‘Ukuloba’ Kumanzi aseFiji
IFIJI—elo gama lenza ubani abe nomfanekiso-ngqondweni weparadisi ekuLwandlekazi loMzantsi Pasifiki. Amanzi aluhlaza, iingqaqa zekorale, amasundu ekhokhonathi aphephezeliswa ngumoya, iintaba ezithe rhwelele uhlaza, iintlanzi ezibakho kweleenjiko, iziqhamo ezivuzis’ izinkcwe neentyatyambo ezithi ndijonge. Konke oku unokukufumana kuyintabalala kwezi ziqithi zingama-300 zisasazeke kummandla omalunga neekhilomitha ezili-1 800 ngentla kweNew Zealand kuMzantsi Pasifiki. Ngenxa yoko, usenokuvuma ukuba iFiji yindawo wonke ubani anokucinga ngayo xa ecinga ngeparadisi ekweleenjiko.
Noko ke, iFiji ayichulumancisi ngobuhle bayo bemvelo nje kuphela. Ewe, kanye njengokuba iintlanzi ezikwiingqaqa zekorale zalapho zahluke gqitha, nasemhlabeni kukho umahluko omkhulu. Mhlawumbi, kuMzantsi Pasifiki alikho elinye ilizwe elifikayo kwiFiji ngokuba neentlanga ezahlukahlukeneyo. Awona maqela mabini makhulu phakathi kwabemi balapho abangama-750 000 ngabemi bomgquba baseFiji, abayinzala yabemi beziqithi eziseMelanesia, namaIndiya azalelwe eFiji, ayinzala yabasebenzi ababevela eIndiya ngoxa elo laliselithanga leBritani. Kodwa kukwakho namaBanaba, amaTshayina, abemi baseYurophu, amaGilbert, amaRotuma, amaTuvalu nabanye.
Kweli butho labantu abanezithethe ezahlukahlukeneyo, amaNgqina kaYehova axakekile kumsebenzi ‘wokuloba.’ (Marko 1:17, TE) Kulucelomngeni ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kubantu abahlukahlukene kangako. Okokuqala, kumelwe koyiswe imiqobo yolwimi neyezithethe. Nangona abantu abaninzi besithetha isiNgesi, amaxesha amaninzi kumelwe kusetyenziswe isiFiji, isiHindi, isiRotuma okanye ezinye iilwimi.
Kukwamelwe kusetyenziswe iindlela ezahlukahlukeneyo ukuze kuncokolwe nabo baneemvelaphi ezahlukahlukeneyo ngokonqulo. Inkoliso yabemi bomgquba baseFiji nabezinye iziqithi ngamalungu amahlelo ahlukahlukeneyo obuKristu. Abemi abangamaIndiya baquka amaHindu, amaSilamsi, amaSikh, yaye amaHindu ngawona maninzi. Zininzi iicawa ezidolophini nasezilalini, kodwa iziqithi ezibini ezizezona zikhulu eFiji, zahluke ngeetempile zamaHindu nezamaSilamsi.
AmaNgqina amaninzi asekuhlaleni akhule ethetha ezona lwimi ziphambili zintathu—isiNgesi, isiFiji nesiHindi. Obu buchule buluncedo kakhulu kumsebenzi ‘wokuloba.’ Maxa wambi abantu bayamangaliswa kukuva umFiji ethetha isiHindi ngokutyibilikayo yaye umHindu ethetha isiFiji ngokutyibilikayo. Ngenxa yokuba kufuneka umelane nokwahluka kwezithethe, unqulo nolwimi, kufuneka ube bhetyebhetye kwiintshayelelo ozisebenzisayo ukuze ‘udlelane nabanye ngeendaba ezilungileyo.’—1 Korinte 9:23.
