Umdlalo Wokungcakaza—Ngubani Ophumelelayo? Ngubani Olahlekelwayo?
INGXOXO esisiseko yokuthethelela imidlalo yokungcakaza yelottery yaseburhulumenteni ikukuba imngenisela izigidi zeerandi urhulumente, mali leyo mhlawumbi ukuba bekungenjalo ibiya kufumaneka kuphela ngokunyuswa kweerhafu. Abaxhasi boku bathi, ‘Hayi indlela ekulula ngayo!’ Kufana nerhafu ekunganyanzelwa namnye ukuba makayihlawule; bayihlawula ngokuzithandela. Enyanisweni, abantu bayakulangazelela ukuyihlawula; benza umngcelele beze kuhlawula!
Kodwa ziziphi ezinye izinto ezibonakalisa ukuba nonyawo lwemfene kwale midlalo yokungcakaza?
Enye ikukuba izibhengezo zale midlalo zidla ngokunganikeli nkcazelo ingako okanye zibadyobha ngentshongo emehlweni abantu. Zibalaselisa ingcamango yokuba uza kuphumelela. Umzekelo woku sisibhengezo sawo saseKhanada esithi: “Sikwenza kube lula . . . UKUPHUMELELA!!”
Kodwa kulula kangakanani ukuphumelela? UAlie uyawudlala lo mdlalo eNtshona Jamani. Isibhengezo sakhona sithi: “Akunakuyikholelwa indlela ekulula ngayo ukuphumelela kwakho.” Sekunjalo, uAlie ulila ezimathontsi esithi: “Bendidlala lo mdlalo kangangeminyaka elishumi, yaye andizange ndizuze nto. Kwaye andazi namntu ungomnye ukhe waphumelela.”
Ngomntu ngamnye ozuza imali eninzi, kukho izigidi ezinjengoAlie, ezichitha iimali zazo iiveki ngeeveki, iminyaka ngeminyaka, kodwa yonke loo mali imka namanzi. EUnited States, inani labo baphumelela i-$1 sezigidi bali-0,000008 ekhulwini xa bethelekiswa nabangcakazi balapho abangama-97 ezigidi.
Amathuba okuphumelela ibhaso eliphezulu awasiso nesinye kwisigidi (xa kukhiwa nje phezulu, angathelekiswa nawokubethwa komntu ngumbane); anokuba sisinye kwizigidi ezininzi. Ngokomzekelo, kwathi kwakucaca ukuba okukhona ibhaso liya lisiba likhulu, kokukhona kuthengiswa amatikiti angakumbi, amathuba okuphumelela iLotto yaseNew York atshintshwa ukusuka kumlinganiselo womntu omnye kwabazizizigidi ezithandathu ukusa komnye kwabazizigidi ezili-12,9!
Ayimangalisi into yokuba abantu betyhola abaququzeleli balo mdlalo wokungcakaza welottery ngelithi barhwebesha abathengi abangenalwazi nabangayiphaphelanga into yokuba maninzi kakhulu amathuba okuba bawe phantsi. UGqr. Valerie Lorenz, umalathisi weU.S. National Center for Pathological Gambling, uthi: “Le midlalo yelottery? Yeyona ndlela yokubheja ekuqongqotha neyokugqibela ipeni onayo. Kungangenkankulu ukuba uphumelele.”
Kwaye kuthekani ukuba uye waphumelela isigidi seerandi? Akuzi kusifumana sonke eso sigidi. Emva kokuba umrhafisi etsale isixa sakhe, abantu abaphumeleleyo eUnited States bafumana ii-$35 000 nyaka ngamnye kangangeminyaka engama-20. Oko kuthetha ukufumana ii-$700 000, ephinda incitshiswe kukuhla kwamandla emali kwithuba leminyaka engama-20.
