INdumiso 37:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Ongendawo uyaboleka angabuyisi,+Kodwa olilungisa uyababala aze anikele izipho.+ Luka 6:38 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 38 Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.+ Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.”+ IZenzo 4:32 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 32 Ngaphezu koko, inkitha yabo babekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo-mnye,+ yaye kwakungekho namnye owayengathi yeyakhe nayiphi na kwizinto awayenazo; kodwa babenazo zonke izinto ngokufanayo.+ 2 Korinte 9:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra+ okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.+ 1 Timoti 6:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 mabenze okulungileyo,+ batyebe emisebenzini emihle,+ bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana,+
38 Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.+ Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.”+
32 Ngaphezu koko, inkitha yabo babekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo-mnye,+ yaye kwakungekho namnye owayengathi yeyakhe nayiphi na kwizinto awayenazo; kodwa babenazo zonke izinto ngokufanayo.+
7 Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra+ okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.+