IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 10/15 iphe. 32
  • Ukhuthazo Oluphuma “Emilonyeni Yabantwana”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukhuthazo Oluphuma “Emilonyeni Yabantwana”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Abantu Abathanda Uxolo Bayazithethelela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2011
  • AmaNgqina KaYehova ERashiya
    Vukani!—1997
  • Ukutyelela Kwakhona ERashiya
    Vukani!—1995
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 10/15 iphe. 32

Ukhuthazo Oluphuma “Emilonyeni Yabantwana”

NgoDisemba 2009, iNkundla Ephakamileyo YaseRashiya yawisa isigwebo esaphumela ekuvalweni kombutho wonqulo wamaNgqina kaYehova eTaganrog, eRashiya, kohluthwa iHolo YoBukumkani, kwaza kwawiswa nesindululo sokuba iimpapasho zethu ezingama-34 ziyingozi. Esi sigqibo sothusayo sabhalwa kwiWebhsayithi yamaNgqina kaYehova kunye nemifanekiso yamaNgqina achatshazelweyo sesi sigqibo, kuquka abantwana abancinane.

Kwiinyanga ezimbalwa emva koko, iZiko Lolawulo LamaNgqina KaYehova eRashiya lafumana ibhokisi kwakunye nale leta ilandelayo ivela kwintsapho engamaNgqina eQueensland, eOstreliya, neyayibonayo ingxelo yesigwebo seNkundla: “Bazalwana Abathandekayo, Abantwana bethu, uCody noLarissa baye bakhuthazwa gqitha lukholo neemvavanyo ezifunyanwa ngabazalwana baseRashiya. Baye babhala amakhadi neeleta, sazifaka kule bhokisana inezipho yaye siyithumela kubantwana baseTaganrog, ukuze sibaqinisekise ukuba nangona bekude, kodwa bakho nabanye abantwana abakhonza uYehova ngokuthembeka nabacingayo ngabo. Abantwana bethu bathi babathanda gqitha.”

Besakufumana ezo zipho, abantwana baseTaganrog, babhala ileta eyibulela ngokungazenzisiyo intsapho yaseOstreliya. Echukunyiswe ngala mazwi akhuthazayo aphuma “emilonyeni yabantwana,” omnye umzalwana okwiofisi yesebe yaseRashiya wathi xa wayebhalela uCody noLarissa: “Khanicinge nje indlela ekubuhlungu ngayo ebantwaneni nakubantu abadala ukohlwayelwa into abangayenzanga. Akhonto imbi bayenzileyo abazalwana noodade baseTaganrog, kodwa bohluthelwe iHolo YoBukumkani. Oku kubakhathaza ngokwenene. Kuza kubomeleza nyhani ukwazi ukuba bayacingwa nakwezinye iindawo ehlabathini. Sithi maz’ enethole ngobubele benu!”—INdu. 8:2.

Ngokwenene siphakathi kwabazalwana abasehlabathini lonke yaye ukuthandana kwethu kusinceda sihlangabezana neemvavanyo neenzingo. Ngoxa iinkundla zisalibele kukuhlisana zinyusana ngento yokuba iimpapasho zamaNgqina kaYehova zikhuthaza intiyo, ngokuzola abantwana bethu bayaxhalabelana, bengalawulwa yinto yokuba bahlukile ngokweentlanga neenkcubeko yaye besenza ngokuvisisana nala mazwi kaYesu: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yoh. 13:35.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share