EKSODUS
1 Ngoku ke, la ngamagama oonyana bakaSirayeli abafika eYiputa noYakobi, amagama endoda nganye eyeza nendlu yayo:+ 2 nguRubhen, uSimeyon, uLevi noYuda,+ 3 uIsakare, uZebhulon noBhenjamin, 4 uDan noNafetali, uGadi noAshere.+ 5 Xa bebonke abantu uYakobi awabazalelwayo* babeyi-70, kodwa uYosefu wayesele eseYiputa.+ 6 Ekugqibeleni uYosefu wafa,+ nabo bonke abantakwabo naso sonke eso sizukulwana. 7 Aqhama amaSirayeli,* anda aba maninzi kakhulu. Aqhubeka ephinda-phindeka yaye esiba namandla kakhulu ngokungaqhelekanga, kangangokuba ilizwe lagcwala ngawo.+
8 Ekuhambeni kwexesha kwavela ukumkani omtsha eYiputa owayengamazi uYosefu. 9 Lo kumkani wathi ebantwini bakhe: “Khanijonge! La maSirayeli maninzi yaye anamandla kunathi.+ 10 Masiwenzele amaqhinga, kungenjalo aza kuqhubeka esanda yaye ukuba kunokubakho imfazwe, aza kuncedisa iintshaba zethu, alwe nathi aze emke kweli lizwe.”
11 Ngoko babeka abaphathi abaza kuwasebenzisa ngenkani, bawacinezele ngomsebenzi oqobayo.+ Bathi mawakhe izixeko zikaFaro ezingoovimba ezizezi, iPitom neRahameses.+ 12 Kodwa okukhona babewacinezela, kokukhona ayesiya esanda ibe esasazeka, kangangokuba amaYiputa awoyika kakhulu amaSirayeli.+ 13 Ngenxa yoko amaYiputa awakhobokisa kakhulu amaSirayeli.+ 14 Awaphilisa kabuhlungu ngokuwasebenzisa nzima, esenza udaka lodongwe, izitena nawo wonke umsebenzi wobukhoboka entsimini. Awatsalisa nzima nyhani phantsi kweemeko ezimbi kakhulu, kuwo wonke umsebenzi wobukhoboka.+
15 Ethubeni ukumkani waseYiputa wathetha noShifra noPuwa, ababengabazalisikazi bamaHebhere, 16 wathi: “Xa nizalisa+ abafazi bamaHebhere, nibabona besesitulweni sokuzala, mbulaleni loo mntwana ukuba yinkwenkwe, kodwa ukuba yintombi, myekeni.” 17 Abazalisikazi boyika uThixo wokwenene baza abayenza loo nto babeyixelelwe ngukumkani waseYiputa. Abazange bababulale+ abantwana abangamakhwenkwe. 18 Ekuhambeni kwexesha ukumkani waseYiputa wababiza aba bazalisikazi, wathi kubo: “Kutheni ningababulalanga abantwana abangamakhwenkwe?” 19 Abazalisikazi bathi kuFaro: “Abafazi bamaHebhere abafani nabafazi bamaYiputa. Bomelele, bazala ngaphambi kokuba umzalisikazi afike kubo.”
20 UThixo waba nabo aba bazalisikazi, baza abantu baya besanda yaye besiba namandla kakhulu. 21 Ethubeni uThixo wabasikelela ngeentsapho aba bazalisikazi kuba babemoyikile uThixo wokwenene. 22 Ekugqibeleni uFaro wanika bonke abantu bakhe lo myalelo: “Baphoseni kuMlambo UmNayile bonke oonyana bamaHebhere abasandula ukuzalwa kodwa niwagcine ephila+ onke amantombazana.”
2 Malunga nelo xesha, enye indoda yendlu yakwaLevi yatshata intombi yakwaLevi.+ 2 Wamitha ke lo mfazi waza wazala unyana. Wathi akubona indlela awayemhle ngayo, wamfihla iinyanga ezintathu.+ 3 Xa wayengasakwazi ukumfihla,+ wathatha ibhaskithi* eyenziwe ngompapiri, wayityabeka ngebhitumene nangetha. Wamfaka kuyo umntwana waza wayifaka phakathi kweengcongolo zoMlambo UmNayile, ngaseludongeni. 4 Yena udadewabo+ wamela kudana, ebukele ukuba kuza kwenzeka ntoni kuye.
5 Kwehla intombi kaFaro isiya kuhlamba kuMlambo UmNayile, zabe izicakakazi zayo zihamba ecaleni komNayile. Yayibona loo bhaskithi iphakathi kweengcongolo. Yakhawuleza yathuma isicakakazi sayo ukuba siyokuyithatha.+ 6 Yathi yakuyivula yambona umntwana oyinkwenkwe, ekhala. Yasikwa yinimba, kodwa yathi: “Ngomnye wabantwana bamaHebhere lo.” 7 Wathi ke udadewabo kwintombi kaFaro: “Ndingayokubizela na umfazi oncancisayo ongumHebhere akuncancisele lo mntwana?” 8 Intombi kaFaro yathi: “Yiya!” Yakhawuleza ke le ntwazana yaya kubiza umama womntwana.+ 9 Yathi intombi kaFaro kuye: “Thatha lo mntwana undincancisele yena, ndiza kukubhatala.” Lo mfazi wamthatha umntwana wamncancisa. 10 Wathi akukhula umntwana, wamsa kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo.+ Yamthiya igama elinguMoses,* isithi: “Kuba ndimrhole emanzini.”+
11 Ngaloo mihla, xa uMoses wayesele ekhulile,* waphuma waya kubantakwabo ukuze abone imithwalo ababeyithwaliswa,+ waza wabona umYiputa ebetha umHebhere, umntakwabo. 12 Ngoko walaqaza, wathi akungaboni mntu wambulala loo mYiputa, waza wamfihla esantini.+
13 Wathi xa ephuma ngengomso, wabona amaHebhere amabini esilwa. Wathi kulo wonileyo: “Usibethelani isizalwana sakho?”+ 14 Wathi yena: “Ukhethwe ngubani ukuba ube yinkokheli nomgwebi wethu? Ufuna ukundibulala nam njengalaa mYiputa umbuleleyo?”+ Woyika ke uMoses, wathi: “Tyhini, iyaziwa le nto!”
15 UFaro wayiva le nto, waza wazama ukumbulala uMoses, kodwa uMoses wabaleka wemka kuFaro, waya kuhlala kwilizwe lakwaMidiyan,+ wafika wahlala phantsi ngasequleni. 16 Umbingeleli wakwaMidiyan+ wayeneentombi ezisixhenxe, yaye ezi ntombi zeza kukha amanzi ukuze zigcwalise izikhongozelo, zize ziseze iigusha zikatata wazo. 17 Kodwa ke njengesiqhelo, kwafika abalusi bazigxotha. Waphakama xa kulapho ke uMoses wazinceda* ezi ntombi, waseza neegusha zazo. 18 Zathi zakubuyela ekhaya, uRehuweli*+ utata wazo wathi: “Kutheni nikhawuleze nabuya namhlanje?” 19 Zathi: “Kukho umYiputa+ oye wasihlangula kubelusi, wada wasikhelela namanzi, waseza neegusha.” 20 Ngoko wathi yena kwiintombi zakhe: “Uphi ke ngoku? Nimshiyeleni? Mbizeni, aze kutya nathi.” 21 UMoses wavuma ukuhlala naloo ndoda, yaza yamnika uTsipora+ intombi yayo ukuze ibe ngumfazi wakhe. 22 Kamva yazala unyana, waza uMoses wamthiya igama elinguGershom,*+ kuba wathi: “Ndingumntu wasemzini kwilizwe lasemzini.”+
23 Emva kwexesha elide,* wafa ukumkani waseYiputa,+ kodwa amaSirayeli aqhubeka encwina ngenxa yokukhotyokiswa kwawo, yaye ekhala ebuhlungu. UThixo wokwenene wakuva ukukhalela kwawo uncedo ngenxa yokukhotyokiswa kwawo.+ 24 Ekuhambeni kwexesha uThixo wakuva ukuncwina kwawo,+ waza wasikhumbula isivumelwano awayesenze noAbraham, uIsake noYakobi.+ 25 Ngoko uThixo wawajonga amaSirayeli waza wayibona imeko yawo.
3 UMoses waba ngumalusi womhlambi kaYitro,+ umbingeleli wakwaMidiyan, umkhwe wakhe. Wawukhokelela kwicala elingasentshona lentlango, wade waya kufika eHorebhe, intaba yoThixo wokwenene.+ 2 Emva koko wabona ingelosi kaYehova ikwidangatye lomlilo kwityholo elinameva.+ Esajonge leyo, waqaphela ukuba ityholo elinameva liyavutha kodwa alide litshe liphele. 3 Wathi: “Ndiza kuya phaya khe ndibone le nto ingaqhelekanga, ndibone ukuba kutheni eli tyholo linameva lingade litshe liphele.” 4 Uthe uYehova akubona ukuba uyasondela ukuze ajonge, wambiza ephakathi kwityholo elinameva, wathi: “Moses! Moses!” yena wathi: “Nkosi.” 5 UThixo wathi: “Sukusondela apha. Khulula ezi mbadada uzinxibileyo, kuba le ndawo umi kuyo ingcwele.”
6 Waphinda wathi: “NdinguThixo katata wakho, uThixo ka-Abraham,+ uThixo kaIsake+ noThixo kaYakobi.”+ UMoses wabufihla ubuso bakhe, kuba wayesoyika ukujonga uThixo wokwenene. 7 UYehova wathi: “Ndiyibonile intlungu yabantu bam abaseYiputa, kwaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babanyanzela ngomsebenzi, ndiyiqonda kakuhle intlungu yabo.+ 8 Ndiza kuhla ukuze ndibahlangule esandleni samaYiputa+ ndize ndibakhuphe kwelo lizwe, ndibase kwilizwe elihle neliphangaleleyo, ilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ umhlaba wamaKanan, amaHiti, ama-Amori, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi.+ 9 Ngoku ke jonga! Isikhalo sabantu bakaSirayeli sifikile kum, kwaye ndiyibonile nendlela abacinezelwa kabuhlungu ngayo ngamaYiputa.+ 10 Yiza, ndiza kukuthuma kuFaro, ibe uza kubakhupha eYiputa abantu bam, amaSirayeli.”+
11 UMoses wathi kuThixo wokwenene: “Ndingubani na mna ukuba ndingade ndiye kuFaro, ndize ndikhuphe amaSirayeli eYiputa?” 12 UThixo wathi kuye: “Ndiza kuba nawe,+ yaye nantsi indlela oza kwazi ngayo ukuba uthunywe ndim: Emva kokuba ubakhuphile abantu eYiputa, niza kumkhonza* kule ntaba+ uThixo wokwenene.”
13 Kodwa uMoses wathi kuThixo wokwenene: “Masithi ke ndiyaya kumaSirayeli ndize ndithi kuwo, ‘UThixo wookhokho benu undithume kuni,’ aze athi wona, ‘Ngubani igama lakhe?’+ Ndifanele ndithini kuwo?” 14 UThixo wathi kuMoses: “Ndiza Kuba Yiloo Nto Ndikhetha* Ukuba Yiyo.”*+ Waphinda wathi: “Uze uthi kumaSirayeli, ‘UNdiza Kuba Yiyo undithume kuni.’”+ 15 Waphinda wathi uThixo kuMoses:
“Uze uthi kumaSirayeli, ‘UYehova uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham,+ uThixo kaIsake+ noThixo kaYakobi,+ undithume kuni.’ Elo ligama lam ngonaphakade,+ ibe leyo yindlela endimele ndikhunjulwe ngayo kwizizukulwana ngezizukulwana. 16 Hamba ke uze uqokelele abadala bakwaSirayeli, uthi kubo, ‘UYehova uThixo wookhokho benu ubonakele kum, uThixo ka-Abraham, kaIsake noYakobi, wathi: “Ndinijongile+ yaye ndiyibonile into eyenziwa kuni eYiputa. 17 Ngoko ke ndithi ndiza kunisusa kwimpatho-mbi+ eniyifumana kumaYiputa, ndinise kwilizwe lamaKanan, amaHiti, ama-Amori,+ amaPerizi, amaHivi namaYebhusi,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.”’+
18 “Nakanjani baza kulimamela ilizwi lakho,+ ibe uza kuya kukumkani waseYiputa, wena nabadala bakwaSirayeli, nithi kuye: ‘UYehova uThixo wamaHebhere+ uye wathetha nathi. Ngoko sicela usiyeke sihambe uhambo lweentsuku ezintathu siye entlango, ukuze sibingelele kuYehova uThixo wethu.’+ 19 Kodwa ke ndazi kakuhle ukuba, ukumkani waseYiputa akazukunivumela nihambe, ngaphandle kokuba isandla esinamandla siyamnyanzela.+ 20 Ngoko kuza kufuneka ndisolule isandla sam ndize ndiyihlasele iYiputa ngazo zonke izinto ezingaqhelekanga endiza kuzenza kuyo, emva koko uza kunikhulula nihambe.+ 21 Ndiza kusenza esi sizwana sithandwe ngamaYiputa, yaye xa nihamba, anizukuhamba ningenanto.+ 22 Mfazi ngamnye umele acele kummelwane wakhe nakumfazi ohlala kwikhaya laloo mfazi ungumSirayeli, izinto zesilivere nezegolide neempahla, kwaye niza kuzinika oonyana neentombi zenu, niwaphuce amaYiputa.”+
4 UMoses wathi: “Masithi ke abandikholelwa ibe abalimameli nelizwi lam+ kuba besithi, ‘UYehova akabonakalanga kuwe.’” 2 UYehova wathi kuye: “Yintoni leyo isesandleni sakho?” Yena wathi: “Yintonga.” 3 UThixo wathi: “Yiphose phantsi.” Ngoko wayiphosa phantsi, yaba yinyoka,+ waza uMoses wayibaleka. 4 Ngoku uYehova wathi kuMoses: “Yolula isandla sakho uze uyithi nqaku ngomsila.” Ngoko wasolula isandla sakhe, wayithi nqaku, yaza yaba yintonga esandleni sakhe. 5 Emva koko uThixo wathi: “Ngale ndlela baza kukholelwa ukuba uYehova uThixo wookhokho babo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake noThixo kaYakobi,+ ubonakele kuwe.”+
6 UYehova waphinda wathi kuye: “Ndicela ufake isandla sakho esifubeni ngaphantsi kwempahla.” Ngoko wasifaka isandla sakhe esifubeni ngaphantsi kwempahla. Uthe akusikhupha, tyhini, isandla sakhe sineqhenqa, sinjengekhephu!+ 7 Emva koko wathi: “Buyisela isandla sakho esifubeni ngaphantsi kwempahla.” Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni ngaphantsi kwempahla. Uthe akusikhupha esifubeni ngaphantsi kwempahla, tyhini, siphilisiwe saba njengenyama yonke! 8 UThixo wathi: “Ukuba abakukholelwa, okanye abaneli ngummangaliso wokuqala, ngokuqinisekileyo baza kuwukholelwa lo wesibini.+ 9 Kodwa nokuba abayikholelwa yomibini le mimangaliso baze bangalimameli ilizwi lakho, uze ukhe amanzi kuMlambo UmNayile, uwachithe emhlabeni owomileyo, ibe loo manzi uwakhe kumNayile aza kuba ligazi phezu kwaloo mhlaba.”+
10 UMoses wathi kuYehova: “Uxolo Yehova, zange ndaba liciko kwakudala nasemva kokuba uthethe nesicaka sakho, kuba ndiyacotha xa ndithetha,* nolwimi lwam luyacotha.”+ 11 UYehova wathi kuye: “Ngubani owadala imilomo yabantu, ingubani onamandla okubenza bangakwazi ukuthetha, bangeva, babone kakuhle okanye bangaboni? Ayindim na, mna Yehova? 12 Ngoko ke hamba, ndiza kuba nawe xa uthetha,* ndize ndikufundise into omele uyithethe.”+ 13 Yena wathi: “Uxolo Yehova, ndicela uthume nabani na ofuna ukumthuma.” 14 UYehova wacaphuka kakhulu waza wathi: “Unjani ke umntakwenu uAron,+ umLevi? Ndiyamazi uliciko. Ngoku usendleleni eza kuwe. Uza kuthi xa ekubona, avuye.+ 15 Uze uthethe naye, ufake amazwi emlonyeni wakhe,+ kwaye ndiza kuba nani xa nithetha,+ ibe ndiza kunifundisa nento enimele niyenze. 16 Uza kukuthethela ebantwini, abe sisithethi sakho uze wena ube nguThixo kuye.*+ 17 Phatha le ntonga uze wenze laa mimangaliso ngayo.”+
18 UMoses wabuyela kuYitro umkhwe wakhe,+ wathi kuye: “Ndicela ukubuyela kubantakwethu eYiputa, ukuze ndibone ukuba basaphila na.” UYitro wathi kuMoses: “Hamba ngoxolo.” 19 Emva koko uYehova wathi kuMoses kwaMidiyan: “Hamba ubuyele eYiputa, kuba onke amadoda awayefuna ukukubulala* afile.”+
20 UMoses wathatha umfazi wakhe noonyana bakhe wabakhwelisa edonkini, waza wangena endleleni ebuyela kwilizwe laseYiputa. Ngaphezu koko, uMoses waphatha intonga yoThixo wokwenene. 21 UYehova wathi kuMoses: “Wakubuyela eYiputa, qiniseka ukuba wenza yonke imimangaliso endikwenze wanamandla okuyenza phambi koFaro.+ Kodwa ndiza kuyivumela intliziyo yakhe ibe lukhuni+ yaye akazukubakhulula abantu.+ 22 Uze uthi kuFaro, ‘Uthi uYehova: “USirayeli ngunyana wam, izibulo lam.+ 23 Ndithi kuwe, mkhulule unyana wam ukuze ayokundikhonza. Kodwa ukuba awuvumi ukumkhulula, ndiza kubulala unyana wakho, izibulo lakho.”’”+
24 Endleleni kwindawo yokulala, uYehova+ wadibana naye waza waqhubeka efuna indlela yokumbulala.*+ 25 Ekugqibeleni uTsipora+ wathatha ilitye elibukhali,* wolusa unyana wakhe, wenza ukuba ijwabi lonyana wakhe lichukumise iinyawo zakhe* waza wathi: “Oku kungenxa yokuba ungumyeni wegazi kum.” 26 Ngoko uThixo wamyeka. Ngelo xesha uTsipora wathi, “ungumyeni wegazi,” ngenxa yolwaluko.
27 Emva koko uYehova wathi kuAron: “Hamba uyokuhlangabeza uMoses entlango.”+ Ngoko waya, wadibana naye entabeni yoThixo wokwenene+ waza wamphuza.* 28 UMoses wamxelela uAron yonke into ayithethileyo uYehova owayemthumile,+ nemimangaliso awayemyalele ukuba ayenze.+ 29 Emva koko uMoses noAron bahamba baza babaqokelela bonke abadala bakwaSirayeli.+ 30 UAron wabaxelela yonke into ayithethileyo uYehova kuMoses, wenza nemimangaliso+ phambi kwabantu. 31 Emva koko, abantu babakholelwa.+ Bathe bakuva ukuba uYehova uwakhumbule amaSirayeli+ nokuba uyibonile intlungu yawo,+ basuka baqubuda.
5 Emva koko uMoses noAron baya kuFaro baza bathi: “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Khulula abantu bam bahambe ukuze bandenzele itheko entlango.’” 2 Kodwa uFaro wathi: “Ngubani uYehova+ le nto kufuneka ndithobele ilizwi lakhe lokuba ndikhulule uSirayeli?+ Andimazi tu loo Yehova, futhi akukho maSirayeli ndiza kuwakhulula apha.”+ 3 Bona bathi: “UThixo wamaHebhere uye wathetha nathi. Sicela usiyeke sihambe uhambo lweentsuku ezintathu siye entlango ukuze sibingelele kuYehova uThixo wethu,+ ukuba asiyenzi loo nto, uza kusibetha ngesifo okanye ngekrele.” 4 Ukumkani waseYiputa wathi: “Moses nawe Aron, kutheni niyekisa abantu ukusebenza? Phindelani emsebenzini!”*+ 5 Waphinda wathi: “Khanijonge indlela abaninzi ngayo abantu beli lizwe, kodwa nina nithi mabayeke ukusebenza.”
6 Kwangaloo mini, uFaro wathi kubaphathi namagosa abo: 7 “Yekani ukubathuthela iindiza zokwenza izitena aba bantu.+ Mabaziqokelele ngokwabo. 8 Kodwa funani kwa elaa nani lezitena bebezenza ngaphambili. Nize ningalinciphisi, kuba badinga into yokwenza.* Yiloo nto besithi, ‘Sifuna ukuhamba, sifuna ukubingelela kuThixo wethu!’ 9 Basebenziseni nzima nangakumbi, nibaxakekise ukuze bangabi naxesha lokumamela ubuxoki.”
10 Abaphathi+ namagosa abo baphuma baza bathi ebantwini: “Uthi uFaro, ‘Andizukuphinda ndininike iindiza. 11 Hambani niyokuzikhangelela ngokwenu iindiza, nokuba nizikhangele phi. Kodwa wona umsebenzi wenu awuzukuncitshiswa tu.’” 12 Ngoko abantu bathi saa kulo lonke ilizwe laseYiputa, beqokelela iindiza ezishiyekileyo emasimini avuniweyo. 13 Abaphathi babo baqhubeka bebamele ngento enye: “Wonke umntu makawugqibe umsebenzi wakhe wosuku njengangokuya nanisazinikwa iindiza.” 14 Abethwa namagosa angamaSirayeli awayemiselwe ngabaphathi bakaFaro phezu kwabantu.+ Abuzwa kwathiwa: “Kutheni ningenzanga elaa nani lezitena ebeniqhele ukulenza? Khange liphelele izolo nanamhlanje.”
15 Amagosa angamaSirayeli aya kuFaro, akhalaza esithi: “Kutheni uziphethe ngolu hlobo izicaka zakho? 16 Izicaka zakho azinikwa ndiza, kodwa kuthiwa, ‘Yenzani izitena!’ Ziyabethwa izicaka zakho kodwa ngabantu bakho abanetyala.” 17 Yena wathi: “Nidinga into yokwenza,* nidinga into yokwenza!*+ Yiloo nto nisithi, ‘Sifuna ukuhamba, sifuna ukubingelela kuYehova.’+ 18 Hambani, phindelani emsebenzini! Anizukuzinikwa iindiza, kodwa nimele nilenze inani lezitena elifunwayo kuni.”
19 Abona ke amagosa angamaSirayeli ukuba akwenkulu ingxaki, kuba kwakuthiwe: “Nize ningaliphunguli tu inani lezitena ekufuneka nilenze ngosuku.” 20 Emva koko adibana noMoses noAron bewalinde apho njengoko ephuma kuFaro. 21 Athi kubo: “Kwanga uYehova anganibona aze agwebe, kuba nenze uFaro nezicaka zakhe basicaphukela,* yaye nibeke nekrele esandleni sabo ukuze basibulale.”+ 22 UMoses wathetha noYehova esithi: “Yehova, kutheni usizisele intlungu esi sizwana? Undithumele ntoni? 23 Ukususela ngexesha endaya ngalo phambi kukaFaro ukuze ndithethe egameni lakho,+ yena uye waqatsela ukusiphatha kakubi esi sizwana,+ yaye nawe awubahlangulanga tu abantu bakho.”+
6 UYehova wathi kuMoses: “Ngoku uza kuyibona into endiza kuyenza kuFaro.+ Isandla esinamandla siza kumnyanzela ukuba abayeke bahambe abantu bam, yaye isandla esinamandla siza kumnyanzela ukuba abagxothe kwilizwe lakhe.”+
2 Emva koko uThixo wathi kuMoses: “NdinguYehova. 3 Ndandidla ngokubonakala kuAbraham, kuIsake nakuYakobi ndinguThixo uSomandla,+ kodwa zange ndibazise igama lam elinguYehova.+ 4 Enye into, ndenza isivumelwano nabo sokuba ndiza kubanika ilizwe lakwaKanan, apho bakhe bahlala khona bengabantu basemzini.+ 5 Ndizivele ngokwam ukuncwina kwabantu bakaSirayeli, abakhotyokiswa ngamaYiputa, kwaye ndisikhumbule isivumelwano sam.+
6 “Ngoko yithi kumaSirayeli, ‘NdinguYehova, yaye ndiza kunikhupha phantsi kwengcinezelo yamaYiputa, ndinihlangule ebukhobokeni,+ ibe ndiza kunikhulula ngengalo eyoluliweyo* nangezigwebo eziqatha.+ 7 Yaye ndiza kunenza abantu bam, ndibe nguThixo wenu,+ yaye niza kwazi nyhani ukuba ndinguYehova uThixo wenu onikhupha kwingcinezelo yamaYiputa. 8 Ndiza kunisa kwilizwe endafunga* ngalo ukuba ndiza kulinika uAbraham, uIsake noYakobi. Ndiza kuninika lona libe lelenu.+ NdinguYehova.’”+
9 Emva koko uMoses wawathetha kumaSirayeli la mazwi, kodwa zange ammamele ngenxa yokutyhafa nangenxa yokukhotyokiswa.+
10 Ngoko uYehova wathi kuMoses: 11 “Yiya kuFaro ukumkani waseYiputa, umxelele ukuba ufanele awakhulule amaSirayeli emke kwilizwe lakhe.” 12 UMoses wathi kuYehova: “AmaSirayeli khange andimamele,+ uza kundimamela njani ke yena uFaro, ekubeni ndingakwazi ukuthetha kakuhle?”+ 13 UYehova waphinda waxelela uMoses noAron imiyalelo amabayithethe kumaSirayeli nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuze akhuphe amaSirayeli kwilizwe laseYiputa.
14 Nazi iintloko zezindlu zootata bawo: Koonyana bakaRubhen, izibulo likaSirayeli,+ yayinguHanoki, uPalu, uHetseron noKarmi.+ Ezo ziintsapho zikaRubhen.
15 Koonyana bakaSimeyon yayinguYemuweli, uYamin, uOhadi, uYakin, uTsohare noShawule unyana womfazi ongumKanan.+ Ezo ziintsapho zikaSimeyon.
16 La ngamagama oonyana bakaLevi,+ ngokweminombo yeentsapho zabo: UGershon, uKohati noMerari.+ ULevi waphila iminyaka eyi-137.
17 Oonyana bakaGershon yayinguLibhini noShimeyi, ngokweentsapho zabo.+
18 Oonyana bakaKohati yayinguAmram, uItsare, uHebron noUziyeli.+ UKohati waphila iminyaka eyi-133.
19 Oonyana bakaMerari yayinguMahali noMushi.
Ezo ziintsapho zakwaLevi, ngokweminombo yeentsapho zazo.+
20 UAmram watshata noYokebhede udadeboyise.+ Wamzalela uAron noMoses.+ UAmram waphila iminyaka eyi-137.
21 Oonyana bakaItsare yayinguKora,+ uNefege noZikri.
22 Oonyana bakaUziyeli yayinguMishayeli, uElitsafan+ noSiteri.
23 UAron watshata noElishebha, intombi ka-Aminadabhi, udadeboNashon.+ Wamzalela uNadabhi, uAbhihu, uEleyazare noItamare.+
24 Oonyana bakaKora yayinguAsire, uElikana noAbhiyasafu.+ Ezo ziintsapho zamaKora.+
25 UEleyazare,+ unyana ka-Aron, watshata enye yeentombi zikaPutiyeli. Yamzalela uFinehasi.+
Ezo ziintloko zootata babaLevi ngokweentsapho zazo.+
26 Ngulo Aron noMoses, awathi uYehova kubo: “Khuphani abantu bakaSirayeli kwilizwe laseYiputa, ngokwamaqela ngamaqela.”*+ 27 Ngabo abathetha noFaro ukumkani waseYiputa, ukuze bakhuphe amaSirayeli eYiputa. NguMoses noAron ke abo.+
28 Xa uYehova wayethetha noMoses kwilizwe laseYiputa ngaloo mini, 29 uYehova wathi: “NdinguYehova. Xelela uFaro ukumkani waseYiputa yonke into endiyithetha kuwe.” 30 UMoses wathi kuYehova: “Andikwazi ukuthetha kakuhle, ngoko uza kundimamela njani ke uFaro?”+
7 UYehova wathi kuMoses: “Uyabona, ndikwenze wanjengoThixo* kuFaro, yena uAron umntakwenu uza kuba ngumprofeti wakho.+ 2 Umele uphinde yonke into endiza kukuyalela yona, yena uAron umntakwenu uza kuthetha kuFaro, aze uFaro abakhulule abantu bam kwilizwe lakhe. 3 Mna ndiza kuyiyeka ibe lukhuni intliziyo kaFaro,+ ndize ndiyiphindaphinde imiqondiso yam nemimangaliso yam kwilizwe laseYiputa.+ 4 Kodwa uFaro akazukunimamela, ngoko ke ndiza kubeka isandla sam phezu kweYiputa, ndiyikhuphe inyambalala* yabantu bam amaSirayeli kwilizwe laseYiputa ngezigwebo eziqatha.+ 5 Ngokuqinisekileyo amaYiputa aza kutsho andazi ukuba ndinguYehova+ xa ndisolulela eYiputa isandla sam, ndiwakhuphe amaSirayeli phakathi kwawo.” 6 UMoses noAron benza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguYehova. Benza kanye ngaloo ndlela. 7 Xa baya kuthetha noFaro, uMoses wayeneminyaka eyi-80+ yena uAron eneminyaka eyi-83.
