Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Zinokundinceda Njani Iintlanganiso ZamaKristu?
“Andiqondi ukuba iicawa ziyakunceda ukuba uqhubele phambili ngokomoya. Ndithetha ukuba, kuxhomekeke emntwini ukuba ngozixhalabeleyo izinto zokomoya okanye akunjalo.”—UKevin oneminyaka eli-19 ubudala.
UKEVIN uchanile kwiinkalo ezininzi. Ngokwenene kuxhomekeke kumntu ngamnye ukugqiba “enoba uyafuna ukuba ngozixhalabeleyo izinto zokomoya okanye akunjalo.” Kodwa ekubeni ufunda eli nqaku, kusenokwenzeka ngokungakumbi ukuba ubuncinane ufune ukuba ngozixhalabeleyo izinto zokomoya. Noko ke, usenokugaqiniseki ncam, ngohlobo alulo umntu ozixhalabeleyo izinto zokomoya okanye into onokuyenza ukuze ube nguye.
Ngokwentetho eqhelekileyo, umntu ozixhalabeleyo izinto zokomoya ngulowo uvumela iingcinga, izimvo, nezenzo zakhe ukuba zikhokelwe nguThixo Osenyangweni, uYehova. Ucinga ngoMdali wakhe xa esenza izigqibo zemihla ngemihla, emisela usukelo lwakhe, okanye ecwangcisa izinto eziza kuqala ebomini bakhe. Ngamany’ amazwi, umntu ozixhalabeleyo izinto zokomoya utyekele kuThixo.
Njengosekwishumi elivisayo, usenokufumanisa ukuba “ixhala leli phakade” liyayibambezela indlela okhula ngayo ngokomoya. (Mateyu 13:22) Ukunxulumana imini yonke namaqabane esikolo ‘asenokutyekela ekwenzeni okubi ngalo lonke ixesha’ kusenokukudimaza. (Genesis 6:5) Abanye basenokude “bathethe ngokubandezela, benobubi,” bekwenza kube nzima ngawe ukuba uzikise ingqondo kokulungileyo. (INdumiso 73:8) Yaye ukuba abazali bakho okanye amanye amalungu entsapho abavumelani nawe ngokholo lwakho, basenokukukhuthaza kancinane ngokomoya ukuba phofu baya kukukhuthaza. Yintoni onokuyenza ukuthintela ezi mpembelelo zilandulayo uze ukhule ngokomoya?
Into onokuyenza kukuya rhoqo ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Ngokungafaniyo neenkonzo zecawa, iintlanganiso eziqhutyelwa apho ziya kukukhuthaza ukuba ‘uziqhelise ukuhlonela uThixo’ zize zikuncede ekukhuleni kwakho ngokomoya ukususela ebusaneni ukuya ebudodeni bokomoya.—1 Timoti 4:7; Efese 4:13, 14.
Iintlanganiso Ezikunceda Ukuba Ufunde
Kumabandla angaphezu kwama-63 000 ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova alandela umyalelo weBhayibhile ‘wokubizelwa ndawonye kwabantu, amadoda, nabafazi, nabantwana ukuze beve nokuze bafunde.’ (Duteronomi 31:12) Ngoko uya kufumana abaninzi abangangawe phakathi kwamaNgqina.
AmaNgqina kaYehova kulo lonke ihlabathi alandela inkqubo yemfundo efanayo. Le nkqubo ibunjwa ziintlanganiso ezintlanu ngeveki, nganye kuzo imalunga neyure ubude. Ezi ntlanganiso zintlanu zezi:
Intlanganiso Yesidlangalala—intetho yeBhayibhile ebalaselisa umxholo weBhayibhile.
ISifundo SeMboniselo—sisifundo esingena ngokunzulu kwiimfundiso zeBhayibhile ekusetyenziswa kuso iphephancwadi IMboniselo, impapasho ebalaseleyo yamaNgqina kaYehova.
ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo—sifundisa ubuchule bokuthetha kubulungiseleli bobuKristu.
INtlanganiso Yenkonzo—ibalaselisa iingxubusho nemiboniso ngeendlela ezinempumelelo zokufundisa kwindlu ngendlu nakubulungiseleli bezifundo zeBhayibhile.
