Isiselo Esihlaziyayo Esenziwe Ngesityalo Esihle
NGUMBHALI KAVUKANI! ENIGER
UCINGA ntoni ngesiselo esibandayo mini ligqats’ ubhobhoyi? KwiNtshona yeAfrika intsapho ezininzi zizihlaziya ngesiselo esimnandi, esinesondlo nesingabizi mali kangako—esenziwe ngesityalo. Esi siselo kuthiwa yibissap, yaye senziwe ngesityalo ekuthiwa yitropical roselle. Esi sityalo sinokukhula sibe ziimitha ezimbini nangaphezulu. Sikhula kwiingingqi ezahlukeneyo zomhlaba kodwa ngokukhethekileyo sifumaneka kwiindawo ezibaleleyo ezikumazwe afana neNiger, iMali neSenegal.
Indlela Yokwenza Ibissap
Kuthatyathwa icephe lamagqabi entyatyambo lidityaniswe nelitha yamanzi. Lo mxube uyabiliswa uze utsaliswe kangangemizuzu eli-15 ukusa kwengama-20. La magqabi ayahluzwa yaye ngoku le sele iyiti enokuselwa ishushu okanye ibanda, ineswekile okanye ingenayo. Namhlanje siza kwenzela abantwana isiselo esibandayo, ngoko kuza kufuneka sisigalele iswekile. Kanti ezinye iintsapho zigalela imint okanye ivanilla kwesi siselo. Ibissap ebandayo ebomvu krwe igalelwa kwiiplastiki ezincinane ze zibotshwe phezulu. Ngoku ungabanika abantwana abasele beyilinde ngamehl’ abomvu! Bezele yimincili, bagqobhoza iikona zezi plastiki baze banandiphe esi siselo basithanda kunene. Kambe ke, abanye bathanda ukusisela ngeglasi.
Ngaphandle nje kokuba imnandi, kuthiwa ibissap iluncedo. Inecalcium, iphosphorus, i-iron, ivithamin A nevithamin C nezinye izondlo! Abanye bathi ibissap ikhulula isisu, yaye yenza ukuba isinyi nesibindi zisebenze kakuhle. Ngaphezu kwako konke, hayi indlela ekusivuyisa ngayo ukwazi ukuba esi sityalo asibalaselanga ngobuhle nje kuphela, kodwa kuso kukwafumaneka isiselo esondlayo nesihlaziyayo!
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
Photo by Kazuo Yamasaki