8 UYehova wathi kuMoses nakuAron: 9 “Ukuba uFaro uthi kuni, ‘Khanenze ummangaliso,’ uze uthi kuAron, ‘Thatha intonga yakho uyiphose phambi koFaro.’ Iza kuba yinyoka enkulu.”+ 10 Ngoko uMoses noAron baya kuFaro baza benza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguYehova. UAron wayiphosa phambi koFaro nezicaka zakhe intonga yakhe yaza yaba yinyoka enkulu. 11 Kodwa ke noFaro wabiza izilumko, abathakathi nababingeleli baseYiputa abenza imilingo,+ baza benza kwainto efanayo ngemilingo yabo.*+ 12 Ngamnye wabo wayiphosa phantsi intonga yakhe, zaza zaba ziinyoka ezinkulu, kodwa intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo. 13 Sekunjalo, intliziyo kaFaro yaba lukhuni,+ akabamamela, kanye njengokuba uYehova wayetshilo.
14 UYehova wathi kuMoses: “Intliziyo kaFaro ilukhuni.+ Akavumanga ukubakhulula abantu. 15 Uze uye kuye kusasa. Jonga! Uza kube esiya emanzini! Uze uyokudibana naye elunxwemeni loMlambo UmNayile. Phatha laa ntonga ibijike yaba yinyoka.+ 16 Uthi kuye, ‘UYehova uThixo wamaHebhere undithume apha kuwe,+ esithi: “Bayeke bahambe abantu bam bayokundikhonza entlango,” kodwa khange uthobele kwada kwangoku. 17 Uthi uYehova: “Ngoku uzokutsho ubone ukuba ndinguYehova.+ Ndiza kubetha amanzi oMlambo UmNayile ngale ntonga isesandleni sam, ajike abe ligazi. 18 Iintlanzi ezikumNayile ziza kufa, unuke umNayile, aze amaYiputa angakwazi ukusela amanzi awo.”’”
19 UYehova wathi kuMoses: “Yithi kuAron, ‘Thatha intonga yakho uze wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa,+ phezu kwemilambo yayo, phezu kwemijelo yayo,* phezu kwemigxobhozo+ yayo naphezu kwabo bonke oovimba bamanzi ayo, ukuze abe ligazi.’ Kuza kuba zizantyalantyala zegazi kwilizwe lonke laseYiputa. Kuza kuba ligazi nje kwimiphanda yomthi nakwimiphanda yamatye.” 20 Ngoko nangoko uMoses noAron benza kanye ngendlela awayebayalele ngayo uYehova. Wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi oMlambo UmNayile, uFaro nezicaka zakhe bejongile, aza ajika onke amanzi omlambo aba ligazi.+ 21 Zafa iintlanzi ezazisemlanjeni,+ wanuka umlambo, aza amaYiputa akakwazi ukuwasela amanzi omNayile,+ ibe kwakuligazi nje kulo lonke ilizwe laseYiputa.
22 Nabo ke ababingeleli baseYiputa abenza imilingo, benza kwainto efanayo ngemilingo yabo,+ yaza intliziyo kaFaro yaqhubeka ilukhuni, akabamamela kanye njengokuba wayetshilo uYehova.+ 23 Emva koko uFaro wagoduka, akazikhathaza nangale into. 24 Ngoko onke amaYiputa awujikeleza umNayile esimba, efuna amanzi okusela, kuba ayengakwazi ukusela nethontsi lamanzi omNayile. 25 Kwagqitha iintsuku zasixhenxe uYehova ewubethile umNayile.
8 Wathi uYehova kuMoses: “Yiya kuFaro uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Bakhulule bahambe abantu bam ukuze baye kundikhonza.+ 2 Ukuba uqhubeka ungafuni ukubakhulula, ndiza kuwubetha ngamasele+ wonke ummandla wakho. 3 UMlambo UmNayile uza kunyakazela amasele, yaye aza kuza endlini yakho, kwigumbi lakho lokulala, ebhedini yakho, kwizindlu zezicaka zakho nakubantu bakho. Aza kungena nakwiionti zakho nakwizitya zakho zokuxovela.+ 4 Amasele aza kuza kuwe, ebantwini bakho nakuzo zonke izicaka zakho.”’”
5 Kamva uYehova wathi kuMoses: “Yithi kuAron, ‘Yolula isandla sakho esinentonga phezu kwemilambo, imijelo yomNayile nemigxobhozo, uze wenze kuphume amasele, angene elizweni laseYiputa.’” 6 Ngoko uAron wasolula isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa, aphuma amasele aza agcwala elizweni laseYiputa. 7 Kodwa ke nababingeleli abenza imilingo benza into efanayo ngemilingo yabo, baza nabo benza ukuba kuphume amasele+ angene elizweni laseYiputa. 8 Emva koko uFaro wabiza uMoses noAron waza wathi: “Cengani uYehova ukuba awasuse la masele kum nakubantu bam,+ kuba ndifuna ukubakhulula bahambe abantu bayokubingelela kuYehova.” 9 Wathi uMoses kuFaro: “Ndiza kulindela kuwe mna undixelele ukuba mandicele nini ukuba asuswe amasele kuwe, kwizicaka zakho, kubantu bakho nakwizindlu zakho. Aza kushiyeka kuMlambo UmNayile kuphela.” 10 Waphendula wathi: “Ngomso.” UMoses wathi: “Yonke into oyithethileyo iza kwenzeka, ukuze wazi ukuba akukho nabani na ofana noYehova uThixo wethu.+ 11 Aza kusuka amasele kuwe, kwizindlu zakho, kwizicaka zakho nakubantu bakho. Aza kushiyeka kumNayile kuphela.”+
12 Ngoko uMoses noAron bemka kuFaro, waza uMoses wacenga uYehova ukuba asuse amasele awayewazise kuFaro.+ 13 Wayenza uYehova le nto yayicelwa nguMoses, aza afa amasele ezindlini, kwiiyadi nasemasimini. 14 Bawaqokelela aziimfumba ezininzi kakhulu, kwaza kwanuka kakubi elizweni. 15 Wathi akubona uFaro ukuba kuthe xibilili, wayenza lukhuni intliziyo yakhe,+ akavuma ukubamamela, kanye njengokuba uYehova wayetshilo.
16 Wathi uYehova kuMoses: “Yithi kuAron, ‘Yolula intonga yakho uze ubethe uthuli, yaye luza kuba ziimbuzane kulo lonke ilizwe laseYiputa.’” 17 Bayenza loo nto. UAron wasolula isandla sakhe esinentonga waza walubetha uthuli, yaye iimbuzane zaya ebantwini nakwizilwanyana. Lonke uthuli lwaba ziimbuzane kulo lonke ilizwe laseYiputa.+ 18 Ababingeleli abenza imilingo bazama ukulinganisa, befuna ukwenza kuvele iimbuzane ngemilingo yabo,+ kodwa abakwazi tu. Zona iimbuzane zonda ngabantu nezilwanyana. 19 Ngoko ababingeleli abenza imilingo bathi kuFaro: “Ngumnwe kaThixo lo!”+ Kodwa yaqhubeka ilukhuni intliziyo kaFaro, yaye zange abamamele, kanye njengokuba uYehova wayetshilo.
20 Wathi uYehova kuMoses: “Vuka ekuseni uze ume phambi koFaro. Jonga! Uza kube esiza emanzini! Uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Bakhulule abantu bam bayokundikhonza. 21 Ukuba awubakhululi bahambe, ndiza kuthumela izibawu kuwe, kwizicaka zakho, kubantu bakho nakwizindlu zakho, yaye izindlu zaseYiputa ziza kunyakazela izibawu, ibe ziza kugcwala nakumhlaba lo bemi* kuwo. 22 Ngaloo mini ndiza kulikhetha ilizwe laseGoshen abahlala kulo abantu bam. Akuzukubakho zibawu apho,+ yaye le nto iza kukwenza uqonde ukuba ndikhona mna Yehova apha elizweni.+ 23 Ndiza kuwenza ucace umahluko phakathi kwabantu bam nabantu bakho. Uza kwenzeka ngomso lo mmangaliso.”’”
24 Wayenza loo nto uYehova, yaye ibubu elikhulu lezibawu lahlasela indlu kaFaro, izindlu zezicaka zakhe nalo lonke ilizwe laseYiputa.+ Lonakala ilizwe zizibawu.+ 25 Ekugqibeleni uFaro wabiza uMoses noAron waza wathi: “Hambani, bingelelani kuThixo wenu kweli lizwe.” 26 Kodwa uMoses wathi: “Ayizukulunga leyo, kuba loo nto siza kuyibingelela kuYehova uThixo wethu yinto ayenyanyayo amaYiputa.+ Ukuba ke singenza umbingelelo awucaphukelayo amaYiputa, siwenze phambi kwawo, aza kuthini ukungasibethi ngamatye? 27 Siza kuhamba uhambo lweentsuku ezintathu siye entlango, apho siza kubingelela khona kuYehova uThixo wethu, kanye njengokuba etshilo kuthi.”+
28 Wathi ke uFaro: “Ndiza kunikhulula nihambe, niyokubingelela kuYehova uThixo wenu entlango. Kodwa ke ze ningayi kude kakhulu. Ndicengeleni ke.”+ 29 Wathi uMoses: “Ngoku ndiyemka kuwe, ndiza kumcenga uYehova, yaye ziza kumka ngomso izibawu kuFaro, kwizicaka zakhe nakubantu bakhe. Kodwa uFaro makangadlali ngathi, ngokumane engafuni ukukhulula abantu bahambe bayokubingelela kuYehova.”+ 30 Wemka ke uMoses kuFaro waza wacenga uYehova.+ 31 UYehova wayenza le nto yayicelwa nguMoses, zemka izibawu kuFaro, kwizicaka zakhe nakubantu bakhe. Zange kushiyeke nesinye. 32 UFaro waphinda wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabakhulula abantu.
9 UYehova wathi kuMoses: “Yiya kuFaro uze uthi kuye, ‘UYehova uThixo wamaHebhere uthi: “Yeka abantu bam bayokundikhonza.+ 2 Kodwa ukuba awufuni ukubakhulula yaye uyabagcina, 3 isandla sikaYehova+ siza kuba phezu kwemfuyo yakho esendle. Isibetho esonakalisa ngeyona ndlela+ siza kufikela amahashe, iidonki, iinkamela, umhlambi weenkomo nomhlambi weegusha. 4 Nakanjani uYehova uza kwenza kubekho umahluko kwimfuyo yamaSirayeli nemfuyo yamaYiputa, akukho mfuyo yamaSirayeli iza kufa.”’”+ 5 UYehova wade wabeka ixesha esithi: “Ngomso uYehova uza kuyenza le nto kweli lizwe.”
6 UYehova wayenza le nto ngosuku olulandelayo. Yafa yonke imfuyo yaseYiputa,+ kodwa zange kufe mfuyo kumaSirayeli. 7 UFaro wayokujonga, wafika kungekho mfuyo ifileyo kumaSirayeli. Sekunjalo, yaqhubeka ilukhuni intliziyo kaFaro, ibe zange abakhulule abantu.+
8 Emva koko uYehova wathi kuMoses noAron: “Thathani uthuthu eziko, nigcwalise izandla zenu zozibini, aze uMoses aluphose emoyeni phambi koFaro. 9 Luza kuba luthuli, lugcwale iYiputa yonke, yaye luza kuba ngamathumba abhidlayo aphuma ebantwini nakwizilwanyana kulo lonke elaseYiputa.”
10 Ngoko baluthatha uthuthu eziko baza baya kuma phambi koFaro, emva koko uMoses waluphosa emoyeni. Lwaba ngamathumba abhidlayo aphuma ebantwini nakwizilwanyana. 11 Ababingeleli abenza imilingo abazange bakwazi ukuma phambi koMoses, kuba bona nawo onke amaYiputa baba namathumba.+ 12 Kodwa uYehova wayiyeka intliziyo kaFaro yaba lukhuni, ngoko uFaro zange abamamele, kanye njengokuba uYehova wayetshilo kuMoses.+
13 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Vuka ekuseni, uyokuma phambi koFaro, uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova uThixo wamaHebhere, “Vumela abantu bam baye kundikhonza. 14 Kuba ngoku ndithumela zonke izibetho zam entliziyweni yakho, kwizicaka zakho nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho namnye unjengam kuwo wonke umhlaba.+ 15 Kaloku ngendisolule isandla sam ndaza ndakubetha wena nabantu bakho ngesibetho esonakalisayo, ibe beniza kutshayelwa kuthi tu phezu komhlaba. 16 Kodwa ndiye ndakuyeka ukuze ndikubonise amandla am nokuze igama lam laziwe emhlabeni wonke.+ 17 Ngaba usazikhukhumalisa, ngokuthi ungabavumeli abantu bam bahambe? 18 Uyabona, ngomso lo usayo, malunga neli xesha, ndiza kunethisa isichotho esikhulu gqitha, ekungazange kubekho sinjengaso eYiputa, ukususela ngemini eyabakho ngayo de kube ngoku. 19 Ngoko thumela ilizwi ukuba kuqokelelwe yonke imfuyo yakho, yonke nje into yakho ifakwe endaweni ekhuselekileyo. Umntu ofunyenwe endle waza akaya endlini, uza kufa xa kunetha isichotho, nesilwanyana esifunyenwe endle saza asasiwa ekhusini siza kufa”’”
20 Izicaka zikaFaro ezaloyikayo ilizwi likaYehova, zakhawuleza zangenisa izicaka zazo ezindlini, nemfuyo yazo zayingenisa ekhusini, 21 kodwa nabani na ongazange ayifake entliziyweni into eyathethwa nguYehova, wazishiya endle izicaka zakhe nemfuyo yakhe.
22 Ngoku uYehova wathi kuMoses: “Yolulela isandla sakho emazulwini, ukuze isichotho sinethe kulo lonke ilizwe laseYiputa,+ ebantwini, kwizilwanyana nakubo bonke utyani obusendle kwilizwe laseYiputa.”+ 23 Ngoko uMoses wayolulela emazulwini intonga yakhe, waza uYehova wabangela kwagqekreza iindudumo kwanetha isichotho nomlilo* emhlabeni, uYehova waqhubeka enethisa isichotho kwilizwe laseYiputa. 24 Kwabakho isichotho nomlilo owawulenyeza phakathi kweso sichotho. Sasisikhulu nyhani; zange kwakhe kwakho isichotho esinjengaso kwelo lizwe ukususela oko iYiputa yaba luhlanga.+ 25 Isichotho sabetha yonke nje into eyayisendle kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukusuka emntwini ukuya kuqhina kwisilwanyana, savuthulula bonke utyani, sophula yonke imithi yasendle.+ 26 Lilizwe laseGoshen kuphela elingazange libe nasichotho, apho kwakukho amaSirayeli.+
27 UFaro wathumela ukuba kubizwe uMoses noAron waza wathi kubo: “Ngoku ndonile. UYehova lilungisa, ndim nabantu bam abenza into embi. 28 Mcengeni uYehova ukuze aphelise iindudumo nesichotho sakhe. Emva koko ndiza kuvuma ukunikhulula nihambe, ningabi sahlala.” 29 UMoses wathi kuye: “Ukuphuma nje kwam kwesi sixeko, ndiza kuzolulela phambi kukaYehova izandla zam. Kuza kuyeka ukududuma nesichotho siza kuyeka ukuna, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.+ 30 Kodwa ke sendisazi ukuba wena nezicaka zakho anizukumoyika uYehova uThixo.”
31 Ngoku isichotho sasiyivuthulule iflakisi nerhasi, kuba irhasi yayisel’ idubule neflakisi yayisel’ ityatyambile. 32 Kodwa yona ingqolowa nehabile zange zivuthululwe sisichotho, kuba zavuthwa mva.* 33 Ngoko uMoses wemka esixekweni nakuFaro, emva koko wazolulela kuYehova izandla zakhe, kwaza kwayeka ukududuma, naso isichotho nemvula zayeka ukugalela emhlabeni.+ 34 Uthe uFaro akubona ukuba imvula nesichotho ziyekile ukunetha yaye kuyekile ukududuma, wona kwakhona, waza yena nezicaka zakhe bazenza lukhuni iintliziyo zabo.+ 35 Yaye intliziyo kaFaro yaqhubeka ilukhuni, yaye zange awakhulule amaSirayeli, kanye njengokuba uYehova wayetshilo ngoMoses.+
10 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Yiya kuFaro kuba ndiyiyekile intliziyo yakhe, neentliziyo zezicaka zakhe zaba lukhuni,+ ukuze ndiyenze phambi kwakhe le mimangaliso yam,+ 2 nokuze wena ukwazi ukubalisela oonyana bakho, noonyana boonyana bakho indlela eqatha endenze ngayo kumaYiputa, nemimangaliso endiyenze phakathi kwawo.+ Ngokuqinisekileyo niza kundazi ukuba ndinguYehova.”
3 Ngoko uMoses noAron baya kuFaro baza bathi kuye: “Uthi uYehova uThixo wamaHebhere, ‘Kuza kude kube nini ungavumi ukuzithoba kum?+ Khulula abantu bam bayokundikhonza. 4 Ukuba awude ubakhulule abantu bam, ngomso ndiza kuzisa iinkumbi kwimida yelizwe lakho. 5 Ziza kulogquma lonke ilizwe, lingabonakali. Ziza kutshayela kwanto esinde kwisichotho, zize zitye yonke imithi yenu ehlumileyo endle.+ 6 Ziza kugcwala zithi qhu kwizindlu zenu, kwizindlu zazo zonke izicaka zakho, nakwizindlu zawo onke amaYiputa, ngendlela ootata benu nootatomkhulu benu abangazange bayibona kususela mhla bafika kweli lizwe kude kube namhlanje.’”+ UMoses wajika, wemka kuFaro.
7 Izicaka zikaFaro zathi kuye: “Kuza kude kube nini le ndoda isigrogrisa?* Bakhulule bayokukhonza uYehova uThixo wabo. Awukaboni ukuba iYiputa ivuthulukile?” 8 Ngoko uMoses noAron babuyiselwa kuFaro, waza wathi kubo: “Hambani niyokukhonza uYehova uThixo wenu. Kodwa ngoobani kanye kanye abaza kuhamba?” 9 Wathi uMoses: “Siza kuhamba nolutsha lwethu, iingwevu zethu, oonyana bethu, iintombi zethu, iigusha zethu neenkomo zethu,+ kuba siza kwenzela uYehova itheko.”+ 10 UFaro wathi kubo: “Ukuba ndinokunikhulula, nina nabantwana benu, uYehova uya kuba unani nyhani!+ Izicacele ukuba nifuna ukwenza into embi. 11 Hayi khona! Ngamadoda kuphela amakahambe ayokukhonza uYehova kuba benicele loo nto kakade.” Batsho bagxothwa phambi koFaro.
12 UYehova wathi kuMoses: “Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kunyuke iinkumbi zize kwilizwe laseYiputa, zibudle bonke utyani belizwe nayo yonke into eshiywe sisichotho.” 13 Ngoko nangoko uMoses wayolula intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, waza uYehova wenza kwavuthuza umoya wasempuma imini yonke nobusuku bonke kwelo lizwe. Kuthe kwakusa, umoya wasempuma weza nebubu leenkumbi. 14 Iinkumbi zalifikela lonke ilizwe laseYiputa, zahlala kuwo wonke ummandla waseYiputa.+ Zazihlupha kakhulu.+ Zange labonwa ibubu leenkumbi elikhulu kangako, kwaye soze liphinde libekho. 15 Zalogquma lonke ilizwe, laba mnyama zizo. Zabutshabalalisa bonke utyani belizwe nazo zonke iziqhamo zemithi ezazishiywe sisichotho. Zange kusale nto eluhlaza emithini nakutyani basendle kwilizwe lonke laseYiputa.
16 UFaro wakhawuleza wabiza uMoses noAron, wathi: “Ndimonile uYehova uThixo wenu, nani ndinonile. 17 Ndicela nisixolele isono sam kube kanye nje, nize nimcenge uYehova uThixo wenu ukuba asisuse esi sibetho sibulalayo kum.” 18 Waphuma* kuFaro waza wamcenga uYehova.+ 19 Ngoko uYehova wawujika umoya wawenza wasuka ngasentshona unamandla amakhulu, wazidudula iinkumbi waziqhubela kuLwandle Olubomvu. Zange kusale nanye inkumbi kummandla wonke waseYiputa. 20 Kodwa uYehova wayiyeka intliziyo kaFaro yaba lukhuni,+ waza akawakhulula amaSirayeli.
21 UYehova wathi kuMoses: “Yolulela isandla sakho emazulwini ukuze kubekho ubumnyama kwilizwe laseYiputa, intsunguzi yobumnyama.” 22 Ngoko nangoko uMoses wolulela isandla sakhe emazulwini, kwaza kwabakho ubumnyama kwilizwe lonke laseYiputa iintsuku ezintathu.+ 23 Abazange bakwazi ukubonana, kangangokuba akukho mntu waya ndawo iintsuku ezintathu, kodwa kwakukhanya kwiindawo awayehlala kuzo amaSirayeli.+ 24 Emva koko uFaro wabiza uMoses waza wathi: “Hambani niyokukhonza uYehova.+ Makusale kuphela iigusha neenkomo zenu. Nabantwana benu bangahamba nani.” 25 Kodwa wathi uMoses: “Umele usinike* imibingelelo, neminikelo etshiswayo ukuze sinikele ngayo kuYehova uThixo wethu.+ 26 Iza kuhamba nathi imfuyo yethu. Akuzukushiyeka nokuba sibe sinye isilwanyana* kwimfuyo yethu, kuba siza kuthatha kuyo ukuze sikhonze uYehova uThixo wethu, ibe asazi ukuba siza kumkhonza ngantoni uYehova, siza kuyazi sakufika.” 27 UYehova wayiyeka yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubakhulula.+ 28 Ngoko uFaro wathi kuye: “Phuma uphele apha! Qiniseka ukuba awuphindi uzame ukuza apha, kuba mhla ndakubona, uya kuba ngofileyo.” 29 Wathi uMoses kuye: “Njengokuba utshilo, andizukuphinda ndize apha.”
11 UYehova wathi kuMoses: “Ndiza kumzisela esokugqibela isibetho uFaro neYiputa. Emva kwaso uza kunikhulula nimke apha.+ Xa enikhulula, uza kube eniqhuba ngasemva.+ 2 Xelela abantu, amadoda nabafazi ukuba bazicelele izinto ezenziwe ngesilivere negolide kubamelwane babo.”+ 3 UYehova wabenza bathandwa ngamaYiputa. NoMoses wayesele ehlonitshwa kakhulu elizweni laseYiputa, ehlonitshwa zizicaka zikaFaro nangabantu bakwaSirayeli.
4 Wathi uMoses: “Uthi uYehova, ‘Ndiza kuphuma ezinzulwini zobusuku ndingene eYiputa,+ 5 yaye onke amazibulo elizweni laseYiputa aza kufa,+ ukusuka kwizibulo likaFaro ohleli etroneni yakhe ukuyokutsho kwizibulo lesicakakazi esisebenza elityeni lokuguba, nawo onke amazibulo emfuyo.+ 6 Kuza kuvakala isikhalo esikhulu kulo lonke ilizwe laseYiputa, isikhalo esingazange saviwa nesingasoze siphinde siviwe.+ 7 Kodwa akukho nenja le eza kuwakhonkotha amaSirayeli nemfuyo yawo, ukuze nazi ukuba uYehova uyakwazi ukwahlula phakathi kwamaYiputa namaSirayeli.’+ 8 Ngokuqinisekileyo zonke izicaka zakho ziza kwehla zize kum ziqubude, zisithi, ‘Hamba, wena nabo bonke abantu abakulandelayo.’+ Emva koko ndiza kuhamba.” Watsho ephuma kuFaro evutha ngumsindo.
9 Wathi uYehova kuMoses: “UFaro akazukukumamela,+ ukuze ndenze imimangaliso emininzi elizweni laseYiputa.”+ 10 UMoses noAron bayenza yonke le mimangaliso phambi koFaro,+ kodwa uYehova wayiyeka yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akawakhulula amaSirayeli elizweni lakhe.+
12 UYehova wathi kuMoses noAron kwilizwe laseYiputa: 2 “Kuni le nyanga iza kuba yeyokuqala kwiinyanga zenu. Iza kuba yeyokuqala kwiinyanga zenu zonyaka.+ 3 Thethani nebandla lonke lakwaSirayeli nithi, ‘Ngosuku lweshumi kule nyanga, ngamnye makazithathele igusha+ ngokwezindlu zootata benu, igusha ibe nye kwindlu nganye. 4 Kodwa ukuba bambalwa kakhulu ekhayeni ukuba bangayigqiba igusha, mabayidibanele nommelwane okufutshane kwelo khaya, ngokwenani labantu. Xa nibala, khangelani ukuba umntu ngamnye uza kutya inyama yayo engakanani. 5 Igusha yakho mayibe yinkunzi ephilileyo+ enonyaka ubudala. Ningathatha kumatakane eegusha aziinkunzi okanye kwiibhokhwe. 6 Nimele niyikhathalele kude kube ngumhla we-14 kule nyanga,+ kwaye indlu nganye kulo lonke ibandla lakwaSirayeli imele iyixhele ngorhatya.*+ 7 Bamele bathathe kwigazi layo baze batshize imigubasi yomibini nomphezulu womnyango wendlu abaza kulityela kuyo.+
8 “‘Bamele bayitye loo nyama ngobo busuku.+ Bamele bayoje baze bayitye nesonka esingenagwele+ nemifuno ekrakra.+ 9 Ningakhe niyitye ikrwada okanye ibilisiwe, iphekwe ngamanzi, kodwa mayojiwe, intloko yayo, amanqina ayo nezibilini zayo. 10 Ningayigcini inyama kude kube kusasa, kodwa ukuba kukho eshiyekileyo kwada kwakusasa yitshiseni ngomlilo.+ 11 Nantsi indlela emaniyitye ngayo, yityeni nibhinqe amabhanti enu,* ninxibe iimbadada zenu niphethe nemisimelelo yenu, kwaye nimele niyitye ningxamile. YiPasika kaYehova leyo. 12 Ndiza kulihamba lonke ilizwe laseYiputa ngobo busuku ndize ndixabele onke amazibulo, ukusuka emntwini kuyokuqhina kwisilwanyana,+ ndibagwebe bonke oothixo baseYiputa.+ NdinguYehova. 13 Elo gazi liza kuba luphawu lwenu kwizindlu eniza kube nikuzo. Ndiza kuthi ndakulibona ndidlule kuni, yaye isibetho asizukunifikela size sinitshabalalise xa ndixabela ilizwe laseYiputa.+
14 “‘Olu suku luza kuba sisikhumbuzo kuni, ngalo nimele nibhiyoze, nenzele uYehova itheko kuzo zonke izizukulwana zenu. Nimele nibhiyoze ngalo kuba lowo ngumthetho oya kuhlala ukho. 15 Niza kutya isonka esingenagwele+ iintsuku ezisixhenxe. Ngosuku lokuqala nimele nilisuse igwele ezindlini zenu, kuba nabani na otya into enegwele ukusuka kusuku lokuqala ukuya kolwesixhenxe, umele abulawe kwaSirayeli. 16 Ngosuku lokuqala niza kuba nendibano engcwele, nangosuku lwesixhenxe niza kuba nenye indibano engcwele. Akumele kusetyenzwe ngezi ntsuku.+ Umntu uza kusebenza kuphela xa elungiselela into aza kuyitya.
17 “‘Nimele niqhubeke nilibhiyozela iTheko Lezonka Ezingenagwele,+ kuba kanye ngolo suku ndiza kuzikhupha izihlwele zenu* kwilizwe laseYiputa. Yaye nimele nilugcine olu suku kuzo zonke izizukulwana zenu, ibe ngumthetho oya kuhlala ukho. 18 Ngenyanga yokuqala, ngosuku lwe-14, ngokuhlwa, niya kutya izonka ezingenagwele kude kuyokuba ngengokuhlwa+ yosuku lwe-21 lwaloo nyanga. 19 Makungafunyanwa gwele ezindlini zenu iintsuku ezisixhenxe, kuba nabani na otya into enegwele, nokuba ngumntu wasemzini okanye inzalelwane yalapho,+ umele abulawe, asuswe kwibandla lakwaSirayeli.+ 20 Nifanele ningatyi nantoni na enegwele. Kumakhaya enu nimele nitye izonka ezingenagwele.’”
