; 17:14, 16) Abantu abanekratshi, izityebi nabahanahanisi babekufumanisa kunzima ukuphila ngale ndlela. Noko ke, amaYuda athobekileyo amamkela uYesu njengoMesiya, namanye amaSamariya awathi: “Lo mntu ngokuqinisekileyo ngumsindisi wehlabathi.”—Yoh. 4:25, 26, 41, 42; 7:31.
13. UYesu watyunyuzwa njani isithende?
13 UYesu waxela kwangaphambili ukuba wayeya kugwetywa ngababingeleli abaziintloko aze abethelelwe esibondeni ziiNtlanga kodwa wayeya kuvuswa ngomhla wesithathu. (Mat. 20:17-19) Bathi uyanyelisa, xa wavumayo phambi kweSanhedrin ukuba ‘unguKristu uNyana kaThixo.’ (Mat. 26:63-66) UPilato akazange afumane nto “ingabangela ukuba afe,” kodwa kuba amaYuda amtyhola ngokwenza isiphendu, uPilato “wanikezela ngoYesu ekuthandeni kwabo.” (Luka 23:13-15, 25) Ngenxa yoko, ‘amkhanyela’ aza aceba ukumbulala “uMmeli Oyintloko wobomi,” nangona kwakukho ubungqina obucacileyo bokuba wayethunywe nguThixo. (IZe. 3:13-15) UMesiya ‘wanqunyulwa’ njengoko kwakuxelwe kwangaphambili ebethelelwa esibondeni ngoMhla wePasika yowama-33 C.E. (Dan. 9:26, 27; IZe. 2:22, 23) Wabulawa ngenkohlakalo, ngaloo ndlela etyunyuzwa isithende njengoko kwakuxelwe kwangaphambili kwiGenesis 3:15.
Isizathu Sokuba Kufuneke UMesiya Afe
14, 15. (a) Ziziphi izizathu ezibini ezabangela ukuba uYehova avumele ukufa kukaYesu? (b) Wenza ntoni uYesu emva kokuba evusiwe?
14 Zibini izizathu ezibalulekileyo zokuba uYehova avumele ukufa kukaYesu. Okokuqala, ukuthembeka kukaYesu de afe kwacacisa inkalo ebalulekileyo ‘yemfihlelo engcwele.’ Wangqina into yokuba umntu ofezekileyo angakwazi ‘ukuzinikela kuThixo’ aze athobele ulongamo lwakhe naxa elingwa nguSathana ngokuqatha. (1 Tim. 3:16) Okwesibini, njengoko uYesu watshoyo, “uNyana womntu weza, . . . ukuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mat. 20:28) Le ‘ntlawulelo’ yahlawulela isohlwayo sesono esasizuz’ ilifa kuAdam, yaza yabangela ukuba bonke abo bamamkelayo uYesu njengelungiselelo likaThixo lokusisindisa bafumane ubomi obungunaphakade.—1 Tim. 2:5, 6
15 Emva kweentsuku ezintathu esengcwabeni, uKristu wavuswa waza wabonakala kubafundi bakhe iintsuku ezingama-40, ebonisa ukuba uyaphila yaye wabanika imiyalelo engakumbi. (IZe. 1:3-5) Emva koko wanyukela ezulwini ukuze anikele kuYehova ixabiso ledini lakhe elixabisekileyo aze alindele ixesha elimisiweyo laxa eza kuqalisa ukulawula njengoKumkani onguMesiya. Noko ke, ininzi into ekwakusafuneka ayenze.
Ukuphumeza Indima Yakhe NjengoMesiya
16, 17. Chaza indima kaYesu njengoMesiya emva kokunyukela kwakhe ezulwini.
16 Ukutyhubela iinkulungwane ukususela ekuvusweni kwakhe, uYesu ebeqhubeka esalathisa ibandla lamaKristu anguKumkani walo. (Kol. 1:13) Ngexesha elifanelekileyo, waqalisa ukusebenzisa igunya lakhe njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. Iziprofeto zeBhayibhile neziganeko zehlabathi zingqina ukuba waqalisa ukulawula njengoKumkani ngowe-1914, yaye ‘nokupheliswa kwenkqubo yezinto’ kwaqalisa ngelo xesha. (Mat. 24:3; ISityhi. 11:15) Ngokukhawuleza emva koko, wakhokela iingelosi ezingcwele kumlo wokugxotha uSathana needemon zakhe ezulwini.—ISityhi. 12:7-10.
