IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 10:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa zaza zahlala kuwo wonke ummandla waseYiputa.+ Zaba luxanduva kakhulu.+ Azizange zibekho iinkumbi ezingako ngaphambi kwazo, yaye zingasayi kuze zibekho nasemva kwazo.

  • Eksodus 13:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 “Kothi xa unyana wakho akubuzayo kamva, esithi, ‘Kuthetha ukuthini oku?’+ uze uthi kuye, ‘UYehova wasikhupha eYiputa,+ endlwini yobukhoboka, ngesandla esinamandla.+

  • Duteronomi 6:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 uze uwabethelele kunyana wakho+ yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho,+ nasekuvukeni kwakho.

  • Duteronomi 29:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 “Ngoko isizukulwana esizayo, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu, nowasemzini oya kuvela ezweni elikude, baya kuzibona izibetho zelo lizwe nezifo zalo azihlisileyo uYehova kulo,+

  • INdumiso 78:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  4 Esingawafihliyo koonyana babo,+

      Siwabalisa nakwisizukulwana esizayo,+

      Iindumiso zikaYehova namandla akhe+

      Nezinto zakhe ezimangalisayo azenzileyo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share