21 Ngoko nangoko uMoses wabiza bonke abadala bakwaSirayeli+ waza wathi kubo: “Hambani niyokuzithathela izilwanyana* ngokweentsapho zenu, nize niwuxhele umbingelelo wePasika. 22 Emva koko kwindlu nganye kumele kuthathwe isihlahla sesityalo sehisope, sithiwe nkxu egazini elisesityeni kuze kuqatywe umphezulu womnyango nemigubasi yomibini ngegazi elisesityeni, yaye makungabikho mntu kuni uphuma ngomnyango wendlu yakhe kude kuse. 23 Kuza kuthi xa uYehova edlula apho eyokubetha amaYiputa, aze abone igazi elikumphezulu womnyango wenu nakwimigubasi yomibini, agqithe uYehova kuloo mnyango, yaye akazukuvumela isibetho sokufa singene ezindlini zenu.+
24 “Nimele nisikhumbule esi siganeko, ibe lowo ngumthetho oya kuhlala ukho kuni nakoonyana benu.+ 25 Ukufika kwenu kwilizwe aza kuninika lona uYehova, ekubeni watsho njalo, nimele nisikhumbule esi siganeko.+ 26 Xa oonyana benu benibuza besithi, ‘Niwenzela ntoni lo mbhiyozo?’+ 27 nize nithi, ‘Ngumbingelelo wePasika owenzelwa uYehova, owadlulayo ezindlini zoonyana bakaSirayeli eYiputa, xa wayebetha amaYiputa ngesibetho, kodwa waziyeka izindlu zethu.’”
Emva koko abantu baqubuda. 28 Ngoko ahamba amaSirayeli aza enza kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo uMoses noAron.+ Enza kanye njengokuba wayetshilo.
29 Emva koko uYehova waxabela onke amazibulo akwilizwe laseYiputa+ ezinzulwini zobusuku, ukusuka kwizibulo likaFaro ohleli etroneni yakhe ukuyokuqhina ngezibulo lomthinjwa owayesejele,* nezibulo lesilwanyana ngasinye.+ 30 UFaro wavuka ngobo busuku, yena nezicaka zakhe nawo onke amanye amaYiputa. Kwakusisijwili nje kumaYiputa, kuba kwakukho umntu ofileyo kuzo zonke izindlu zawo.+ 31 Ngoko nangoko uFaro wabiza uMoses noAron+ ngobusuku waza wathi: “Vukani, phumani phakathi kwabantu bam, wena namaSirayeli. Hambani niyokukhonza uYehova, ngokutsho kwenu.+ 32 Thathani imihlambi yenu yeegusha neyeenkomo nimke, ngokutsho kwenu.+ Kodwa nimele nindisikelele.”
33 NamaYiputa acela abantu ukuba bakhawuleze bahambe+ kwelo lizwe, esithi, “kuba sesifana nje nabafileyo!”+ 34 Ngoko abantu bathwala emagxeni intlama yabo yomgubo engenagwele, ikwizitya zabo zokuxovela ezisongelwe ngempahla. 35 AmaSirayeli ayenza into awayixelelwa nguMoses, acela kumaYiputa izinto zesilivere nezegolide neempahla.+ 36 UYehova wabenza bathandwa abantu ngamaYiputa, aza abanika izinto abazicelayo, bawathathela izinto ezininzi amaYiputa.+
37 Emva koko amaSirayeli emka eRameses+ aya eSukoti,+ amadoda ayi-600 000 ahamba ngeenyawo,* xa bengabalwa abantwana.+ 38 Bahamba nelinye iqela elikhulu elixubeneyo labantu,*+ imihlambi yeegusha, yeenkomo, imfuyo eninzi kakhulu. 39 Bayibhaka intlama ababemke nayo eYiputa, benza ngayo izonka ezirawundi, ezingenagwele. Intlama yayingenagwele kuba bakhutshwa ngokungxama eYiputa bengekazenzeli umphako.+
40 AmaSirayeli ahlala eYiputa+ iminyaka eyi-430.+ 41 Ekupheleni kweminyaka eyi-430, kanye ngolo suku, zaphuma izihlwele* zikaYehova kwilizwe laseYiputa. 42 Obu busuku, bubusuku abaya kubhiyoza ngabo, bekhumbula ukukhutshwa kwabo nguYehova kwilizwe laseYiputa. Bonke abantu bakwaSirayeli ukutyhubela izizukulwana zabo, bamele babhiyoze ukuze bazukise uYehova ngobu busuku.+
43 Emva koko uYehova wathi kuMoses noAron: “Nanku umthetho wePasika: Makungabikho mntu wasemzini otya umbingelelo wePasika.+ 44 Kodwa ukuba umntu unekhoboka elithengwe ngemali, makaloluse.+ Emva koko livumelekile ukuba lingawutya. 45 Umfiki nomqeshwa abazukuwutya umbingelelo wePasika. 46 Mawutyelwe endlini enye. Uze ungaphumi nenyama yawo uye nayo kwenye indawo. Kwaye uze ungaphuli nalinye ithambo kuloo mbingelelo.+ 47 Lonke ibandla lakwaSirayeli limele liyibhiyozele iPasika. 48 Ukuba kukho umntu wasemzini ohlala nawe ofuna ukubhiyozela iPasika ukuze azukise uYehova, makuqalwe koluswe wonke umntu oyindoda wendlu yakhe. Emva koko angasondela ukuze ayibhiyozele, kwaye uya kuba njengenzalelwane yelizwe. Kodwa akakho umntu ongolukanga omele awutye umbingelelo wePasika.+ 49 Kuza kusebenza umthetho ofanayo kwinzalelwane nakumntu wasemzini ohlala nani.”+
50 Ngoko onke amaSirayeli enza kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo uMoses noAron. Enza kanye ngaloo ndlela. 51 Ngaloo mini uYehova wawakhupha amaSirayeli kwilizwe laseYiputa ezizihlwele.*
13 UYehova waphinda wathetha noMoses wathi: 2 “Ndingcwalisele* onke amazibulo angamakhwenkwe* kumaSirayeli. Umntu wokuqala ukuzalwa oyindoda ebantwini ngowam. Nesilwanyana esizelwe kuqala esiyinkunzi sesam.”+
3 UMoses wathi ebantwini: “Lukhumbuleni olu suku niphume ngalo eYiputa,+ endlini yobukhoboka, kuba uYehova unikhuphe ngesandla esinamandla.+ Ngoko mayingatyiwa into enegwele. 4 Namhlanje, ngale nyanga ka-Abhibhi,+ niyaphuma.* 5 Nimele nisikhumbule esi siganeko, qho ngale nyanga xa uYehova sele eningenise kwilizwe lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi nelamaYebhusi,+ ilizwe awafungela ookhokho benu ukuba uza kuninika lona,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.+ 6 Nimele nitye izonka ezingenagwele+ iintsuku ezisixhenxe, nize ngosuku lwesixhenxe nenzele uYehova itheko. 7 Izonka ezingenagwele mazityiwe iintsuku ezisixhenxe,+ ibe makungabonwa nto inegwele kuwe,+ yaye uze ungafunyanwa unegwele kuwo wonke ummandla wakho.* 8 Ngaloo mini, uze uthi kunyana wakho, ‘Le nto ndiyenza ngenxa yento endayenzelwa nguYehova xa ndandiphuma eYiputa.’+ 9 Elo theko liza kuba ngumqondiso kuwe esandleni sakho kwaye liza kuba sisikhumbuzo ebunzini lakho,*+ ukuze umthetho kaYehova ube semlonyeni wakho, kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesandla esinamandla. 10 Uze uwugcine lo mthetho, uwuthobele ngexesha lawo elimisiweyo unyaka nonyaka.+
11 “Xa uYehova ekungenisa kwilizwe lamaKanan, ilizwe awafunga ukuninika lona, wena nookhokho bakho,+ 12 uze unike uYehova onke amazibulo angamakhwenkwe,* nawo onke amazibulo aziinkunzi kumhlambi oza kuba nawo. Onke amazibulo angamakhwenkwe naziinkunzi ngakaYehova.+ 13 Zibulo ngalinye ledonki, umele ulikhulule ngegusha, kodwa ukuba awulikhululi, umele ulaphule intamo. Onke amazibulo angamakhwenkwe koonyana bakho, umele uwakhulule.+
14 “Ukuba unyana wakho unokukubuza ngenye imini athi, ‘Uyenzela ntoni le nto?’ uze uthi kuye, ‘UYehova wasikhupha eYiputa endlini yobukhoboka, ngesandla esinamandla.+ 15 Wathi uFaro akuba nenkani, waza akavuma ukusikhulula,+ uYehova wawabulala onke amazibulo kwilizwe laseYiputa, ukusuka kwizibulo lomntu ukuya kwelesilwanyana.+ Yiloo nto ndibingelela kuYehova ngawo onke amazibulo aziinkunzi,* ndize ndiwakhulule onke amazibulo oonyana bam.’ 16 Le nto imele ibe ngumqondiso osesandleni sakho, ifane nento ebotshwa entloko kwibunzi lakho,*+ kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesandla esinamandla.”
17 Uthe uFaro akubakhulula abantu, uThixo akabahambisa ngendlela egqitha kwilizwe lamaFilisti, nangona yayimfutshane. Kuba uThixo wathi: “Abantu basenokujika xa bedibana nemfazwe baze babuyele eYiputa.” 18 Ngoko uThixo wabajikelisa ngendlela yasentlango yoLwandle Olubomvu.+ AmaSirayeli aphuma eYiputa elungele imfazwe. 19 UMoses wahamba namathambo kaYosefu, kuba uYosefu wayebafungisile oonyana bakaSirayeli, wathi: “Ngokuqinisekileyo uThixo uza kuninceda. Nize nihambe namathambo am xa nihamba apha.”+ 20 Bemka eSukoti baza bamisa inkampu e-Etham, ngasekupheleni kwentlango.
21 Emini uYehova wayebakhokela kuloo ndlela ngomqulu welifu.+ Ebusuku wayebakhokela ngomqulu womlilo, ebakhanyisela ukuze bakwazi ukuhamba emini nasebusuku.+ 22 Wawungasuki phambi kwabantu umqulu welifu emini nomqulu womlilo ebusuku.+
14 Wathi ke uYehova kuMoses: 2 “Xelela amaSirayeli ukuba ajike aze amise inkampu phambi kwePihahiroti, phakathi kweMigdoli nolwandle, ngaseBhahali-tsefon.+ Nize nimise inkampu phambi kwayo, ngaselwandle. 3 UFaro uza kuthi ngamaSirayeli, ‘Nabo besehla benyuka elizweni, babhidekile. Intlango ibavingcele.’ 4 Ndiza kuyiyeka ibe lukhuni intliziyo kaFaro,+ awaleqe amaSirayeli ndize ndizizukise ngoFaro nangawo wonke umkhosi wakhe,+ yaye amaYiputa aza kwazi nakanjani ukuba ndinguYehova.”+ Ayenza ke amaSirayeli loo nto.
5 Ethubeni ukumkani waseYiputa waxelelwa ukuba abantu babalekile. Ngoko nangoko, uFaro nezicaka zakhe bajibilika,+ baza bathi: “Siyenzele ntoni le nto, yokusuka siwakhulule amaSirayeli ekubeni engamakhoboka ethu?” 6 Ngoko walungisa iinqwelo zakhe zokulwa, waza wahamba nabantu bakhe.+ 7 Wathatha iinqwelo eziyi-600 ezikhethekileyo, wathatha nazo zonke ezinye iinqwelo zaseYiputa, kwabe kukhwele amajoni kuzo zonke. 8 UYehova wayiyeka yaba lukhuni intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wawaleqa amaSirayeli, nangona ayemke elizweni ngomzimba ongenaxhala.*+ 9 AmaYiputa awaleqa,+ yaye onke amahashe arhuqa iinqwelo zikaFaro, amajoni akhe akhwele amahashe nomkhosi wakhe waya usondela kumaSirayeli awayemise inkampu ngaselwandle, ngasePihahiroti, phambi kweBhahali-tsefon.
10 Wathi akusondela uFaro, awaphakamisa amehlo awo amaSirayeli aza abona ukuba amaYiputa ayawaleqa. Oyika kakhulu amaSirayeli aza akhalela uYehova.+ 11 Athi kuMoses: “Bekunqabe amangcwaba na eYiputa le nto usizise apha ukuze sifele entlango?+ Usikhuphele ntoni eYiputa? 12 Besingakuxelelanga na eYiputa sisithi, ‘Siyeke sisebenzele amaYiputa’? Kuba kungcono sisebenzele amaYiputa kunokuba sifele entlango.”+ 13 Ngoko wathi uMoses ebantwini: “Sanukoyika.+ Qinani, niza kuyibona indlela aza kunisindisa ngayo uYehova namhlanje.+ Kuba la maYiputa niwabonayo namhlanje, soze niphinde niwabone.+ 14 UYehova uza kunilwela ngokwakhe,+ nina niza kuthi cwaka.”
15 Wathi ke uYehova kuMoses: “Kutheni wandikhalela? Xelela amaSirayeli ukuba achithe inkampu. 16 Wena ke, phakamisa intonga yakho uze wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlukanise, ukuze amaSirayeli ahambe emhlabeni owomileyo phakathi elwandle. 17 Mna ke ndiziyekile zaba lukhuni iintliziyo zamaYiputa, ukuze angene emva kwamaSirayeli, ngaloo ndlela ndiza kuzizukisa ngoFaro nangawo wonke umkhosi wakhe, ngeenqwelo zakhe zemfazwe nangamajoni akhe akhwele amahashe.+ 18 AmaYiputa aza kwazi nakanjani na ukuba ndinguYehova, xa ndizizukisa ngoFaro, ngeenqwelo zakhe zemfazwe nangamajoni akhe akhwele amahashe.”+
19 Emva koko ingelosi kaThixo wokwenene+ eyayihamba phambi kweqela lamaSirayeli yaya emva kwalo, nomqulu welifu owawuphambi kwalo waya emva kwalo.+ 20 Waba phakathi kweqela lamaYiputa neqela lamaSirayeli.+ Kwelinye icala waba lilifu elimnyama, waza kwelinye wakhanyisa.+ Ngoko elinye iqela alizange lisondele kwelinye ubusuku bonke.
21 UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle,+ waza uYehova wawadudula amanzi olwandle ngomoya omkhulu wasempuma ubusuku bonke, walutshintsha ulwandle lwaba ngumhlaba owomileyo,+ ahlukana amanzi.+ 22 Ngoko amaSirayeli angena phakathi elwandle kumhlaba owomileyo,+ abe wona amanzi eludonga macala.+ 23 AmaYiputa awaleqa, nawo onke amahashe kaFaro, iinqwelo zakhe zemfazwe, namajoni akhe akhwele amahashe, awaleqa de ayokufika phakathi elwandle.+ 24 Kwathi ngexesha loonogada lakusasa,* uYehova walijonga iqela lamaYiputa esemqulwini womlilo nelifu,+ wenza kwakho isiphithi-phithi kwelo qela. 25 Wawatoncula amavili eenqwelo zawo, aziqhuba nzima, aza athi amaYiputa: “Masiwabalekeni amaSirayeli kuba uYehova uyawalwela kumaYiputa.”+
26 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle, ukuze amanzi abuyelane phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwamajoni awo akhwele amahashe.” 27 UMoses wakhawuleza wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, yaye xa kwakusondela ukusa, ulwandle lwabuyela kulaa ndlela lwaluyiyo. Athi esabaleka amaYiputa, uYehova wawaphosa phakathi elwandle.+ 28 Amanzi abuyelana, azogquma iinqwelo zokulwa, amajoni akhwele amahashe nawo wonke umkhosi kaFaro owawungene elwandle uleqa amaSirayeli.+ Akukho nokuba abe mnye owasindayo.+
29 Wona amaSirayeli ahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle,+ yaye amanzi ayeludonga macala.+ 30 Waba ke uYehova uyawasindisa amaSirayeli ngaloo mini esandleni samaYiputa,+ aza amaSirayeli azibona izidumbu zamaYiputa ziqungquluze elunxwemeni. 31 AmaSirayeli awabona amandla* amakhulu kaYehova awawabonakalisa kumaYiputa, yaye abantu bamoyika uYehova baza bakholwa kuYehova nakuMoses umkhonzi wakhe.+
15 Ngelo xesha uMoses namaSirayeli bamculela le ngoma uYehova besithi:+
“Mandimculele uYehova, kuba uphakame kakhulu.+
Ihashe nomkhweli walo uliphose elwandle.+
2 UYa* ungamandla am nokomelela kwam, ekubeni eye wandisindisa.+
Lo nguThixo wam, yaye ndiza kumdumisa;+ nguThixo katata,+ kwaye ndiza kumphakamisela phezulu.+
3 UYehova likroti elinamandla.+ Igama lakhe nguYehova.+
4 Iinqwelo zikaFaro nemikhosi yakhe uziphose elwandle,+
Amakroti akhe aphambili atshoniswe kuLwandle Olubomvu.+
5 Ogqunywa ngamanzi alwayo, atshona enzulwini oku kwelitye.+
7 Ubakhahlela phantsi abo bangakuthobeli ngabom ngenxa yobukhulu bokongama kwakho,+
Ukhupha umsindo wakho ovuthayo, ubaqwenge oku kweendiza.
8 Ngokuphefumla kwakho nje qha, amanzi afunjwa,
Ema ngxi, anqanda izikhukula.
Amanzi alwayo ajiya esizikithini solwandle.
9 Utshaba lwathi: ‘Ndiza kubaleqa! Ndiza kubafumana!
Ndiza kuzahlula-hlula izinto zabo de ndanele!
Ndiza kulikhupha ikrele lam! Isandla sam siza kuboyisa!’+
10 Wavuthela ngomoya wakho osuka ezimpumlweni, lwabogquma ulwandle,+
Batshona oku kwelothe emanzini anamandla.
11 Phakathi koothixo, ngubani onjengawe Yehova?+
Ngubani onjengawe, wena ubonisayo ukuba ungcwele ngeyona ndlela?+
Wena ungowokoyikwa ngokudunyiswa ngeengoma, wena wenza izinto ezimangalisayo.+
12 Wolula isandla sakho sasekunene, wabaginya umhlaba.+
13 Kuba ubathanda ngokungagungqiyo abantu bakho, uye wabakhokela waza wabakhulula.+
Ngamandla akho uza kubasa kwindawo yakho yokuhlala engcwele.
15 Ngelo xesha iinkosi zakwaEdom ziza koyika nyhani,
Abalawuli abanamandla bakwaMowabhi baza kungcangcazela hayi nje kancinci.+
Bonke abantu bakwaKanan baza kutyhafa iintliziyo.+
16 Baza koyika baze bankwantye.+
Ngenxa yobukhulu bengalo yakho baza kuthi cwaka oku kwelitye
Bade badlule abantu bakho Yehova,
17 Uza kubazisa uze ubatyale kwintaba yelifa lakho,+
Kwindawo oyikhethileyo Yehova waza wayilungisa ukuze uhlale,
Indawo yakho engcwele Yehova, oye wayimisela ngezandla zakho.
18 UYehova uza kuba ngukumkani olawula ngonaphakade kanaphakade.+
19 Xa amahashe kaFaro neenqwelo zakhe zokulwa namajoni akhe akhwele amahashe bangena elwandle,+
UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle,+
Kodwa amaSirayeli ahamba kumhlaba owomileyo phakathi elwandle.”+
20 Emva koko uMiriyam umprofetikazi, udadeboAron, wathatha igubu, baza bonke abafazi bamlandela bekhalisa amagubu abo kwaye bedanisa. 21 UMiriyam wacula ephendula amadoda wathi:
“Mculeleni uYehova, kuba uphakame kakhulu.+
Ihashe nomkhweli walo uliphose elwandle.”+
22 Emva koko uMoses wakhokela amaSirayeli bemka kuLwandle Olubomvu, baya kwintlango yaseShure. Bahamba iintsuku zantathu entlango, kodwa zange bawafumane amanzi. 23 Bafika eMara,*+ kodwa abazange bakwazi ukuwasela amanzi aseMara kuba ayekrakra. Yiloo nto wayithiya ngokuba yiMara loo ndawo. 24 Abantu bakhalaza* kuMoses,+ besithi: “Sisele ntoni ke ngoku?” 25 UMoses wakhala kuYehova,+ waza uYehova wambonisa umthi omncinci. Xa wawuphosa kuloo manzi, aba mnandi.
Kwalapho, uThixo wababekela umthetho nento enokubenza bagwetywe, waza wabavavanya.+ 26 Wathi: “Ukuba niza kulimamela kakuhle ilizwi likaYehova uThixo wenu, nenze okulungileyo emehlweni akhe, niyibazele indlebe imiyalelo yakhe, niyigcine yonke imithetho yakhe,+ andizukunibetha nangasinye kwizifo endibethe ngazo iYiputa,+ kuba ndinguYehova oniphilisayo.”+
27 Emva koko bafika e-Elim, apho kwakukho imithombo yamanzi eyi-12 nemithi yesundu eyi-70. Ngoko bahlala apho ngasemanzini.
16 Lonke ibandla lamaSirayeli lemka e-Elim laza ekugqibeleni lafika entlango yaseSin,+ ephakathi kwe-Elim neSinayi, ngomhla we-15 kwinyanga yesibini emva kokuphuma kwalo kwilizwe laseYiputa.
2 Xa lilonke ibandla lamaSirayeli, laqalisa ukumkhalazela uMoses noAron kuloo ntlango.+ 3 AmaSirayeli ayesithi kubo: “Ngekungcono ukuba besife ngesandla sikaYehova kwilizwe laseYiputa, sihleli ngasezimbizeni zenyama,+ sisitya isonka sihluthe. Khawujonge ngoku, nisizise kule ntlango ukuze nilibulale lonke eli bandla ngendlala.”+
4 UYehova wathi kuMoses: “Uyabona ke, ndiza kuninisela isonka esivela emazulwini,+ yaye mntu ngamnye makaphume ayokuqokelela isonka esilingene olo suku.+ Ndiza kuba ndiyabavavanya ngaloo ndlela, ukuze ndibone ukuba baza kuqhubeka behamba emthethweni wam na.+ 5 Kodwa ngosuku lwesithandathu,+ xa belungisa ukutya abakuqokeleleyo, kumele kube kukutya okuphindwe kabini kunoko baqhele ukukuqokelela ngezinye imini.”+
6 Ngoko uMoses noAron bathi kumaSirayeli: “Ngokuhlwa niza kwazi nakanjani ukuba nguYehova onikhuphe kwilizwe laseYiputa.+ 7 Ekuseni niza kulubona uzuko lukaYehova, kuba uYehova univile xa benikhalaza. Besingoobani ke thina ukuba nide nisikhalazele?” 8 UMoses waphinda wathi: “Xa uYehova eninika inyama ukuba niyitye ngokuhlwa, aze kusasa aninike isonka ukuba nisitye nihluthe, niza kuzibonela ukuba uYehova uzivile izikhalazo zenu. Besingoobani ke thina? Anikhalazeli thina, kodwa nikhalazela uYehova.”+
9 Emva koko uMoses wathi kuAron: “Yithi kulo lonke ibandla lamaSirayeli, ‘Sondelani phambi koYehova, kuba uzivile izikhalazo zenu.’”+ 10 Uthe nje akugqiba ukuthetha uAron nebandla lonke lamaSirayeli, amaSirayeli ajika ajonga entlango, ibe jonga! uzuko lukaYehova lwabonakala kwilifu.+
11 UYehova waphinda wathi kuMoses: 12 “Ndizivile izikhalazo zamaSirayeli.+ Uze uthi kuwo, ‘Ngokuhlwa* niza kutya inyama nize kusasa nitye isonka nihluthe,+ kwaye ngokuqinisekileyo niza kundazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.’”+
13 Ngaloo ngokuhlwa kwafika izagwityi, zagcwala yonke indawo,+ ibe kusasa kwabakho umbethe ojikeleze yonke loo nkampu. 14 Wathi wakuphela umbethe kwashiyeka iinkozo ezincinane okwekhephu phezu komhlaba.+ 15 Athe akuzibona amaSirayeli, abuzana athi: “Yintoni le?” kuba ayengayazi ukuba yintoni. UMoses wathi kuwo: “Sisonka aninika sona uYehova ukuba nisitye.+ 16 Nanku umyalelo kaYehova ngaso, ‘Umntu ngamnye makaqokelele esimlingeneyo. Thathelani mntu ngamnye isonka esilingana neomere*+ ngokwenani labantu* abasezintenteni zenu.’” 17 AmaSirayeli asiqokelela eso sonka. Amanye aqokelela kakhulu aza amanye aqokelela kancinci. 18 Xa esilinganisa ngeomere, lowo uqokelele kakhulu wayengabi nanto ishiyekayo, ibe nesalowo uqokelele kancinci sasingapheli phakathi.+ Ngamnye waqokelela esimlingeneyo.
19 UMoses wathi kuwo: “Makungabikho mntu ushiyela ingomso.”+ 20 Kodwa awazange ammamele uMoses. Xa abanye abantu basishiyela ingomso, saba neempethu, sanuka waza uMoses wacaphuka kakhulu. 21 Qho kusasa umntu wayeqokelela isonka esimlingeneyo. Xa kutshisa ilanga, sasinyibilika.
22 Ngosuku lwesithandathu babeqokelelela umntu ngamnye isonka esiphindwe kabini,+ imilinganiselo emibini yeomere. Ngoko zonke iintloko zebandla zeza kuxelela uMoses. 23 UMoses wathi kubo: “Benze kanye le nto uYehova ebeyithethile. Ngomso kumele kuphumlwe,* kuba iza kuba yisabatha engcwele kaYehova.+ Bhakani loo nto nimele niyibhake nize nibilise loo nto nimele niyibilise.+ Emva koko yonke into eshiyekileyo yigcineni kude kuse.” 24 Ngoko ke basigcina eso sonka kwada kwasa, kanye njengokuba uMoses wayebayalele ibe asizange sinuke, singazange sibe nazo neempethu. 25 Emva koko uMoses wathi: “Sityeni namhlanje isonka kuba yisabatha kaYehova. Namhlanje asizukufumaneka ngaphandle kwenkampu. 26 Niza kumane nisiqokelela zonke ezi ntsuku zintandathu, kodwa ngosuku lwesixhenxe, ngeSabatha,+ asizukufumaneka.” 27 Abanye abantu bahamba bayokuqokelela isonka ngomhla wesixhenxe, kodwa abazange basifumane.
28 Ngoko uYehova wathi kuMoses: “Kuza kude kube nini na ningafuni ukuyigcina imiyalelo nemithetho yam?+ 29 Wuthobeleni umyalelo kaYehova wokuba kugcinwe iSabatha.+ Yiloo nto eninika isonka seentsuku ezimbini ngosuku lwesithandathu. Makungabikho mntu uya ndawo. Makungabikho mntu oyishiyayo indawo yakhe ngomhla wesixhenxe.” 30 Ngoko abantu bayigcina iSabatha* ngomhla wesixhenxe.+
31 Indlu kaSirayeli yathi eso sonka “yimana.”* Sasimhlophe njengembewu yekoriyanda, kwaye incasa yaso yayinjengeyesonka esinobusi.+ 32 Emva koko uMoses wathi: “Nanku umyalelo kaYehova, ‘Gcwalisani nize nigcine esilingana neomere, nisigcinele izizukulwana zenu,+ ukuze zisibone isonka endanityisa sona entlango xa ndandinikhupha kwilizwe laseYiputa.’” 33 UMoses wathi kuAron: “Thatha ingqayi ugalele imana engangeomere, uyibeke phambi koYehova ukuze igcinelwe izizukulwana zenu.”+ 34 UAron wayibeka phambi kweTyeya yoBungqina*+ ukuze igcinwe, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses. 35 AmaSirayeli ayitya imana kangangeminyaka eyi-40.+ Ayitya ada ayokufika kwilizwe elinabantu.+ Ayitya ada ayokufika emdeni welizwe lakwaKanan.+ 36 Iomere ilingana nesixa esinye kwezilishumi ze-efa.*
17 Emka onke amaSirayeli entlango yaseSin+ ngokwamaqela, njengokuba wayewayalele uYehova,+ aza amisa inkampu eRefidim.+ Kodwa kwakungekho manzi okusela.
2 Abantu baxambulisana noMoses+ besithi: “Sinike amanzi okusela.” Kodwa uMoses wathi kubo: “Kutheni nixambulisana nam nje? Kutheni niqhubeka nimlinga uYehova?”+ 3 Abantu babomile lunxano apho, yaye baqhubeka bekhalazela uMoses+ besithi: “Kutheni usikhuphe eYiputa ukuze usibulale ngonxano, thina noonyana bethu nemfuyo yethu?” 4 Ekugqibeleni uMoses wakhala kuYehova, esithi: “Ndisithini esi sizwana? Akuzukuba kudala sindibethe ngamatye!”
