Ngubani Ofuna Ukuba Ngusozigidi?
IMPENDULO ibonakala iyile: phantse nguye wonk’ ubani. Yaye eyona ndlela ilula yokuba ngusozigidi—ngokwembono ethandwayo—kukuzuza isityhwentywe semali ngethutyana nje elifutshane kumdlalo welottery okanye ekubhejeni kumdlalo webhola ekhatywayo.a
Beququzelela lo mkhwa oya uthandwa ngokuthandwa—yaye befuna ingeniso ethe kratya eziswa yimidlalo yelottery—ukususela eMoscow ukusa eMadrid, ukususela eManila ukuya kutsho kwisiXeko saseMexico, oorhulumente baxhasa imidlalo yelottery yasebuRhulumenteni enamabhaso amakhulu gqitha afikelela kuma-275 ezigidi zeerandi.
Imbinana iyaphumelela ukuba ngoosozigidi. Enye indoda eliNgesi yayizalise iifomu zokubheja kumdlalo webhola ekhatywayo kangangeminyaka engama-25 ngaphambi kokuba ekugqibeleni izuze ibhaso elaphul’ izikeyi. Ngokubheja nge-R1,40, yazuza imali esondele kwi-R4,1 sezigidi. Okwakubalasele nangakumbi yaba kukuzuza kwebhinqa laseNew York intywenka yemali, laza laba ngomnye wabona bantu abazuza imali eninzi ehlabathini xa laphumelela ii-R151 lezigidi kumdlalo welottery yasebuRhulumenteni eFlorida.
Kodwa imeko yabo ayiqhelekanga. Eqheleke ngakumbi yileyo eyehlela umabhalana oliqina waseSpeyin owathenga amatikiti elottery veki nganye kangangeminyaka engama-30. Nangona engazange azuze mali ininzi, akazange atyhafe. Uthi: “Ndisoloko ndilindele ukuwelwa ngumqa esandleni.” Ngokufanayo, enye indoda yaseMontreal, eyaqongqothela wonke umvuzo wayo weveki kumdlalo welottery yaseKhanada, yashwankathela imbono yabantu abaninzi xa yathi: “Ukufumana imali ngolu hlobo kokuphela kwendlela abantu abangamahlwempu abanokukwazi ngayo ukuphila ubomi obutofotofo.” Kodwa ayizange iphumelele.
Phezu kwawo nje umtsalane enawo imidlalo yelottery zwenibanzi, kukho olunye uhlobo lokungcakaza oluya luthandwa ngokuthandwa: ukudlala oomatshini bokungcakaza abasebenza ngokufakwa kwemali. Nangona ezi zihange zinengalo enye zingakwenzi uzibone sele usisityebi ngephanyazo, ziyamnika umntu odlalayo ithuba elikhawulezileyo lokuzuza ibhaso—elisenokuba sisityhwentywe semali. Yaye aba matshini abasafumaneki kwizindlu ekungcakazelwa kuzo kuphela. Umculo onesingqisho esibizelayo, izibane ezidanyazayo nengxolo yokuphokoka kweengqekembe zemali ebakho ngamathuba athile ibhengeza ubukho bawo ngokubanzi kwiikhefi, kumaziko amaqumrhu asekuhlaleni, kwiivenkile zokutyela nakwiihotele ezininzi zaseYurophu.
UFrances ngumhlolokazi owalupheleyo ohlala kwisiXeko saseNew York. Izihlandlo ezibini okanye ezithathu ngazo zonke iiveki, uhamba iiyure ezimbini ezinesiqingatha ngoduladula esiya kwisiXeko iAtlantic, eNew Jersey. Ekufikeni kwakhe apho ungena kwenye yezindlu ekungcakazelwa kuzo kweso sixeko aze adlale oomatshini bokungcakaza phantse iiyure ezintandathu ngaphambi kokuba abuyele ekhaya. Uthi: “Andazi ukuba ndingenza ntoni ukuba sinokungabikho isiXeko iAtlantic. Kaloku, lo ngumdlalo wethu, yile nto ke esiyenzayo.”
Kwabanye, ukungcakaza kuthetha okungakumbi kunokuzonwabisa nje, indlela yokuphepha imisebenzi yemihla ngemihla, okanye ilinge elithembisayo lokuzuza ubutyebi. Kubo kuyinxalenye ebalulekileyo—ukuba akuyonxalenye esisiseko—yobomi.
ULuciano waseCórdoba, eSpeyin, uthi: “Ndingumngcakazi kuba ndithanda iingozi ezibandakanyekileyo. Andizingxengxezeli,” wongezelela ngelithi, “kodwa inyaniso kukuba ndandiziva ndidandathekile, yaye kungenxa yoko ndaqalisa ukudlala ibingo. Ndaza ke ndafuna eminye imidlalo ekuphunyelelwa kuyo ngamabona-ndenzile. Uziva ubalasele xa uphethe imali eninzi engamaphepha yaye ulungele ukudlala.” Elinye ikhoboka lokungcakaza, elaphulukana nomsebenzi walo njengomlawuli wenkampani, labuzwa ukuba lakhe lacinga kusini na ngokuyeka lo mkhwa walo. Laphendula: “Ndiwuyeke? Andinakuyenza loo nto. Yindlela endiphila ngayo le.”
Nangona besenokushukunyiswa zizinto ezahlukahlukeneyo, ngokuqinisekileyo abangcakazi abaloqela lincinane. Ngokomlinganiselo othile, abantu abakhulileyo abathathu kwabane baseMerika bayangcakaza; eSpeyin, elinye ilizwe apho abantu bethe phithi kukungcakaza, umlinganiselo uyafana. Yaye ukungcakaza kulishishini elikhulu. Ngamaqumrhu ezoshishino ambalwa kuphela ehlabathini anengeniso yonyaka engaphezu kwaleyo yenziwa yimidlalo yelottery kumazwe angama-39.
Kucacile ukuba umtsalane wokungcakaza unamandla gqitha. Kodwa ngaba yindlela yokuziyolisa engenabungozi, okanye ngaba kukho iingozi ezifihlakeleyo? Umzekeliso wamandulo uyalumkisa: “Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.” (IMizekeliso 28:20) Ngaba oku kunjalo ngabo banokuba zizityebi ngokungcakaza?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukungcakaza ngokuqashela iziphumo zemidlalo yebhola ekhatywayo.