Ngaba Sikho Isicombululo Esilula Sokukruquka?
UKUNCEDA izigidi zabantu abakruqukileyo ngezinto ezininzi zokuzonwabisa sele kulishishini elikhulu ngoku. Ukuchithela iiholide kwelinye ilizwe, izinto ze-elektroniki eziphucukileyo, imisetyenzana yokuzonwabisa entsonkothileyo, zonke ezi zinto zinceda abo bazisebenzisayo bachithele ixesha labo kuzo. Sekunjalo, ukukruquka kuseyintsinda-badala. Kwanaxa beseholideyini, abakhenkethi abakruqukileyo bafuna abantu bokubonwabisa ukuze babagcine bonwabile. Yaye abaninzi abazinikeleyo kumthambo wokubaleka abonwabi xa bengaphelekwa ngunomathotholo omncinane.
Alithandabuzeki elokuba ukuzonwabisa, njengomabonwakude, kubangela uchulumanco yaye kuyakuphelisa ukukruquka, kodwa ixesha elingakanani? Kwabanye kufana nesiyobisi esikhobokisayo. Kwixesha elizayo, ufuna enye into eyonwabisa ngakumbi—kungenjalo uye uvakalelwe kukuba ubusele ubonile. Kunokuba kube sisicombululo, ukuzonwabisa okunjalo kunokuphelela ekubeni ngomnye woothunywashe abafak’ isandla ekukruqukeni.
Umabonwakude, yena, akabangeli kukruquka, kodwa nokubukela umabonwakude kakhulu akusayi kuphelisa ukukruquka. Okubi nangakumbi, okukhona ‘ubambiseka’ kumabonwakude, kokukhona uphuma kubomi bokwenene. Oku kwenzeka ngokufuthi ebantwaneni. Kolunye uhlolisiso apho abantwana abaneminyaka emine nemihlanu ubudala babuzwayo enoba bakhetha ukuyeka umabonwakude okanye ooyise, omnye kwabathathu wagqiba kwelokuba ubomi bebuya kunyamezeleka ngakumbi ngaphandle kukatata!
Nokwanelisa yonke iminqweno akusosicombululo. Abantu abaselula abaninzi ngoku “bakhulela kwixesha lokuma kakuhle ngokwezinto eziphathekayo, benazo zonke izinto zokudlala, besiya kwiiholide, benazo zonke izinto ezisefashonini,” laphawula oko isekela leSocial Democratic kwipalamente yaseJamani. Ngaba ikho enye into abasenokuba nemihlali yiyo? Kusenokuba ngabazali abaneenjongo ezintle abanika abantwana babo zonke izinto zakutshanje ezichuliweyo ngokwenene ezihlahla indlela eya kubuntu obukhulu obukruquke kakhulu.
Oonobangela Abayintloko Bokukruquka
Ukubaleka ukukruquka ngokupheleleyo lusukelo olungasekelwanga kwizinto zokwenene. Kweli hlabathi asinakuphilela ukuhlala sinemihlali yaye sonwabile. Ulindelo olunjalo olungasekelwanga kwizinto eziyinene lusenokubangela ukunganeliseki okungeyomfuneko. Kwangaxeshanye, kukho oothunywashe abaqinisekileyo abayenza nzulu ngakumbi le meko.
Ngokomzekelo, namhlanje iintsapho ezininzi ziyawohloka. Akungebi umama notata babambeke gqitha ekuzonwabiseni ngokokude bangabi sachitha xesha laneleyo nabantwana? Alimangalisi elokuba abakwishumi elivisayo bezifunela ezabo iindlela zokuzonwabisa kwiidisco, kwiindawo ezinemidlalo yevideo, kwiindawo ezineevenkile ezininzi nakwezinye iindawo ezinjalo. Ngokwesiphumo, kumakhaya amaninzi ukuzikhupha njengentsapho nezinye izinto intsapho emele izenze kunye azisenziwa.
Abanye abanelisekanga bubomi babo obukruqulayo kangangokuba bengaqondi bazenza amakheswa, bezenzela izinto zabo, bengenaxesha lakhe nawuphi na umntu. Yaye ngoxa besiya bezenza amakheswa, baba nethemba elingelilo lokuba banoko kusenokubizwa ngokuba bubuchule bokuzazi. Kodwa akubi njalo. Ngapha koko, akukho mntu ungumntu yedwa. Sifuna unxulumano nonxibelelwano. Ngoko ke, alinakuphepheka elokuba abantu abathile abazenza amakheswa besandisa ukukruquka, ngokungazi benza ubomi babo bube yindinisa nakwabo babangqongileyo.