‘Ukuloba’ Kwilali YaseFiji
Abemi bomgquba baseFiji ngabantu abanobuhlobo, ababuka iindwendwe. Kunzima ukukholelwa ukuba kwithuba elingaphezulwana kwenkulungwane eladlulayo, kwakugquba iimfazwe phakathi kwezizwana. Enyanisweni, ekufikeni kwabemi baseYurophu bokuqala, iFiji yayisaziwa njengeZiqithi zamaZim. Ekugqibeleni, kwakuba kubekwe ingotya yaza yaguquka, ukulwa nobuzim baphela. Ukwahluka kwezizwana ukubona kuphela kwiilwimi zazo ezininzi ezifumaneka kumaphondo ahlukahlukeneyo, nangona isiBauan sisaziwa ngabantu abaninzi.
Ukongezelela kwiSuva, elikomkhulu, kukho iidolophu ezininzi kulo lonke elaseFiji. AmaFiji amaninzi ahlala ezilalini ezilawulwa yituraga ni koro, okanye isibonda. Xa ungena elalini ngenjongo yokwenza umsebenzi ‘wokuloba,’ kulisiko ukuba uye kule ndoda uye kufuna imvume yokutyelela imizi, okanye amakhaya ahlukahlukeneyo asekuhlaleni. Kungamathuba athile kuphela, ngokuqhelekileyo ngenxa yokuba abefundisi beelali ezithile bewachasile amaNgqina kaYehova, ekuthi kungavunywa. Kunjani ukutyelela ikhaya laseFiji?
Xa singena kule mizi, sihlala phantsi sakhe isathanga. Apha akuyomfuneko ukwenza intshayelelo yobuciko, njengokuba kusenziwa ukuze kuvuswe umdla kumazwe aseNtshona. Wonk’ ubani oze kuthetha ngoThixo wamkelekile. Xa kucelwa eze neBhayibhile yakhe, umninimzi uphakama ngokukhawuleza, athi “tulou” (uxolweni), aye eshelufini athabathe iBhayibhile yesiFiji aze azifunde ngomdla iindinyana umlungiseleli omtyeleleyo azibizayo. Noko ke, isimo sengqondo sabemi baseFiji sokubuk’ iindwendwe nesentlonelo sikwalucelomngeni ngendlela eyahlukileyo. Kufuneka ingqiqo nobuchule obungathethekiyo ukuze utsalele abaninimzi encokweni, ubakhuthaze ukuba balandele indlela ekuqiqwa ngayo okanye ubancede babone imfuneko yokuthelekisa iinkolelo zabo neemfundiso zeBhayibhile.
Inkoliso yabaninimzi baseFiji inomdla ngakumbi ekuxubusheni ngemibandela engemfundiso kunokuthetha ngeemeko okanye imibandela yasekuhlaleni. Eneneni, abaninzi kumaNgqina kaYehova akhutheleyo angaphezu kwe-1 400 aseFiji baba nomdla kwinyaniso yeBhayibhile ngenxa yokuxutyushwa kwemibuzo efana nale, Yindawo enjani isihogo? Ngoobani abaya ezulwini? nothi Ngaba umhlaba uya kutshatyalaliswa? Noko ke, ukuze ulandele umdla obonisiweyo kufuneka ube bhetyebhetye yaye uzingise. Xa ubuyela ngexesha ebekuvunyelwene ngalo, ngokufuthi ufumanisa ukuba umninimzi uye eteitei (emasimini) okanye kwenye indawo. Kodwa, oku akuthethi ukuba abaluxabisi utyelelo kodwa indlela bona abalijonga ngayo ixesha yahlukile. Kakade ke, kumaNgqina asekuhlaleni, oku akunto ingaqhelekanga. Ayazingisa ngokuthi atyelele ngelinye ixesha. Izitrato azinamagama yaye nezindlu azinazinombolo onokuzibhala, ngoko ubani kufuneka abe nenkumbulo entle xa ebuyela.