5 UYehova wathi kuMoses: “Bashiye abantu, uhambe nabanye abadala bakwaSirayeli nentonga yakho owawubetha ngayo uMlambo UmNayile.+ Yiphathe uze uhambe. 6 Jonga! Ndiza kuma phambi kwakho eliweni laseHorebhe. Uze ulibethe iliwa, yaye kuza kuphuma amanzi kulo, basele abantu.”+ UMoses wayenza loo nto phambi kwabadala bakwaSirayeli. 7 Ngoko wayithiya loo ndawo ngokuba yiMasa*+ neMeribha,*+ ngenxa yokuba amaSirayeli axambulisana naye nangenxa yokuba amlinga uYehova,+ esithi: “Ukho na okanye akekho uYehova phakathi kwethu?”
8 Emva koko kwafika ama-Amaleki+ aza alwa noSirayeli eRefidim.+ 9 Wathi ke uMoses kuYoshuwa:+ “Sikhethele amadoda aza kuphuma ayokulwa nama-Amaleki. Ngomso ndiza kuma phezu kwenduli, ndiphethe intonga kaThixo wokwenene.” 10 UYoshuwa wayenza yonke into awayeyixelelwe nguMoses,+ walwa nama-Amaleki. Yena uMoses, uAron noHure+ benyuka baya phezu kwenduli.
11 Xa uMoses eziphakamisile izandla zakhe, amaSirayeli ayesoyisa, kodwa wayesithi akuzehlisa, ama-Amaleki oyise. 12 Zathi zakudinwa izandla zikaMoses, bathatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, waza wahlala kulo. Emva koko uAron noHure bema macala bazixhasa izandla zakhe, zatsho zakwazi ukuhlala zomelele de kwatshona ilanga. 13 Ngoko ke uYoshuwa wamoyisa uAmaleki nabantu bakhe ngekrele.+
14 UYehova wathi kuMoses: “Bhala la mazwi encwadini abe sisikhumbuzo, uze uwaxelele noYoshuwa uthi, ‘Ndiza kumcima igama uAmaleki phantsi kwamazulu.’”+ 15 Emva koko uMoses wakha isibingelelo, wasithiya ngokuba nguYehova-nisi,* 16 esithi: “UYehova uza kulwa imfazwe noAmaleki kuzo zonke izizukulwana,+ kuba isandla sakhe silwa netrone kaYa.”+
18 UYitro umbingeleli wakwaMidiyan, utata womfazi kaMoses+ wayiva yonke into uThixo awayenzela uMoses nabantu bakhe amaSirayeli, indlela uYehova awamkhupha ngayo uSirayeli eYiputa.+ 2 UYitro wamamkela uTsipora umfazi kaMoses owathunyelwa kuye, 3 noonyana bakhe bobabini.+ Omnye wamthiya ngokuba nguGershom,*+ kuba uMoses wathi, “Ndikhe ndangumntu wasemzini kwilizwe lasemzini,” 4 omnye wamthiya ngokuba nguEliyezere,* kuba wathi, “uThixo katata ube ngumncedi wam, undihlangule kwikrele likaFaro.”+
5 UYitro, oonyana bakaMoses, nomfazi kaMoses baya kuye entlango apho wayemise khona inkampu, entabeni kaThixo wokwenene.+ 6 Ngoko wathumela ilizwi kuMoses, esithi: “Mna Yitro, ongutata womfazi wakho,+ ndiza kuwe nomfazi wakho noonyana bakhe bobabini.” 7 UMoses wakhawuleza waphuma wayokumkhawulela, akufika kuye waqubuda waza wamphuza.* Babuzana impilo, baza emva koko bangena ententeni.
8 UMoses wambalisela yonke into uYehova awayenza kuFaro nakwiYiputa ngenxa yamaSirayeli,+ wambalisela nangabo bonke ubunzima ababufumene endleleni,+ nendlela uYehova abahlangule ngayo. 9 UYitro wavuya gqitha akuva ngazo zonke izinto ezilungileyo uYehova azenzele amaSirayeli, ngokuwasindisa kumaYiputa.* 10 Wathi: “Makadunyiswe uYehova onisindisileyo kwiYiputa nakuFaro, obasindisileyo abantu kulawulo lweYiputa. 11 Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu kunabo bonke abanye oothixo,+ ngenxa yezinto azenzileyo kwabo baye bakhukhumala baza babaphatha kakubi abantu bakhe.” 12 Emva koko, wazisa umbingelelo otshiswayo, wabingelela kuThixo, waza uAron nabo bonke abadala bakwaSirayeli bazokudla naye phambi koThixo wokwenene.
13 Ngemini elandelayo, uMoses wahlala phantsi njengesiqhelo ukuze agwebele abantu, kwaye abantu bema phambi koMoses ukususela kusasa kwade kwangokuhlwa. 14 Xa utata womfazi wakhe wayibonayo yonke le nto uMoses wayeyenzela abantu, wathi: “Yintoni le uyenzela abantu? Kutheni uhlala apha wedwa baze bonke abantu beme phambi kwakho ukususela kusasa kude kuhlwe?” 15 UMoses wathi: “Kungenxa yokuba abantu beza kum ukuze ndibabuzele kuThixo. 16 Xa benesimangalo, basizisa kum kwaye ndimele ndigwebe phakathi komntu nomnye, emva koko ndichaze izigqibo zikaThixo wokwenene nemithetho yakhe.”+
17 Utata womfazi kaMoses wathi kuye: “Le ndlela uqhuba ngayo ayilunganga. 18 Nakanjani uza kuqobeka, wena nesi sizwana sikunye nawe, kuba mkhulu lo mthwalo ukuba ungawuthwala wedwa. 19 Khawundimamele. Ndiza kukucebisa, yaye uThixo uza kuba nawe.+ Yiba ngummeli wabantu phambi koThixo wokwenene,+ kwaye umele uzizise kuye izimangalo.+ 20 Ufanele ubalumkise ngemimiselo nemithetho,+ ubachazele indlela abafanele bahambe ngayo nomsebenzi abafanele bawenze. 21 Kodwa ufanele ukhethe amadoda afanelekileyo+ namoyikayo uThixo, amadoda anokuthenjwa nakucaphukelayo ukwenza ingeniso ngamaqhinga.+ Wabeke abe ziintloko zamawaka, iintloko zamakhulu, iintloko zamashumi amahlanu neentloko zamashumi.+ 22 Mayibe ngaloo madoda agweba abantu xa kukho amatyala,* kodwa amatyala anzima mawaziswe kuwe.+ Onke amatyala amancinci mawawachophele. Wena zenzele lula ngokuthi omnye umthwalo uwuthwalise wona.+ 23 Ukuba uyayenza le nto, abe noThixo ekuyalela ngolo hlobo, uza kukwazi ukumelana nobunzima, kwaye wonke umntu uza kugoduka anelisekile.”
24 UMoses wammamela waza wayenza ngoko nangoko yonke into ayithethileyo. 25 UMoses wakhetha amadoda afanelekayo kuye wonke uSirayeli, wawabeka aziintloko phezu kwabantu, aba ziintloko zamawaka, iintloko zamakhulu, iintloko zamashumi amahlanu neentloko zamashumi. 26 Ayewachophela amatyala abantu xa evela. Ityala elinzima ayelizisa kuMoses,+ kodwa onke amatyala amancinci ayewachophela. 27 Emva koko uMoses wamkhupha uYitro+ wagoduka.
19 Ngenyanga yesithathu emva kokuba amaSirayeli ephumile kwilizwe laseYiputa, kanye ngolo suku, afika entlango yaseSinayi. 2 Emka eRefidim+ aya entlango yaseSinayi, amisa inkampu apho. Amisa iinkampu zawo apho phambi kwaloo ntaba.+
3 UMoses wenyuka waya kuThixo wokwenene, waza uYehova wakhwaza ekuloo ntaba+ wathi: “Yithi kwindlu kaYakobi, uwaxelele le nto amaSirayeli, 4 ‘Nizibonele ngawenu amehlo into endiyenze kumaYiputa+ ukuze ndinithwale ngamaphiko okhozi, ndinizise kum.+ 5 Ngoku ukuba niyalithobela ilizwi lam, nisigcine isivumelwano sam, ngokuqinisekileyo niza kuba ngabantu bam abakhethekileyo,*+ phakathi kwazo zonke izizwana, kuba wonke umhlaba ngowam.+ 6 Niza kuba bubukumkani bababingeleli, isizwe esingcwele.’+ Thetha loo mazwi kumaSirayeli.”
7 UMoses wahamba waza wabiza bonke abadala, wabaxelela yonke into uYehova awayemyalele yona.+ 8 Emva koko bonke abantu baphendula ngazwi-nye, bathi: “Yonke into ayithethileyo uYehova, siza kuyenza.”+ Ngoko nangoko uMoses wabuyisela impendulo yabantu kuYehova. 9 UYehova wathi kuMoses: “Jonga! Ndiza kuwe ndikwilifu elimnyama, ukuze abantu beve xa ndithetha nawe, nokuze basoloko bekholwa kuwe.” Emva koko uMoses waxelela uYehova into abayithethileyo abantu.
10 UYehova wathi kuMoses: “Yiya ebantwini, ubangcwalise namhlanje nangomso, bazihlambe iimpahla zabo. 11 Bamele babe sebelungile ngomhla wesithathu, kuba ngomhla wesithathu uYehova uza kwehlela phezu kweNtaba YaseSinayi phambi kwabo bonke abantu. 12 Uze ubamisele imida abantu macala onke entaba, uthi kubo, ‘Lumkani, ninganyukeli entabeni, ningaqalisi kwaukunyathela kuyo. Nabani na othi cakatha unyawo kuloo ntaba, nakanjani na uza kubulawa. 13 Makangachukunyiswa ngesandla umntu owonileyo, kodwa umele abethwe ngamatye okanye ahlatywe.* Enoba lirhamncwa okanye ngumntu, umele abulawe.’+ Kodwa ke xa kuvuthelwa uphondo lwenkunzi yegusha,+ bangasondela kufutshane nentaba.”
14 Emva koko uMoses wehla entabeni waya ebantwini waza wabenza ngcwele, bazihlamba iimpahla zabo.+ 15 Wathi kubo: “Lungelani umhla wesithathu. Ningabelani ngesondo namntu.”*
16 Kwakusa, ngomhla wesithathu, kwaduduma, kwabaneka, kwabakho ilifu elingqindilili+ phezu kwentaba nengxolo enkulu yophondo, baza bangcangcazela+ bonke abantu ababesenkampini. 17 UMoses wabakhupha enkampini, bahlangabeza uThixo wokwenene, bafika bema emazantsi entaba. 18 Yonke iNtaba YaseSinayi yaqhuma, kuba uYehova wehlela phezu kwayo esemlilweni.+ Umsi wayo wanyuka njengomsi weziko, ibe yonke loo ntaba yanyikima ngamandla.+ 19 Ingxolo yophondo yaya ikhwaza, uMoses wathetha, waza uThixo wokwenene wamphendula ngelizwi.
20 UYehova wehlela encotsheni yeNtaba YaseSinayi. Emva koko uYehova wabizela uMoses encotsheni yentaba, waza wanyuka uMoses.+ 21 UYehova wathi kuMoses: “Yehla uyokulumkisa abantu ukuba bangazami ukutyhoboza ukuze babone uYehova, kungenjalo kuza kutshabalala abantu abaninzi. 22 Ababingeleli abaqhele ukusondela kuYehova mabazenze ngcwele, ukuze uYehova angababulali.”+ 23 Emva koko uMoses wathi kuYehova: “Abantu abanakuyinyuka iNtaba YaseSinayi kuba sele usilumkisile wathi, ‘Yimisele imida intaba uze uyenze ngcwele.’”+ 24 UYehova wathi kuye: “Yihla, uze unyuke noAron, kodwa ungabavumeli ababingeleli nabantu ukuba batyhoboze beze kuYehova, ukuze angababulali.”+ 25 Ngoko uMoses wehla waya ebantwini waza wabaxelela.
2 “NdinguYehova uThixo wakho, owakukhupha elizweni laseYiputa, kwindlu yobukhoboka.+ 3 Uze ungabi nabanye oothixo ngaphandle kwam.*+
4 “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye into efana nayo nantoni na esemazulwini phezulu, esemhlabeni phantsi, okanye esemanzini phantsi komhlaba.+ 5 Uze ungaqubudi kuzo okanye uzikhonze,+ kuba mna Yehova Thixo wakho, ndinguThixo ofuna umntu azinikele ngokupheleleyo,+ yaye ndohlwaya oonyana ngesono sootata babo, ndohlwaya isizukulwana sesithathu nesesine sabo bandicaphukelayo. 6 Kodwa ndibathanda ndingagungqi abo bandithandayo nabathobela imiyalelo yam,+ kude kuse kwisizukulwana sewaka.
7 “Uze ungaliphathi ngokungathi yinto engenaxabiso igama likaYehova uThixo wakho,+ kuba uYehova soze angamohlwayi nabani na oliphatha ngokungathi yinto engenaxabiso igama lakhe.+
8 “Lukhumbule usuku lweSabatha ukuze ulugcine lungcwele.+ 9 Umele uwenze wonke umsebenzi wakho iintsuku ezintandathu,+ 10 kodwa lona usuku lwesixhenxe luyisabatha kuYehova uThixo wakho. Awumelanga wenze nawuphi na umsebenzi, wena, unyana wakho, intombi yakho, ikhoboka lakho, ikhobokazana lakho, isilwanyana sakho sasekhaya kunye nomntu wasemzini ohlala kwakho.*+ 11 Kuba ngeentsuku ezintandathu uYehova wenza amazulu, umhlaba nolwandle, nazo zonke izinto ezikuzo, waza waphumla ngosuku lwesixhenxe.+ Yiloo nto uYehova walusikelelayo usuku lweSabatha waza walwenza ngcwele.
12 “Hlonipha utata wakho nomama wakho,+ ukuze uphile ixesha elide kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho.+
16 “Uze ungangqini ubuxoki ngommelwane wakho.+
17 “Uze ungayinqweneli indlu yommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho,+ ikhoboka lakhe, ikhobokazana lakhe, inkunzi yakhe yenkomo, idonki yakhe okanye nantoni na yommelwane wakho.”+
18 Ngoku bonke abantu baziva iindudumo, bakubona ukulenyeza kwemibane, beva isandi sophondo, babona nentaba iqhuma, yaye le nto yabenza boyika baza bamela kude.+ 19 Ngoko bathi kuMoses: “Mayibe nguwe othetha nathi, siza kumamela, kodwa makangathethi nathi uThixo, hleze sife.”+ 20 UMoses wathi kubo: “Sanukoyika, kuba uThixo wokwenene uze kunivavanya,+ ukuze niqhubeke nimoyika nize ningoni.”+ 21 Abantu baqhubeka bemele kude, kodwa yena uMoses wasondela kwelo lifu limnyama awayekulo uThixo wokwenene.+
22 UYehova wathi kuMoses: “Yithi kumaSirayeli, ‘Nizibonele ngokwenu ukuba ndithethe nani ndisezulwini.+ 23 Nize ningenzi oothixo besilivere eniza kubakhonza nibadibanisa nam, ningazenzeli noothixo begolide.+ 24 Ndenzele isibingelelo ngomhlaba, uze ubingelele kuso iminikelo yakho etshiswayo, imibingelelo yakho yobuhlobo,* iigusha zakho neenkomo zakho. Kuzo zonke iindawo endilenza likhunjulwe kuzo igama lam,+ ndiza kuza kuwe ndikusikelele. 25 Xa undenzela isibingelelo ngamatye, uze ungasenzi ngamatye aqingqiweyo.+ Ukuba ukhe wasebenzisa itshizili kuso, uya kube usingcolisile. 26 Uze ungasenzi sibe nezitepsi oza kunyuka ngazo, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso.’
21 “Le yimithetho oza kubaxelela yona:+
2 “Ukuba uthenga ikhoboka elingumHebhere,+ liya kuba likhoboka iminyaka emithandathu, kodwa kowesixhenxe liya kukhululwa yaye akukho nto liya kuyibhatala.+ 3 Ukuba lafika lodwa, liya kuphuma lodwa. Ukuba linomfazi, umfazi walo uya kuphuma nalo. 4 Ukuba inkosi yalo ilinike umfazi waza walizalela oonyana okanye iintombi, loo mfazi nabantwana bakhe baza kuba ngamakhoboka enkosi yalo. Lona liza kuphuma lodwa.+ 5 Kodwa ukuba elo khoboka liqhubeka lisithi, ‘Ndiyayithanda inkosi yam, umfazi wam noonyana bam, andifuni kukhululeka,’+ 6 inkosi yalo imele ilisondeze kuThixo wokwenene, ilizise ngaselucangweni okanye ngasemgubasini, yaye inkosi yalo iya kuligqobhoza indlebe ngenyatyhoba, ngoko liya kuba likhoboka layo bonke ubomi balo.
7 “Xa umntu eye wathengisa intombi yakhe ukuba ibe likhobokazana, ayizukukhululwa ngendlela elikhululwa ngayo ikhoboka eliyindoda. 8 Ukuba inkosi yelo khobokazana ayaneliswa lilo kangangokuba ayilikhethi libe ngumfazi wayo,* kodwa isuke ifune ukulithengisa komnye umntu,* ayinalungelo lokulithengisa kubantu basemzini, kuba ilenzele amaqhinga. 9 Ukuba ilikhethela unyana wayo, imele ilinike amalungelo entombi. 10 Ukuba uzithathela omnye umfazi, asimele sincitshiswe isixhaso salo, isinxibo nemfanelo yomtshato+ yomfazi wokuqala. 11 Ukuba ayizukulenzela ezi zinto zontathu, elo khobokazana liza kukhululeka lingabhatalanga mali.
12 “Nabani na obetha umntu afe, naye makabulawe.+ 13 Kodwa ukuba akambulalanga ngabom, abe noThixo wokwenene eyiyeke yenzeka loo nto, ndiza kukubonisa indawo amakabalekele kuyo.+ 14 Ukuba umntu ucatshukiswa ngomnye umntu, ade ambulale ngabom,+ loo mntu umele abulawe nokuba kungade kufuneke uyokumthatha esibingelelweni sam.+ 15 Umntu obetha utata okanye umama wakhe makabulawe.+
16 “Nabani na oxhwila omnye umntu+ aze amthengise okanye afunyanwe esambambile,+ umele abulawe.+
17 “Nabani na othuka* utata okanye umama wakhe makabulawe.+
18 “Nantsi into emayenzeke xa amadoda exabene yaza enye yabetha enye ngelitye okanye ngenqindi* ayafa, kodwa yalala ebhedini ingakwazi ukuzenzela nto: 19 Ukuba ikwazile ukuphakama yaza yahamba-hamba phandle isimelela, indoda ebethileyo mayingohlwaywa. Kunoko iya kubuyekeza ixesha le ndoda eyenzakeleyo elahlekelwe lilo emsebenzini de iphile ngokupheleleyo.
20 “Ukuba umntu ubetha ikhoboka lakhe okanye ikhobokazana lakhe ngenduku laza lafa, maliphindezelwe.+ 21 Kodwa ukuba liye laphila usuku olunye okanye ezimbini, malingaphindezelwa, kuba lingumntu othengwe ngemali yenkosi yalo.
22 “Ukuba amadoda ayalwa aze ayokuphoseka kumfazi okhulelweyo, abeleke ngaphambi kwexesha*+ kodwa kungafi mntu,* indoda enetyala mayibhatale umonakalo ngokwento ebekwe yindoda yaloo mfazi, yaye imele ibhatale ngendlela abatsho ngayo abagwebi.+ 23 Kodwa ukuba kubakho umntu ofayo, uze ubuyekeze ubomi ngobomi,*+ 24 ilihlo ngelihlo, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,+ 25 ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.
26 “Ukuba umntu ubetha ikhoboka lakhe okanye ikhobokazana lakhe elihlweni walonzakalisa, makalikhulule lihambe ngenxa yelihlo lalo.+ 27 Yaye ukuba ubethe ikhoboka lakhe okanye ikhobokazana lakhe kwaphuma izinyo, makalikhulule lihambe ngenxa yezinyo lalo.
28 “Ukuba inkunzi yenkomo ihlaba indoda okanye umfazi afe, loo nkomo mayibethwe ngamatye ife,+ futhi mayingatyiwa inyama yayo, kodwa umnikazi wayo makangohlwaywa. 29 Kodwa ukuba inkunzi yenkomo inomkhwa wokuhlaba yaye umnikazi wayo ebelumkisiwe ngayo kodwa akayivalela, ibe ngoku ibulele indoda okanye umfazi, mayibethwe ngamatye ife, nomnikazi wayo makabulawe. 30 Ukuba kuthiwe makabhatale, umele ayikhuphe yonke loo nto ibizwayo ukuze akhulule ubomi bakhe.* 31 Nokuba ihlabe unyana okanye ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngokwaloo mithetho. 32 Ukuba loo nkunzi yenkomo ihlabe ikhoboka okanye ikhobokazana, umnikazi wayo makanike inkosi yekhoboka okanye yekhobokazana iishekele* eziyi-30, yona inkomo mayibethwe ngamatye ife.
33 “Ukuba umntu uvula umngxuma, okanye uyawemba, aze angawogqumi, kuze kutshone inkunzi yenkomo okanye idonki kuwo, 34 umnikazi womngxuma umele abhatale.+ Uya kubhatala ixabiso leso silwanyana kumnikazi waso, yaye eso silwanyana sifileyo siya kuba sesakhe. 35 Ukuba inkunzi yenkomo yomntu yenzakalise inkunzi yenkomo yomnye yaza yayibulala, mabayithengise le iphilayo baze balahlule ixabiso layo, bahlulelane nangaleyo ifileyo. 36 Okanye ukuba inkunzi yenkomo ibisaziwa ukuba inomkhwa wokuhlaba kodwa umnikazi wayo akayivalela, makabhatale ngenkunzi yenkomo, le ifileyo ibe yeyakhe.
22 “Ukuba umntu ube inkunzi yenkomo okanye igusha waza wayixhela okanye wayithengisa, makayibhatale loo nkunzi yenkomo ngeenkomo ezintlanu, abhatale loo gusha ngeegusha ezine.+
2 (“Ukuba isela+ libhaqwe liqhekeza laza labethwa lafa, akukho mntu unetyala legazi. 3 Kodwa ukuba libethwe lafa emva kokuba kuphume ilanga, lowo ulibethileyo unetyala legazi.)
“Isela limele libhatale. Ukuba alinanto, malithengiswe ukuze kubhatalwe izinto elizibileyo. 4 Ukuba loo nto ibiweyo ifunyenwe isaphila kwelo sela, nokuba yinkunzi yenkomo okanye yidonki okanye yigusha, limele liyibhatale ngokuphindwe kabini.
5 “Ukuba nabani na uye wayiyeka imfuyo yakhe yayokutya entsimini okanye entsimini yeediliya, aze ayiyeke ibhuqe intsimi yomnye umntu, umele abhatale ngeyona nto intle yentsimi yakhe okanye ngeyona nto intle yentsimi yakhe yeediliya.
6 “Ukuba kunokuqala umlilo uze unwenwele ematyholweni anameva, uzitshise ziphele izithungu okanye ukutya okuziinkozo okungekavunwa, okanye intsimi, loo mntu uwuphembileyo makayibhatale loo nto ayitshisileyo.
7 “Ukuba umntu unika ummelwane wakhe imali okanye umgcinisa impahla, zize zibiwe endlini yaloo mntu, lize elo sela lifunyanwe, limele libhatele ngokuphindwe kabini.+ 8 Ukuba alifunyanwanga isela, umninindlu umele asondezwe phambi koThixo wokwenene+ ukuze kubonwe ukuba akazithathanga na izinto zommelwane wakhe. 9 Xa kukho umntu omangalelwa ngokuba nento engeyoyakhe, nokuba yinkunzi yenkomo, idonki, igusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo omnye umntu anokuyibanga athi, ‘Yeyam!’ bobabini bamele bamangale kuThixo wokwenene.+ Loo mntu uThixo athe unetyala, umele ambhatale ngokuphindwe kabini ummelwane wakhe.+
10 “Ukuba umntu unika ummelwane wakhe idonki okanye inkunzi yenkomo okanye igusha okanye nasiphi na isilwanyana sasekhaya ukuba asigcine, size sife okanye senzakale okanye siqhutywe kumkiwe naso kungekho mntu ujongileyo, 11 loo mntu makamfungele ummelwane wakhe kuYehova, ukuba akazithathanga izinto zakhe. Umnikazi waloo mfuyo umele ayamkele loo nto. Loo mmelwane ukhululekile, akazukubhatala.+ 12 Kodwa ukuba loo mfuyo ibiwe ikuye, makambhatale umnikazi wayo. 13 Ukuba iqwengwe sisilwanyana sasendle, umele eze neso silwanyana sifileyo, sibe bubungqina. Makangabhatali into eqwengwe sisilwanyana sasendle.
14 “Ukuba umntu uboleke isilwanyana kummelwane wakhe, saza senzakala okanye safa engekho umnikazi waso, loo mntu usibolekileyo makasibhatale. 15 Ukuba ebekhona umnikazi waso, makangabhataliswa. Ukuba besiqeshiwe, sesibhatelwe ngaloo mali besiqeshwe ngayo.
16 “Ukuba indoda ihenda intombi engazange yalala nandoda, engekathenjiswa mtshato, ize ilale nayo, imele iyilobole ibe ngumfazi wayo.+ 17 Nokuba utata wayo akafuni ukuyinikela kuyo, loo ndoda isamele ibhatale imali elingana neyelobola.
18 “Makabulawe umntu othakathayo.+
19 “Makabulawe umntu olala nesilwanyana.+
20 “Makatshatyalaliswe umntu obingelela komnye uthixo ongenguye uYehova.+
21 “Uze ungamphathi kakubi okanye umcinezele umntu wasemzini,+ kuba nani naningabantu basemzini kwilizwe laseYiputa.+
22 “Nize ningamphathi kakubi umhlolokazi okanye umntwana ongenatata.*+ 23 Ukuba uye wamphatha kakubi nangayiphi na indlela, aze andikhalele, ngokuqinisekileyo ndiza kusiva isikhalo sakhe,+ 24 ndicaphuke kakhulu, ndize ndinibulale ngekrele, babe ngabahlolokazi abafazi benu, baze bangabi natata abantwana benu.
25 “Ukuba ubolekisa ngemali kuye nabani na ohluphekayo* kubantu bam, uze ungabi njengombolekisi wemali kuye. Uze ungambizi nzala.+
26 “Ukuba uthatha into yokunxiba yommelwane wakho njengesibambiso,+ umele uyibuyisele kuye lingekatshoni ilanga. 27 Kuba ikuphela kwento anayo yokwambatha, into yakhe yokunxiba. Uza kulala ngantoni ke?+ Ukuba uye wandikhalela, ngokuqinisekileyo ndiza kusiva isikhalo sakhe, kuba ndinovelwano.*+
28 “Uze ungamqalekisi* uThixo,+ ungayithuki nenkosi* yabantu bakowenu.+
29 “Sukuthandabuza ukunikela xa uye wanemveliso eninzi naxa ziye zaphuphuma izixovulelo zakho.*+ Umele undinike unyana wakho olizibulo.+ 30 Nantsi into omele uyenze ngenkunzi yakho yenkomo nangegusha yakho:+ Zoba koonina iintsuku ezisixhenxe. Umele uzinikele kum ngosuku lwesibhozo.+
31 “Nimele nizingqine ningabantu abangcwele kum,+ ningatyi kwanto eqwengwe sisilwanyana sasendle.+ Yiphoseni ezinjeni.
23 “Ungahambi uthetha ubuxoki.+ Sukuncedisana nomenzi-bubi ngokuba ube lingqina lezinto ezimbi.+ 2 Uze ungalandeli umndilili owenza ububi, ungabi lingqina eligqwetha ubulungisa kuba ulandela umndilili.* 3 Uze ungakhethi buso xa uxoxa ityala lomntu olihlwempu.+
4 “Ukuba udibana nenkunzi yenkomo okanye idonki yotshaba lwakho ilahleka, yibuyisele kulo.+ 5 Xa ubona idonki yomntu okucaphukelayo ithe bhaxa phantsi kuba isoyiswa ngumthwalo, sukumyekela. Mncedise ayikhulule.+
6 “Uze ungasigqwethi isigwebo sehlwempu xa uxoxa ityala lalo.+
7 “Hambela kude kwizityholo zobuxoki,* yaye uze ungababulali abantu abamsulwa nabangamalungisa, kuba soze ndithi umenzi-bubi lilungisa.*+
8 “Uze ungamkeli sinyobo, kuba isinyobo siyabamfamekisa abantu ababona kakuhle yaye sinokuwagqwetha amazwi amalungisa.+
9 “Uze ungamcinezeli umntu wasemzini. Niyayazi nani ukuba kunjani ukuba ngumntu wasemzini,* kuba naningabantu basemzini kwilizwe laseYiputa.+
10 “Umhlaba wakho uza kuwutyala imbewu uze uwuvune iminyaka emithandathu.+ 11 Kodwa ngonyaka wesixhenxe uze ungawulimi, yaye abo bangamahlwempu kubantu bakowenu baza kutya apho, ize into abayishiyileyo ityiwe zizilwanyana zasendle. Uza kwenza njalo ngentsimi yakho yeediliya nangemithi yakho yomnquma.