Umphumo Woku Kumahlwempu
Enye into ogxekwa ngayo lo mngcakazo kukuba abona bantu bachitha imali eninzi kuwo ngamahlwempu, abo babopha amabande ukuze bafumane kwamali leyo. Abaququzeleli balo mdlalo wokungcakaza welottery bema ngelithi akuyonyaniso oko, bathi uhlolisiso lubonisa ukuba uthandwa kakhulu ngabantu abanemivuzo encumisayo. Bathi abantu bayazithandela ukudlala; akukho mntu untlokothiswayo kusithiwa makadlale. Sekunjalo, izibhengezo zivuselela ngabom umnqweno kubadlali, ibe abaninzi bangamahlwempu. Omnye umtshintshi wemali kwivenkilana ethile eseFlorida wathi: “Sineqela esiqiniseke ngalo labantu esibabona veki zonke. Bambi bathenga amatikiti ali-10 yonk’ imihla. Bambi bathenga ali-100 iveki ngeveki. Abanayo imali yokuthenga ukutya, kodwa badlala i-‘Lotto.’”
Kumazwe angafumanga kangako, ngokufuthi le meko ide yambi ngakumbi. Kutshanje urhulumente waseIndonesia wahlolisisa kwakhona umngcakazo walapho womdlalo webhola ekhatywayo ekuthiwa yiPorkas xa iziko leendaba labika ukuba zonke iilali “zithe phithi thwanga yiPorkas.” Iphephancwadi iAsiaweek lanikela le ngxelo: “Amaphephandaba [aseIndonesia] ayezaliswe ziingxelo ezimanyumnyezi: amadoda abetha abafazi okanye abantwana bawo; abantwana abeba imali yabazali babo; abantwana abachitha imali ebilelwe nzima yeendleko zesikolo—konke oku ngenxa yePorkas.”
Ngenxa yokwanda kwale midlalo yelottery ehlabathini lonke, abantu abangakumbi nangakumbi baqalisa ukungcakaza. Abanye, ingengomahlwempu odwa, abasakwazi ukwahlukana nokungcakaza—bangamakhoboka alo mdlalo. UArnie Wexler uyintsumpa yeBhunga Elijongene Nobukhoboka Bokungcakaza eNew Jersey, eUnited States. Uthi: “Abaqulunqi bemithetho bacinga ukuba bafumene indlela engachithi buhlobo nelula yokungenisa imali, ngoxa, enyanisweni, beqhekeza iintsapho ezininzi, bewisa amashishini amaninzi, bebangela ukuba abantu abaninzi babe ngoongantweni yaye betshabalalisa ubomi babaninzi.”
Umbandela Wemilinganiselo Yokuziphatha
Enye into exhalatyelwe kakhulu kukuba imidlalo yokungcakaza yelottery yaseburhulumenteni iye yasiguqula isimo sengqondo sabantu ngokungcakaza. Umdlalo oyi-“Play 3” okanye i-“Lucky Numbers” noxhaswa nguRhulumente unikela amathemba amakhulu okuphumelela kodwa unikela nje ibhaso elimalunga nesiqingatha. Ngaphambi kokuba urhulumente angenelele kweli shishini, lo mdlalo wawugqalwa “njengonogonyamelo,” njengondlela-mnyama wokuzuza imali nanjengoqheliselo olubi. Ngoku kwalo mdlalo ukwamnye kuthiwa kukuzonwabisa, ukuziyolisa, indlela yokubonakalisa inyameko ngabantu!
Kakade ke, umahluko obalulekileyo phakathi kokungcakaza okungekho mthethweni nokungcakaza okuxhaswa ngurhulumente kukuba kunokuba ingeniso iye kwiipokotho zemigewu, ixhasa amaphulo karhulumente. Sekunjalo, abaninzi abakhe umkhanya banxutyiswa koko ukungcakaza kukwenzayo kwimilinganiselo yokuziphatha yabantu ekuthiwa kuncedwa bona.
Oku kungenxa yokuba imidlalo yokungcakaza yelottery ikhulisa ithemba notyekelo lokuzuza ubutyebi ungabubilelanga. UPaul Dworin, umhleli weGaming and Wagering Business, wathi: “Ngaphambili, urhulumente wayesithi ukuba usebenza nzima, uza kuphumelela. Ngoku, uthi, ‘Thenga itikiti yaye uza kuba ngusozigidi.’ Kuyothusa ukuva umyalezo onjalo uvela kurhulumente.” Kwaye uGeorge Will wabhala oku kwiNewsweek: “Okukhona abantu bekholelwa ngakumbi ekubalulekeni kwethamsanqa, kokwenzeka kwezinto ngebhaqo, kumabona-ndenzile, nakwisibakala sokuba ikamva lomntu limiselwe kwangaphambili, kokukhona bekholelwa kancinane kwimbaluleka yeempawu ezizukileyo njengokuba nemveliso, uqoqosho, ubungcathu, ukukhuthala, ukwenza izinto ngocoselelo.”
