Ingoma Yokunyuka. EkaDavide.
124 “Ukuba uYehova ebengekho kunye nathi,”+
USirayeli makathi:
 2 “Ukuba uYehova ebengekho kunye nathi+
Xa abantu bebefuna ukusihlasela,+
 3 Ngebesiginye siphila,+
Ngoxa bebenomsindo.+
 4 Ngesikhukuliswe ngamanzi,
Semka nomsinga.+
 5 Ngesitshone kumanzi alwayo.
 6 Makadunyiswe uYehova,
Kuba akasiyekelanga sangamaxhoba emazinyweni abo.
 7 Sifana nentaka eqhweshe
Kwisibatha somzingeli;+
Isibatha besaphukile,
Saza thina saqhwesha.+
 8 Uncedo lwethu lukwigama likaYehova,+
UMenzi wezulu nomhlaba.”