12 “Uze usebenze imihla emithandathu, kodwa uze ungasebenzi ngomhla wesixhenxe, ukuze iphumle inkunzi yakho yenkomo nedonki yakho, akhe azihlaziye unyana wekhobokazana lakho nomntu wasemzini.+
13 “Nize niqinisekise ukuba niyayenza yonke le nto ndinixelele yona,+ yaye nizigade ningabizi amagama abanye oothixo, angakhe abe semilebeni* yenu.+
14 “Uze undenzele itheko kathathu ngonyaka.+ 15 Uze wenze iTheko Lezonka Ezingenagwele.+ Uza kutya isonka esingenagwele iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko ndikuyalele. Le nto uza kuyenza ngexesha elikhethiweyo kwinyanga ka-Abhibhi,*+ kuba waphuma ngelo xesha eYiputa. Akukho mntu umele eze phambi kwam engaphethanga nto.+ 16 Uze wenze neTheko Lesivuno* seziqhamo zokuqala ezivuthiweyo zokusebenza kwakho, obuzilime entsimini.+ Uze wenze neTheko Lokuqokelela* isivuno ekupheleni konyaka, xa uqokelela entsimini oko ukufumene ngenxa yokusebenza kwakho.+ 17 Wonke umntu oyindoda umele eze phambi kweNkosi yokwenene uYehova,+ kathathu ngonyaka.
18 “Uze ungalibingeleli nento enegwele igazi lombingelelo wam. Nemibingelelo yamanqatha eyenziwa ngamatheko am mayingahlali kude kuse.
19 “Umele uzise endlini kaYehova uThixo wakho ezona ziqhamo zihle kwezivuthwe kuqala entsimini yakho.+
“Uze ungapheki itakane lebhokhwe ngobisi lukamama walo.+
20 “Ndithumela ingelosi kuwe+ ukuba ikugade endleleni, ize ikuse endaweni endiyilungisileyo.+ 21 Uze uyimamele, ulithobele ilizwi layo. Ungayiqhankqalazeli, kuba ayizukunixolela xa nisona,+ kuba igama lam likuyo. 22 Kodwa ke, ukuba uyaqiniseka ukuba uyalithobela ilizwi layo uze uyenze yonke into endikuxelela yona, ndiza kuzicaphukela iintshaba zakho, ndize ndilwe nabo balwa nawe. 23 Kuba ingelosi yam iza kuhamba phambi kwakho, ikuse kuma-Amori, amaHiti, amaPerizi, amaKanan, amaHivi namaYebhusi, ndize ndiwatshabalalise.+ 24 Uze ungaqubudi koothixo bawo, ungabakhonzi, ungalinganisi nezinto azenzayo.+ Kunoko, uze uzidilize izithixo zawo, uziqhekeze neentsika zazo ezingcwele.+ 25 Nimele nimkhonze uYehova uThixo wenu,+ yena uza kunisikelela ngesonka namanzi.+ Ndiza kukuphelisa ukugula phakathi kwenu.+ 26 Abafazi belizwe lakho abazukuphunyelwa zizisu okanye bangafumani bantwana,+ yaye ndiza kukwenza uphile ubomi obude.*
27 “Uza kuthi ungekafiki, ndibenze boyike+ yaye badideke abantu oza kudibana nabo. Ndiza kuzenza zinikezele zize zikubaleke* zonke iintshaba zakho.+ 28 Ndiza kuzenza zidakumbe* ungekafiki,+ wona amaHivi, amaKanan namaHiti aza kubaleka emke.+ 29 Andizukuwagxotha ngonyaka omnye, ukuze lingahlali lingenabantu ilizwe, zize izilwanyana zasendle zibe ninzi, zinihlasele.+ 30 Ndiza kuwagxotha kancinci kancinci, de uqhame, ulithathe ilizwe libe lelakho.+
31 “Umda wakho ndiza kuwenza uqale kuLwandle Olubomvu uyokutsho kulwandle lwamaFilisti, uphinde uqale entlango uyokutsho eMlanjeni,*+ kuba ndiza kubanikela esandleni sakho abemi belo lizwe, ubagxothe bemke.+ 32 Uze ungenzi sivumelwano nabo okanye noothixo babo.+ 33 Mabangahlali elizweni lakho, ukuze bangakwenzi undone. Ukuba ukhe wakhonza oothixo babo, loo nto iza kuba ngumgibe kuwe.”+
24 Emva koko wathi kuMoses: “Nyuka uye kuYehova, wena, uAron, uNadabhi, uAbhihu+ nabadala bakwaSirayeli abayi-70, nize niqubude nithe qelele. 2 UMoses makasondele yedwa kuYehova, kodwa abanye mabangasondeli, nabantu mabangenyuki naye.”+
3 UMoses wayokubaxelela abantu yonke into ethethwe nguYehova nayo yonke imithetho yakhe,+ baza bonke abantu baphendula ngazwi-nye bathi: “Sizimisele ukuyenza yonke into ayithethileyo uYehova.”+ 4 Emva koko uMoses wawabhala phantsi onke amazwi kaYehova.+ Wavuka ekuseni, wakha isibingelelo emazantsi entaba, neentsika eziyi-12 ngokwezizwe zakwaSirayeli eziyi-12. 5 Emva koko wathuma amadodana akwaSirayeli ukuba abingelele ngeminikelo etshiswayo, abingelele kuYehova ngeenkunzi zeenkomo zibe yimibingelelo yobuhlobo.+ 6 Wathatha ihafu yegazi, wayigalela ezityeni. Enye ihafu yegazi wafefa ngayo esibingelelweni. 7 Emva koko wathatha incwadi yesivumelwano, wayifunda abantu besiva,+ baza abantu bathi: “Yonke into ayithethileyo uYehova sikulungele ukuyenza, yaye siza kuthobela.”+ 8 Ngoko uMoses wathatha igazi, wabafefa ngalo abantu,+ wathi: “Eli ligazi lesivumelwano asenze nani uYehova ngokuvumelana nawo onke la mazwi.”+
9 UMoses noAron, uNadabhi noAbhihu nabadala bakwaSirayeli abayi-70 banyuka, 10 baza bambona uThixo kaSirayeli.+ Phantsi kweenyawo zakhe kwakukho indawo ethe tyaba eyenziwe ngamatye esafire, icwenge njengamazulu ngokwawo.+ 11 Akazange awabethe la madoda abalaseleyo akwaSirayeli,+ kodwa abona nje umbono woThixo wokwenene aza atya, asela.
12 UYehova wathi kuMoses: “Nyuka uze kum entabeni, ulinde khona. Ndiza kukunika amacwecwe amatye anomthetho nomyalelo endiza kuwubhala ukuze abantu bafundiswe.”+ 13 Ngoko uMoses wahamba noYoshuwa isicaka sakhe,+ waya entabeni yoThixo wokwenene.+ 14 Kodwa wathi kubadala: “Silindeni apha side sibuye.+ UAron noHure+ baza kushiyeka nani. Ukuba kukho nabani na onetyala afuna lichotshelwe, makaye kubo.”+ 15 Emva koko uMoses wanyuka loo ntaba yayogqunywe lilifu.+
16 Uzuko lukaYehova+ lwahlala phezu kweNtaba YaseSinayi,+ laza ilifu layogquma kangangeentsuku ezintandathu. Ngosuku lwesixhenxe, uThixo wabiza uMoses ephakathi efini. 17 KumaSirayeli awayebukele, olo zuko lukaYehova lwalufana nomlilo omkhulu encotsheni yentaba. 18 UMoses wangena kwelo lifu waza wanyuka intaba.+ Wahlala apho entabeni iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40.+
25 UYehova wathi kuMoses: 2 “Xelela abantu bakwaSirayeli ukuba bandiqokelelele umnikelo; mabawuqokelele kubo bonke abantu abaqhutywa yintliziyo.+ 3 Nanku umnikelo enimele niwamkele kubo: igolide,+ isilivere,+ ikopolo,+ 4 umsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe, ilinen yodidi, uboya bebhokhwe, 5 iimfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu, izikhumba zeentini, imithi yomnga,+ 6 ioli yezibane,+ ioli yebhalsam esetyenziselwa ukuthambisa,+ efakwa nakwisiqhumiso esiqholiweyo,+ 7 amatye eanikis namanye amatye ekuhonjiswa ngawo iefodi+ nesingxobo.*+ 8 Bamele bandenzele indawo engcwele, ukuze ndihlale* phakathi kwabo.+ 9 Intente engcwele nayo yonke impahla yayo, nimele niyenze kanye ngendlela endinibonise ngayo.+
10 “Bamele benze ityeya ngomthi womnga, ubude bayo bube ziikubhite* ezimbini ezinehafu nobubanzi bayo bube yikubhite enehafu nokuphakama kwayo kube yikubhite enehafu.+ 11 Emva koko umele uyityabeke ngegolide esulungekileyo.+ Uze uyityabeke ngaphakathi nangaphandle, uyijikeleze ngomphetho wegolide.+ 12 Yenzele amakhonkco egolide amane, uwafake emilenzeni yayo emine. Amakhonkco amabini mawabe kweli cala layo, aze amanye amabini abe kwelinye. 13 Uze wenze iipali ngomthi womnga, uzityabeke ngegolide.+ 14 Ezo pali umele uzifake kuloo makhonkco asemacaleni eTyeya ukuze ithwalwe ngazo. 15 Mazihlale emakhonkcweni eTyeya ezo pali. Mazingakhutshwa kuwo.+ 16 Ngaphakathi kuloo Tyeya, umele ufake uBungqina endiza kukunika bona.+
17 “Uze wenze isivalo ngegolide esulungekileyo, ubude baso bube ziikubhite ezimbini ezinehafu nobubanzi baso bube yikubhite enehafu.+ 18 Umele wenze neekherubhi ezimbini ngegolide. Zenze ngokuzikhanda zibe seziphelweni zesivalo.+ 19 Zenze ezo kherubhi zibe seziphelweni zozibini, enye kweli cala lesivalo ize enye ibe kweliya. 20 Ezo kherubhi zimele ziwolulele phezulu amaphiko azo, zogqume isivalo ngamaphiko azo,+ zijongene. Ubuso beekherubhi mabujonge kwisivalo. 21 Uze uyivale iTyeya ngeso sivalo,+ ufake uBungqina endiza kukunika bona kuyo. 22 Ndiza kuzityhila kuwe apho, ndize ndithethe nawe ndiphezu kwesivalo seTyeya.+ Ndiza kukuxelela yonke imiyalelo endiza kuyinika amaSirayeli, ndiphakathi kwezo kherubhi zimbini eziphezu kwetyeya yoBungqina.
23 “Umele wenze netafile+ ngomthi womnga, ubude bayo bube ziikubhite ezimbini, bube yikubhite ububanzi bayo, ukuphakama kwayo kube yikubhite enehafu.+ 24 Uze uyityabeke ngegolide esulungekileyo, uyijikeleze ngomphetho wegolide. 25 Umele uyenzele ungqameko oluyijikelezileyo lube nobubanzi obungangobubanzi besandla,* nomphetho wegolide ojikeleze olo ngqameko. 26 Yenzele amakhonkco egolide amane uze uwafake ezikoneni zone, ecaleni kwemilenze emine. 27 Mawabe kufutshane nongqameko, ukuze iipali zokuthwala itafile zingene kuwo. 28 Ezo pali uze uzenze ngomthi womnga, uzityabeke ngegolide, ize ithwalwe ngazo itafile.
29 “Loo tafile uze uyenzele izitya, iindebe, imiphanda nezitya ekuza kugalelwa ngazo iminikelo eselwayo. Umele uzenze ngegolide esulungekileyo.+ 30 Umele uhlale ubeke phambi kwam izonka zokubonisa kuloo tafile.+
31 “Umele wenze isiphatho sezibane+ ngegolide esulungekileyo. Eso siphatho senze ngokusikhanda. Umzantsi waso, isiqu, amasebe, iindebe, amaqhuma neentyatyambo umele uzenze zibe yinto enye.+ 32 Masibe namasebe amathandathu aphuma emacaleni apha kuso. Amathathu kuloo masebe makaye cala-nye, aze amanye amathathu aye kwelinye. 33 Yenza iindebe ezintathu ezimile okweentyatyambo zom-amangile kumasebe aya kwicala elinye. Yenza loo masebe abe namaqhuma neentyatyambo, iqhuma ngalinye lilandelwa yintyatyambo. Uze wenze okufanayo nakumasebe aya kwelinye icala. Makenziwe ngolu hlobo amasebe amathandathu, esuka esiqwini sesi siphatho. 34 Isiqu seso siphatho masibe neendebe ezine ezimile okweentyatyambo zom-amangile, sibe namaqhuma neentyatyambo, qhuma ngalinye lilandelwa yintyatyambo. 35 Makubekho iqhuma elinye ezantsi kwamasebe amabini okuqala aphuma esiqwini, nelinye iqhuma ezantsi kwamanye amasebe amabini aphume kwelinye icala lesiqu sesiphatho sezibane, nelinye iqhuma ezantsi kwamanye amasebe amabini aphume kwelinye icala. Yenza loo nto kuwo onke amasebe amathandathu aphuma esiqwini seso siphatho. 36 Amaqhuma namasebe naso sonke eso siphatho mazenziwe ngegolide esulungekileyo, zibe yinto enye ekhandiweyo.+ 37 Uze usenzele izibane ezisixhenxe. Kuza kuthi xa ezo zibane zilayitiwe, zikhanyise indawo ephambi kwazo.+ 38 Imicephe yokucima umlilo* kunye nezitya zomlilo mazibe zezegolide esulungekileyo.+ 39 Esi siphatho sezibane nezinto zaso, masenziwe ngetalente* yegolide esulungekileyo. 40 Uze uqinisekise ukuba uzenza kanye ngendlela owayiboniswayo entabeni.+
26 “Intente engcwele+ uze uyenze ngamalaphu alishumi elinen yodidi ephothiweyo, ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo* nangoboya obubomvu krwe. La malaphu uze uwenze abe nemihombiso yeekherubhi.+ 2 Onke la malaphu entente amele abe ziikubhite* eziyi-28 ubude, abe ziikubhite eziyi-4 ububanzi yaye amele alingane onke.+ 3 Amalaphu entente amahlanu amele adityaniswe abe lilaphu elinye elide, namanye amahlanu adityaniswe abe lilaphu elide. 4 Uze wenze iindawo zokuhaka ngomsonto oluhlaza* kumphetho welaphu elisekugqibeleni kulawo adityanisiweyo, nakumphetho welokugqibela kwamanye adityanisiweyo, apho aza kudityaniswa khona xa ewonke. 5 Uze wenze iindawo zokuhaka eziyi-50 kwilaphu elinye lentente, wenze zibe yi-50 nakumphetho welinye ilaphu lentente ukuze zingqamane xa la malaphu edityaniswa. 6 Uze wenze iihaki zegolide eziyi-50, uwadibanise ngazo amalaphu entente, itsho ibe yinto enye intente engcwele.+
7 “Uze wenze namalaphu oboya bebhokhwe+ aza kuba phezu kwentente engcwele. Amele abeyi-11.+ 8 Onke la malaphu amele abe ziikubhite eziyi-30 ubude, abe ziikubhite eziyi-4 ububanzi. Onke la malaphu ayi-11 amele alingane. 9 Umele uwadibanise kunye amalaphu entente amahlanu, uphinde udibanise amathandathu kunye, yaye eli lesithandathu umele ulisonge phambi kwentente. 10 Yaye umele wenze iindawo zokuhaka eziyi-50 kumphetho welaphu elinye, kwelisekugqibeleni kula adityanisiweyo. Uphinde wenze iindawo zokuhaka eziyi-50 nakumphetho welinye ilaphu, kwicala aza kudityaniswa ngalo. 11 Uze wenze iihaki zekopolo eziyi-50, uzifake kwezi ndawo zokuhaka, uze uyidibanise intente ibe yinto enye. 12 Icala elishiyekileyo lamalaphu entente liza kujinga. Ihafu yelaphu elishiyekileyo iza kujinga emva kwentente engcwele. 13 Amalaphu ashiyekileyo aza kujinga emacaleni entente engcwele, kuza kujinga ikubhite yamalaphu macala, ukuze ogqume intente.
14 “Uze uyogqume intente ngeemfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu nangezikhumba zeentini.+
15 “Intente engcwele uze uyenzele iifreyimi*+ ezimiswe nkqo ngamaplanga omnga.+ 16 Ezo freyimi zimele zibe ziikubhite ezilishumi ubude, zibe yikubhite enehafu ububanzi. 17 Ifreyimi nganye imele ibe namaplanga amabini adityanisiweyo. Umele uzenze ngolo hlobo zonke iifreyimi zentente engcwele. 18 Umele wenze iifreyimi eziyi-20 zecala elisemzantsi lentente engcwele.
19 “Uze wenze iziseko zesilivere eziyi-40+ phantsi kweefreyimi eziyi-20: iziseko ezibini phantsi kwefreyimi yokuqala, ukuze kungene amaplanga ayo amabini, kwenziwe loo nto nakwezilandelayo iifreyimi.+ 20 Uze wenze iifreyimi eziyi-20 nakwelinye icala lentente engcwele, icala elisemantla. 21 Uze wenze neziseko zesilivere eziyi-40, ezibini phantsi kwefreyimi yokuqala, wenze loo nto nakwezilandelayo iifreyimi. 22 Icala lentente engcwele elingasemva, kwicala elingasentshona, uze ulenzele iifreyimi ezintandathu.+ 23 Uze wenze iifreyimi ezimbini eziza kuxhasa iikona ezingasemva zentente engcwele. 24 Ifreyimi imele yenziwe ngamaplanga amabini ukusuka ezantsi ukuya phezulu, apho zidibana khona kwikhonkco lokuqala. Zimele zenziwe ngolu hlobo zombini ezi freyimi, yaye ziza kuxhasa iikona ezimbini. 25 Ngoku kuza kubakho iifreyimi ezisibhozo neziseko zazo zesilivere eziyi-16, kubekho iziseko ezibini phantsi kwefreyimi yokuqala, kwenziwe loo nto nakwezilandelayo iifreyimi.
26 “Uze wenze imiqadi ngomthi womnga, ibe mihlanu kwiifreyimi zecala elinye lentente engcwele,+ 27 ibe mihlanu kwiifreyimi ezikwelinye icala lentente engcwele, ize ibe mihlanu nakwiifreyimi ezikwicala lentente engcwele elingasentshona, ngasemva. 28 Umqadi onqumla esiphakathini seefreyimi umele uqale kwelinye icala uyokufika ekugqibeleni.
29 “Uze uzityabeke ngegolide iifreyimi,+ uwenze ngegolide namakhonkco efakwa kuwo imiqadi, nemiqadi uyityabeke ngegolide. 30 Uze uyimise intente engcwele ngendlela oyiboniswe ngayo entabeni.+
31 “Uze wenze ikhethini+ ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe nangelinen ephothiweyo yodidi. Imele ibe nemihombiso yeekherubhi. 32 Uze uyixhome kwiintsika ezine zomnga ezityatyekwe ngegolide. Iihaki zayo zimele zibe zezegolide. Ezi ntsika zine zimele zime phezu kweziseko zesilivere ezine. 33 Le khethini uza kuyixhoma ezantsi kweehaki, ubeke ityeya yoBungqina+ ngaphaya kwayo. Le khethini iza kwahlula iNgcwele+ kweYona Ngcwele.+ 34 Umele usibeke isivalo phezu kwetyeya yoBungqina kweYona Ngcwele.
35 “Itafile umele uyibeke nganeno kwekhethini, ubeke isiphatho sezibane+ singqamane nayo kwicala elingasemzantsi lentente engcwele. Yona itafile umele uyibeke ngasemntla. 36 Uze wenze umkhusane* wokuvala umnyango wentente, uwenze ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe, nangelinen ephothiweyo yodidi nelukiweyo.+ 37 Umkhusane* umele uwenzele iintsika ezintlanu zomnga uze uzityabeke ngegolide. Iihaki zazo zimele zibe zezegolide, yaye umele uzenzele iziseko zekopolo ezihlanu.
27 “Uza kwenza isibingelelo ngomthi womnga,+ sibe nobude obuziikubhite ezintlanu nobubanzi obuziikubhite* ezintlanu. Eso sibingelelo masibe sisikwere, ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezintathu.+ 2 Uza kusenza sibe neempondo+ kwiikona zone. Ezo mpondo mazibe yinto enye nesibingelelo, uze usityabeke isibingelelo ngekopolo.+ 3 Uza kusenzela neenkonkxa zokususa uthuthu lwaso,* imihlakulo, izitya, iifolokhwe nezitya zomlilo. Zonke izixhobo zesibingelelo uza kuzenza ngekopolo.+ 4 Senzele umnatha wekopolo, ngakuloo mnatha kubekho amakhonkco amane ekopolo kuzo zone iikona zesibingelelo. 5 Umnatha uza kuwubeka ngasezantsi kongqameko lwesibingelelo, ngasezimbanjeni zaso. 6 Uza kusenzela nezibonda ngomthi womnga, uze uzityabeke ngekopolo. 7 Ezo zibonda ziza kufakwa kumakhonkco esibingelelo, ukuze xa sithwalwa zibe kuwo omabini amacala esibingelelo.+ 8 Uza kusenza isibingelelo sibe yibhokisi eholoholo yamaplanga. Sifanele senziwe kanye ngohlobo uThixo akubonise ngalo entabeni.+
9 “Intente engcwele uze uyenzele iyadi.+ Kwicala lentente elingasemzantsi, loo yadi uze uyenze ngeekhethini zelinen ephothiweyo yodidi, ezinobude obuziikubhite eziyi-100 xa zidityanisiwe.+ 10 Loo yadi mayibe neentsika eziyi-20 neziseko zazo eziyi-20 zekopolo. Iihaki zeentsika nezidibanisi* zazo mazibe zezesilivere. 11 Nakwicala elingasemntla, iyadi uza kuyenza ngeekhethini ezinobude obuziikubhite eziyi-100 xa zidityanisiwe, nangeentsika eziyi-20 ezineziseko zazo zekopolo eziyi-20. Iihaki nezidibanisi* zazo mazibe zezesilivere. 12 Kwicala elingasentshona, iikhethini ezinqumla ububanzi beyadi mazibe ziikubhite eziyi-50 xa zidityanisiwe. Uza kuzenzela iintsika ezilishumi neziseko zazo ezilishumi. 13 Ububanzi beyadi kwicala elingasempuma, mabube ziikubhite eziyi-50. 14 Iikhethini ezikwelo cala mazibe ziikubhite eziyi-15, zona iintsika zazo zibe ntathu neziseko zazo zibe zithathu.+ 15 Kwelinye icala iikhethini mazibe ziikubhite eziyi-15, zona iintsika zibe ntathu neziseko zazo zibe zithathu.
16 “Indawo ekungenwa kuyo eyadini mayibe nomkhusane* oziikubhite eziyi-20 ubude, owenziwe ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe nangelinen ephothiweyo yodidi nelukiweyo,+ yaye makubekho neentsika ezine neziseko zazo ezine.+ 17 Zonke iintsika ezijikeleze iyadi mazibe nezibopho zesilivere neehaki zesilivere, kodwa iziseko zazo mazibe zezekopolo.+ 18 Iyadi iza kwenziwa ngelinen ephothiweyo yodidi, ibe ziikubhite eziyi-100 ubude,+ ibe ziikubhite eziyi-50 ububanzi, ize ibe ziikubhite eziyi-5 ukuphakama, yaye iziseko zayo mazibe zezekopolo. 19 Zonke izixhobo ezisetyenziswa ententeni engcwele, izikhonkwane zayo, nezikhonkwane zeyadi ziza kuba zezekopolo.+
20 “Umele uwayalele amaSirayeli ukuba eze neoli yeminquma ecwengileyo yokukhanyisa, ukuze izibane zihlale zivutha ngalo lonke ixesha.+ 21 UAron noonyana bakhe baza kulungiselela ukuba izibane zikhanyise phambi kukaYehova,+ ukususela ngokuhlwa kude kuse. Baza kuyenza loo nto ententeni yokuhlangana nganeno kwekhethini engakuBungqina.+ Lowo ngumthetho oza kuhlala uthotyelwa ngamaSirayeli kuzo zonke izizukulwana zawo.+
28 “Thatha kumaSirayeli uAron umntakwenu kunye noonyana bakhe, ukuze babe ngababingeleli bam.+ Biza uAron+ kunye noNadabhi, uAbhihu,+ uEleyazare noItamare,+ oonyana bakhe.+ 2 Uze umenzele iimpahla ezingcwele uAron umntakwenu, ukuze abe nozuko, abe mhle.+ 3 Thetha nabo bonke abo banobuchule* endibanike umoya wobulumko,+ yaye bona baza kumenzela iimpahla zokumenza ngcwele uAron, ukuze abe ngumbingeleli.
4 “Nazi iimpahla abaza kuzenza: isingxobo,*+ i-efodi,+ isambatho esingenamikhono,+ umwunduzo onemibalabala, iqhiya yamadoda+ nombhinqo.+ Ezi mpahla zingcwele bamele bazenzele uAron umntakwenu noonyana bakhe, ukuze abe ngumbingeleli kum. 5 Abo bantu banobuchule mabasebenzise igolide, umsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen yodidi.
6 “Bamele benze iefodi ngegolide, ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe, nangelinen yodidi ephothiweyo nelukiweyo, yaye imele ibe nemihombiso.+ 7 Mayibe namagxa okuyixakatha adityaniswe emiphethweni yayo emibini. 8 Ibhanti*+ eliphothiweyo elidityaniswe ne-efodi ukuze liyibambe ihlale endaweni yayo, nalo malenziwe ngezinto ezifanayo: igolide, umsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen ephothiweyo yodidi nelukiweyo.
9 “Uze uthathe amatye amabini eanikis,+ ubhale kuwo amagama oonyana bakaSirayeli.+ 10 Bhala amagama abo amathandathu kwelinye ilitye uze amanye amathandathu uwabhale kwelinye ilitye ngokokuzalwa kwabo. 11 Umbhali wamatye umele abhale amagama oonyana bakaSirayeli kuwo omabini loo matye, ngendlela ebeya kubhala ngayo isixhobo sokubeka isitampu.+ Uze uwafake kwizakhelo zegolide. 12 Uze uwafake omabini la matye emagxeni e-efodi, abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli,+ aze uAron athwale amagama abo phambi koYehova emagxeni akhe omabini, abe sisikhumbuzo. 13 Uze wenze nezakhelo zegolide 14 namatsheyini amibini egolide esulungekileyo aphothwe okwentambo.+ Uze uwafake loo matsheyini kwezo zakhelo.+
15 “Ichule lokuhombisa malenze isingxobo* sokugweba.+ Simele senziwe sifane ne-efodi, senziwe ngegolide, ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe, nangelinen ephothiweyo yodidi nelukiweyo.+ 16 Masibe sisikwere xa siphindwe kubini, ubude baso bube ngangesandla esoluliweyo* nobubanzi baso bube ngangesandla esoluliweyo. 17 Uze ufake kweso singxobo iziseko ezinamatye zibe yimiqolo emine. Kumqolo wokuqala makubekho irubhi, itopazi ne-emeraldi. 18 Kumqolo wesibini makubekho itekoyisi, isafire neyaspisi. 19 Kumqolo wesithathu makubekho ileshem, iagate neamethiste. 20 Kumqolo wesine makubekho ikrizolite, ianikis nejeyidi. Onke loo matye amele afakwe kwizakhelo zegolide. 21 Loo matye amele alingane namagama ayi-12 oonyana bakaSirayeli. Litye ngalinye limele libhalwe ngendlela esibhalwa ngayo isixhobo sokubeka isitampu, negama ngalinye elibhaliweyo limele isizwe esinye kwezo ziyi-12.
22 “Uze wenze namatsheyini egolide esulungekileyo aphothwe okwentambo, uhombise ngawo isingxobo.+ 23 Eso singxobo senzele amakhonkco egolide amabini, uwafake ezikoneni zombini zesingxobo. 24 Uze ufake ezo ntambo zimbini zegolide emakhonkcweni lawo omabini asezikoneni zesingxobo. 25 Umele uthathe iincam zombini zezo ntambo uzifake kwizakhelo zombini ezisemagxeni e-efodi ngaphambili uze uzibophelele. 26 Uze wenze amakhonkco egolide amabini, uwafake ezikoneni zombini zesingxobo, kwicala elingaphakathi elithene nca ne-efodi.+ 27 Umele wenze amanye amakhonkco egolide amabini uwafake ngaphambili kwiefodi, ezantsi kwamagxa e-efodi malunga nalapho adibana khona, kodwa emantla ebhanti* eliphothiweyo le-efodi.+ 28 Isingxobo simele sibotshelelwe endaweni yaso ngentambo eluhlaza,* kudityaniswe amakhonkco aso namakhonkco e-efodi. Siza kutsho sihlale endaweni yaso kwi-efodi, emantla ebhanti* eliphothiweyo.
