IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • be iphe. 21-iphe. 26 isiqe.¶ 5
  • Zibhokoxe Ekufundeni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Zibhokoxe Ekufundeni
  • Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Lisebenzise Kakuhle Ithuba
  • Funda Unentshukumisa Efanelekileyo
  • Cinga Ngesantya
  • Funda Ukunikela Ingqalelo
  • Ufundo Lwasesidlangalaleni
  • Ziphe Ixesha Lokufunda
  • Ukungenelwa Ekufundeni IBhayibhile Yonke Imihla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Kutheni Kubalulekile Ukuba Abantwana Bafunde—Inxalenye 1: Ukufunda Okanye Ukubukela?
    Ukunceda Iintsapho
  • Ufundo LweBhayibhile—Luyingenelo Kwaye Lumnandi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Zinikele Ekufundeni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
be iphe. 21-iphe. 26 isiqe.¶ 5

Zibhokoxe Ekufundeni

IZILWANYANA azikwazi kuyenza le nto uyenzayo wena sithethanje. Umntu omnye kwabathandathu akakwazi kufunda—ubukhulu becala ngenxa yokungafumani mathuba okuya esikolweni—yaye kwabo bakwaziyo ukufunda, abaninzi abafundi rhoqo. Ukanti, ukukwazi kwakho ukufunda iincwadi kukunika ithuba, ngokungathi kunjalo, lokutyelela kwamanye amazwe, lokudibana nabantu abanokubuphucula ubomi bakho, nelokufumana ulwazi olusebenzisekayo noluya kukunceda uhlangabezane namaxhala obomi.

Umfanekiso okwiphepha 22

Oko ukufundela abantwana bakho kunokukunceda uxonxe ubuntu babo

Ukukwazi ukufunda kuyawuchaphazela umlinganiselo woko umntu oselula akufumanayo esikolweni. Xa efuna umsebenzi, ukukwazi kwakhe ukufunda kusenokuchaphazela uhlobo lomsebenzi awufumanayo nenani leeyure amele azisebenze ukuze aziphilise. Abafazi abanyamekela imizi yabo abakwaziyo ukufunda kakuhle bakwazi bhetele ukunyamekela iintsapho zabo xa kufikwa kumba wokutya okunesondlo, ucoceko nokuthintelwa kwezifo. Oomama abafunda kakuhle basenokuba nempembelelo eluncedo kakhulu kubukrelekrele babantwana babo.

Kakade ke, eyona ngenelo ibalaseleyo yokufunda kukuba kunokukwenza ukwazi ‘ukufumana ukumazi uThixo.’ (IMize. 2:5) Iindlela ezininzi esikhonza ngazo uThixo zibandakanya ukukwazi ukufunda. IZibhalo kunye neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ziyafundwa kwiintlanganiso zebandla. Impumelelo yakho kubulungiseleli basentsimini ixhomekeke kakhulu kwindlela ofunda ngayo. Yaye ukulungiselela iintlanganiso kunye nentsimi kubandakanya ukufunda. Ngenxa yoko, ukukhula kwakho ngokomoya, ubukhulu becala, kuxhomekeke kwindlela ofunda ngayo.

Lisebenzise Kakuhle Ithuba

Umfanekiso okwiphepha 22

Funda ukucacisa amagama xa ufunda esidlangalaleni

Bambi abafunda iindlela zikaThixo abafundanga kangako. Kusenokufuneka bafundiswe ukufunda ukuze bahambele phambili ngokomoya. Okanye basenokufuna uncedo lobuqu ukuze baphucule indlela abafunda ngayo. Apho kukho imfuneko khona, amabandla asekuhlaleni aye alungiselele ukuba abantu bafundiswe ukufunda nokubhala ngokusuka kwimpapasho ethi Zibhokoxe Ekuleseni Nasekubhaleni. Amawaka amaninzi abantu aye angenelwa kakhulu kweli lungiselelo. Ngenxa yokubaluleka kokukwazi ukufunda kakuhle, amanye amabandla aye alungiselela iiklasi zokuphucula ukufunda eziqhutywa kunye neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Kwanalapho zingekhoyo ezi klasi, umntu unokwenza inkqubela ngokuzipha ixesha lokufunda ngokuvakalayo suku ngalunye nangokuya rhoqo nokuba nenxaxheba esikolweni.

