Ingoma Yokunyuka.
125 Abo bamthembayo uYehova+
BanjengeNtaba YeZiyon engenakugungqiswa,
Kodwa ehleli ngonaphakade.+
 2 Njengoko iYerusalem ijikelezwe ziintaba,+
NoYehova ubajikelezile abantu bakhe+
Ngoku nangonaphakade.
 3 Intonga yobubi ayizukuhlala ikho kumhlaba osikelwe amalungisa,+
Ukuze amalungisa angajiki enze izinto ezimbi.+
 4 Yenza okulungileyo Yehova, kwabo balungileyo,+
Kwabo baneentliziyo ezilungileyo.+
 5 Bona abo bajika bahambe ngeendlela zabo ezingalunganga,
UYehova uza kubasusa kunye nabenzi-bubi.+
Makubekho uxolo phezu koSirayeli.