ISifundo Sencwadi Sebandla—ingxubusho yemibuzo neempendulo esiqhutywa ngamaqela amancinane kusetyenziswa amancedo okufundisisa iBhayibhile—ngokuqhelekileyo emakhayeni abantu.
Iinkqubo zemfundo kwezi ntlanganiso zinokukunceda ukuba ufunde “neenzulu zikaThixo.” (1 Korinte 2:10; IMizekeliso 2:5) Phofu ke, zikho nezinye iingenelo zokuya ezintlanganisweni.
“Njengesinyithi Silola Isinyithi”
UMichelle oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Kulula ukuba ngumKristu phakathi kwabo bakhonza uThixo. Kodwa xa usahamba isikolo kunzima ngakumbi kuba amaqabane akho esikolo anemilinganiselo neenjongo ezahlukileyo.” Ngoko ke, enye ingenelo yokuya ezintlanganisweni, lithuba lokunxulumana namakholwa esikhonza kunye nawo.
UKumkani uSolomon owayesisilumko wathi: “Isinyithi silola isinyithi, indoda ilola ubuso bowayo.” (IMizekeliso 27:17) Maxa wambi, “ubuso” bethu bokomoya, oku kuthetha ukuthi ulwazi nokuqonda kwethu kokomoya, lufuna ukulolwa. Kwanjengokuba ukulola isitshetshe sokoqobo kufuna ubuchule nezixhobo ezifanelekileyo, ngokukwanjalo ufanele unxulumane nabantu abalungileyo, abo banokukwazi ‘ukukwabela sibabalo sithile sisesomoya.’—Roma 1:11.
KwiHolo yoBukumkani, uya kubafumana abantu abanjalo, abakubudala obahlukahlukeneyo, iintlanga nezizwe ezahlukahlukeneyo. Kuyaqondakala ukuba, unokutsaleleka koontanga bakho. Noko ke, nikela ingqalelo ekhethekileyo, kwabo baye bachitha iminyaka emininzi bekhonza uYehova ngokuthembeka. (Levitikus 19:32) Amava abo ebomini kwakunye nolwazi lwabo olunzulu lweBhayibhile anokuba luncedo olukhulu kuwe. Unokubazi njani abanjalo? Zama ukubabuza imibuzo, enjengale, ‘Wayifumana njani inyaniso? Okanye, ‘Yayinjani inkonzo yasentsimini ngoxa wawuselula?’ Banokukwazi kakuhle ukukwabela isibabalo sokomoya!
Kuyinyaniso ukuba, xa uqala ukuthetha nabanye ebandleni, ekuqaleni usenokuvakalelwa njengoCraig oneminyaka eli-12 ubudala, othi: “Ndandidla ngokoyika ukuthetha nabantu abakhulileyo. Ndandicinga ukuba ukuba ndithetha into ephosakeleyo, ndandiya kululekwa.” Ngoku uCraig ucacisa esithi: “Ndikhululekile ukuthetha nabo ngoku.” Kutheni ungenzi umzamo ofanayo wokunxulumana nabo bakhulileyo ngokomoya ebandleni? Ukwenjenjalo kuya kukunika ithuba elixabisekileyo lokuqwalasela nokuxelisa amaKristu akhulileyo.—2 Tesalonika 3:9.
“Ulwimi Lwabafundileyo”
Enye inkalo ofanele uphucule kuyo iquka amandla akho okufundisa. Ngokomzekelo, ngaba uyakwazi ukuthetha ngeenyaniso zeBhayibhile ngokucacileyo? Ngaba uyakwazi ukutsala ingqalelo yabaphulaphuli? Ngaba uyakwazi ukulwenza ufundo lwakho lube nentsingiselo yokwenene? Umprofeti uIsaya wathi: “Inkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo.” (Isaya 50:4) Yaye ngoqeqesho, nawe unganalo ulwimi lwabafundileyo. Kukho intlanganiso ethile enokuba luncedo ngokukhethekileyo kulo mbandela: iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ngaba sele ubhalisile kweso sikolo?
ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sicetyelwe ukufundisa amaKristu ukuze akwazi ukuthetha nabanye. Asinabudala butheni bumiselweyo kungeyomfuneko nokude ube ubhaptiziwe. Noko ke, ufanele ukwazi ukubhala nokufunda, ube unxulumana ngokukhutheleyo nebandla, yaye ube uphila ubomi obuvisisana nemigaqo yobuKristu. Siqhutywa njani esi sikolo sobulungiseleli?
Emva kokubhalisa, uya kwabelwa ukunikela intetho emfutshane kumxholo othile ongokweZibhalo. Zimisele ngamandla xa ulungiselela intetho yakho. Ngokomzekelo, inkcazelo eyongezelelekileyo kumxholo oyintloko othetha ngawo ngokuqhelekileyo inokufumaneka ngokwenza uphando kwiimpapasho zeBhayibhile ngokusebenzisa iWatch Tower Publications Indexes nangokuqwalasela intyilalwazi yeBhayibhile i-Insight on the Scriptures.a Ukuba ufuna uncedo kule nkalo, cela abazali bakho okanye umKristu onamava ukuba akuncede. Uphando olwenzayo luya kongezelela kwintetho yakho yaye lunokuba negalelo ekukhuleni kwakho ngokomoya.—IMizekeliso 2:1-5.
Xa unikela intetho ebandleni, umlungiseleli ofanelekayo oqhuba isikolo uya kuba ephulaphule ngenyameko. Emva kwentetho yakho, uya kunikela ukhuthazo nesiluleko esifanelekileyo esisekelwe kwinkcazelo efumaneka kwincwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, impapasho ecetyelwe ukunceda izithethi zasesidlangalaleni. Siphulaphule ngenyameko esi siluleko. Asenzelwanga ukukugxeka okanye ukukudanisa. Amacebiso anikelwayo ngawokukunceda. Ukuba ‘unyamekela imfundo,’ ukuhambela kwakho phambili ngokomoya kuya ‘kubonakala kwinto yonke.’—1 Timoti 4:13-15.
‘Dumisa UYehova Ngemilebe Yakho’
Enye indlela yokukhula ngokomoya kwiintlanganiso zamaKristu kukunikela iimpendulo okanye amagqabaza xa abaphulaphuli becelwa ukuba babe nenxaxheba. Ukulungiselela kwangaphambili kungundoqo.b Kodwa mhlawumbi ufumanisa kunzima ukuphendula nangona ubuyilungiselele loo ntlanganiso. Kwiimeko ezinjalo, cela uYehova akuncede. UKumkani uDavide wathandaza wathi: “Nkosi yam, vula imilebe yam, uyixéle indumiso yakho umlomo wam.”—INdumiso 51:15.
Khumbula ukuba: Akuyomfuneko ukuba impendulo ibe nde okanye ibe yentsonkothileyo ukuze ibe yeyakhayo. Kunjengokuba uRachel oneminyaka eli-12 ubudala esithi: “Kunokuba utsho ngomtyangampo wento, usenokugqabaza nje ngesivakalisi esinye.” Ekuqaleni, ukuthetha ngokukhululekileyo ezintlanganisweni kusenokuba nzima, yaye unokucela uncedo, kodwa ekuhambeni kwexesha, uya kuvakalelwa njengoRachel. Ucacisa esithi: “Xa unikela amagqabaza ngokwakho, ngawakho ngokwenene, yaye uziva uneqhayiya ngawo.” Ngaphezu koko, uya kukhula ngokomoya ngenxa yemigudu yakho.
Akulula ukucinga ngezinto zokomoya kwihlabathi lanamhlanje elizingcayo. Kodwa ukuba uya rhoqo ezintlanganisweni, ulungiselela ngokucokisekileyo, usiba nenxaxheba, uze wenze umzamo wokunxulumana nabakhulileyo, iintlanganiso zamaKristu ziya kukunceda ngokwenene ukuba ukhule ngokomoya.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela yokulungiselela neyokuba nenxaxheba ezintlanganisweni, bona uVukani! kaJulayi 8, 1988, iphepha 11-13.
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo siye saqeqesha amawaka olutsha ukuze abe ngabafundisi abanobuchule beLizwi likaThixo