Okulusizi kukuba, phakathi kwezinye izinto, iincwadi zamabali abaliswa ngemifanekiso nomabonwakude ziye zabangela abantu abaninzi bakuyeka ukufunda. Ukubukela umabonwakude aze angafundi kangako kunokwenza umntu angahambeli phambili kubuchule bokufunda yaye angakwazi ukucinga, ukuqiqa nokuthetha kakuhle.

“Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lilungiselela iimpapasho ezisinceda siyiqonde iBhayibhile. Ezi mpapasho zisinika ubuncwane benkcazelo ephathelele imibandela ebalulekileyo yokomoya. (Mat. 24:45; 1 Kor. 2:12, 13) Zikwasigcina sihambisana nezinto ezenzeka ehlabathini kunye nentsingiselo yazo; ziyasinceda siqhelane nendalo, kwaye zisifundisa iindlela zokuhlangabezana nezinto ezisixhalabisayo. Ngaphezu kwako konke, zinikela ingqalelo kwindlela eyamkelekileyo ubani anokukhonza ngayo uThixo aze afumane inkoliseko yakhe. Oko kufunda kuyingenelo kuya kukunceda ukhule ngokomoya.

Kakade ke, ukukwazi ukufunda akuthethi kuthi ubani ulungile. Obu buchule bufuna ukusetyenziswa ngendlela efanelekileyo. Njengasekutyeni, ubani umele azikhethe izinto azifundayo. Ukutyela ntoni ukutya okungenasondlo okanye okunokude kukutyhefe? Ngendlela efanayo, uwufundela ntoni umbandela, kwanokuba uhambisa nje ixesha, onokonakalisa ingqondo nentliziyo yakho? Sifanele sisebenzise imigaqo yeBhayibhile ukuze sigqibe ngombandela esikhetha ukuwufunda. Ngaphambi kokuba ugqibe ngoko uza kukufunda, khumbula izibhalo ezinjengeNtshumayeli 12:12, 13; eyabase-Efese 4:22-24; 5:3, 4; eyabaseFilipi 4:8; eyabaseKolose 2:8; eyoku-1 kaYohane 2:15-17; neyesi-2 kaYohane 10.

Funda Unentshukumisa Efanelekileyo

Ukubaluleka kokuba nentshukumisa efanelekileyo xa ufunda kucaca xa sihlolisisa iingxelo zeVangeli. Ngokomzekelo, kwincwadi yeVangeli kaMateyu sifumana uYesu ebuza iinkokeli zonqulo ezifundileyo imibuzo efana nothi “Anizange nikufunde na?” nothi “Anizange nifunde na?” ngaphambi kokuba anikele iimpendulo ezisekelwe kwiZibhalo kwimibuzo yazo enobuqhinga. (Mat. 12:3, 5; 19:4; 21:16, 42; 22:31) Esinye sezifundo esizifumana apha sesokuba ukuba intshukumisa yethu yokufunda ayifanelekanga, sinokufikelela kwizigqibo ezingachananga okanye siyiphose ngokupheleleyo ingongoma. AbaFarisi babezifunda iZibhalo kuba becinga ukuba ngokwenjenjalo, babeya kufumana ubomi obungunaphakade. Njengoko uYesu wabonisayo, loo mvuzo awunikwa abantu abangamthandiyo uThixo nabangayamkeliyo indlela azisa ngayo usindiso. (Yoh. 5:39-43) Iinjongo zabaFarisi zazizezokuzingca; ngenxa yoko, uninzi lwezigqibo ababezenza lwalungachananga.

Ukuthanda uYehova kuyeyona ntshukumisa inyulu sinokuba nayo yokufunda iLizwi lakhe. Olo thando lusishukumisela ekubeni sifunde ukuthanda kukaThixo, kuba uthando “luvuyisana nenyaniso.” (1 Kor. 13:6) Kwanokuba besingakunandiphi ukufunda ngaphambili, ukuthanda uYehova ‘ngengqondo yethu iphela’ kuya kusiqhubela ekubeni sizibhokoxe ngamandla ukuze iingqondo zethu zingenise ulwazi ngoThixo. (Mat. 22:37) Uthando luvuselela umdla, uze umdla uvuselele ukufunda.

