Umdlalo Wokungcakaza—Kutheni Uthandwa Kangaka Nje?
KUTHENI abantu bedlala lo mdlalo wokungcakaza welottery? Ibhinqa elithile elingummeli wequmrhu lezongcakazo lathi, “Kuyonwabisa, kuluhlobo lomdlalo.” Mhlawumbi kunjalo, kodwa ngokuqinisekileyo eyona nto itsala abantu kukuzuza ibhaso lemali. Phantse wonk’ ubani ukulungele ukuqongqotha loo ntwana yemali anayo. Kwaye imidlalo yokungcakaza yelottery ikuthembisa isityhwentywe semali. Kwihlabathi lanamhla elingazinzanga ngenxa yokuntinga kwamaxabiso ezinto, ukuhla kwamandla emali, ukunqongophala kwemisebenzi, izigidi zabantu zikholelwa ukuba ukuphumelela kulo mdlalo kuphela kwendlela enokubenza bazibone bezizinhanha ezidumileyo.
Ukongezelela kulo mtsalane, imidlalo yokungcakaza yelottery ayintsonkothanga yaye kulula ukuyidlala. Kukho iintlobo ngeentlobo, njengeLotto, iinombolo nemidlalo othi kuyo ukhuhle iphepha ukuze kuvele iinombolo ezigqunyiweyo, kodwa zonke ezi zinezinto ezimbini ezibalasele ngazo. Eyokuqala kukuba abadlali bayaphumelela xa iinombolo ezikumatikiti abo zifana nezo zitsalwe ngabaququzeleli. Okwesibini, ngokungafaniyo nezinye iintlobo zokungcakaza, akufuneki buchule okanye ulwazi olukhethekileyo ukuze uphumelele. Ukuphumelela okanye ukutyiwa ngumbandela nje wamabona-ndenzile.
Esinye isizathu sokuba abantu badlale imidlalo yokungcakaza yelottery sikukuba kulula ukuthenga amatikiti. Inkoliso yabemi baseMerika inokuwathenga kwivenkile yokutya yasekuhlaleni. Kwezinye iindawo, ukuba indlwana yelottery ikude, abantu banokubheja ngeposi, ngomnxeba, ngetelex, okanye ngefax.
Yintoni Entsha Ngale Midlalo?
Ngaba imidlalo yokungcakaza yelottery ingoomafik’ izolo? Akunjalo konke konke. Kwimibhiyozo eyayisenziwa kwiRoma yamandulo, umlawuli uNero noAwugusto babebhasela abantu ngamakhoboka nemihlaba. Elinye lamabhaso okuqala emali abhalwe phantsi isenokuba lelo lahlawulwa ngowe-1530 yilottery eFlorence, eItali. Kwiinkulungwane ezalandelayo, imidlalo yokungcakaza yelottery yathabath’ unyawo eYurophu. NeUnited States ekuqaleni yayinothotho lwemidlalo yokungcakaza yelottery ingenisa imali eyaba negalelo ekuxhaseni ngemali iJamestown, uMkhosi Wemvukelo nasekwakheni iiyunivesithi ezidumileyo, njengeyaseHarvard, eyaseDartmouth, eyaseYale neyaseColumbia.
Phofu ke, ngenkulungwane ye-19 eli shishini ladodobala. Abantu ababengafuni nokulibona bayigxeka into yokuba izihlwele zabantu zingcakaza baza bema ngelithi lalizele bubuqhophololo. Le midlalo yayidyojwe luqheliselo olubi lokunyoba, ukunganyaniseki nolwaphulo-mthetho. Abaququzeleli abazimeleyo babezuza ingeniso enkulu. Ngenxa yoko, imidlalo yokungcakaza yelottery yavalwa eUnited States, eFransi naseBritani.
Ngaba yaphel’ int’ ebithethwa ngayo? Ngokucacileyo akunjalo. Le midlalo yelottery yaqhubeka isanda kwezinye iindawo—ngokomzekelo, eItali naseOstreliya. UCarlos III waseSpeyin wawusungula lo mdlalo ngowe-1763; wahlaziywa ngokutsha ngowe-1812. Amazwe ngamazwe atshila ngesidanga esinye evula eli shishini lokungcakaza.
Ngowe-1933, iFransi yakurhoxisa ukuyivala kwalo yaza yasungula iLoterie nationale. Kwakhona kwiminyaka yee-1930, i-Ireland yazivulela indawo yokubheja eyaziwayo ebizwa ngokuba yi-Irish Hospitals’ Sweepstake. ITakarakuji yaseJapan yasungulwa ngowe-1945. IBritani yakhupha imvume yokusungulwa komngcakazo wokunyusa ingxowa-mali yebhola ekhatywayo neyokukhuphisana ngamabhaso, nto ezo enyanisweni eziyimidlalo yokungcakaza yelottery. Kwaye ngowe-1964 iUnited States yalivusa phantsi eli shishini.
