7 Kufanelekile ngam ukucinga ngolu hlobo ngani nonke, ngenxa yokuba nisentliziyweni yam,+ ekubeni nonke ninesabelo+ kunye nam kubo ububele obungasifanelanga, kwimixokelelwane yam yentolongo+ kwanasekuthethelelweni+ nasekumiselweni ngokusemthethweni+ kweendaba ezilungileyo.