Enye ingcamango, ebalulekileyo eluntwini, yile: Abantu abafanele bazame ukuphila ngokuncukutha abanye. Noko ke, abaququzeleli bemidlalo yokungcakaza bakhuthaza imbono yokuba kulungile ukuba indoda imbe kwenye eqolo. Ingcamango enjalo ibonisa ukuzingca; isisingela phantsi isiluleko seBhayibhile esithi: “Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.”—Mateyu 22:39.
Phezu kwaso nje esi simbonono nxamnye nokungcakaza, imidlalo yokungcakaza yelottery iyaqhubeka isanda okomlilo wedobo kuwo wonke umhlaba. Omnye umntu owayetyelele eNtshona Afrika wabukela amakhulukhulu abantu ababengqonge isakhiwo ekungcakazelwa kuso sasebuRhulumenteni. Wabuza ummi walapho esithi, “Kutheni bonke aba bantu besafaza ngemali yabo kumdlalo wokungcakaza,” ephawula oku, “ngokukodwa ekubeni ingabantu abahlwempuzekileyo?”
Lo mmi waphendula ngelithi, “Mhlobo wam, bayangcakaza kuba kubanika ithemba. Kwinkoliso yabo, kuphela kwethemba abanalo ebomini.”
Kodwa ngaba ngokwenene ukuphumelela ekungcakazeni yinto onokuthembela ngayo? Kunokuba kube njalo kukuzidyobha ngentshongo emehlweni, ukuthemb’ ilize, iphupha elingenakuba yinyani. Ngokuqinisekileyo umKristu onesazela esisebenzayo akayi kuchitha ixesha nobuncwane bakhe esukelana nobutyebi obulilize obuzuzwa ngokungcakaza. Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukuthobela isiluleko sompostile uPawulos, owabhala esithi abantu abalumkileyo ‘abathembeli butyebini bungagqalekiyo, koko bathembela kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe.’—1 Timoti 6:17.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
“Abaqulunqi bemithetho bacinga ukuba bafumene indlela engachithi buhlobo nelula yokungenisa imali, ngoxa, enyanisweni, beqhekeza iintsapho ezininzi, bewisa amashishini amaninzi, bebangela ukuba abantu abaninzi babe ngoongantweni yaye betshabalalisa ubomi babaninzi”
[Ibhokisi ekwiphepha 9]
Awona Macebiso Alungileyo Abangcakazi
“Akukho mntu unoncumo lukanomasinana njengomgcini-zincwadi obulisa umngcakazi ophumeleleyo. . . . Kunqabile ukuba umngcini-zincwadi amthintele umngcakazi ukuba angabheji kuba nje etyiwa kakhulu. . . . Kwakhona, khumbula ukuba abangcakazi abaphumelelayo banqabe njengabagcini-zincwadi abahlwempuzekileyo.”—UGraham Rock kwiThe Times, yaseLondon.
“Ibhaso eliqinisekisiweyo lee-$45 ezigidi kukhuphiswano lweLotto ngokuhlwanje lelona likhulu kwimbali yeLizwana laseNew York. Kodwa amathuba okuyiphumelela ngokuyibhejela nge-$1 anqabe kangangokuba angande abe mnye kuphela umntu ophumelelayo kwabali-12 913 582.”—IThe New York Times.
“Isiyatha siza kwahlukana ngokukhawuleza nemali yaso.” Intetho eye yaqheleka ukususela kwinkulungwane ye-16.—IFamiliar Quotations, nguJohn Bartlett.
“Mngcakazi, ungafan’ uzigobh’ amacala; nabani na ophumelelayo namhlanje ubuya nemband’ esikhova ngomso.”—Isaci sesiSpanish.