Kwandula ke kwiminyaka yee-1970, kwavela izinto ezimbini ezayihlaziyayo le ndlela yokungcakaza. Eyokuqala yaba kukungeniswa kweekhompyutha ezinxityelelaniswe noomatshini bokungcakaza. Ngoku kwaba lula ukuqulunqa imidlalo enesandi esiphakamileyo sikanomathotholo ababenokuthi kuyo abadlali bazikhethele iinombolo zabo. Kwakungaseyomfuneko ukulinda iiveki okanye iinyanga ukuze babone enoba baphumelele kusini na; abadlali babenokwazi kwisithuba seentsuku, seeyure, okanye kwanesemizuzu.
Into yesibini eyavelayo yaba yiLotto, mdlalo lowo ekunzima kakhulu kuwo ukuphumelela. KwiLotto, xa kungekho mntu ulizuzileyo ibhaso, longezelelwa kwelo lemidlalo elandelayo. Ngenxa yoko, ibhaso linokuya kutsho kwizigidi zeerandi. NgeLotto, intengiso yaba nkulu, laza eli shishini laba likhulu ngokwenene.
Umtsalane Kubaququzeleli
Kutheni oorhulumente bekhuthaza ukungcakaza? Kungenxa yokuba yindlela elula yokungenisa imali ngaphandle kokunyusa irhafu. Ngoxa oomatshini bokungcakaza neroulette bebuyisa ibhaso elinokuba malunga nama-95 ekhulwini kwimali efakiweyo kubo, imidlalo yokungcakaza yelottery ibuyisa ngaphantsi kwama-50 ekhulwini. Ngokomzekelo, eUnited States ngowe-1988, le midlalo yokungcakaza yayikhupha malunga nama-48 eesenti njengebhaso kwidola nganye efakwayo lize i-15 leesenti lingene kubaququzeleli, kubathengisi nakubalawuli. Iisenti ezingama-37 eziseleyo zazisetyenziselwa ukuphucula intlalo yoluntu, imfundo, ezempilo nokunceda abalupheleyo. Elizweni ngokubanzi, oko kwafikelela kwi-$7,2 samawaka ezigidi.
Kodwa oorhulumente abaqulunqanga le nkqubo yokungcakaza ukuze nje bangenise imali. Ukuba kumazwe abo alikho eli shishini, basenokuphulukana nemali. Abemi babo basenokuya kudlala kwezinye iindawo. Ngoko xa elinye ilizwe okanye ilizwana livula lo mdlalo wokungcakaza, lawo amelene nalo ayanyanzeleka ukuba atshile kwangesidanga esifanayo. Oku kwanda ngolu hlobo kweli shishini kuyabonakala kweliya laseUnited States. Ngowe-1964 kwakukho iziko lokungcakaza ngelottery elinye lasebuRhulumenteni; ngowe-1989 ayengama-30.
Ukuphupha Ngobutyebi
Kambe ke, baninzi abantu abazama ukuziqwebela iitikana. Ngoko abaququzeleli babeyisela njani abantu ukuba badyiwaze ngemali yabo kwimidlalo yokungcakaza yelottery? Ngezibhengezo! Babiza iincutshe zokurhwebesha abantu!
Ngaba izibhengezo zigxininisa kwelokuba inxalenye yemali (nangona incinane) yengeniso iza kungena kwingxowa-mali yezemfundo okanye ukunyanyekelwa kwabalupheleyo? Akunjalo! Azifane zikuphathe nokukuphatha oko. Kunoko, izibhengezo zigxininisa kubungakanani boyolo olulapho ukuba uphumelele izigidi zeerandi. Nantsi imizekelo embalwa:
◻ “Ubomi Obutofotofo Bezinhanha Neendedeba Ezaziwayo Bungabobakho Ngephanyazo . . . Ukuba Nje Ungadlala KwiLOTTO 6/49 Ethandwayo YaseKhanada, Equlethe Izigidi Ngezigidi Zeedola.”
◻ “ILOTTERY YASEFLORIDA . . . Yiba Sisityebi Kweyona Lottery Inkulu EMerika.”
◻ “Imali Ikhiwa Ngezitya EJamani—UNGAWELWA NGUMQA ESANDLENI uze uzibone sele unguSozigidi ngomzuzu.”
Ngaba yindlela engqwabalala yokuthengisa? Ngokuqinisekileyo ingqwabalala! Ngokuqhelekileyo imigudu yokunqumamisa ukubhengeza iyayekwa xa amatikiti engathengwa. Enyanisweni, abaququzeleli baxoza mphini wumbi baze basebenzise imidlalo engakumbi neendlela zokuthengisa ukuze barhwebeshe abadlali abatsha nokuze bagcine abaxumi abadala besenomdla. Abaququzeleli bamele basoloko benikela into ekhangeleka intsha. Umalathisi weziko lomdlalo wokungcakaza welottery eOregon uJames Davey wathi: “Sinemixholo yokungcakaza, senza ungcakazo lweOlimpiki. NgeKrismesi siba neNtywenka Yeholide. NgeLucky Stars senza umdlalo wemiqondiso yeenkwenkwezi zabantu. Sifumanisa ukuba ukuba udlalisa imidlalo emibini okanye emithathu, emine okanye emihlanu ngaxesha-nye, uthengisa amatikiti angakumbi.”
