Uyakhumbula Na?
Ngaba uye wacingisisa nzulu ngeenkupho zakutshanje zeMboniselo? Ukuba kunjalo, ngokunokwenzeka uya kukwazi ukukhumbula oku kulandelayo:
◻ Ngaba athile kumaKristu athanjisiweyo aya kusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ aze aphile emhlabeni okwexeshana ngaphambi kokuba athatyathelwe ezulwini?—ISityhilelo 7:14.
IBhayibhile ayithethi ngokuthe ngqo ngoku. Ezinye iingxelo zeBhayibhile zibonakala ngathi zibonisa ukuba abathanjiswa basenokuqhubeka bephila ukuya kungena kwihlabathi elitsha. Noko ke, izigidi zabo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni ziye zafumana uqeqesho oluyimfuneko ukuze kubekho ihlabathi elitsha. Ngenxa yoko, intsalela encinane ayiyi kufuneka ukwenza lo msebenzi, yaye uThixo usenokukhetha ukubathabathelela ezulwini elungiselela “umsitho wemvana” emva kokutshatyalaliswa kwehenyukazi elingokonqulo, “iBhabheli enkulu.” (ISityhilelo 18:2, 10; 19:2, 7, 8)—8/15, iphepha 31.
◻ Kungayiphi intshukumisa efanele indoda ilangazelele ukuba ngumveleli ongumKristu? (1 Timoti 3:1)
Indoda ifanele izabalazele ukuba ngumveleli, ikwenza oko ngokuthobeka kuba ifuna ukukhonza abanye. Ngaloo ndlela xa ishukunyiswa ziintshukumisa ezifanelekileyo, ukwenza kwayo oku kunokuphumela kwiintsikelelo ezingokomoya kubo bonke ababandakanyekileyo.—9/1, iphepha 18.
◻ Kutheni umpostile uPawulos engazange adimazeke phezu kwazo zonke izinto awayefanele azinyamezele?
UPawulos ucacisa esithi: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) UPawulos akazange azame ukuzithwala yedwa iinzima zakhe. Kunoko, wakhangela kuYehova ukuba amxhase. (INdumiso 55:22)—9/1, iphepha 30.
◻ Yintoni ethethwa ngamazwi kaPawulos akumaEfese 4:26 athi: “Qumbani ningoni”?
La mazwi ayavuma ukuba umntu usenokuthi ngokuthethelelekayo abe nomsindo, kodwa xa oku kusenzeka, umntu akafanele ahlale ‘ecaphukile de kutshone ilanga.’ (Efese 4:26) Ngoba? Ngenxa yokuba oku bekuya kunika uMtyholi ithuba lokuba azenzele kulowo, ngokunokwenzeka emphembelela ukuba enze ububi, ukuze aphulukane nenkoloseko kaThixo. (INdumiso 37:8, 9)—9/15, iphepha 21.
◻ Nguwuphi umahluko omkhulu okhoyo phakathi kwendlela amaNgqina kaYehova afundisa ngayo naleyo yabefundisi beNgqobhoko?
AmaNgqina kaYehova afundisa ngegunya elivela kwiLizwi likaThixo, ngoxa abefundisi beNgqobhoko besekela iimfundiso zabo kwisithethe esingokonqulo lobuhedeni abasifumana sivela eBhabhiloni naseYiputa.—10/1, iphepha 25.
◻ Sisiphi esona sizathu sibalulekileyo sokuza koNyana kaThixo emhlabeni?
UYesu weza emhlabeni ngokuyintloko ngenjongo yokuzinzisa imbambano eyaphakanyiswa nguSathana emalunga nolongamo lukaYehova.—10/15, iphepha 13.
◻ Ngokubiza amagunya ehlabathi ngokuthi ‘ngawongamileyo,’ ngaba ngandlel’ ithile sinciphisa imbeko efanele iye kuYehova? (Roma 13:1)
Akunjalo, ekubeni uYehova engaphezulu kakhulu kunokuthi nje ‘ungowongamileyo.’ ‘UyiNkosi Engumongami,’ ‘Ophakamileyo.’ (INdumiso 73:28, NW; Daniyeli 7:18, 22, NW) Amagunya ehlabathi ongamile nje kwabanye abantu nakwimimandla alawula kuyo. Anembopheleleko yokulawula nokukhusela abantu.—11/1, iphepha 12.
◻ Kutheni uthando lulolona lubalaseleyo kwiziqhamo ezisithoba zomoya kaThixo ezikhankanywe kumaGalati 5:22, 23?
Ezinye iziqhamo ezisibhozo zomoya kaThixo ziimbonakaliso, okanye ziimpawu ezahlukahlukeneyo, zothando, olukhankanywe kuqala. Zonke ezinye iziqhamo zomoya ziimpawu eziyimfuneko, kodwa asiyi kungenelwa zizo ukuba asinaluthando. (1 Korinte 13:3)—11/15, iphepha 14.
◻ Ziyintoni iingenelo zokuthandazela amakholwa angoowethu?
Xa intlalo-ntle yabanye engokomoya siyikhankanya emthandazweni, sisondezwa kubo ngakumbi ngothando lobuzalwana. Sikwanovelwano ngabo, sisabelana nabo ngezinto abanomdla kuzo nangeembandezelo zabo. Ngaloo ndlela, kuphela nabuphi na ubukrakra, buvulela indawo iingcamango ezakhayo ezisenza sibe nothando size sivuye.—11/15, iphepha 21-22.
◻ Ziziphi izizathu ezisinyanzelela ukuba sinqule uYehova uThixo?
Sifanele simnqule uYehova kuba unguMdali yaye iimpawu zakhe zisisondeza kuye. (Duteronomi 32:3, 4; 1 Yohane 4:8; ISityhilelo 10:6) IBhayibhile ithi: “Ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakaloku nje, nobobo buza kubakho.” (1 Timoti 4:8) Akukho thixo ngaphandle koYehova onokuthembisa umphumo onjalo aze emva koko alizalisekise idinga lakhe.—12/1, iphepha 6-7.