Lunqulo Olunye Oluya Kusala
KHAWUTHELEKELELE nje ukuba bekuya kuba njani ukuba bonke abantu emhlabeni bebemanyene kunqulo olunye, kunqulo olunye olunyulu kuphela loThixo oyinyaniso. Olunjani umanyano obeluya kubakho! Bekungasayi kuphinda kubekho ukusukuzana konqulo, ukruthakruthwano okanye imfazwe. Ngaba eli liphupha nje? Nakanye. Umbono kampostile uYohane ongokutshatyalaliswa kwehenyukazi, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, ubonisa ukuba luhlobo olunye lonqulo oluya kusala emva kokutshatyalaliswa kwalo. Luluphi olo?
Ilizwi elaviwa nguYohane liphuma ezulwini lisinika ufifi xa lisithi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuba anifuni kwabelana nayo ngezono zayo, yaye ukuba anifuni kwamkela inxalenye yezibetho zayo.” (ISityhilelo 18:4) Kucacile ukuba apha uThixo uthetha ngokwakhe kubantu bakhe. Phawula ukuba akayaleli abantu bakhe ukuba bahlanganisane nehenyukazi baze benze umgudu wokumanyanisa iinkonzo ngenjongo yokulinceda ukuba lilungelelane lize liphile ubomi obundilisekileyo. Akunjalo, akukho ndlela yakulinceda. Ngoko ke, ubayalela ukuba baphume yaye bachasele kude kulo khon’ ukuze bakuphephe ukungcoliswa sisono salo esikhulu yaye bakuphephe nokuba ekugqibeleni bagwetywe baze batshatyalaliswe kunye nalo.
Umyalelo wasezulwini othi “phumani kuyo” ukwanceda abo bayifuna ngokunyanisekileyo inyaniso ukuba bakwazi ukubabona abantu bakaThixo. Basenokuzibuza oku, ‘Ngabaphi abantu emhlabeni namhlanje abaye bathobela lo myalelo ongokurhoxa kunqulo, umbutho okanye iqela labanquli elinxulumene ‘neBhabhiloni Enkulu’? (ISityhilelo 18:2) Ngabaphi abantu emhlabeni namhlanje abaye bazikhupha kuzo zonke iimfundiso zeBhabhiloni, izivumo zokholo, imikhwa nezithethe?’ Inokuba ngoobani ngaphandle kwamaNgqina kaYehova? Phakathi kwamaNgqina angaphezu kwezigidi ezisisi-5,2 kumazwe angaphezu kwama-230, onke ayenxulumene nonqulo olubuBhabhiloni, enoba kungokuzalwa okanye ngokuguqulwa, aye avakalisa ukuba ayarhoxa kuyo—maxa wambi phezu kwako nje ukukhalazelwa nokuchaswa zizalamane, zizihlobo neenkokeli zonqulo.
Omnye umzekelo ngokaHenry, indoda ethile yaseMzantsi Afrika, owayengunongxowa kwicawa yakhe yaye eyithanda kakhulu. Kodwa wayefuna inyaniso, yaye ngenye imini wamkela isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa namaNgqina kaYehova. Ekuhambeni kwexesha, xa wagqiba ekubeni abe liNgqina, waxelela umfundisi wakhe, owayekwaselumelwaneni, ukuba wayefuna ukurhoxa ecaweni.
Umfundisi wothuka waza kamva weza negosa elongamelayo namanye amalungu aloo cawa ukuza kutyelela uHenry. Bambuza isizathu sokurhoxa kwakhe ecaweni yabo ukuze abe lilungu lonqulo, ababesithi bona, alunawo umoya oyingcwele kaThixo. UHenry wathi “Ekuqaleni, ndandisoyika ukubaphendula, ngenxa yokuba babesoloko benempembelelo enkulu kum. Kodwa ndathandazela uncedo lukaYehova, yaye wandenza ndazikhusela ngolu hlobo: ‘Kuzo zonke iinkonzo zezizwe ngezizwe, yiyiphi ekuphela kwayo elisebenzisa rhoqo igama likaThixo, uYehova? Ngaba asingomaNgqina kaYehova? Ngaba nicinga ukuba uThixo ebeya kuwavumela athwale igama lakhe aze angawaniki umoya wakhe oyingcwele?’” Amagosa ecawa anqunyelwa linqatha yaye ngoku uHenry ungomnye wamaNgqina kaYehova.
Ngoko xa ilizwi eliphuma ezulwini lisithi: “Phumani kuyo,” ikho indawo onokuya kuyo. (ISityhilelo 18:4) Bakho abantu, abangabanquli boThixo oyinyaniso, uYehova, onokusabela kubo. Izigidi sezisabile. Zaziwa njengamaNgqina kaYehova, zenza ubuzalwana bobuKristu bezizwe ngezizwe, obulungelelaniswe kumabandla angaphezu kwama-78 600 yaye ngoku zibona ulwando olukhulu kwimbali yazo. Ziye zabhaptiza abantu abangaphezu kwe-1200 000 kwiminyaka emine edluleyo! Ngaphambi kokubhaptizwa, bonke aba baye bagqiba isifundo sokomoya esivuselelayo seBhayibhile, esibenza bazenzele isigqibo sobuqu esisekelwe kwindlela ebalaseleyo yokuqiqa ukuze barhoxe kulo lonke unxulumano lwangaphambili lwalo naluphi na olunye unqulo.—Zefaniya 2:2, 3.
Ukuba ubungekaze uye kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova kwenye yeeHolo zoBukumkani zawo, kutheni ungakhe uye kule veki? Usenokuchukunyiswa kakhulu koko uya kukubona noya kukuva. Yaye ukuba ufuna ukuyiqonda iBhayibhile, kutheni ungaceli omnye wamaNgqina kaYehova ukuba ayifundisise kunye nawe, njengokuba benjenjelo abanye abazizigidi? Ukuba uthandazela ukufumana ulwazi lokwenyaniso lweLizwi likaThixo kunye nendlela yokuphila evisisana nelo Lizwi, uya kuyifumana impendulo kumthandazo wakho.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Izigidi ziguqukela kunqulo lukaYehova uThixo