29 “UAron umele athwale amagama oonyana bakaSirayeli kwisingxobo sokugweba phezu kwentliziyo yakhe xa engena eNgcweleni, ukuze loo nto ihlale isisikhumbuzo phambi koYehova. 30 Uze ufake iUrim neTumim*+ kwisingxobo sokugweba, ibe zimele zibe phezu kwentliziyo ka-Aron xa engena phambi koYehova. UAron umele ahlale efake ezi zinto zokugweba oonyana bakaSirayeli phezu kwentliziyo yakhe phambi koYehova.
31 “Uze wenze isambatho esingenamikhono se-efodi ngomsonto oluhlaza.*+ 32 Masivuleke apha emqaleni waso.* Le ndawo ivulekileyo imele yenzelwe umphetho ophothiweyo lichule lomluki. Loo ndawo ivulekileyo mayibe njengeyesambatho sentsimbi somkhosi, ukuze ingakrazuki. 33 Uze wenze umphetho weerharnati ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* nangoboya obubomvu krwe, usijikeleze nangeentsimbi zegolide phakathi kwezo rharnati. 34 Faka intsimbi yegolide, ufake irharnati, ufake intsimbi yegolide, ufake irharnati, wenze loo nto kuwo wonke loo mphetho wesambatho esingenamikhono. 35 UAron umele asinxibe ukuze enze imisebenzi yakhe, ibe isandi saso masivakale xa engena ephuma kwindawo engcwele phambi koYehova ukuze angafi.+
36 “Yenza ipleyiti emenyezelayo ngegolide esulungekileyo, ubhale kuyo ngendlela umntu ebeya kubhala ngayo isixhobo sokubeka isitampu, lo mbhalo: ‘BobukaYehova ubungcwele.’+ 37 Umele uyibophelele kwiqhiya ka-Aron+ ngentambo eluhlaza.* Imele ihlale ingaphambili kuloo qhiya. 38 Imele ibe sebunzi kuAron, kwaye uAron uza kuphendula xa kukho umntu ongaziphathi kakuhle izinto ezingcwele,+ zinto ezo amaSirayeli azingcwalisayo xa ezinikela njengezipho ezingcwele. Imele ihlale isebunzini lakhe, ukuze athandwe nguYehova.
39 “Uze woluke umwunduzo onemibala-bala ngelinen yodidi, iqhiya yamadoda ngelinen yodidi wenze nombhinqo owolukiweyo.+
40 “Uze wenzele oonyana baka-Aron+ imiwunduzo, imibhinqo, nezinto zokuthwala entloko ukuze babe nozuko, babe bahle.+ 41 Umele umnxibise zona uAron umntakwenu noonyana bakhe abakunye naye. Uze ubathambise,+ ubamisele,*+ ubenze ngcwele, ukuze babe ngababingeleli bam. 42 Umele ubenzele nooshoti* belinen, ukuze bogqume ubuze babo.+ Bamele basuke esinqeni bayokutsho emathangeni. 43 Ezi mpahla zimele zinxitywe nguAron noonyana bakhe xa bengena ententeni yokuhlangana okanye besondela esibingelelweni, bezokusebenza endaweni engcwele ukuze bangabi natyala baze bafe. Lo ngumthetho oza kuhlala usebenza kuye nakwinzala* yakhe.
29 “Nantsi indlela omele ubangcwalise ngayo ukuze babe ngababingeleli bam: Thatha ithole lenkomo eliyinkunzi, iinkunzi zeegusha eziphilileyo ezimbini,+ 2 izonka ezingenagwele, izonka ezingenagwele ezirawundi ezixutywe namafutha, nezonka ezisicaba ezingenagwele eziqatywe amafutha.+ Uze uzenze ngomgubo ocoliweyo wengqolowa, 3 uzifake ebhaskithini uze nazo zisebhaskithini,+ uze nayo nenkunzi yenkomo, neenkunzi zegusha ezimbini.
4 “UAron noonyana bakhe umele ubazise kumnyango wentente yokuhlangana,+ uze ubahlambe ngamanzi.+ 5 Emva koko umele unxibise uAron umwunduzo,+ isambatho esingenamikhono se-efodi, iefodi nesingxobo,* umbophe ntshi esinqeni ngebhanti le-efodi eliphothiweyo.+ 6 Uze umthwalise iqhiya yamadoda, ubeke ipleyiti engcwele yegolide ebonisa ukuzinikela kwakhe* ngaphambili kuloo qhiya,+ 7 uthathe ioli yokuthambisa,+ uyigalele entlokweni yakhe, umthambise.+
8 “Emva koko uze usondeze oonyana bakhe, ubanxibise imiwunduzo.+ 9 Uze ubabhinqise imibhinqo uAron noonyana bakhe, ubathwalise izinto zokuthwala, yaye baza kuhlala bengababingeleli abasemthethweni ngonaphakade.+ Yiyo leyo indlela omele ubamisele ngayo uAron noonyana bakhe ukuze babe ngababingeleli.*+
10 “Ngoku umele usondeze inkunzi yenkomo phambi kwentente yokuhlangana, aze uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo entlokweni yaloo nkunzi yenkomo.+ 11 Umele uyixhele loo nkunzi yenkomo phambi koYehova, emnyangweni wentente yokuhlangana.+ 12 Elinye igazi lale nkunzi yenkomo umele uliqabe ngomnwe kwiimpondo zesibingelelo,+ lize elishiyekileyo uligalele emazantsi esibingelelo.+ 13 Emva koko umele uthathe onke la manqatha+ ogqume amathumbu, umhlehlo ophezu kwesibindi, izintso zombini namanqatha aphezu kwazo, uzitshise ukuze ziqhume phezu kwesibingelelo.+ 14 Kodwa yona inyama yale nkunzi yenkomo, isikhumba sayo nobulongwe bayo umele uzitshise ngaphandle kwenkampu. Loo nkomo ngumnikelo wesono.
15 “Emva koko uze uthathe inkunzi yegusha ibe nye, uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo entlokweni yayo.+ 16 Umele uyixhele loo nkunzi yegusha, uthathe igazi layo ulifefe kuwo onke amacala esibingelelo.+ 17 Yinqunqe, uhlambe amathumbu ayo namanqina ayo,+ uze uziqokelele ndawonye ezo ndawo zayo uzinqunqileyo kunye nentloko. 18 Uze uyitshise yonke loo gusha, iqhume phezu kwesibingelelo. Lowo ngumnikelo otshiswayo owenzelwa uYehova, olivumba elimnandi.*+ Ngumnikelo owenziwe ngomlilo usenzelwa uYehova.
19 “Wakugqiba, thatha inkunzi yegusha yesibini, uAron noonyana bakhe babeke izandla phezu kwentloko yayo.+ 20 Umele uyixhele loo nkunzi yegusha, uze uthathe elinye igazi layo uliqabe kwindlebe yasekunene ka-Aron nakwiindlebe zasekunene zoonyana bakhe, uliqabe kubhontsi wezandla zabo zasekunene nakubhontsi weenyawo zabo zasekunene, emva koko ulifefe macala onke esibingelelo. 21 Thatha elinye lelo gazi eliphezu kwesibingelelo neoli yokuthambisa,+ utshize uAron nezambatho zakhe, oonyana bakhe nezambatho zabo, ukuze izambatho zakhe nezoonyana bakhe zibe ngcwele.+
22 “Emva koko umele uthathe amanqatha aloo gusha, umsila wayo otyebileyo, amanqatha ogqume amathumbu, umhlehlo ophezu kwesibindi, izintso zombini namanqatha aphezu kwazo,+ nomlenze wasekunene, kuba leyo yinkunzi yegusha yokumisela.+ 23 Umele uthathe kwibhaskithi yezonka ezingenagwele ephambi koYehova, isonka esirawundi, isonka esinamafutha esimile okweringi, nesonka esisicaba. 24 Umele uzibeke zonke ezandleni zika-Aron nasezandleni zoonyana bakhe, uze uzitshangatshangise zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova. 25 Emva koko zithathe ezandleni zabo, uzitshise esibingelelweni, phezu kwala mnikelo utshiswayo, zibe livumba elimnandi* kuYehova. Ngumnikelo owenziwa ngomlilo lowo, usenzelwa uYehova.
26 “Uze uthathe inyama yesifuba* yenkunzi yegusha enikelwe ukuze kumiselwe+ uAron, uyitshangatshangise ibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova, yaye iza kuba sisabelo sakho eso. 27 Umele uyingcwalise inyama yesifuba engumnikelo otshangatshangiswayo nomlenze wesabelo esingcwele obutshangatshangisiwe, zinto ezo ezithathwe kwinkunzi yegusha enikelwe ukuze kumiselwe+ uAron noonyana bakhe. 28 Mayibe yeka-Aron noonyana bakhe. Lowo ngumthetho omele uthotyelwe ngamaSirayeli ngonaphakade, kuba le nyama isisabelo esingcwele ibe iza kuba sisabelo esingcwele esikhutshwa ngamaSirayeli.+ Yinyama engcwele ayinika uYehova xa enikela imibingelelo yawo yobuhlobo.+
29 “Iimpahla ezingcwele+ zika-Aron ziza kuba zezoonyana bakhe+ abaza kulandela emva kwakhe, xa beye bathanjiswa baza bamiselwa baba ngababingeleli. 30 Umbingeleli ophuma koonyana bakhe oza kungena ezihlangwini zakhe aze angene ententeni yokuhlangana ukuze asebenze endaweni engcwele, umele azinxibe iintsuku ezisixhenxe.+
31 “Umele uthathe inyama yale nkunzi yegusha yokumisela, uyibilise endaweni engcwele.+ 32 UAron noonyana bakhe baza kuyitya+ loo nyama kunye nesonka esikwibhaskithi ekumnyango wentente yokuhlangana. 33 Bamele bazitye izinto ekuhlawulwe ngazo ukuze benziwe ababingeleli* nokuze bangcwaliswe. Kodwa umntu ongalinikwanga ilungelo lokuzitya* akafanelanga azitye, kuba zingcwele.+ 34 Ukuba kukhe kwashiyeka inyama yombingelelo wokumisela nesonka kwada kwasekuseni, umele uyitshise ngomlilo loo nto ishiyekileyo.+ Mayingatyiwa, kuba ingcwele.
35 “Yenza ngaloo ndlela kuAron nakoonyana bakhe, wenze yonke into endikuyalele yona. Umele uthathe iintsuku ezisixhenxe xa ubamisela.+ 36 Umele unikele ngenkunzi yenkomo engumnikelo wesono ukuze uhlawule, usicoce isibingelelo esonweni ngokusihlawulela, yaye umele usithambise ukuze usingcwalise.+ 37 Uza kusihlawulela isibingelelo iintsuku ezisixhenxe, yaye umele usingcwalise ukuze sibe sesona sibingelelo singcwele.+ Nabani na osebenza esibingelelweni umele abe ngcwele.
38 “Nazi izinto omele wenze ngazo umnikelo esibingelelweni: yonke imihla, ngalo lonke ixesha umele unikele ngamatakane egusha amabini anonyaka ezelwe.+ 39 Elinye itakane legusha eliyinkunzi umele unikele ngalo kusasa, uze elinye unikele ngalo ngokuhlwa.*+ 40 Itakane lokuqala limele linikelwe nomlinganiselo weshumi we-efa* yomgubo ocoliweyo oxutywe nekota yehin* yeoli engqushiweyo, kunye nomnikelo oselwayo oyikota yehin yewayini. 41 Lona elesibini umele ulinikele ngokuhlwa,* kunye neminikelo yokutya neminikelo eselwayo efanayo naleyo yakusasa. Uza kuyinikela ibe livumba elimnandi,* nomnikelo owenziwe ngomlilo usenzelwa uYehova. 42 Lo mnikelo utshiswayo umele uhlale usenziwa, kuzo zonke izizukulwana zenu, wenziwe ngasemnyangweni wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuzibonakalisa khona kuni ukuze ndithethe nani.+
43 “Ndiza kuzibonakalisa kumaSirayeli apho, ize loo ndawo ingcwaliswe luzuko lwam.+ 44 Ndiza kuyingcwalisa intente yokuhlangana nesibingelelo, ndimngcwalise noAron noonyana bakhe+ ukuze babe ngababingeleli bam. 45 Ndiza kuhlala* phakathi kwabantu bakwaSirayeli, ndize ndibe nguThixo wabo.+ 46 Nakanjani na baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo kwilizwe laseYiputa ukuze ndihlale nabo.+ NdinguYehova uThixo wabo.
30 “Umele wenze isibingelelo sokutshisa isiqhumiso esiqholiweyo,+ usenze ngomthi womnga.+ 2 Masibe sisikwere, sibe nobude obuyikubhite,* ububanzi obuyikubhite kuze ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezimbini. Iimpondo zaso zimele zakhelwe kuso.+ 3 Uze utyabeke umphezulu waso ngegolide esulungekileyo, utyabeke namacala aso onke, kunye neempondo zaso. Umele usijikeleze ngomqukumbelo wegolide. 4 Uze usenzele amakhonkco egolide amabini. Loo makhonkco amele abe sezantsi komqukumbelo waso kumacala amabini ameleneyo, abe ziindawo zokuxhasa iipali zokusithwala. 5 Yenza ezo pali ngomthi womnga, uzityabeke ngegolide. 6 Umele usibeke phambi kwekhethini ekufuphi netyeya yoBungqina,+ phambi kwesivalo esiphezu koBungqina, apho ndiza kuzityhila kuwe khona.+
7 “UAron+ uza kutshisela kuso+ isiqhumiso esiqholiweyo,+ asiqhumise xa elungisa izibane+ ntsasa nganye. 8 Kwakhona, uAron uza kutshisa isiqhumiso esiqholiweyo xa ezokukhanyisa ngokuhlwa.* Lowo iza kuba ngumnikelo wesiqhumiso owenziwa qho phambi koYehova zizo zonke izizukulwana zenu. 9 Animele ninikele isiqhumiso esiqholiweyo+ esingekho mthethweni kweso sibingelelo, animele ninikele nomnikelo otshiswayo okanye umnikelo wokutya okuziinkozo, ningagaleli nomnikelo oselwayo kuso. 10 UAron makahlawule kwiimpondo zaso kanye ngonyaka.+ Umele ahlawule ngenxalenye yegazi lomnikelo wokuhlawulela wesono+ kube kanye ngonyaka, kuzo zonke izizukulwana zenu. Eso sibingelelo sisesona singcwele kuYehova.”
11 UYehova wathi kuMoses: 12 “Nanini na xa ubala inani loonyana bakaSirayeli,+ ngamnye kubo makahlawulele ubomi* bakhe kuYehova ngelo xesha lokubalwa kwabo. Makwenziwe loo nto ukuze kungaziswa sibetho kubo xa bebalwa. 13 Nantsi into emele ikhutshwe ngabo bonke abo babaliweyo: ihafu yeshekele* ngokweshekele yendawo engcwele.*+ Ishekele ilingana neegera* ezingamashumi amabini. Loo hafu yeshekele ingumnikelo kuYehova.+ 14 Wonke umntu obaliweyo, osusela kwiminyaka eyi-20 ukonyuka, umele awukhuphe umnikelo kaYehova.+ 15 Isityebi masinganikeli ngaphezu kwehafu yeshekele,* nehlwempu malinganikeli ngaphantsi kwehafu yeshekele xa benikela umnikelo kuYehova ukuze kuhlawulelwe ubomi* babo. 16 Uze uyithathe imali yesilivere abahlawula ngayo oonyana bakaSirayeli, uyisebenzisele umsebenzi owenziwa ententeni yokuhlangana, ukuze ibe sisikhumbuzo kumaSirayeli phambi koYehova, ukuze kuhlawulelwe ubomi* benu.”
17 UYehova waqhubeka ethetha noMoses esithi: 18 “Yenza ngekopolo isitya sokuhlambela nento esibekwa+ kuyo, usibeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo uze ugalele amanzi kuso.+ 19 UAron noonyana bakhe bamele bahlambele kuso izandla neenyawo zabo.+ 20 Xa bengena ententeni yokuhlangana okanye beyokusebenza esibingelelweni, ukuze banikele iminikelo etshiswayo nokuze baqhumise kuYehova, bamele bahlambe ngamanzi ukuze bangafi. 21 Bamele bahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi, ibe lowo ngumthetho oza kuhlala uhleli kuye, nakwinzala yakhe, kuzo zonke izizukulwana.”+
22 UYehova waqhubeka ethetha noMoses esithi: 23 “Uze uthathe ezona ziqholo zinuka kamnandi: amagaqa emore ayi-500, isinamon emnandi eyihafu yaloo mlinganiselo, ibe ngamagaqa ayi-250, nekalamo emnandi ibe ngamagaqa ayi-250, 24 nekasiya ibe ngamagaqa ayi-500 xa zikalwe ngokweshekele yendawo engcwele,*+ kunye nehin* yeoli yeminquma. 25 Emva koko yenza ioli engcwele yokuthambisa. Imele ixutywe ngobuchule.*+ Iza kuba yioli engcwele yokuthambisa.
26 “Uze uthambise ngayo intente yokuhlangana+ netyeya yoBungqina, 27 netafile nazo zonke izinto zayo, isiphatho sezibane nazo zonke izinto zaso, nesibingelelo sesiqhumiso, 28 nesibingelelo somnikelo otshiswayo nazo zonke izinto zaso, nesitya kunye nesiseko saso. 29 Uze uzingcwalise ukuze zibe zezona zingcwele.+ Nabani na ozichukumisayo umele abe ngcwele.+ 30 Umele uthambise uAron+ noonyana bakhe,+ ubangcwalise babe ngababingeleli bam.+
31 “Umele uthethe namaSirayeli uthi: ‘Le oli imele ihlale iyioli engcwele yokuthambisa kuzo zonke izizukulwana zenu.+ 32 Ayimele ithanjiswe emzimbeni, kwaye ningaze nenze umxube ofana nowayo. Le oli ingcwele. Imele ihlale ingcwele kuni. 33 Umntu okhe wazixubela umxube ofana nayo waza wathambisa umntu ongalinikwanga ilungelo lokuthanjiswa ngayo umele abulawe.’”+
34 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Thatha umlinganiselo olinganayo wezi ziqholo:+ amafutha estorakisi, ionika, igalebhana eqholiweyo nentlaka yokuqhumisa esulungekileyo. 35 Yenza ngazo isiqhumiso esiqholiweyo.+ Lo mxube wezinongo umele uxutywe ngobuchule,* ugalelwe ityiwa,+ usulungeke, ube ngcwele. 36 Umele ugube inxalenye yazo ibe ngumgubo ocoliweyo uze ubeke inxalenye yaloo mgubo phambi koBungqina ententeni yokuhlangana, apho ndiza kuzityhila khona kuwe. Lo mgubo umele ube ngowona ungcwele kuni. 37 Nize ningazenzeli isiqhumiso esiqholiweyo esinjengeso uza kusenza ngalo mxube.+ Simele sibe njengento engcwele kaYehova kuni. 38 Nabani na ozenzela esinjengaso ukuze anandiphe ivumba laso, makabulawe kubantu bakowabo.”
31 UYehova waqhubeka ethetha noMoses, esithi: 2 “Jonga, ndikhethe* uBhetsaleli+ unyana kaUri, unyana kaHure wesizwe sakwaYuda.+ 3 Ndiza kumnika umoya kaThixo, ndimenze alumke, aqonde aze ayazi yonke into enento yokwenza nobuchule bezandla, 4 ukuze azobe iiplani, asebenze ngegolide, isilivere nekopolo, 5 axonxe amatye aze awaqingqe,+ enze zonke izinto ezenziwa ngomthi.+ 6 Ndikhethe nomntu oza kumncedisa, uOholiyabhi+ unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan. Ndibenza babe neentliziyo ezilumkileyo bonke abantu abangamachule* ukuze benze zonke ezi zinto ndikuyalela zona:+ 7 intente yokuhlangana,+ ityeya yoBungqina+ nesivalo sayo,+ zonke izinto zasententeni, 8 itafile+ nezinto zayo, isiphatho sezibane esenziwe ngegolide esulungekileyo nazo zonke izinto zaso,+ isibingelelo sesiqhumiso esiqholiweyo,+ 9 isibingelelo somnikelo otshiswayo+ nazo zonke izinto zaso, isitya nesiseko saso,+ 10 iimpahla ezenziwe ngamalaphu aphothwe kakuhle, iimpahla ezingcwele zika-Aron umbingeleli, iimpahla ezinxitywa ngoonyana bakhe xa besenza umsebenzi wababingeleli,+ 11 ioli yokuthambisa, nesiqhumiso esiqholiweyo sendawo engcwele.+ Baza kwenza yonke into endikuyalela yona.”
12 UYehova waphinda wathi kuMoses: 13 “Thetha namaSirayeli uthi, ‘Akukho nto ibaluleke ngaphezu kokuba nigcine iisabatha zam,+ kaloku ziluphawu phakathi kwam nani nakuzo zonke izizukulwana zenu, ukuze nihlale nisazi ukuba mna Yehova ndiyaningcwalisa. 14 Nimele niyigcine iSabatha, kuba ingcwele kuni.+ Nabani na oyingcolisayo umele abulawe. Ukuba kukho nabani na oye wasebenza ngeSabatha, loo mntu* umele abulawe.+ 15 Ningasebenza iintsuku ezintandathu, kodwa usuku lwesixhenxe yisabatha yokuphumla ngokupheleleyo.+ Ingcwele kuYehova. Nabani na osebenzayo ngomhla weSabatha umele abulawe. 16 AmaSirayeli amele ayigcine iSabatha. Amele ayibhiyozele kuzo zonke izizukulwana zawo. Isisivumelwano sikanaphakade. 17 Iluphawu oluza kuhlala ixesha elide phakathi kwam nabantu bakwaSirayeli,+ kuba uYehova wadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu, waza ngosuku lwesixhenxe waphumla, wazihlaziya.’”+
18 Wathi uThixo akugqiba ukuthetha noMoses eNtabeni YaseSinayi, wamnika amacwecwe amabini oBungqina,+ amacwecwe amatye abhalwe ngomnwe kaThixo.+
32 Kuthe kusenjalo, abantu babona ukuba lide eli xesha uMoses engade ehle entabeni.+ Ngoko baqokelelana baya kuAron, bathi kuye: “Phakama, senzele uthixo oza kuhamba phambi kwethu,+ kuba asazi ukuba kwenzeke ntoni kulo Moses, indoda eyasikhupha kwilizwe laseYiputa.” 2 UAron wathi kubo: “Thathani amacici egolide+ asezindlebeni zabafazi benu, nezoonyana benu, nezeentombi zenu, niwazise kum.” 3 Ngoko bonke abantu bawakhulula amacici awayesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron. 4 UAron wayithatha igolide kubo, waza wenza umfanekiso oqingqiweyo wethole lenkomo+ ngesixhobo sokubhala. Abantu bathi: “Nanku uThixo wakho Sirayeli, okukhuphileyo kwilizwe laseYiputa.”+
5 Uthe akuyibona le nto uAron, wakha isibingelelo phambi kwelo thole. Emva koko uAron wakhwaza wathi: “Ngomso kuza kwenzelwa uYehova itheko.” 6 Abantu bavuka ekuseni ngengomso, benza iminikelo etshiswayo, basondeza nemibingelelo yobuhlobo. Emva koko bahlala phantsi, batya, basela. Ethubeni, baphakama bazonwabisa.+
7 UYehova wathi kuMoses: “Hamba, yihla, kuba abantu bakho owabakhupha kwilizwe laseYiputa bazingcolisile.+ 8 Bakhawuleze bayishiya indlela endabayalela ukuba bahambe ngayo.+ Bazenzele umfanekiso oqingqiweyo wethole lenkomo, ibe bamana bequbuda kuwo, bebingelela kuwo besithi, ‘Nanku uThixo wakho Sirayeli, okukhuphileyo kwilizwe laseYiputa.’” 9 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: “Ndibonile ukuba esi sizwana, sisizwana esinenkani.*+ 10 Ndiyeke ndibatshayele ndinomsindo, ndize ndenze wena ube luhlanga olukhulu.”+
11 UMoses wamcenga*+ uYehova uThixo wakhe wathi: “Yhini Yehova ukuba ube nomsindo kangaka kubantu bakho emva kokubakhupha kwilizwe laseYiputa ngamandla amakhulu nangesandla esomeleleyo?+ 12 Kutheni kuza kufuneka amaYiputa athi, ‘Wabakhupha eneenjongo ezimbi ngabo. Wayefuna ukubabulalela ezintabeni, abatshabalalise bangabikho emhlabeni’?+ Khawuwehlise umsindo wakho, uphinde usicingisise isigqibo* sakho sokuzisela abantu bakho intlekele. 13 Khumbula uAbraham, uIsake noSirayeli abakhonzi bakho, owafunga ngawe kubo usithi, ‘Ndiza kuyandisa inzala* yakho ibe njengeenkwenkwezi zamazulu,+ yaye ndiza kulinika inzala* yakho lonke eli lizwe ndilikhethileyo, ihlale kulo ngonaphakade.’”+
14 UYehova wasitshintsha isigqibo sakhe* sokuzisela abantu bakhe intlekele.+
15 Wajika ke uMoses wehla entabeni ephethe amacwecwe amabini oBungqina+ esandleni sakhe.+ La macwecwe ayebhalwe macala omabini, ebhalwe ngaphambili nangasemva. 16 Loo macwecwe ayengumsebenzi kaThixo, naloo nto yayibhalwe kuwo yayibhalwe nguThixo.+ 17 Akuyiva uYoshuwa ingxolo yabantu ababekhwaza, wathi kuMoses: “Kukho ingxolo yedabi enkampini.” 18 Kodwa wathi yena:
“Andiva bantu bacula ngathi boyisile,*
Futhi andiva bantu balilayo ngathi boyisiwe.
Ndiva nje enye ingxolo eyahlukileyo.”
19 Akusondela enkampini uMoses waza wabona ithole lenkomo+ nabantu bedanisa, wacaphuka kakhulu waza wawagadlela phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka aziingceba emazantsi entaba.+ 20 Wathatha elo thole lenkomo ababelenzile, walitshisa waza walityumza, lacoleka langumgubo.+ Emva koko wawuphosa emanzini, waza loo manzi wawaseza amaSirayeli.+ 21 UMoses wathi kuAron: “Sikwenze ntoni esi sizwana, le nto ude usizisele isono esikhulu kangaka?” 22 UAron wathi: “Sukucaphuka nkosi yam. Nawe uyabazi aba bantu ukuba bahlala befuna ukwenza ububi.+ 23 Bathe kum, ‘Senzele uthixo oza kuhamba phambi kwethu, kuba asazi ukuba kwenzeke ntoni kulo Moses, indoda eyasikhupha kwilizwe laseYiputa.’+ 24 Ngoko ndithe kubo, ‘Nabani na onegolide, makayikhulule andinike yona.’ Ndiye ndayiphosa emlilweni, kwaphuma eli thole lenkomo.”
25 UMoses wabona ukuba abantu bayekiwe benza unothanda, kuba uAron wayebayekile, baza bahlazeka kwiintshaba zabo. 26 Emva koko uMoses wema egeyithini yenkampu, wathi: “Ngubani ongakuYehova? Makeze kum!”+ Bonke abaLevi baqokelelana ngakuye. 27 Wathi kubo: “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Ngamnye wenu makabhinqe ikrele lakhe. Yityhutyheni yonke le nkampu, ningene kuyo yonke iminyango nize nibulale ngamnye umntakwabo, ummelwane wakhe, nesihlobo sakhe esisondeleyo.’”+ 28 AbaLevi benza ngendlela abayalele ngayo uMoses. Ngoko kwabulawa amadoda amalunga ne-3 000 ngaloo mini. 29 Emva koko uMoses wathi: “Namhlanje zingcwaliseleni* uYehova, kuba ngamnye wenu ebekulungele ukulwa nonyana wakhe nomntakwabo.+ Namhlanje uThixo uza kunisikelela.”+
30 Ngengomso uMoses wathi ebantwini: “Nenze isono esikhulu kakhulu, ngoko ke ndiza kunyuka ndiye kuYehova, ndiyokusicelela uxolo esi sono senu.”+ 31 UMoses wabuyela kuYehova waza wathi: “Esinjani ukuba sikhulu sona isono esenziwe ngaba bantu! Bazenzele uthixo ngegolide!+ 32 Ndicela usixolele isono sabo.+ Ukuba awuzukukwazi, ndicela undicime encwadini yakho oyibhalileyo.”+ 33 Kodwa ke, uYehova wathi kuMoses: “Nabani na ondonileyo, ndiza kucima yena encwadini yam. 34 Wena hamba, ukhokele aba abantu, ubase kulaa ndawo endandithethe ngayo kuwe. Jonga! Ingelosi yam iza kuhamba phambi kwakho.+ Kuza kuthi ke ngosuku endiza kubaphendulisa ngalo, ndibohlwaye ngenxa yesono sabo.” 35 Emva koko uYehova wababetha ngesibetho abantu kuba benze ithole lenkomo, elo lalenziwe nguAron.