‘Ukuloba’ Ngendlela YasePolynesia
Ngoku makhe siye ‘kuloba’ nomlungiseleli ohambahambayo, okanye umveleli wesiphaluka, njengoko etyelele ibandla elincinane eRotuma. Eli qela leziqithi ezabangelwa lugqabhuko-dubulo limalunga neekhilomitha ezingama-500 ngentla kweFiji. Ukuze sifike kulo, sihamba ngenqwelo-moya ekhwela abantu abali-19. Isiqithi esikhulu sizizikwekhilomitha ezingama-50 kuphela, yaye bebonke abantu abahlala kuso bangama-3 000. Kukho indlela yentlabathi egugutha unxweme, edibanisa iilali ezingama-20. IRotuma ilawulwa yiFiji kodwa inezithethe nolwimi olwahlukileyo. Ekubeni besuka ePolynesia, abantu balapho bahlukile ngenkangeleko kumaFiji aseMelanesia. Ngokonqulo, inkoliso yabo ngamaRoma Katolika okanye amaWesile.
Njengoko inqwelo-moya isihla yaye izama ukuhlala, sibona uhlaza lwesi siqithi. Amagqabi amakhulu angathi ziintsiba amasundu ekhokhonathi anokubonwa kuyo yonke indawo. Kukho isihlwele esizokwamkela le nqwelo-moya efika kanye ngeveki. Phakathi kwaso kukho iqela lamaNgqina. Sibuliswa ngobubele, ibe sinikwa iikhokhonathi eziliqela eziluhlaza nezivuliweyo ukuze sithobe unxano.
Emva kohambo olufutshane, siyafika kwizindlu esiza kuhlala kuzo. Sele kulungiselelwe isidlo esiphekwe kwionti egrunjwe phantsi. Kubekwa phambi kwethu inyama yehagu eyojiweyo, inkuku, intlanzi eqhotsiweyo, unamvuna (crayfish), nesityalo sasekuhlaleni esineengcambu ezityiwayo, itaro. Esinjani sona isidlo, yaye hayi indlela le meko-bume efana ngayo neparadisi njengoko sihleli phantsi kwemithi yekhokhonathi!
Ngosuku olulandelayo sityelela abantu ezilalini, ezibizwa ngokuba ziiho’aga ngesiRotuma. Njengoko sisondela kwikhaya lokuqala, intshontsho lehagu eliqhweshe kwenye ihoko lidlula kuthi ligqotsile, lingayekanga ukutswina. Umninimzi usibonile ukuza kwethu ibe usivulela umnyango etsho ngoncumo, esibulisa ngesiRotuma esithi “Noya!,” aze asinike indawo yokuhlala. Sibekelwa ipleyiti eneebhanana ezivuthiweyo, size simenyelwe ukuba sisele kwenye yeekhokhonathi eziluhlaza. Ukubuk’ iindwendwe kuyeyona nto ibalulekileyo eRotuma.
Akukho bantu bangakholelwayo kuThixo nabakholelwa kwindaleko apha. Wonk’ ubani uyakholelwa eBhayibhileni. Imibandela enjengenjongo kaThixo ngomhlaba iyitsala lula ingqalelo yabantu. Umninimzi uyamangaliswa kukufunda ukuba umhlaba awuyi kutshatyalaliswa kodwa uya kumiwa ngabantu abangamalungisa abaya kuhlala kuwo ngonaphakade. (INdumiso 37:29) Ufunda ngenyameko xa iindinyana zeBhayibhile ezicacisa le ngongoma zifundwa, ibe ulwamkela ngolangazelelo uncwadi lweBhayibhile esimbonisa lona. Njengoko silungiselela ukumshiya, uyasibulela ngokumtyelela aze asinike iplastiki ezele ziibhanana ezivuthiweyo ukuba sihambe sihlafuna. Umntu angatyeba engaqondanga xa eshumayela apha!
Ukuzivumelanisa Nabemi AbangamaIndiya
Nangona namanye amazwe eziqithi ezikuMzantsi Pasifiki eneentlanga ezininzi, iFiji ihamba yodwa kule nkalo. Phakathi kwezithethe zaseMelanesia, zaseMicronesia nezasePolynesia kukho nezivela eAsia. Phakathi kowe-1879 nowe-1916, abasebenzi ababesuka eIndiya ngejoyini babesiza kusebenza kumasimi ommoba. Eli lungiselelo, lalibizwa ngokuba yigirmit (isivumelwano), laphumela ekubeni kuze amawaka abantu baseIndiya eFiji. Inzala yaba basebenzi ibumba inxalenye enkulu yabemi beli lizwe. Baye bazigcina izithethe, ulwimi, nonqulo lwabo.