Noko ke, ngandlel’ ithile le ngxaki inzulu ngakumbi, njengokuba uBlaise Pascal, isithandi-bulumko esingumFrentshi senkulungwane ye-17, ngokungqalileyo waphawula: “Ukudinwa nokukruquka [kuvela] emazantsi entliziyo apho iingcambu zako zokwemvelo zimiliselwe khona yaye [kuzalisa] ingqondo ngetyhefu yako.” Hayi indlela okuyinyaniso ngayo oko!
Logama nje intliziyo izele kukuthandabuza intsingiselo yokwenene yobomi, mhlawumbi ukukruquka akusayi kuphela. Kufuneka ubani akholelwe ngokusuk’ entliziyweni ukuba ubomi bakhe bobuqu bunentsingiselo. Ukanti, ubani angaphila njani enembono eyakhayo engasazi isizathu sokuba lapha kwakhe, engenasukelo, engenamathemba aqinisekileyo ngekamva?
Apha kulapho imibuzo ebalulekileyo ephakama khona: Iyintoni intsingiselo yobomi? Iyintoni injongo yokuba lapha kwam? Liyintoni ikamva lam? UGqr. Viktor Frankl waphawula: “Ukuzabalazela ukufumana intsingiselo ebomini bukabani kuyintshukumisa eyintloko emntwini.” Noko ke, inokufunyanwa phi loo ntsingiselo? Le mibuzo ingaphendulwa phi ngokwanelisayo?
Ukunciphisa Ukukruquka—Njani?
Eyona ncwadi indala kunazo zonke ezinye iincwadi inikela ukhanyiselo kwimibuzo enjalo ebalulekileyo. Imbongi yaseJamani yenkulungwane ye-19 uHeinrich Heine, yathi: “Ngokulula nje ukhanyiselo endinalo ndiluzuze ngokufunda incwadi.” Eyiphi incwadi? IBhayibhile. UCharles Dickens ngokukwanjalo wathi: “Iyeyona ncwadi iphucukileyo eyakha yakho okanye esaya kubakho ehlabathini, ngenxa yokuba ikufundisa eyona mfundiso iphucukileyo esinokuthi nasiphi na isidalwa esingumntu . . . sifumane ukhokelo.”
Alithandabuzeki elo. IBhayibhile isisikhokelo esiqinisekileyo esisa kubomi obunentsingiselo. Ukususela ekuqaleni ukuya ekugqibeleni, ilicacisa mhlophe elokuba uThixo wanika umntu umsebenzi amakawenze. Umntu wayeza kunyamekela umhlaba, awenze mhle, abongamele ngokunothando ubomi bezilwanyana, yaye, ngaphezu kwako konke, adumise uMdali, uYehova. Lo ngumsebenzi omkhulu, ongenakukruqula! Izigidi zamaKristu akhutheleyo ziye zafumanisa ukuba ukuxhasa icala likaThixo kwimbambano, ngokuzahlulela nokuzinikela ngokupheleleyo kuye, ngokwenene kongezelela intsingiselo ebomini kuze kuthintele ukukruquka.
Ukukruquka okwesameleyo kusenokuba yinxalenye yobomi banamhlanje—inkoliso yeelwimi zamandulo ibonakala ingenalo igama lako. Sekunjalo, iBhayibhile, kunye nokusibonisa kwayo intsingiselo yobomi, iqulethe amacebiso asebenzisekayo okulwa nokukruquka. Ngokomzekelo, ichaza ukuba ‘ozahlulayo uvungamela yonke into ezimasayo.’ (IMizekeliso 18:1) Ngamanye amazwi, musa ukuzenza ikheswa!
Ngokwemvelo umntu uthanda ukuhlala nabanye. Ufuna ukusondelelana nabanye abantu, yaye isegazini into yokufuna ukuba kunye nabanye. Ukuphikisana nalo mnqweno uqhelekileyo wokunxulumana nabanye abantu—ukuba yinkomo edla yodwa, umbukeli nje—akubobulumko. Ngokukwanjalo, ukuba nolwalamano lobuqu olungekho senyongweni kuyafana nokungabusiso bonke ubulumko obusebenzisekayo.