17 Umsebenzi wokushumayela nokufundisa uYesu awawuqalisa ngowama-29 C.E. sele uza kufikelela kuvutho-ndaba. Kungekudala uza kugweba bonke abaphilayo. Emva koko, uya kuthi ‘mababudle ilifa ubukumkani obalungiselelwa bona ukususela ekusekweni kwehlabathi’ bonke abo banjengezimvu nabamamkelayo njengelungiselelo likaYehova losindiso. (Mat. 25:31-34, 41) Abo bamchasayo uYesu njengoKumkani baya kutshatyalaliswa xa ekhokela imikhosi yasezulwini yaye ephelisa bonke ubungendawo. UYesu uya kubopha uSathana aze amlahle needemon zakhe ‘enzonzobileni.’—ISityhi. 19:11-14; 20:1-3.
18, 19. Yiyiphi indima ephunyezwa nguYesu njengoMesiya yaye yintoni eza kufunyanwa ngabo bathobelayo?
18 Ebudeni boLawulo lwakhe Leminyaka Eliwaka, uYesu uya kuzalisekisa ngokupheleleyo indima yakhe ‘njengoMcebisi Omangalisayo, uThixo Onamandla, uBawo ongunaPhakade neNkosana yoXolo.’ (Isa. 9:6, 7) UBukumkani bakhe buya kubangela ukuba abantu bafezeke, kuquka abo baye bavuswa ekufeni. (Yoh. 5:26-29) UMesiya uya kukhokelela abantu abavumayo “emithonjeni yamanzi obomi,” ukuze babe nolwalamano oluhle noYehova. (Funda iSityhilelo 7:16, 17.) Emva kovavanyo lokugqibela, bonke abavukeli, kuquka uSathana needemon zakhe, baya ‘kuphoswa edikeni lomlilo,’ yaye oko kuya kuthetha ukutyunyuzwa kwentloko ‘yenyoka.’—ISityhi. 20:10.
19 UYesu uyiphumeza kakuhle gqitha indima yakhe njengoMesiya! Umhlaba oyiparadesi uya kuzaliswa ngabantu abasindileyo, abaya kufezeka baze bahlale bonwabile ngonaphakade. Kuya kuphela konke ukugculelwa kwegama elingcwele likaYehova yaye ulongamo lwakhe kwindalo iphela luya kuthethelelwa. Elo lifa lizukileyo liya kufunyanwa ngabo bonke abathobela uMthanjiswa kaThixo!
Ngaba Umfumene UMesiya?
20, 21. Ziziphi izizathu onazo zokuxelela abanye ngoMesiya?
20 Ukususela ngowe-1914 besiphila ebudeni bepa·rou·siʹa, okanye ubukho bukaKristu. Nangona lo Kumkani woBukumkani bukaThixo engabonakali, siyaqiniseka ngobukho bakhe ngenxa yokuzaliseka kweziprofeto. (ISityhi. 6:2-8) Sekunjalo, njengamaYuda enkulungwane yokuqala, abantu abaninzi ababukhathalelanga ubungqina bobukho bukaMesiya. Nabo bafuna umesiya oza kubandakanyeka kwezopolitiko okanye oya kusebenzisa iinkokeli zopolitiko ezingabantu. Noko ke, wena uyazi ukuba uYesu uyalawula ngoku njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. Ngaba akuzange uvuye wakuva oku? Njengabafundi benkulungwane yokuqala, nawe wathi: “Simfumene uMesiya.”
21 Xa uthetha nabanye ngenyaniso, ngaba uyayibalaselisa indima kaYesu njengoMesiya? Oko kuya kukwenza ube noxabiso ngezinto awakwenzela zona, akwenzela zona ngoku naya kukwenzela zona. NjengoAndreya noFilipu nawe ngokuqinisekileyo uye wathetha nezalamane zakho nabahlobo ngoMesiya. Phinda uzame ukuthetha nabo, ubabonise ukuba ngokwenene uYesu Kristu unguMesiya, ilungiselelo likaThixo lokusisindisa!
Ngaba Ungachaza?
• Abafundi benkulungwane yokuqala babeya kumfumana njani uMesiya?
• Ziziphi izizathu ezibini ezibalulekileyo zokufa kukaYesu?
• Yintoni eseza kwenziwa nguYesu xa ezalisekisa indima yakhe njengoMesiya?
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
Abantu benkulungwane yokuqala babenokuqiniseka njani ukuba uYesu unguMesiya othenjisiweyo?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Xa uthetha nabanye, ngaba uyayibalaselisa indima kaYesu njengoMesiya?