Kodwa ukuza kuthi ga ngoku eyona nto itsala abantu lelo bhaso likhulu. KwiLotto, xa ibhaso liya lisithi kratya, njengoko lalinjalo xa lafikelela kwii-$115 lezigidi ePennsylvania ngowe-1989, oko kuba ngundaba-mlonyeni. Abantu bayagxalathelana ukuya kuthenga amatikiti koko omnye umbhali wathi “kukuthi ti komngcakazi enyeke icham.” Kuloo gxuphu-gxuphu, kwanabo ngokuqhelekileyo bangangcakaziyo bazifaka zitshone izandla ezipokothweni.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Umoya Wokungcakaza Nonqulo
“ICawa yamaKatolika indifundise ukungcakaza. Ibingo (umdlalo othile wamakhasi) neerafuli zingumgubo nje wengxowa enye nemidllalo yokungcakaza yelottery. Ukuba iCawa yamaKatolika ibinokuhlahl’ indlela ekuthinteleni zonke iintlobo zokungcakaza, bendiya kuyiqwalasela kwakhona ingcamango yokuyeka ukungcakaza. Ukuba ndilibawa, oko kungenxa yokuba ukubawa phantse kusisithethe esingcwele seCawa.”—Umfundi wephephancwadi iU.S. Catholic.
“Emva koMthendeleko wangeCawa, eyona ndawo ibalulekileyo ekuyiwa kuyo ngamarhamente eecawa zamaKatolika yimidlalo yebingo yeeveki ngeeveki, ngokutsho kophengululo olwenziwa yiYunivesithi yaseNotre Dame kumarhamente angamaKatolika.” Noko ke, abefundisi abaliqela bathi inkoliso yabo badlala ibingo ayihambi cawa.—IThe Sunday Star-Ledger, eNew Jersey, eUnited States.
Umxholo ophambili wephephandaba iABC eliphuma ngeveki eSpeyin neliluhlelo lwezizwe ngezizwe wawusithi “INgcwele UPancras Izise Ithamsanqa EMadrid.” Eli nqaku lahambisa lathi: “‘IbiyiNgcwele uPancras’ babedanduluka ngokuphindaphindiweyo besitsho abasebenzi ababini kwivenkile yomdlalo wokungcakaza welottery . . . apho babethengise nje ungcelele lwamatikiti enenombolo engu-21515 kuphela ane-‘gordo’ [ibhaso elikhulu] exabisa izigidi ezingama-250 [eepeseta, okanye ngokwemali yanamhla, ii-R6 250 000], ebisasazwa eMadrid. [Aba basebenzi] bavuma ukuba babethandaze kule ngcwele, abagcine umfanekiso wayo kwindawo abasebenza kuyo nababebeke phezu kwawo isebe lohlwathi, ukuze babe nethamsanqa lokuthengisa le ‘gordo’ yeKrismesi.”
“Bezama ukufumana iindlela zokuchaza unobangela wokuwelwa kwabo ngumq’ esandleni, abantu ekudala bephumelela babetyekele ekukholelweni kukuba babetyunjwe nguThixo kwaye ithamsanqa lalibavumile ukuze bazuze elo bhaso. . . . ‘Sifuna ukukholelwa ukuba ithamsanqa nelishwa zibangelwa kokuthile, asingomabona-ndenzile,’ watsho njalo uGqr. Jack A. Kapchan, unjingalwazi wezengqondo kwiYunivesithi yaseMiami. ‘Ibe singathi zibangelwa yintoni ke ngaphandle kokuba zibangelwe nguThixo?’”—IThe New York Times.
Ithini iBhayibhile ngokuba nethamsanqa? Kwabo babengathembekanga kwaSirayeli, uYehova wathi: “Ke nina ningabo bamshiyayo uYehova, abo bayilibalayo intaba yam engcwele, abo balungiselela uthixo weThamsanqa isithebe nabo bamzalisela iwayini ephithikeziweyo uthixo weSihlo.”—Isaya 65:11, NW.
Kuloo mbinana iphumelelayo bangaphi abakhe banqumame baze bacinge ngelokuba isisulu abasifumeneyo sixhomekeke kwilishwa lezigidi ezibuya nemband’ esikhova? Ngaba ukungcakaza kukubonakalisa ‘ukuthanda ummelwane’ nangayiphi na indlela? Ngaba kusengqiqweni okanye kuyavisisana neBhayibhile ukucinga ukuba iNkosi enguMongami wendalo iphela ifanele izibandakanye nemikhwa enjalo yokuzingca njengokungcakaza?—Mateyu 22:39.