Umoya Wokungcakaza—Umdlalo Wehlabathi Wokwenza Amaqashiso
“EKUPHELA kwento efunekayo yidola nephupha.” Iphupha ekubhekiselwa kulo apha lelokuphumelela ibhaso lama-45 ezigidi zeedola (R112 500 000) kumdlalo wokungcakaza welottery yaseNew York. Ngedola nje enye umntu wayenokufumana icham lokuwelwa ngumqa esandleni. Abaphuphi babegxalathelana ukungena bezizigidi. Njengoko babenze umngcelele ukuze bazithengele amatikiti, babencokola ngezikhephe, iidyasi zoboya obumfumamfuma namapomakazi ezindlu—zinto ezo ababeza kuzithenga ukuba babezuze loo mali yebhaso. Ngathuba lithile, kulo lonke eli lizwana, babethenga amatikiti ngomlinganiselo wama-28 000 ngomzuzu. Kwiintsuku ezintathu, ngaphambi kokutsalwa kophumeleleyo, bathenga amatikiti angama-37,4 ezigidi.
EJapan eli shishini litsho njalo kwizindlwana zokungcakaza ezigunyazisiweyo ezili-10 000 apho abantu bathontelanayo ukuya kuthenga amatikiti eTakarakuji (Lottery) Enkulu Yokuphela Konyaka. Kwenye yezi zindlwana eseTokyo apho kukho ingxelo yokuba kwiminyaka engaphambilana kwakuthengiswe amatikiti amahlanu athwele ibhaso lokuqala, abantu abamalunga nama-300 babesele bengxange apho ekuvulweni kwayo le ndlu ukwenzela ishishini. Elinye ibhinqa eliselula, elalikholelwa kwelokuba intaka evuka mva ikholwa zizagweba, lalilinde apho ukususela ngeyoku–1:00 ekuseni. Nanku umvuzo owawugxeleshwe ngabaninzi nyakenye: isixa esaphul’ izikeyi esiziiyen ezili-100 lezigidi (R1 785 712).
Kwidolophu ethile elikomkhulu eNtshona Afrika, indawo abemi basekuhlaleni abayibiza ngokuthi yiKholeji Yokungcakaza ngamaxesha onke wofika kuyo kuphithizela abantu abaze kuthenga amatikiti nokubhejela iinombolo ezilandelayo. Udederhu lweenombolo ababephumelela ngazo abantu ngaphambili zithengiselwa abo bancwase ukufumana amavandlakanya ngokuphathelele iinombolo zokuphumelela kwixesha elizayo. Kwabo bakholelwa kubugqi, abavumisi ngezongcakazo balapha ukuze bathwese abaze kubheja ngeenombolo abanokuzibhejela, oku bekwenza ngentlawulo.
Ngaba ezi ziziganeko ezingaqhelekanga? Nakanye. Kuyo yonk’ indawo abantu bathe ti ngumdlalo wokungcakaza welottery. Lo mdlalo ukho kuwo onke amazwekazi. Kumazwe ami kakuhle nahlwempuzekileyo abantu bathe phithi thwanga nguwo. Unomtsalane kwabancinane nabakhulileyo kuzo zonke iinkalo zoqoqosho, ezentlalo nezemfundo.
Ewe, umdlalo wokungcakaza ngelottery ulishishini elikhulu, kwaye eli shishini liyakhula. EUnited States kuphela, ukushishina kukaRhulumente ngalo mdlalo kwangenisa amawaka ali-$18,5 lezigidi ngowe-1989. Kwiminyaka nje engama-27 edluleyo, elo shishini lalingekho kwaukubakho. Kodwa ngoku linkqenkqeza kwindawo yesibini kwezona ndlela ziphambili zokungcakaza eUnited States, yaye eli shishini likhula nge-17,5 ekhulwini minyaka le, ngesantya esilingana neseshishini leekhompyutha.
Ingeniso yomdlalo wokungcakaza welottery ehlabathini lonke ngowe-1988, ngokwamanani akutshanje akhutshwe liphephancwadi iGaming and Wagering Business, yafikelela kwintywenka yemali ezii-R140,95 zamawaka ezigidi. Le yimali elingana neerandi ezingama-25 ezikhutshwa yindoda, umfazi nomntwana ngamnye osemhlabeni! Yaye le yimali engeniswa nje ngonyaka omnye!
Ngoxa kungekho mntu unokulikhanyela elokuba eli shishini liyanda, abaninzi bathetha bophele ngokuchasene nalo. Amanqaku amabini alandelayo ahlolisisa ukuthandwa kolu hlobo lokungcakaza okuya kuthabath’ unyawo neempikiswano oluzibangelayo. Njengoko uqwalasela izibakala, uya kukwazi ukugqiba enoba ufanele uwungenele kusini na lo mngcakazo welottery. Ngaba ukuwungenela kubonakalisa inkcubeko? Kulula kangakanani ukuphumelela? Ngaba unokuphulukana nokungakumbi kunemali?