91 Nabani na ohleli kwindawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo+
Uza kuphumla emthunzini kaSomandla.+
2 Ndiza kuthi kuYehova: “Uyindawo yam yokubalekela nekhusi lam,+
Thixo wam endithembele ngaye.”+
3 Kuba yena uza kukusindisa emgibeni wombambisi weentaka,
Kwisifo esingubhubhani esitshabalalisayo.
4 Uza kubalekela phantsi kwamaphiko akhe,
Aze yena akogqume ngeentsiba zakhe.+
Ukuthembeka kwakhe+ kuza kuba likhaka elikhulu+ nodonga olukhuselayo.
5 Awuzukoyika nantoni na eyoyikekayo ebusuku,+
Nalutolo ludutyulwayo emini,+
6 Nasifo singubhubhani esincathame ebumnyameni,
Nasifo sigqugqisayo emini emaqanda.
7 Kuza kuwa iwaka ecaleni kwakho
Neshumi lamawaka ngasekunene kwakho;
Kodwa akuzukwenzeka nto kuwe.+
8 Wena uza kubukela nje ngamehlo,
Uzibonele ngokwakho ukohlwaywa kwabenzi-bubi.
9 Ekubeni uthe: “UYehova yindawo yam yokubalekela,”
Uye wamenza indawo yakho yokuhlala Oyena Uphakamileyo;+
10 Akukho ntlekele iza kukwehlela,+
Akukho nasibetho siza kusondela ententeni yakho.
11 Kaloku uza kuziyalela iingelosi zakhe+
Ukuba zikugade kuzo zonke iindlela zakho.+
12 Ziza kukuthwala ngezandla,+
Ukuze unyawo lwakho lungabetheki elityeni.+
13 Uza kuhamba phezu kwengonyama nephimpi;
Uza kunyathela ingonyama nenyoka enkulu.+
14 UThixo uthe: “Ngenxa yokuba endithanda, ndiza kumsindisa.+
Ndiza kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.+
15 Uza kundibiza, ndimphendule.+
Ndiza kumxhasa xa esentlungwini.+
Ndiza kumsindisa ndize ndimzukise.
16 Ndiza kumanelisa ngobomi obude,+
Ndimenze ayibone indlela endisindisa ngayo.”+