IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 12/15 iphe. 3
  • Ngaba Uyakhumbula?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyakhumbula?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Amangqina Kayehova Yinxalenye Yamaprotestanti?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba AmaKristu—Afanele Awubhiyozele Unyaka Omtsha?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba Kufuneka Ufunde IsiHebhere nesiGrike?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • UYehova, UThixo Wonxibelelwano
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 12/15 iphe. 3

Ngaba Uyakhumbula?

Ngaba uye wakunandipha ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:

• UThixo angasenza njani sibe zizityebi?

Mandulo, uYehova wasikelela uAbraham noSolomon ngobutyebi bezinto eziphathekayo. Kodwa obona butyebi bubalulekileyo uThixo anokunceda amaKristu abufumane buquka ukholo, uxolo, ulwaneliseko nolonwabo.—9/1, iphepha 3-7.

• Sifunda ntoni koko kwenziwa nguYesu kuPetros xa wayetshona elwandle? (Mat. 14:28-31)

Xa umzalwana ebonakala engenalukholo, sinokolula isandla simncede ukuze abe nokholo olomeleleyo.—9/15, iphepha 8.

• UYehova wancama ntoni ukuze asihlangule?

UYehova wanyamezela ukubona uNyana wakhe engcungcuthekiswa yaye egculelwa. Yaye njengoko noAbraham wayekulungele ukunikela ngonyana wakhe, uYehova wanyamezela ukubukela uNyana wakhe ebulawa njengesaphuli-mthetho.—9/15, iphepha 28-29.

• Kutheni iCodex yaseVatican ixabiseke kangaka?

Ngumbhalo-ngqangi wesiGrike owabhalwa kwiminyaka engaphantsi kwama-300 emva kokuba iBhayibhile igqityiwe ukubhalwa. Inemibhalo epheleleyo yeZibhalo zesiHebhere neyeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. Isetyenziswa ngabaphengululi ukuze bakwazi ukuqiniseka ngoko kubhalwe kwiBhayibhile yamandulo.—10/1, iphepha 18-20.

• IMizekeliso 24:27 isifundisa ntoni ‘ngokwakha indlu’?

Umfana ofuna ukutshata ufanele azilungiselele kakuhle ukuze akwazi ukuthwala loo mbopheleleko. Oku kuquka ukunyamekela intsapho ngezinto eziphathekayo nokuyikhokela kwizinto zokomoya.—10/15, iphepha 12.

• Kutheni kungafanelekanga ukuba amaNgqina kaYehova agqalwe njengenye yeenkonzo zobuProtestanti?

UbuProtestanti bavela ngenkulungwane ye-16 eYurophu kuba kwakuhlaziywa iCawa YamaRoma Katolika. ‘UbuProtestanti’ kukubambelela kwimigaqo yoHlaziyo. AmaNgqina kaYehova akavumi ukuba upopu unegunya ehlabathini lonke kunoko axhasa igunya leBhayibhile yaye ayazichasa iimfundiso nezithethe ezininzi zamaProtestanti ezingasekelwanga Zibhalweni.—11/1, iphepha 19.

• Ngaba kufuneka ufunde isiHebhere nesiGrike ukuze uyiqonde iBhayibhile?

Akunjalo. Ukwazi ezo lwimi akumenzi umntu ayazi kakuhle iBhayibhile. Nomntu ofunde ezo lwimi kufuneka abe nesichazi magama neencwadi zomgaqo wolwimi. Isibakala sokuba uThixo waphefumlela ukuba kugcinwe kuphela inguqulelo yamazwi oyena Mkhonzi ubalaseleyo sibonisa ukuba akubalulekanga ukuba iBhayibhile siyifunda ngaluphi ulwimi.—11/1, iphepha 20-23.

• UYehova noYesu basimisela wuphi umzekelo ekuboniseni imbeko?

Nakuba uYehova ekwisigxina esiphakamileyo, abantu ubaphatha ngobubele nangembeko. Xa wayethetha noAbraham noMoses, wasebenzisa ibinzana lesiHebhere elidla ngokuguqulelwa ngokuthi “nceda.” (Gen. 13:14; Eks. 4:6) UThixo uyabaphulaphula nabantu. (Gen. 18:23-32) NoYesu wayenjalo, wayekulungele ukubanceda abo wayekunye nabo, yaye wayedla ngokubabiza ngamagama abo.—11/15, iphepha 25.

• Kutheni amaKristu engawubhiyozeli uNyaka Omtsha?

UNyaka Omtsha ngumbhiyozo obalulekileyo eAsia. Lo mbhiyozo uquka ukuzama ukufumana ithamsanqa nokuhlonela imimoya. AmaKristu ayabahlonela abazali bawo, kodwa ayawaphepha amasiko anento yokwenza nokunqulwa kwemimoya okuwenza akhuselwe yiyo okanye athandwe ngoothixo bentsapho.—12/1, iphepha 20-23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share