33 UYehova wathi kuMoses: “Hamba apha nabantu owabakhupha kwilizwe laseYiputa. Yiyani kwilizwe endafunga ngalo kuAbraham, uIsake noYakobi, ndathi, ‘Ndiza kulinika inzala* yakho.’+ 2 Ndiza kuthumela ingelosi phambi kwakho,+ ndize ndiwagxothe amaKanan, ama-Amori, amaHiti, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi.+ 3 Yiyani kwilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ kodwa mna andizukuhamba nani, kuba nisisizwana esinenkani,*+ hleze ndinitshabalalise endleleni.”+
4 Xa balivayo abantu elo lizwi libuhlungu, bazila, akwabikho namnye onxiba izihombo zakhe. 5 UYehova wathi kuMoses: “Yithi kumaSirayeli, ‘Nisisizwana esinenkani.*+ Ukuba ndingahamba nani nje umzuzwana, ndinganitshabalalisa.+ Ngoko ke hlalani nizikhulule izihombo zenu ngoxa ndisagqiba ngento emandiyenze ngani.’” 6 Ngoko ukusuka eNtabeni YaseHorebhe ukuya phambili, amaSirayeli ayeka ukunxiba* izihombo zawo.
7 UMoses wayifudusa intente yakhe, wayokuyibeka kude nenkampu, wayibiza ngokuba yintente yokuhlangana. Wonke umntu owayefuna ukubuza kuYehova+ wayephuma aye kwintente yokuhlangana, eyayingaphandle kwenkampu. 8 Wayesithi uMoses akuphuma apho, esiya kuloo ntente, bonke abantu bathi khwasu baze beme kwiminyango yeentente zabo, bamjonge uMoses ade ayokungena ententeni. 9 Wayesithi akungena ententeni, uhle umqulu welifu+ uzokuma ngakumnyango waloo ntente ngoxa uThixo wayethetha noMoses.+ 10 Xa abantu bawubonayo umqulu welifu umi ngakumnyango wentente, bonke baphakama baza baqubuda ngakwiminyango yeentente zabo. 11 UYehova wathetha noMoses ubuso ngobuso,+ kanye ngendlela umntu athetha ngayo nomnye umntu. Xa uMoses ebuyela enkampini, uYoshuwa+ unyana kaNun owayesisicaka nonogada wakhe,+ wayengemki ententeni.
12 UMoses wathi kuYehova: “Wena uthi kum, ‘Khokela esi sizwana kuhambo lwaso,’ kodwa awundixelelanga umntu oza kuhamba nam. Ngaphezu koko, wena uthe, ‘Ndikwazi ngegama* ibe ndiyakuthanda.’ 13 Ukuba ke uyandithanda, ndicela undixelele iindlela zakho,+ ukuze ndikwazi ndize ndiqhubeke ndithandeka emehlweni akho. Ukhumbule nokuba olu hlanga ngabantu bakho.”+ 14 Ngoko uThixo wathi: “Ndim* oza kuhamba nawe,+ yaye ndiza kukuphumza.”+ 15 Wathi uMoses kuye: “Ukuba awuzukuhamba nathi, uze ungasikhuphi apha. 16 Kuza kwaziwa njani ukuba mna nabantu bakho siyathandeka emehlweni akho? Akuzukufuneka uhambe nathi na,+ ukuze mna nabantu bakho sahluke kubo bonke abantu abasemhlabeni?”+
17 UYehova wathi kuMoses: “Nale into uyicelileyo ndiza kuyenza, kuba ndiyakuthanda kwaye ndikwaze ngegama.” 18 UMoses wathi: “Ndicela undibonise uzuko lwakho.” 19 Kodwa uThixo wathi: “Ndiza kubangela ukuba konke ukulunga kwam kudlule phambi kobuso bakho, kwaye ndiza kubhengeza igama likaYehova+ phambi kwakho, kwaye ndiza kukholiswa ngulowo ndikholiswayo nguye, ndibe nenceba kulowo ndiza kumenzela inceba.”+ 20 Kodwa uThixo waphinda wathi: “Awunakububona ubuso bam, kuba akukho mntu unokundibona aze aphile.”
21 UYehova waphinda wathi: “Nantsi indawo ngakum, yima phezu kwelitye. 22 Xa uzuko lwam ludlula ndiza kukubeka phakathi kwamatye, ndize ndikukhusele ngesandla sam ndide ndidlule. 23 Ndakudlula ndiza kusisusa isandla sam, uze wena ubone umva wam. Kodwa bona ubuso bam abunakubonwa.”+
34 Wathi uYehova kuMoses: “Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini njengalawa okuqala,+ yaye ndiza kubhala kuwo amazwi ebekula macwecwe okuqala,+ la wawophulayo.+ 2 Lungiselela ungomso, kuba uza kunyuka uye eNtabeni YaseSinayi kusasa, ume phambi kwam apho phezulu entabeni.+ 3 Kodwa makungabikho mntu unyuka nawe, yaye makungabonwa mntu kuloo ntaba. Akufuneki kubekho nemihlambi yeegusha okanye yeenkomo etya phambi kwaloo ntaba.”+
4 Ngoko uMoses wawaqingqa amacwecwe amatye amabini njengalawa okuqala, wavuka ekuseni wanyuka waya eNtabeni YaseSinayi, kanye njengokuba uYehova wayemyalele, yaye wayephethe amacwecwe amatye amabini esandleni sakhe. 5 Wehla uYehova esefini,+ wema ngakuye, waza walazisa igama likaYehova.+ 6 UYehova wadlula phambi kwakhe esithi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba+ novelwano,*+ ongakhawuleziyo ukucaphuka,+ ophuphuma luthando olungagungqiyo+ nenyaniso,*+ 7 ozithanda ngokungagungqiyo izizukulwana ezingamawaka,+ oxolela isiphoso nokunxaxha nesono,+ kodwa ongasoze angamohlwayi umntu owonileyo,+ owohlwaya oonyana nabazukulwana ngenxa yesono sootata babo, wohlwaya nesizukulwana sesithathu nesesine.”+
8 UMoses wakhawuleza waqubuda emhlabeni. 9 Emva koko wathi: “Ukuba ke uyandithanda Yehova, ndiyakucela Yehova uhambe nathi,+ ube phakathi kwethu, nokuba sisisizwana esinenkani.*+ Sixolele isiphoso nesono sethu,+ uze usithathele kuwe, sibe ngabakho.” 10 Yena waphendula wathi: “Nasi isivumelwano endisenzayo: Ndiza kwenza izinto ezimangalisayo phambi kwabo bonke abantu bakowenu, izinto ezingazange zenziwa* emhlabeni wonke nakuzo zonke iintlanga,+ yaye bonke abantu enihleli nabo baza kuwubona umsebenzi kaYehova, kuba le nto ndinenzela yona iyamangalisa.+
11 “Yimamele yonke into endikuyalela yona.+ Ndiza kuwagxotha ujongile ama-Amori, amaKanan, amaHiti, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi.+ 12 Uze uzigade ungenzi sivumelwano nabemi belizwe oya kulo,+ kuba sisenokuba ngumgibe kuwe.+ 13 Kodwa nize nizidilize izibingelelo zabo, nizaphule iintsika zabo ezingcwele, nizigawule neepali zabo ezingcwele.*+ 14 Awufanelanga uqubude komnye uthixo,+ kuba uYehova waziwa ngokufuna umntu azinikele ngokupheleleyo kuye.* UnguThixo ofuna umntu azinikele ngokupheleleyo kuye.+ 15 Uze uzigade ungenzi sivumelwano nabemi belo lizwe, kuba xa bethengisa ngomzimba koothixo babo baze babingelele kubo,+ omnye usenokukumema uze utye loo mbingelelo.+ 16 Emva koko nakanjani uza kuthathela oonyana bakho iintombi zabo,+ yaye ezo ntombi ziza kuthengisa ngomzimba koothixo bazo, zibangele noonyana bakho bathengise ngomzimba koothixo bazo.+
17 “Uze ungazenzeli izithixo zesinyithi.+
18 “Uze wenze iTheko Lezonka Ezingenagwele.+ Uza kutya isonka esingenagwele kanye njengokuba ndikuyalele. Umele uyenze le nto iintsuku ezisixhenxe, ngexesha elikhethiweyo kwinyanga ka-Abhibhi,*+ kuba waphuma ngenyanga ka-Abhibhi eYiputa.
19 “Onke amazibulo angamakhwenkwe nawo onke amazibulo aziinkunzi* ngawam,+ nditsho kwanemfuyo yakho yonke, nokuba lizibulo eliyinkunzi yenkomo okanye yegusha.+ 20 Izibulo ledonki umele ulikhulule ngegusha. Kodwa ukuba awulikhululi, umele ulaphule intamo. Umele ukhulule onke amazibulo angamakhwenkwe koonyana bakho.+ Akukho mntu umele eze phambi kwam engaphethanga nto.
21 “Umele usebenze iintsuku ezintandathu, kodwa ngosuku lwesixhenxe umele uphumle.*+ Umele uphumle nokuba sekulixesha lokulima nelokuvuna.
22 “Umele ubhiyozele iTheko Leeveki ngengqolowa evuthwe kuqala, ubhiyozele neTheko Lokuhlanganisa* ngasekupheleni konyaka.+
23 “Wonke umntu oyindoda umele abonakale phambi kweNkosi yokwenene uYehova uThixo kaSirayeli, kathathu ngonyaka.+ 24 Kuba ndiza kuzigxotha iintlanga phambi kwakho,+ ndiwongeze umhlaba wakho, yaye akukho mntu uza kulinqwenela ilizwe lakho xa usenyuka uyokubona ubuso bukaYehova uThixo wakho kathathu ngonyaka.
25 “Uze ungalibingeleli nento enegwele igazi lombingelelo wam.+ Umbingelelo wetheko lePasika mawungahlali kude kuse.+
26 “Ezona ziqhamo zihle kwezivuthwe kuqala emhlabeni wakho umele uzizise endlini kaYehova uThixo wakho.+
“Uze ungapheki itakane lebhokhwe ngobisi lukamama walo.”+
27 UYehova waphinda wathi kuMoses: “Wabhale phantsi la mazwi,+ kuba ngawo ndenza isivumelwano nawe noSirayeli.”+ 28 UMoses wahlala noYehova apho iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40. Akazange atye sonka okanye asele manzi.+ Wawabhala emacwecweni amazwi eso sivumelwano, esiyiMithetho Elishumi.*+
29 UMoses wehla eNtabeni YaseSinayi, ephethe amacwecwe amabini oBungqina.+ Xa wayesehla, wayengazi ukuba ulusu lobuso bakhe lwalukhazimla kuba wayethethe noThixo. 30 Xa uAron nawo onke amaSirayeli ambonayo, baqaphela ukuba ulusu lobuso bakhe luyakhazimla, boyika ukusondela kuye.+
31 UMoses wababiza, waza uAron nazo zonke iinkosi zebandla zeza kuye, wathetha nazo. 32 Emva koko onke amaSirayeli asondela kuye, waza wawanika yonke imiyalelo awayeyinikwe nguYehova kwiNtaba YaseSinayi.+ 33 Wayesithi akugqiba ukuthetha nawo abogqume ubuso bakhe.+ 34 Kodwa xa uMoses esiya kuthetha noYehova, wayesisusa isigqubuthelo de aphume.+ Emva koko wayephuma ayokuchazela amaSirayeli yonke imiyalelo ayinikiweyo.+ 35 AmaSirayeli ayelubona ulusu lobuso bukaMoses ukuba luyakhazimla. Ngoko uMoses wayephinda abuyisele isigqubuthelo ebusweni bakhe de aphinde ayokuthetha noThixo.*+
35 Emva koko uMoses waliqokelela lonke ibandla lamaSirayeli, wathi kulo: “Nazi izinto uYehova athe mazenziwe:+ 2 Ningasebenza iintsuku ezintandathu, kodwa usuku lwesixhenxe luza kuba ngcwele kuni, yisabatha kaYehova yokuphumla ngokupheleleyo.+ Nabani na osebenzayo ngolo suku uza kubulawa.+ 3 Nize ningabasi mlilo nakweyiphi na indawo enihlala kuyo ngosuku lweSabatha.”
4 UMoses wathetha nebandla lonke lamaSirayeli wathi: “UYehova uthe, 5 ‘Qokelelani umnikelo kaYehova phakathi kwenu.+ Wonke umntu oqhutywa yintliziyo+ makazisele uYehova lo mnikelo: igolide, isilivere, ikopolo, 6 umsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe, ilinen yodidi, uboya bebhokhwe,+ 7 iimfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu, izikhumba zeentini, imithi yomnga, 8 ioli yezibane, ioli yebhalsam esetyenziselwa ukuthambisa, efakwa nakwisiqhumiso esiqholiweyo,+ 9 amatye eanikis namanye amatye ekuhonjiswa ngawo iefodi+ nesingxobo.*+
10 “‘Onke amachule*+ phakathi kwenu makeze aze enze yonke le nto iyalelwe nguYehova, 11 makenze intente engcwele nezinto zokuyogquma, iihaki kunye neefreyimi zayo, imiqadi yayo, iintsika zayo, neziseko zayo. 12 Makenze iTyeya+ neepali zayo,+ isivalo+ nekhethini+ yomkhusane, 13 itafile+ neepali zayo nazo zonke izinto zayo kunye nesonka sokubonisa,+ 14 isiphatho sezibane+ zokukhanyisa nezinto zaso, izibane zaso neoli yokukhanyisa,+ 15 isibingelelo sesiqhumiso esiqholiweyo+ neepali zaso, ioli yokuthambisa nesiqhumiso esiqholiweyo,+ umkhusane* wokuvala umnyango wentente engcwele, 16 isibingelelo somnikelo otshiswayo+ nomnatha waso wekopolo, iipali zaso nazo zonke izinto zaso, isitya nesiseko saso,+ 17 iikhethini zeyadi,+ iintsika zayo neziseko zayo, umkhusane* wokuvala igeyithi yeyadi, 18 izikhonkwane zentente engcwele, izikhonkwane zeyadi neentambo zazo,+ 19 iimpahla zokusebenza kwindawo engcwele ezenziwe ngamalaphu aphothwe ngokucokisekileyo,+ iimpahla ezingcwele zika-Aron umbingeleli+ neempahla ezinxitywa ngoonyana bakhe xa besenza umsebenzi wababingeleli.’”
20 Ngoko lonke ibandla lamaSirayeli lemka phambi koMoses. 21 Emva koko wonke umntu owayeqhutywa yintliziyo,+ nabo bonke abantu abahlabekayo beza, bazisa umnikelo kaYehova ukuze kwenziwe intente yokuhlangana, nokuze isetyenziselwe ukwenza wonke umsebenzi owenziwa kuyo kunye nokwenza iimpahla ezingcwele. 22 Babefika ngokufika, amadoda nabafazi, bonke beneentliziyo ezivumayo. Bazisa izipeliti zokuhombisa, amacici, iiringi nezinye izacholo neentlobo ngeentlobo zezinto zegolide. Bonke bazisa kuYehova iminikelo* yabo yegolide.+ 23 Bonke ababenomsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe, ilinen yodidi, uboya bebhokhwe, iimfele zeenkunzi zegusha ezidaywe zabomvu nezikhumba zeentini, bazizisa. 24 Bonke ababefuna ukunikela ngesilivere nekopolo bazisa umnikelo kuYehova, yaye bonke ababenemithi yomnga eyayinokuncedisa kulo msebenzi, beza nayo.
25 Bonke abafazi abangamachule+ benza imisonto ngezandla, baza bazizisa ezo zinto babezenzile: umsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen yodidi. 26 Yaye bonke abafazi abangamachule ababeqhutywa ziintliziyo, benza imisonto ngoboya bebhokhwe.
27 Iinkosi zeza namatye eanikis, amanye amatye awayeza kuhombisa iefodi nesingxobo,+ 28 ibhalsam, ioli yokukhanyisa, neoli esetyenziselwa ukuthambisa,+ efakwa nakwisiqhumiso esiqholiweyo.+ 29 Onke amadoda nabafazi ababeqhutywa ziintliziyo beza nezinto ezaziza kuncedisa kumsebenzi uYehova awayeyalele uMoses ukuba wenziwe. AmaSirayeli anikela ngezi zinto kuYehova ngokuzithandela.+
30 Wathi uMoses kumaSirayeli: “Niyabona, uYehova ukhethe uBhetsaleli unyana kaUri unyana kaHure wesizwe sakwaYuda.+ 31 Umnike umoya wakhe, wamenza walumka, waqonda, wanolwazi nabo bonke ubuchule 32 bokuzoba iiplani, bokusebenza ngegolide, isilivere nekopolo, 33 bokuxonxa nokuqingqa amatye, nokwenza zonke izinto ezenziwa ngomthi. 34 UThixo wenze uBhetsaleli no-Oholiyabhi+ unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan banobuchule bokufundisa nabanye. 35 Ubenze banobuchule*+ bokusebenza ngezandla, bokuhombisa, nokuluka ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe, nangelinen yodidi, nobabantu abenza amalaphu. La madoda aza kuwenza wonke lo msebenzi, azobe neeplani.
36 “UBhetsaleli uza kusebenza no-Oholiyabhi nawo onke amadoda anobuchule,* lawo uYehova awenze alumka aza akwazi ukwenza wonke umsebenzi wenkonzo engcwele, njengokuba uYehova wayeyalele.”+
2 Emva koko uMoses wabiza uBhetsaleli, uOholiyabhi nawo onke amadoda anobuchule, lawo uYehova wayewenze alumka entliziyweni,+ onke awayeqhutywa ziintliziyo ukuba ancedise ekwenzeni umsebenzi.+ 3 Bayithatha yonke iminikelo eyayiphambi koMoses,+ leyo yayiziswe ngamaSirayeli ukuze kwenziwe umsebenzi wenkonzo engcwele. Kodwa amaSirayeli aqhubeka esiza neminikelo yokuzithandela ntsasa nganye.
4 Xa wawusele uqaliwe umsebenzi ongcwele, bonke abasebenzi abanobuchule beza belandelelana, 5 bathi kuMoses: “Abantu beza nezinto ezininzi ngaphezulu lee kunezo zifunekayo ukuze kwenziwe umsebenzi uYehova ayalele ukuba wenziwe.” 6 UMoses wabayalela ukuba benze esi saziso enkampini: “Madoda nani bafazi, yekani ukuzisa iminikelo engcwele ngoku.” Bayeka ke abantu ukuzisa izinto. 7 Zaziphelele izinto ezazifuneka ukuze wenziwe ugqitywe umsebenzi, phofu zazininzi ngaphezu kwezifunekayo.
8 Bonke abasebenzi abanobuchule+ bayenza intente engcwele+ ngamalaphu alishumi elinen yodidi ephothiweyo, ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo* nangoboya obubomvu krwe. Wawenza* anemihombiso yeekherubhi.+ 9 Onke la malaphu ayeziikubhite* eziyi-28 ubude, eziikubhite eziyi-4 ububanzi, onke elingana. 10 Emva koko wadibanisa amalaphu amahlanu kunye, namanye amahlanu kunye. 11 Wenza iindawo zokuhaka ngomsonto oluhlaza* kumphetho welaphu eliza kudityaniswa nelinye. Wenza kwaloo nto nakumphetho welokugqibela kula esibini, kwindawo awayeza kudityaniswa ngayo. 12 Wenza iindawo zokuhaka eziyi-50 kwilaphu elinye lentente, wenza zayi-50 nakumphetho welinye ilaphu lentente, kwindawo aza kudityaniswa ngawo la malaphu, ukuze ezi ndawo zokuhaka zingqamane. 13 Ekugqibeleni wenza iihaki zegolide eziyi-50, wawadibanisa ngazo la malaphu entente, yatsho yaba yinto enye intente engcwele.
14 Wenza namalaphu oboya bebhokhwe awayeza kuba phezu kwentente engcwele. Wenza amalaphu ayi-11.+ 15 Onke la malaphu ayeziikubhite eziyi-30 ubude, eziikubhite eziyi-4 ububanzi, onke elingana. 16 Emva koko wadibanisa amalaphu entente amahlanu, waphinda wadibanisa amathandathu. 17 Walandelisa ngokwenza iindawo zokuhaka eziyi-50 kumphetho welaphu elisekugqibeleni, apho ayedibana khona, wenza neendawo zokuhaka eziyi-50 kumphetho welinye ilaphu elaliza kudityaniswa nalo. 18 Emva koko wenza iihaki zekopolo eziyi-50 ukuze kudityaniswe intente ibe yinto enye.
19 Wayogquma intente ngeemfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu nangezikhumba zeentini.+
20 Emva koko wenzela intente engcwele iifreyimi* ezimiswe nkqo+ ngamaplanga omnga.+ 21 Ezo freyimi zazinobude obuziikubhite ezilishumi, ziyikubhite enehafu ububanzi. 22 Ifreyimi nganye yayinamaplanga amabini adityanisiweyo. Wazenza ngolo hlobo zonke iifreyimi zentente engcwele. 23 Wazenza ke iifreyimi eziyi-20 zecala elisemzantsi lentente engcwele. 24 Wenza iziseko eziyi-40 zesilivere ezaziza kufakwa phantsi kweefreyimi eziyi-20, iziseko ezibini phantsi kwefreyimi yokuqala, ukuze kungene amaplanga ayo amabini, wenza loo nto nakwezilandelayo iifreyimi.+ 25 Wenza iifreyimi eziyi-20 nakwelinye icala lentente engcwele, icala elisemntla. 26 Wenza neziseko zesilivere eziyi-40, ezibini phantsi kwefreyimi yokuqala, wenza loo nto nakwezinye iifreyimi.
27 Icala lentente engcwele elingasemva, kwicala elingasentshona, walenzela iifreyimi ezintandathu.+ 28 Wenza iifreyimi ezimbini eziza kuxhasa iikona ezingasemva zentente engcwele. 29 Iifreyimi wazenza ngamaplanga amabini ukusuka ezantsi ukuya phezulu, apho zidibana khona kwikhonkco lokuqala. Wazenza ngolo hlobo zombini ezi freyimi zokuxhasa iikona ezimbini. 30 Ngoko kwabakho iifreyimi ezisibhozo neziseko zazo zesilivere eziyi-16, kukho iziseko ezibini phantsi kwefreyimi nganye.
31 Wenza imiqadi ngomthi womnga, yamihlanu kwiifreyimi zecala elinye lentente engcwele,+ 32 yamihlanu kwiifreyimi ezikwelinye icala lentente engcwele, yamihlanu nakwiifreyimi zentente engcwele ezingasentshona, ngasemva. 33 Emva koko wenza umqadi onqumla esiphakathini seefreyimi, oqala kwelinye icala uyokufika ekugqibeleni. 34 Wazityabeka ngegolide iifreyimi, wawenza ngegolide namakhonkco efakwa kuwo imiqadi, yona imiqadi wayityabeka ngegolide.+
35 Wenza ikhethini+ ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe nangelinen ephothiweyo yodidi. Wayenza yanemihombiso yeekherubhi.+ 36 Wayenzela iintsika zomnga ezine ezityatyekwe ngegolide, iihaki zegolide, wenzela neentsika iziseko zesilivere ezine. 37 Wenza umkhusane* wokuvala umnyango wentente, wawenza ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe, nangelinen ephothiweyo yodidi, elukiweyo,+ 38 kunye neentsika zawo ezintlanu neehaki zazo. Wayityabeka ngegolide imiphezulu yazo nezidibanisi* zazo, kodwa zona iziseko zazo ezintlanu yayizezekopolo.
37 Emva koko uBhetsaleli+ wenza iTyeya+ ngomthi womnga. Ubude bayo baba ziikubhite* ezimbini ezinehafu,+ ububanzi bayo baba yikubhite enehafu, nokuphakama kwayo kwaba yikubhite enehafu. 2 Wayityabeka ngegolide esulungekileyo ngaphakathi nangaphandle waza wayijikeleza ngomphetho wegolide.+ 3 Wayenzela amakhonkco egolide amane, wawafaka emilenzeni yayo emine. Wafaka amakhonkco amabini kweli cala, namakhonkco amabini kweliya icala. 4 Wenza iipali ngomthi womnga waza wazityabeka ngegolide.+ 5 Wazifaka kuloo makhonkco asemacaleni eTyeya ukuze ithwalwe ngazo.+
6 Wenza isivalo ngegolide esulungekileyo.+ Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinehafu, baza ububanzi baso baba yikubhite enehafu.+ 7 Emva koko wenza iikherubhi+ ezimbini ngegolide. Wazenza ngokuzikhanda zaba seziphelweni zesivalo.+ 8 Enye ikherubhi yaba sesiphelweni ngaphaya yaza enye ikherubhi yaba sesiphelweni ngapha. Wazenza ezo iikherubhi zaba seziphelweni zesivalo. 9 Ezo kherubhi zaziwolulele phezulu amaphiko azo,+ zasogquma isivalo ngamaphiko, zijongene. Ubuso bazo babujonge kwisivalo.+
10 Emva koko wenza itafile ngomthi womnga.+ Ubude bayo baba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo baba yikubhite, ukuphakama kwayo kwaba yikubhite enehafu.+ 11 Wayityabeka ngegolide esulungekileyo waza wayijikeleza ngomphetho wegolide. 12 Wayenzela nongqameko macala onke, olungangobubanzi besandla* waza walujikeleza ngomphetho wegolide. 13 Le tafile wayenzela namakhonkco egolide amane waza wawafaka kwiikona zone zemilenze yayo. 14 La makhonkco ayefakwe ngakungqameko lwetafile, ukuze kuthwalwe ngawo itafile. 15 Wenza iipali ngomthi womnga waza wazityabeka ngegolide, ukuze kuthwalwe itafile ngazo. 16 Wenza ngegolide esulungekileyo izinto ezibekwa phezu kwayo, izitya, iindebe, imiphanda ekwakuza kugalelwa ngayo iminikelo eselwayo.+
17 Emva koko wenza isiphatho sezibane+ ngegolide esulungekileyo. Wasenza ngokusikhanda. Umzantsi waso, isiqu saso, amasebe aso, iindebe zaso, amaqhuma aso neentyatyambo zaso, wazenza zaba yinto enye.+ 18 Sasinamasebe amathandathu aphume esiqwini saso, amathathu ephume kweli cala, amanye amathathu ephume kwelinye icala. 19 Amasebe amathathu aya kwicala elinye ayeneendebe ezintathu ezimile okweentyatyambo zom-amangile, qhuma ngalinye lilandelwa yintyatyambo. Namanye amasebe amathathu aya kwelinye icala ayeneendebe ezintathu ezimile okweentyatyambo zom-amangile, qhuma ngalinye lilandelwa yintyatyambo. Kwenziwa njalo kuloo masebe mathandathu ayephume esiqwini sesiphatho. 20 Isiqu seso siphatho sezibane sasineendebe ezine ezimile okweentyatyambo zom-amangile, zinamaqhuma neentyatyambo, qhuma ngalinye lilandelwa yintyatyambo. 21 Kwakukho iqhuma ezantsi kwamasebe amabini okuqala aphume esiqwini, nelinye iqhuma ezantsi kwamanye amasebe amabini aphume kwelinye icala lesiqu sesiphatho sezibane, nelinye iqhuma ezantsi kwamanye amasebe amabini aphume kwelinye icala. Kwenziwa njalo kuwo omathandathu amasebe aphume emacaleni esiqu sesiphatho sezibane. 22 Amaqhuma namasebe naso sonke eso siphatho sezibane, zazenziwe ngegolide esulungekileyo zaba yinto enye ekhandiweyo. 23 Wasenzela izibane ezisixhenxe,+ imicephe yokucima umlilo nezitya zomlilo, ngegolide esulungekileyo. 24 Eso siphatho sezibane wasenza ngetalente* yegolide esulungekileyo, sona kunye nezinto zaso.
25 Wenza isibingelelo sesiqhumiso esiqholiweyo+ ngomthi womnga. Sasisikwere, siyikubhite ubude, siyikubhite ububanzi, saziikubhite ezimbini ukuphakama. Senziwa saba yinto enye neempondo.+ 26 Wasityabeka ngegolide esulungekileyo, umphezulu waso, amacala aso neempondo zaso, waza wasijikeleza ngomphetho wegolide. 27 Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide ngezantsi komqukumbelo waso macala omabini, aba ziindawo ekufakwa kuzo iipali zokusithwala. 28 Emva koko wazenza ezo pali ngomthi womnga waza wazityabeka ngegolide. 29 Wenza neoli engcwele yokuthambisa+ nesiqhumiso esiqholiweyo esisulungekileyo,+ sixutywe ngobuchule.*
38 Wenza isibingelelo ngomthi womnga. Ubude baso babuziikubhite ezintlanu,* ububanzi baso buziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwaso kuziikubhite ezintathu yaye sisisikwere.+ 2 Wasenza saneempondo kwiikona zaso zone. Ezo mpondo zaziyinto enye nesibingelelo, waza wasityabeka ngekopolo eso sibingelelo.+ 3 Emva koko wenza zonke izinto zeso sibingelelo, iinkonkxa, imihlakulo, izitya, iifolokhwe nesiphatho sezibane. Zonke izinto zaso wazenza ngekopolo. 4 Eso sibingelelo wasenzela umnatha wekopolo, ezantsi kongqameko ngasezimbanjeni zaso. 5 Wasenzela amakhonkco amane, ngakumnatha wekopolo, ukuze iipali zokusithwala zingene kuwo. 6 Wenza iipali ngomthi womnga, wazityabeka ngekopolo. 7 Ezo pali wazifaka emakhonkcweni asemacaleni esibingelelo ukuze sithwalwe ngazo. Wasenza safana nebhokisi yamaplanga eholoholo.