Kakade ke, kulula kakhulu ukuhambisa ixesha ngokubukela imifanekiso eshukumayo okanye ukuphelelisa unxibelelwano lwethu ekusebenziseni ikhompyutha. Ukuqhelana nabanye abantu akuyondlwan’ iyanetha. Sekunjalo, ukuthetha into efanelekileyo nokwabelana nabanye ngeengcinga neemvakalelo kunomvuzo yaye kuthintela ukukruquka.—IZenzo 20:35.
USolomon, owayeyakhele umkhanya imvelo yomntu, wenza olu ncomelo lunamandla: “Kulunge ngakumbi ukwaneliseka koko kuphambi kwamehlo akho kunokulawulwa ngumnqweno.” (INtshumayeli 6:9, The New English Bible) Ngamanye amazwi, fumana okona kulungileyo kwiimeko okuzo ngoku. Nikela ingqalelo koko ukubonayo ngoku. Oko kulunge ngakumbi kunokuthi ngenxa yomnqweno ulangazelele yonke into ephambi kwakho, okanye ‘ukulawulwa ngumnqweno,’ njengokuba uSolomon ekubeka.
Iintsuku ezicetywe kakuhle, usukelo oluqinisekileyo, nomnqweno onyanisekileyo wokuqhubeka ufunda uya kukunceda ukuba woyise ukukruquka. Ewe, kwanasemva komhlala-phantsi, umntu usenokufikelela izinto ezininzi. Omnye wamaNgqina kaYehova kwiZiqithi iBaleares, indoda edla umhlala-phantsi kwiminyaka yayo yokuqala yama-70, ngolangazelelo ufunda isiJamani. Luyintoni usukelo lwakhe? Ufuna ukuthetha ngeLizwi likaThixo kubakhenkethi abaninzi abakruqukileyo abasuka eJamani. Ngokuqinisekileyo ukukruquka akuyongxaki kuye!
Ekugqibeleni, kuthekani ngokwenza okuthile ngezandla zakho? Kutheni ungafumani ubuchule kumsebenzi wezandla, ekupeyinteni, okanye ekudlaleni isixhobo somculo? Xa uziva uphumeze okuthile uzixabisa ngakumbi. Kutheni ungacingi ngokuwubhinqa ube mfutshane uze uncede ekhayeni lakho? Kukho izinto ezincinane ezininzi gqitha ezidla ngokufuna ukulungiswa nakweliphi ikhaya. Endaweni yokufukama kubomi bakho obukruqulayo, zenze ufumaneke, yenza umsebenzi onentsingiselo ekhaya, yiba nobuchule kumsebenzi wezandla othile. Uya kuvuzwa.—IMizekeliso 22:29.
Ngaphezu koko, iBhayibhile inikela icebiso lokuba sizinikele ngomphefumlo uphela kuwo nawuphi na umsebenzi esinokuwenza. (Kolose 3:23) Kakade ke oko kuthetha ukuzimisela, ukuba nomdla ngokunyanisekileyo koko sikwenzayo. Kusenokuba kuhle ukukhumbula ukuba igama lesiNgesi elithi “interest [umdla]” livela kwigama lesiLatini elithi interesse, ngokoqobo elithetha “ukuba phakathi, okanye ukubandakanyeka,” ngamanye amazwi ukuzinikela kuloo nto uyenzayo. Oko kuya kuyenza ibangele umdla.
Ukuba liyasetyenziswa, lonke eli cebiso lilungileyo labhalwa kwiminyaka emininzi eyadlulayo liya kuwanceda amaxhoba adandathekayo ngexesha lawo lokungenzi nto. Ngoko ke, zinikele koko ukwenzayo. Nxulumana nabanye abantu. Yenzela abanye izinto. Qhubeka ufunda. Nxibelelana ngokukhululekileyo nabanye. Fumanisa intsingiselo yokwenene yobomi. Ngokwenza konke oku, akunakubakho nto iya kukubangela ukuba ngesingqala uthi: ‘Kutheni ubomi bukruqula kangaka?’
[Ibhokisi ekwiphepha 24]
Indlela Yokoyisa Ukukruquka
1. Musa ukuvumela ubuchule bakho bokuzenzela izinto benziwe buthathaka kukuzonwabisa okusele kulungiselelwe. Zikhethele izinto zokuhambisa ixesha nezokuzonwabisa.
2. Nxulumana nabantu.
3. Qhubeka ufunda. Yiba nosukelo lobuqu.
4. Yiba ngumyili. Yenza okuthile ngezandla zakho.
5. Yiba nenjongo ebomini. Mgqale uThixo.