Impinda YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoAprili 26, 2010. Umveleli wesikolo uza kuqhuba impinda yemizuzu engama-20 esekelwe kumbandela wezabelo ezisusela kwiveki kaMatshi 1 ukusa kweka-Aprili 26, 2010.
1. Wayethetha ukuthini uNahomi xa wayesithi ‘nguYehova ondithobileyo kwaye nguSomandla ondibangele intlekele’? (Rute 1:21) [w05 3/1 iphe. 27 isiqe. 1]
2. Ziziphi iimpawu ezabangela ukuba uRute abe “ngumfazi obalaseleyo”? (Rute 3:11) [w05 3/1 iphe. 28 isiqe. 6]
3. Amazwi kaElikana athi “andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi” amomeleza njani umfazi wakhe? (1 Sam. 1:8) [w90 3/15 iphe. 27 isiqe. 5-6]
4. Yintoni eyayisenza isicelo sikaSirayeli senkosi singafaneleki? (1 Sam. 8:5) [w05 9/15 iphe. 20, isiqe. 17; it-2-E iphe. 163 isiqe. 1]
5. USamuweli ‘owayemdala yaye eyingwevu,’ waba ngumzekelo omhle njani wokuthandazela abanye, kwaye oku kubalaselisa ntoni? (1 Sam. 12:2, 23) [w07 6/1 iphe. 29 isiqe. 14-15]
6. Kwakutheni ukuze uSawule awaphathe kakuhle amaKeni? (1 Sam. 15:6) [w05 3/15 iphe. 22 isiqe. 10]
7. Yintoni eyashukumisa uSawule ukuba abuze uDavide athi, “Ungunyana kabani na, mfanandini?” (1 Sam. 17:58) [w07 8/1 iphe. 31 isiqe. 3, 5]
8. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uDavide awayisingatha ngayo ingxaki eyavelayo eGati? (1 Sam. 21:12, 13) [w05 3/15 iphe. 24 isiqe. 4]
9. Uthando nokuthobeka kukaYonatan zabonakala njani xa kwakufuneka axhase aze akhuthaze umhlobo wakhe uDavide? (1 Sam. 23:17) [lv iphe. 28 isiqe. 10, umbhalo osemazantsi.]
10. Yintoni esiyifundayo kwiinkqubano zikaSawule negqwirha lase-Endore? (1 Sam. 28:8-19) [w05 3/15 iphe. 24 isiqe. 7]