Cinga Ngesantya

Ukufunda kuhambisana nokuqonda. Njengokuba ufunda ngoku, uyawaqonda la magama kwaye uyayikhumbula intsingiselo yawo. Unokusandisa isantya ofunda ngaso ukuba uyawandisa amagama owaqondayo. Kunokuba ume uze uqwalasele igama ngalinye, zama ukubona amagama amaninzi ngexesha. Njengoko uphuhlisa obu buchule, uya kufumanisa ukuba uwuqonda ngokucace ngakumbi umbandela owufundayo.

Umfanekiso okwiphepha 22

Ukufunda kunye kwenza amalungu entsapho asondelelane ngakumbi

Noko ke, xa ufunda umbandela onzulu, iingenelo ozizuzayo zisenokwandiswa nakukusebenzisa indlela eyahlukileyo. Xa wayeyala uYoshuwa ngokufunda iZibhalo, uYehova wathi: “Le ncwadi yomthetho ayifanele isuke emlonyeni wakho, yaye umele uyifunde ngesandi esiphantsi.” (Yosh. 1:8) Umntu udla ngokuthetha ngesandi esiphantsi xa ecamngca. Ngoko ke, ibinzana lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “uyifunde ngesandi esiphantsi” likwaguqulelwa ngokuthi “ucamngce.” (INdu. 63:6; 77:12; 143:5) Xa umntu ecamngca, uzikisa ukucinga; akangxami. Ukufundisisa kuye kuvule ithuba lokuba iLizwi likaThixo libe nempembelelo engakumbi kwingqondo nakwintliziyo kabani. IBhayibhile iqulethe isiprofeto, isiluleko, imizekeliso, imibongo, izigidimi zomgwebo kaThixo, iinkcukacha zenjongo kaYehova, kunye nentaphane yemizekelo yabantu abakha baphila—yonke loo nkcazelo ibalulekile kwabo bafuna ukuhamba ngeendlela zikaYehova. Hayi indlela ekuyingenelo ngayo ukufunda iBhayibhile ngendlela yokuba ibetheleleke engqondweni nasentliziyweni yakho!

Funda Ukunikela Ingqalelo

Umfanekiso okwiphepha 22

Imikhwa yakho yokufunda iyakuphembelela ukukhula kwakho ngokomoya

Njengoko ufunda, yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ukuloo ndawo ichazwayo. Zama ukuba nomfanekiso-ngqondweni wabo bantu kuthethwa ngabo, uze uthelekelele iimvakalelo ezimele ukuba zazibangelwa zizinto ezazisenzeka ebomini babo. Kulula noko ukuyenza loo nto xa ufunda ingxelo efana nekaDavide noGoliyati, ebhalwe kweyoku-1 kaSamuweli isahluko 17. Kodwa kwaneenkcukacha ezikwiEksodus neLevitikus ezingokwakhiwa kwetabanakile okanye ukumiselwa kwababingeleli ziya kubangel’ umdla xa usiba nomfanekiso-ngqondweni wobukhulu bayo kunye nezinto zokwakha okanye uthelekelela ivumba lesiqhumiso, lokutya okuziinkozo okuqhotsiweyo nelezilwanyana ezinikelwa njengeminikelo etshiswayo. Khawucinge nje indlela ekumele ukuba kwakusoyikeka ngayo ukunikela iinkonzo zobubingeleli! (Luka 1:8-10) Ukubandakanya iziva-mvo kunye neemvakalelo zakho ngale ndlela kuya kukunceda uyifumane intsingiselo yoko ukufundayo kwaye kuya kukunceda ukhumbule.

Noko ke, ukuba akulumkanga, uya kuthi usazama ukufunda, ingqondo ibhadule esithubeni. Amehlo akho asenokukhangela ephepheni, kodwa ingqondo ibe ingekho apho. Ngaba udlala umculo? Ngaba umabonwakude uvuliwe? Ngaba kukho amalungu entsapho ancokolayo? Ukuba kunokwenzeka, kuhle ukufundela kwindawo ethe cwaka. Noko ke, iziphazamiso zisenokubangelwa nanguwe. Mhlawumbi ubuxakekile ngolo suku. Kaloku, hayi indlela ekulula ngayo ukuba ziphinde zithi thaa engqondweni yakho izinto obuzenza ngolo suku! Kakade ke, kuhle ukucinga ngeziganeko ezenzeke ebudeni bosuku—kodwa mus’ ukucinga ngazo xa ufunda. Mhlawumbi xa uqalisayo ingqondo yakho iyazinza, okanye usenokuba uqalisa ufundo lwakho ngomthandazo. Kodwa njengoko ufunda, ingqondo yakho iqalisa ukubhadula. Zama kwakhona. Ziqeqeshele ukugcina ingqondo yakho ikulo mbandela uwufundayo. Ngokuthe ngcembe, uya kuyibona inkqubela.

