6 Ngenxa yoko umfazi wabona ukuba umthi wawulungele ukudliwa kwanokuba wawulangazeleleka emehlweni, ewe, kwakunqweneleka ukuwujonga umthi lowo.+ Ngoko wathabatha eziqhameni zawo waza wadla. Emva koko wanika nendoda yakhe isakuba kunye naye yaza nayo yadla.+