Ukuqiqa Okusezindabeni
Intshukumisa Yokuzingca
Kungekudala emva kokufumana kwayo isikhundla sokulawula, inkokeli yamaNazi uAdolf Hitler yenza isivumelwano neCawa yamaKatolika. Esi sivumelwano sanika uHitler ilungelo lokuthintela ukumiselwa koobhishophu abathile baseJamani aze anikele amalungelo athile ecaweni. Kodwa liliphi kula maqela mabini elaliza kungenelwa kakhulu koku? Intyila-lwazi entsha yamaKatolika yaseFransi inikela impendulo engqalileyo kulo mbuzo.
“UPopu Pius XI ngokwakhe . . . wabona kuyimfuneko ngokupheleleyo ukuqinisekisa ukukhuseleka kwecawa yaseJamani ngenxa yesivumelwano. Oku kwachotshelwa phakathi kuka-Aprili noJulayi 1933. Nangona ngokwasemthethweni sasiyingenelo kwiCawa yamaKatolika, eneneni esi sivumelwano sazisa impumelelo kuHitler njengoko kwabangela ukuba ulawulo lwakhe lwamkeleke. Ngaphezu koko, ekubeni uHitler wayesoloko esaphula esi sigqibo, uPopu wayebekw’ ityala lokwenzakalisa izazela zamaKatolika nokuhlutha ubhishophu igunya ngokwenza isivumelwano sobudenge.”
Namhlanje, ingakumbi eFransi naseJamani, iCawa yamaKatolika igxekwa ngokuphandle ngokulalanisa igunya layo ebudeni bolawulo lwamaNazi. Ezi ngxaki zavela xa iinkokeli zecawa zasilela ukuphulaphula amazwi nomzekelo kaYesu Kristu, awathi ngabalandeli bakhe bokwenyaniso: “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” (Yohane 17:16) Enyanisweni, ukulalanisa okunjalo okwenziwa ziinkokeli zecawa kuye kwazenza zamkelwa ngamalungu ezobupolitika, kodwa oku kuye kwabangela ntoni kulwalamano lwazo noThixo? Xa wayebhalela amaKristu angoowabo, umfundi kaYesu uYakobi walumkisa esithi: “Ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo.”—Yakobi 4:4.
Abo Bangaphumeleliyo Kungcakazo Lwelottery
Linye kuphela ithuba onalo kumathuba anokuba azizigidi ezili-14 ukuba uphumelele kungcakazo lwelottery. Kanti, iThe Globe and Mail, iphephandaba laseKhanada linikela ingxelo yokuba ngabantu abazizigidi abathi rhoqo badlale ungcakazo lwelottery elungiselelwa ngurhulumente. Uhlolisiso lubonisa ukuba ukungcakaza ngelottery akunamtsalane ngaphandle kokuba kusoloko kukho ithemba lokuzuz’ imali, elithi ngokufuthi livuselelwe ngesibhengezo esigxininiswa ‘kwibhaso eliya kuzuzwa nengozi yokusilela ukuthenga itikiti.’ Ekubeni injongo eyintloko yokungcakaza ngelottery ikukuzuza ingeniso kuze kubekho abantu abambalwa abazuz’ imali, abo bangabaququzeleli bayo basoloko besenza iindawo zokuyidlala ‘ngethemba lokuzuza abo babanjiswe ngumkhwa wokuyidlala mihla le.’
Ngaba oku kuyasebenza? Ewe! Ingxelo enikelwe kwiphephancwadi iAmerican Health ngolwando lokungcakaza phakathi kwabeshumi elivisayo, uGqr. Durand Jacobs walatha ekungcakazeni ngelottery njengaleyo eyabenza baqalisa umkhwa wokungcakaza “kuba Ibiza ixabiso eliphantsi, iyafumaneka yaye ibhengezwa njengelungileyo.” Wongezelela ngokuthi: “Ukungcakaza ngelottery kube lijelo eliye labangela abasakhulayo ukuba babambiseke kwiintlobo ezizezinye zokungcakaza okunzulu.” Elinye igosa laseKhanada xa lithetha ngokuba likhoboka lokungcakaza lithi: “Nabani na oya kuzama ukukuxelela ukuba ukungcakaza ngelottery asikokungcakaza uzenza isidenge okanye bazizidenge. . . . Sichitha amakhulu ezigidi zeedola ekungcakazeni ngelottery ngethemba lokuzuza okuthile. Kukungcakaza.”
Iilottery zikhuthaza ukuthand’ imali. UGqr. Marvin Steinberg, umongameli weBhunga laseConnecticut Elijongene Nokukhotyokiswa Kukungcakaza, waphawula ukuba ingxaki yabangcakazi abakwishumi elivisayo ikukuba basebenzisa imali yabo yokudla kwasemini, baba imali, yaye bade bebe ezivenkileni ukuze baxhase umkhwa wabo wokungcakaza. Eneneni, ayinyaniso amazwi ompostile uPawulos athi: “Ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko . . . bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.”—1 Timoti 6:9, 10.