Uye wenze njani xa udibana negama ongalaziyo? Amanye amagama angaqhelekanga anokuchazwa okanye axutyushwe kumbandela lowo. Okanye usenokukwazi ukuqonda intsingiselo yawo ngokusuka kumongo. Ukuba akunjalo, ziphe ithuba lokuwakhangela kwisichazi-magama ukuba unaso, okanye uliphawule elo gama ukuze kamva ubuze intsingiselo yalo komnye umntu. Oku kuya kusenza siphangalale isigama sakho yaye kuya kukwenza uyiqonde ngakumbi into oyifundayo.

Ufundo Lwasesidlangalaleni

Umfanekiso okwiphepha 22

Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni

Xa umpostile uPawulos waxelela uTimoti ukuba aqhubeke ezibhokoxa ekufundeni, wayebhekisa ngokukhethekileyo ekufundeni ukuze kungenelwe abanye. (1 Tim. 4:13) Ukuze uphumelele kufundo lwasesidlangalaleni akumele wanele kukubiza amagama akwelo phepha kuphela. Loo mntu ufundayo kufuneka ayiqonde intsingiselo yamagama nengcamango ayidluliselayo. Kuxa esenjenjalo kuphela apho aya kuzidlulisela ngokuchanileyo iingcamango aze ayibonise ngokuchanileyo imvakalelo ebandakanyekileyo. Kakade ke, oku kufuna ubani alungiselele yaye aqhelisele kakuhle. Ngenxa yoko, uPawulos wabongoza esithi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni.” Uqeqesho oluphathelele obu buchule uya kulufumana kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.

Ziphe Ixesha Lokufunda

“Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.” (IMize. 21:5) Hayi indlela ayinyaniso ngayo loo mazwi ngokukodwa ngokubhekisele kumnqweno wethu wokufunda! Ukuze sifumane “ingenelo,” kufuneka sicebe ngenkuthalo ukuze ufundo lwethu lungaminxwa zezinye izinto.

Liliphi ixesha ofunda ngalo? Ngaba uyangenelwa ngokufunda ngenj’ ixukuxa? Okanye ngaba uye uthi qwa ngokuhamba kosuku? Ukuba unako ukuzibekela nokuba yimizuzu eli-15 okanye engama-20 yofundisiso suku ngalunye, uya kumangaliswa koko unokukuphumeza. Eyona nto ingundoqo kukufunda rhoqo.

Kutheni uYehova ekhethe ukuba iinjongo zakhe ezizukileyo zibhalwe encwadini? Kukuze abantu balifunde iLizwi lakhe elibhaliweyo. Oku kubenza bakwazi ukuqwalasela imisebenzi kaYehova engummangaliso, baxelele abantwana babo ngayo baze bazigcine kwinkumbulo yabo izenzo zikaThixo. (INdu. 78:5-7) Sinokubonakala ukuba siyakuxabisa ukuba nesisa kukaYehova kulo mba ngendlela esizibhokoxa ngayo ekufundeni iLizwi lakhe elinika ubomi.

YINTONI EBANDAKANYEKILEYO KUCWANGCISO LWAKHO LOKUFUNDA?

  • Ngaba iBhayibhile iyeyona iphambili kolo luhlu?

  • Ngaba ulifunda rhoqo iphephancwadi IMboniselo noVukani!?

  • Ngaba uyalufunda uncwadi lokufundisisa iBhayibhile kamsinya nje emva kokuba ulufumene?

  • Xa unikwa umbhalo wakho woBulungiseleli Bethu BoBukumkani, ngaba uyakufunda oko kubhalwe kubo ukuze kukuncede kubulungiseleli bakho?

  • Zingaphi iimpapasho ezindala zamaNgqina kaYehova ozifundileyo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share