8 Wenza isitya nesiphatho saso ngekopolo.+ Wasenza ngezipili* zamabhinqa awayesebenza emnyangweni wentente yokuhlangana.
9 Emva koko wenza iyadi.+ Kwicala lentente elingasemzantsi, loo yadi wayenza ngeekhethini zelinen ephothiweyo yodidi, ezinobude obuziikubhite eziyi-100 xa zidityanisiwe.+ 10 Wayenza yaneentsika eziyi-20 neziseko zazo eziyi-20 zekopolo. Iihaki zeentsika nezidibanisi* zazo wazenza ngesilivere. 11 Nakwicala elingasemntla, iyadi wayenza ngeekhethini ezinobude obuziikubhite eziyi-100 xa zidityanisiwe. Iintsika eziyi-20 neziseko zazo eziyi-20 wazenza ngesilivere. Iihaki nezidibanisi* zazo wazenza ngesilivere. 12 Kodwa kwicala elingasentshona, ezo khethini zaziziikubhite eziyi-50 xa zidityanisiwe. Wenza iintsika ezilishumi neziseko zazo ezilishumi. Iihaki zeentsika nezidibanisi* zazo wazenza ngesilivere. 13 Ububanzi beyadi kwicala elingasempuma babuziikubhite eziyi-50. 14 Iikhethini ezikwelo cala zaziziikubhite eziyi-15, zineentsika zazo ezintathu neziseko zazo ezithathu. 15 Nelinye icala legeyithi yeyadi, walenza ngeekhethini ezaziziikubhite eziyi-15, zineentsika zazo ezintathu neziseko zazo ezithathu. 16 Zonke iikhethini ezijikeleze iyadi zazenziwe ngelinen ephothiweyo yodidi. 17 Iziseko zeentsika zazenziwe ngekopolo. Iihaki zeentsika nezidibanisi* zazo zazenziwe ngesilivere. Umphezulu wazo wawugutyungelwe ngesilivere, ibe zonke ezo ntsika zeyadi zazinezidibanisi zesilivere.+
18 Umkhusane* wendawo ekungenwa kuyo eyadini wenziwa ngomsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen ephothiweyo yodidi. Yayiziikubhite eziyi-20 ubude, inokuphakama okuziikhubhite eziyi-5, ilingana neekhethini zeyadi.+ 19 Iintsika zawo zone neziseko zazo zone zazenziwe ngekopolo. Iihaki nezidibanisi* zawo zazenziwe ngesilivere ibe umphezulu wazo wawutyatyekwe ngesilivere. 20 Zonke izikhonkwane zentente engcwele nezeyadi zazenziwe ngekopolo.+
21 Nalu uludwe olugciniweyo lwezinto zentente engcwele, intente engcwele yoBungqina,+ uMoses awayalela abaLevi ukuba bazibhalise,+ bekhokelwa nguItamare+ unyana ka-Aron umbingeleli. 22 UBhetsaleli+ unyana kaUri unyana kaHure wesizwe sakwaYuda, wayenza yonke into uMoses awayiyalelwa nguYehova. 23 Wayencediswa ngu-Oholiyabhi+ unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan, umkhandi olichule, umluki wemisonto eluhlaza,* owoboya obumsobo,* owoboya obubomvu krwe nowelinen yodidi.
24 Xa iyonke igolide eyasetyenziswa emsebenzini wonke wendawo engcwele, yayilingana nexabiso legolide yomnikelo otshangatshangiswayo.+ Yayiziitalente* eziyi-29 neeshekele* eziyi-730 ngokomlinganiselo wendawo engcwele.* 25 Yona isilivere yabo babhaliswayo kwibandla, yaba ziitalente eziyi-100 neeshekele eziyi-1 775 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.* 26 Ihafu yeshekele eyakhutshwa ngumntu ngamnye yayiyihafu eyakhutshwa ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.* Yakhutshwa ngabo bonke ababhaliswayo ukususela koneminyaka eyi-20 ukonyuka.+ Yaba ngamadoda ayi-603 550 xa ephelele.+
27 Kwenziwa iziseko zendawo engcwele ngeetalente eziyi-100, iziseko zesilivere eziyi-100 zazilingana neetalente eziyi-100, isiseko esinye senziwa ngetalente enye.+ 28 Yaye ngeeshekele eziyi-1 775, wenza iihaki zeentsika, watyabeka umphezulu wazo, waza wazidibanisa.
29 Ikopolo eyanikelwayo* yayiziitalente eziyi-70 neeshekele eziyi-2 400. 30 Wenza ngayo iziseko zomnyango wentente yokuhlangana, isibingelelo sekopolo nomnatha waso wekopolo, izinto zonke zesibingelelo, 31 iziseko zeyadi, iziseko zendawo ekungenwa kuyo eyadini, zonke izikhonkwane zentente engcwele nazo zonke izikhonkwane zeyadi.+
39 Benza iimpahla ezenziwe ngamalaphu aphothwe kakuhle, zokusebenza kwindawo engcwele, bezenza ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo* nangoboya obubomvu krwe.+ Benzela uAron+ iimpahla ezingcwele kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
2 Iefodi+ wayenza ngegolide, ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe, nangelinen ephothiweyo yodidi. 3 Bakhanda igolide, bayenza yasicaba, waza wayisika yaba yimicu ukuze ayiphothe kunye nomsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen yodidi, zenziwa umhombiso. 4 Bayenza yanamagxa okuyixakatha adityaniswe emiphethweni yayo emibini. 5 Ibhanti* eliphothiweyo elidityaniswe ne-efodi ukuze liyibambe ihlale endaweni yayo,+ lenziwa ngezinto ezifanayo: igolide, umsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen ephothiweyo yodidi, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
6 Bafaka amatye eanikis kwizakhelo zegolide, baza babhala kuwo amagama oonyana bakaSirayeli, ngendlela ekubhalwa ngayo isixhobo sokubeka isitampu.+ 7 Wawafaka emagxeni e-efodi, ukuze abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli,+ kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses. 8 Emva koko wenza isingxobo*+ ngobuchule bokuhombisa, wasenza kwangeza zinto kwenziwe ngazo iefodi, ngegolide, umsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen ephothiweyo yodidi.+ 9 Saba sisikwere xa siphindwe kubini. Benza isingxobo esasithi xa sisongiwe sibe nobude nobubanzi obulingana nesandla esoluliweyo.* 10 Benza imiqolo emine yamatye kuso. Kumqolo wokuqala kwakukho irubhi, itopazi ne-emeraldi. 11 Kumqolo wesibini kwakukho itekoyisi, isafire neyaspisi. 12 Kumqolo wesithathu kwakukho ileshem, iagate neamethiste. 13 Kumqolo wesine kwakukho ikrizolite, ianikis nejeyidi. Onke la matye ayefakwe kwizakhelo zegolide. 14 La matye ayelingana namagama ayi-12 oonyana bakaSirayeli. Litye ngalinye lalibhalwe ngendlela ekubhalwa ngayo isixhobo sokubeka isitampu, yaye gama ngalinye elibhaliweyo lalimela isizwe esinye kwezo ziyi-12.
15 Emva koko benza amatsheyini ngegolide esulungekileyo, bawaphotha okwentambo, bahombisa ngawo isingxobo.+ 16 Benza izakhelo zegolide ezibini namakhonkco egolide amabini, bawafaka ezikoneni zombini zesingxobo. 17 Bazifaka ezo ntambo zimbini zegolide kuloo makhonkco mabini asezikoneni zesingxobo. 18 Bathatha iincam zombini zezo ntambo bazifaka kwizakhelo ezibini ezisemagxeni e-efodi ngaphambili, baza bazibophelela. 19 Emva koko benza amakhonkco egolide amabini, bawafaka ezikoneni zombini zesingxobo, kwicala elingaphakathi elithene nca ne-efodi.+ 20 Benza namanye amakhonkco egolide amabini, bawafaka ngaphambili kwiefodi, ezantsi kwamagxa e-efodi, kodwa emantla kwendawo elidibana kuyo ibhanti* eliphothiweyo ne-efodi. 21 Ekugqibeleni basibopha isingxobo ngentambo eluhlaza,* badibanisa amakhonkco aso namakhonkco e-efodi, ukuze isingxobo sihlale endaweni yaso kwiefodi, emantla ebhanti* eliphothiweyo kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
22 Emva koko wenza isambatho esingenamikhono se-efodi, wasiphotha sonke ngomsonto oluhlaza.*+ 23 Sasivulekile apha emqaleni waso. Le ndawo ivulekileyo yayinjengeyesambatho somkhosi sentsimbi. Yayenzelwe umphetho ukuze ingakrazuki. 24 Kumphetho weso sambatho benza iirharnati ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo* nangoboya obubomvu krwe, zonke ezi zinto ziphothwe kunye. 25 Benza neentsimbi ngegolide esulungekileyo baza bazifaka phakathi kweerharnati, kuwo wonke umphetho wesambatho esingenamikhono, phakathi kweerharnati. 26 Bafaka intsimbi nerharnati, intsimbi nerharnati kuwo wonke umphetho weso sambatho singenamikhono sokusebenza, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
27 Benzela uAron noonyana bakhe imiwunduzo ngelinen yodidi, bayiphotha,+ 28 benza neqhiya yamadoda+ ngelinen yodidi, isigqubuthelo sentloko+ ngelinen yodidi, ooshoti*+ ngelinen yodidi ephothiweyo, 29 benza umbhinqo ngelinen yodidi ephothiweyo, ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* nangoboya obubomvu krwe, zonke ziphothwe kunye, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
30 Ekugqibeleni benza ipleyiti emenyezelayo, engumqondiso ongcwele wokuzinikela,* beyenza ngegolide esulungekileyo, yaye yayibhalwe ngendlela esibhalwa ngayo isixhobo sokubeka isitampu, kubhalwe le nto: “BobukaYehova ubungcwele.”+ 31 Bayifaka umsonto oluhlaza* ukuze bayibophelele eqhiyeni, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
32 Wagqitywa ke wonke umsebenzi wentente engcwele, eyintente yokuhlangana, yaye amaSirayeli ayenza yonke into uYehova awayeyiyalele uMoses.+ Enza loo nto kanye.
33 Bayizisa kuMoses intente engcwele,+ intente+ nazo zonke izinto zayo: iihaki,+ iifreyimi,+ imiqadi,+ neentsika zayo neziseko zazo,+ 34 izinto zayo zokogquma eziziimfele zeenkunzi zegusha ezidaywe zabomvu+ nezikhumba zeentini, ikhethini yomkhusane,+ 35 ityeya yoBungqina, iipali zayo+ nesivalo,+ 36 itafile, zonke izinto zayo+ nesonka sokubonisa, 37 isiphatho sezibane+ segolide esulungekileyo, izibane zaso ezifolisiweyo, zonke izinto zesiphatho sezibane+ neoli yokukhanyisa,+ 38 isibingelelo+ segolide, ioli yokuthambisa,+ isiqhumiso esiqholiweyo,+ umkhusane*+ womnyango wentente; 39 isibingelelo sekopolo,+ umnatha waso wekopolo, iipali zaso,+ zonke izixhobo zaso,+ isitya nesiseko saso;+ 40 iikhethini zeyadi, iintsika zayo neziseko zazo,+ umkhusane*+ wesango leyadi, iintambo zentente nezikhonkwane zentente,+ nazo zonke izixhobo zomsebenzi wasententeni engcwele, intente yokuhlangana, 41 iimpahla ezenziwe ngamalaphu aphothwe ngokucokisekileyo zokusebenza kwindawo engcwele, iimpahla ezingcwele zika-Aron umbingeleli+ neempahla ezinxitywa ngoonyana bakhe xa besenza umsebenzi wababingeleli.
42 AmaSirayeli awenza wonke lo msebenzi kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.+ 43 Wathi akuwuhlola uMoses wonke loo msebenzi ayewenzile, wabona ukuba awenze kanye ngendlela awayeyalele ngayo uYehova, waza uMoses wawasikelela.
40 Emva koko uYehova wathi kuMoses: 2 “Ngomhla wokuqala, ngenyanga yokuqala, uze umise intente engcwele, intente yokuhlangana.+ 3 Umele ufake kuyo ityeya yoBungqina+ wakugqiba uyisithe iTyeya ngekhethini.+ 4 Uze ungenise itafile,+ umise izinto zayo ngeendawo zazo, emva koko ungenise isiphatho sezibane+ uze ukhanyise izibane zaso.+ 5 Wakugqiba uze umise phambi kwetyeya yoBungqina isibingelelo segolide sesiqhumiso,+ uxhome umkhusane* kumnyango wentente engcwele.+
6 “Sona isibingelelo somnikelo otshiswayo+ umele usibeke phambi komnyango wentente engcwele, intente yokuhlangana, 7 uze ubeke isitya phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, emva koko ugalele amanzi kuso.+ 8 Umele ugxumeke iyadi+ macala onke entente engcwele, uze uxhome umkhusane*+ wegeyithi yeyadi. 9 Emva koko uthathe ioli yokuthambisa+ uthambise intente engcwele nayo yonke into ekuyo,+ uyingcwalise nezinto zayo zonke, ukuze ibe yinto engcwele. 10 Uze uthambise nesibingelelo somnikelo otshiswayo nezixhobo zaso zonke, usingcwalise ukuze sibe sesona sibingelelo singcwele.+ 11 Umele uthambise nesitya nesiseko saso, usingcwalise.
12 “Emva koko umele usondeze uAron noonyana bakhe ngakumnyango+ wentente yokuhlangana, uze ubahlambe ngamanzi, 13 unxibise uAron iimpahla ezingcwele,+ umthambise,+ umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli wam. 14 Uze usondeze noonyana bakhe, ubanxibise imiwunduzo.+ 15 Umele ubathambise njengotata wabo,+ ukuze babe ngababingeleli bam. Ukuthanjiswa kwabo kuza kubangela ububingeleli buhlale ibobabo ukutyhubela izizukulwana zabo.”+
16 UMoses wayenza yonke into awayeyiyalelwe nguYehova.+ Wenza kanye ngaloo ndlela.
17 Ngenyanga yokuqala, kunyaka wesibini, ngomhla wokuqala waloo nyanga, yamiswa intente engcwele.+ 18 Xa uMoses wayeyimisa, waqala wabeka phantsi iziseko zayo,+ wagxumeka iifreyimi,+ wafaka imiqadi,+ wamisa neentsika zayo. 19 Wasolula isigqubuthelo sentente+ phezu kwayo waza wayogquma ngaso,+ kanye ngendlela awayeyalelwe ngayo nguYehova.
20 Emva koko uMoses wathatha amacwecwe oBungqina+ wawafaka ngaphakathi kwiTyeya,+ wafaka neepali emacaleni ayo,+ waza wayivala ngesivalo.+ 21 Wayingenisa iTyeya ententeni engcwele, emva koko waxhoma ikhethini+ endaweni yayo, wayisitha ityeya yoBungqina,+ kanye njengokuba uYehova wayemyalele.
22 Wabeka itafile+ emantla entente yokuhlangana kodwa nganeno kwekhethini, 23 wafolisa izonka+ phezu kwayo phambi koYehova, kanye ngendlela awayeyalelwe ngayo nguYehova.
24 Wabeka isiphatho sezibane+ ententeni yokuhlangana phambi kwetafile, kwicala elingasemzantsi lentente engcwele. 25 Wakhanyisa izibane+ phambi koYehova, kanye ngendlela awayeyalelwe ngayo nguYehova.
26 Emva koko uMoses wabeka isibingelelo segolide+ ententeni yokuhlangana phambi kwekhethini, 27 ukuze aqhumise phezu+ kwaso ngesiqhumiso esiqholiweyo,+ kanye ngendlela awayeyalelwe ngayo nguYehova.
28 Akugqiba waxhoma umkhusane*+ womnyango wentente engcwele endaweni yawo.
29 UMoses wabeka isibingelelo somnikelo otshiswayo+ ngakwindawo yokungena kwintente yokuhlangana, ukuze abingelele kuso umnikelo otshiswayo+ nomnikelo wokutya okuziinkozo, kanye ngendlela awayeyalelwe ngayo nguYehova.
30 Wabeka isitya phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, waza wagalela amanzi okuhlamba kuso.+ 31 UMoses, uAron noonyana bakhe bahlamba izandla zabo neenyawo zabo kuso. 32 Qho bengena ententeni yokuhlangana okanye besondela kwisibingelelo babehlamba,+ kanye ngendlela awayeyalelwe ngayo uMoses nguYehova.
33 Ekugqibeleni wabiyela+ intente engcwele nesibingelelo, wafaka umkhusane* kwigeyithi yaloo yadi.+
UMoses wawugqiba umsebenzi. 34 Ilifu layogquma intente yokuhlangana, lwaza nozuko lukaYehova lwaba kuyo yonke loo ntente ingcwele.+ 35 UMoses zange akwazi ukungena kwintente yokuhlangana, kuba ilifu lahlala phezu kwayo nozuko lukaYehova lwalukuyo yonke loo ntente ingcwele.+
36 Xa ilifu lisuka ententeni engcwele, amaSirayeli ayeyichitha inkampu, ngawo onke amaxesha okuhamba kwawo.+ 37 Kodwa ukuba ilifu alikenyuki, babengayichithi inkampu de kube ngumhla elinyuka ngawo.+ 38 Ngawo onke amaxesha amaSirayeli efuduka, ayebona ukuba emini ilifu likaYehova liba phezu kwentente engcwele, kodwa ebusuku ngumlilo oba phezu kwayo.+
Ngokoqobo, “abaphuma esinqeni sikaYakobi.”
Ngokoqobo, “oonyana bakaSirayeli.”
Okanye “umkhombe.”
Othetha ukuthi “Ukurholwa,” oko kukuthi, ukusindiswa emanzini.
Okanye “njengoko uMoses wayesomelela.”
Okanye “wazilwela.”
Oko kukuthi, uYitro.
Othetha ukuthi “Umntu Wasemzini Apho.”
Ngokoqobo, “Emva kwemihla emininzi.”
Okanye “kumnqula.”
Okanye “Ndifuna.”
Okanye “Ndiza Kuzibonakalisa Ndiyiloo Nto Ndiza Kuzibonakalisa Ndiyiyo.” Funda Isihlomelo A4.
Ngokoqobo, “ngomlomo.”
Ngokoqobo, “ndiza kuba nomlomo wakho.”
Okanye “uza kumela uThixo kuye.”
Okanye “awayezingela umphefumlo wakho.”
Kusenokwenzeka ukuba kuthethwa ngonyana kaMoses.
Okanye “imela eyenziwe ngelitye.”
Kusenokwenzeka ukuba kubhekiselwa kwiinyawo zengelosi.
Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Okanye “kwimithwalo yenu.”
Okanye “bayonqena.”
Okanye “Niyonqena.”
Okanye “niyonqena.”
Okanye “nisenze salivumba elikhubekisayo kuFaro nezicaka zakhe.”
Okanye “enamandla.”
Ngokoqobo, “endaphakamisa isandla.”
Ngokoqobo, “ngokwemikhosi yabo.”
Ngokoqobo, “wanguThixo.”
Ngokoqobo, “imikhosi.”
Okanye “ngobugcisa babo bomlingo.”
Oko kukuthi, imijelo esuka kumNayile.
Oko kukuthi, amaYiputa.
Mhlawumbi kuchazwa imibane eyayilanyaza ngamandla.
Okanye “zazishiywe lixesha.”
Ngokoqobo, “ingumgibe kuthi.”
Mhlawumbi uMoses.
Okanye “umele usivumele sibe nayo.”
Ngokoqobo, “nophuphu olu.”
Ngokoqobo, “phakathi kwezo ngokuhlwa zimbini.”
Ngokoqobo, “nibhinqe izinqe zenu.”
Ngokoqobo, “imikhosi yenu.”
Oko kukuthi, itakane legusha okanye lebhokhwe.
Ngokoqobo, “owayekwindlu eliqula.”
Igama lesiHebhere elisetyenziswe apha lichaza inani lamadoda kuphela, abafazi zange babalwe.
Oko kukuthi, iqela elixubeneyo elingengawo amaSirayeli, kodwa ekukho amaYiputa kulo.
Ngokoqobo, “imikhosi.”
Ngokoqobo, “eyimikhosi.”
Okanye “Ndibekele bucala.”
Ngokoqobo, “onke amazibulo avula isibeleko.”
Funda Isihlomelo B15.
Ngokoqobo, “kuyo yonke imida yakho.”
Ngokoqobo, “phakathi kwamehlo akho.”
Ngokoqobo, “wonk’ umntu ovula isibeleko.”
Ngokoqobo, “yonke into evula isibeleko.”
Ngokoqobo, “phakathi kwamehlo akho.”
Ngokoqobo, “ngesandla esiphakamileyo.”
Oko kukuthi, ngo-2 ekuseni ukuya ku-6 ekuseni.
Ngokoqobo, “isandla.”
“UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Ngokoqobo, “yinimba.”
Ethetha ukuthi “Ukukrakra.”
Okanye “bambombozela.”
Ngokoqobo, “Phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Malunga ne-2,2 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “lemiphefumlo.”
Okanye “kugcinwe isabatha.”
Okanye “baphumla.”
Mhlawumbi eli gama livela kwintetho yesiHebere ethi “Yintoni le?”
Kusenokwenzeka ukuba yibhokisi ekwakugcinwa kuyo amaxwebhu abalulekileyo.
Iefa yayilingana ne-22 L. Funda Isihlomelo B14.
Ethetha ukuthi “Ukuvavanya; Ukulinga.”
Ethetha ukuthi “Ukuxambulisana.”
Othetha ukuthi “UYehova Yipali Yam Yomqondiso.”
Othetha ukuthi “Umntu Wasemzini Apho.”
Othetha ukuthi “UThixo Wam Ngumncedi.”
Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Ngokoqobo, “esandleni samaYiputa.”
Ngokoqobo, “ngalo lonke ixesha.”
Okanye “lilifa lam elikhethekileyo.”
Mhlawumbi atolwe.
Ngokoqobo, “Nize ningasondeli ebafazini.”
Okanye “kuba ungafuni ukukhonza mna.” Ngokoqobo, “nxamnye nobuso bam.”
Ngokoqobo, “osezigeyithini zakho.”
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Okanye “iminikelo yakho yoxolo.”
Okanye “lishweshwe layo.”
Ngokoqobo, “ukuba likhululwe.”
Okanye “oqalekisa.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngesixhobo.”
Ngokoqobo, “baphume abantwana bakhe.”
Okanye “kungenzakali mntu.”
Okanye “umphefumlo ngomphefumlo.”
Okanye “umphefumlo wakhe.”
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “inkedama.”
Okanye “oxhwalekileyo.”
Okanye “ndinobubele.”
Okanye “ungamnyelisi.”
Okanye “nomlawuli.”
Oko kukuthi, izixovulelo zeoli nezewayini.
Okanye “kuba ulandela into ethethwa ngabantu abaninzi.”
Ngokoqobo, “kwilizwi lobuxoki.”
Okanye “andizukuthi akanatyala umenzi-bubi.”
Okanye “Niyabazi ubomi (umphefumlo) bomntu wasemzini.”
Ngokoqobo, “semilonyeni.”
Funda Isihlomelo B15.
Elaziwa nangokuba liTheko Leeveki, okanye iPentekoste.
Elaziwa nangokuba liTheko Leminquba.
Okanye “ndiza kuligcwalisa inani leentsuku zobomi bakho.”
Okanye “Ndiza kuzenza zikufulathele.”
Okanye kusenokwenzeka, “zitatazele; zoyike.”
Oko kukuthi, umEfrate.
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Esi sisingxobo esihonjisiweyo esasinxitywa ngumbingeleli omkhulu esifubeni. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ndimise umnquba.”
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Malunga ne-7,4 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “Izifinyiso.”
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “oblu.”
Okanye “amanqwanqwa.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “ikhethini.”
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “uthuthu olunamafutha,” oko kukuthi, uthuthu oludibene namafutha emibingelelo.
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Ngokoqobo, “abantliziyo zilumkileyo.”
Esi sisingxobo esihonjisiweyo esasinxitywa ngumbingeleli omkhulu esifubeni. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “Umbhinqo.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Esi sisingxobo esihonjisiweyo esasinxitywa ngumbingeleli omkhulu esifubeni. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Oko kukuthi, malunga ne-22,2 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ombhinqo.”
Okanye “eblu.”
Okanye “ombhinqo.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “oblu.”
Okanye “ukuze ufake intloko.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “eblu.”
Ngokoqobo, “ugcwalise izandla zabo.”
Okanye “iimpahla zangaphantsi.”
Ngokoqobo, “nakwimbewu.”
Esi sisingxobo esihonjisiweyo esasinxitywa ngumbingeleli omkhulu esifubeni. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “isithsaba esingcwele.”
Ngokoqobo, “ugcwalise ngayo isandla sika-Aron nezandla zoonyana bakhe.”
Okanye “elixolisayo; elithomalalisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “elixolisayo; elithomalalisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “incum.”
Ngokoqobo, “ukuze kuzaliswe isandla sabo.”
Ngokoqobo, “umntu ongaziwayo,” oko kukuthi, umntu ongazalwa kwintsapho ka-Aron.
Ngokoqobo, “phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Iefa yayilingana ne-22 L. Funda Isihlomelo B14.
Ihin yayilingana ne-3,67 L. Funda Isihlomelo B14.
Ngokoqobo, “phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Okanye “elixolisayo; elithomalalisayo.” Ngokoqobo, “elithozamisayo.”
Okanye “Ndiza kumisa intente engcwele.”
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Ngokoqobo, “phakathi kweengokuhlwa ezimbini.”
Okanye “umphefumlo.”
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Igera yayilingana ne-0,57 g. Funda Isihlomelo B14.
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “umphefumlo.”
Okanye “imiphefumlo.”
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Ihin yayilingana ne-3,67 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ngokomenzi wezithambiso.”
Okanye “ngokomenzi wezithambiso.”
Ngokoqobo, “ndibize ngegama.”
Ngokoqobo, “abalumkileyo entliziyweni.”
Okanye “mphefumlo.”
Ngokoqobo, “esintamo-lukhuni.”
Okanye “wabenza bathamba ubuso.”
Okanye “zisole ngesigqibo.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Okanye “wazisola.”
Okanye “ngenxa yesenzo samandla.”
Ngokoqobo, “zalisani izandla zenu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “esintamo-lukhuni.”
Ngokoqobo, “esintamo-lukhuni.”
Ngokoqobo, “azikhulula.”
Okanye “Ndikukhethile.”
Ngokoqobo, “Bubuso bam.”
Okanye “nobubele.”
Okanye “nokuthembeka.”
Ngokoqobo, “esintamo-lukhuni.”
Okanye “zadalwa.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ngokungalunyamezeli ukhuphiswano.”
Funda Isihlomelo B15.
Ngokoqobo, “Yonke into evula isibeleko.”
Okanye “ugcine isabatha.”
Elaziwa nangokuba liTheko Leminquba (Leentente).
Ngokoqobo, “aMazwi Alishumi.”
Ngokoqobo, “naye.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Esi sisingxobo esihonjisiweyo esasinxitywa ngumbingeleli omkhulu esifubeni. Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “abantliziyo zilumkileyo.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “iminikelo etshangatshangiswayo.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Ngokoqobo, “balumka entliziyweni.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Ngokoqobo, “alumkileyo entliziyweni.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Kubonakala ukuba kuthethwa ngoBhetsaleli.
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “oblu.”
Okanye “amanqwanqwa.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “namakhonkco.”
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Malunga ne-7,4 cm. Funda Isihlomelo B14.
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ngokomenzi wezithambiso.”
Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Oko kukuthi, izipili zesinyithi ezazimenyezela ngeyona ndlela.
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “Ikhethini.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “eblu.”
Okanye “obupepuli.”
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Okanye “yomnikelo otshangatshangiswayo.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “Umbhinqo.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Esi sisingxobo esihonjisiweyo esasinxitywa ngumbingeleli omkhulu esifubeni. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Malunga ne-22,2 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “umbhinqo.”
Okanye “eblu.”
Okanye “ombhinqo.”
Okanye “oblu.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “iimpahla zangaphantsi.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “esisithsaba esingcwele.”
Okanye “oblu.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “ikhethini.”
Okanye “ikhethini.”