1 Samuweli 26:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Wandula ke uDavide waphendula wathi kuAhimeleki umHiti+ noAbhishayi+ unyana kaTseruya,+ umntakwabo Yowabhi: “Ngubani na oya kuhla nam siye kuSawule enkampini?” UAbhishayi wathi: “Mna ndiya kuhla nawe.”+ 2 Samuweli 10:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi+ umntakwabo, ukuba akhe uluhlu ukuze ahlangabeze oonyana baka-Amoni.+ 2 Samuweli 23:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi unyana kaTseruya,+ wayeyintloko yamashumi amathathu, kwaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu abuleweyo, yaye naye wayedume njengabo bathathu.+ 1 Kronike 11:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi,+ wayeyintloko yamathathu; yaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu awayebulewe, yaye naye wayedume njengabo bathathu. 1 Kronike 18:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ke yena uAbhishayi+ unyana kaZeruya,+ waxabela amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa,+ ishumi elinesibhozo lamawaka.
6 Wandula ke uDavide waphendula wathi kuAhimeleki umHiti+ noAbhishayi+ unyana kaTseruya,+ umntakwabo Yowabhi: “Ngubani na oya kuhla nam siye kuSawule enkampini?” UAbhishayi wathi: “Mna ndiya kuhla nawe.”+
10 Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi+ umntakwabo, ukuba akhe uluhlu ukuze ahlangabeze oonyana baka-Amoni.+
18 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi unyana kaTseruya,+ wayeyintloko yamashumi amathathu, kwaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu abuleweyo, yaye naye wayedume njengabo bathathu.+
20 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi,+ wayeyintloko yamathathu; yaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu awayebulewe, yaye naye wayedume njengabo bathathu.
12 Ke yena uAbhishayi+ unyana kaZeruya,+ waxabela amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa,+ ishumi elinesibhozo lamawaka.