Ingoma emnandi ka-Asafu.+
82 UThixo uma kwibandla elingcwele;+
Ugweba phakathi koothixo, esithi:+
 2 “Kuza kude kube nini na ningagwebi ngobulungisa,+
Niqhubeka nixhasa abenzi-bubi?+ (Selah)
 3 Bathetheleleni abo bangenanto nabangenatata.+
Baphatheni ngobulungisa abo bangenakuzinceda nabangenanto.+
 4 Basindiseni abo bangenanto nabangamahlwempu;
Basindiseni esandleni sabenzi-bubi.”
 5 Abazi, yaye abaqondi;+
Bafathula ebumnyameni;
Zonke iziseko zomhlaba ziyashukunyiswa.+
 6 “Mna ke ndithe, ‘Ningoothixo,+
Nonke ningoonyana bOyena Uphakamileyo.
 7 Kodwa niza kufa njengamntu wonke,+
Niwe njengazo zonke ezinye iinkosana!’”+
 8 Phakama Thixo, ugwebe umhlaba,+
Kuba zezakho zonke iintlanga.