Kwicala oya ngakulo umoya kwesona siqithi sikhulu saseFiji sisixeko saseLautoka. Eli liziko lokurhweba ngommoba laseFiji ibe inxalenye enkulu yamaIndiya eli lizwe ihlala apha. Amalungu amabandla amathathu amaNgqina kaYehova apha kufuneka abe bhetyebhetye kangangoko kumsebenzi wawo ‘wokuloba.’ Xa ehamba kwindlu ngendlu, ubani umele akulungele ukuguqula umbandela athetha ngawo kuxhomekeka kuhlanga nonqulo lomninimzi. Makhe sithelele iqela lamaNgqina asekuhlaleni njengoko etyelela amakhaya asasazeke phakathi kwamasimi ommoba ngaphandle kweLautoka.
Njengokuba sisondela kwindlu yokuqala, siphawula izibonda ezikhulu zoqalo zibotshelelwe amalaphu abomvu ezincamini zazo kwimbombo engaphambili yale yadi. Oku kubonisa ukuba le ntsapho ngamaHindu. Inkoliso yamakhaya amaHindu ihonjiswe ngemifanekiso yoothixo bawo. Inkoliso inoyena thixo imthandayo, njengoKrishna, ibe ngokufuthi kubakho itempile encinane.a
Inkoliso yamaHindu ikholelwa ukuba zonke iinkonzo zilungile kuphela nje ziindlela ezahlukeneyo zokunqula. Ngaloo ndlela, umninimzi usenokuphulaphula ngenkcubeko, amkele uncwadi, akuphe okuthile okuhlaziyayo, aze avakalelwe kukuba uyenzile indima yakhe. Ukuze uphakamise imibuzo efanelekileyo yokutsalela abaninimzi encokweni enentsingiselo ngakumbi, ngokufuthi kuluncedo ukwazi amabali athile ayinxalenye yenkolelo yabo. Ngokomzekelo xa sisazi ukuba kwamanye amabali abo oothixo babo bazifica kwizenzo abantu abaninzi abasenokuzithandabuza, sinokubuza: “Ngaba ubungathanda ukuba inkosikazi (umyeni) yakho iziphathe ngaloo ndlela?” Ngokuqhelekileyo impendulo ithi: “Hayi, ngokuqinisekileyo andinakuthanda!” Unokwandula ke abuzwe oku lo mntu: “Ngoko, ngaba uthixo ufanele aziphathe ngolu hlobo?” Ngokufuthi iingxubusho ezinjalo zivula ithuba lokubonisa ukuxabiseka kweBhayibhile.
Inkolelo yokuvela ngokutsha, eyenye inkalo yobuHindu, ngumbandela onemveliso wengxubusho. Omnye umfazi ofundileyo womHindu owayesandul’ ukufelwa nguyise wabuzwa: “Ngaba ungathanda ukumbona uyihlo kwakhona enjengokuba wayenjalo ngaphambili?” Waphendula wathi: “Ewe, kungakuhle gqitha oko.” Ngokusuka kwimpendulo yakhe nencoko eyalandelayo, kwacaca ukuba wayenganelisekanga yinkolelo yokuba uyise wayephila ngoku ekwenye imo ibe wayengasayi kuze amazi kwakhona. Kodwa imfundiso yeBhayibhile yovuko yayichukumisa intliziyo yakhe.
Wambi amaHindu anemibuzo ibe afuna iimpendulo ezanelisayo. Xa iNgqina elithile latyelela ikhaya lomHindu, enye indoda yabuza: “Ngubani igama lothixo wakho?” Eli Ngqina layifundela INdumiso 83:18 laza lacacisa ukuba igama likaThixo nguYehova ibe amaRoma 10:13 athi ukuze sizuze usindiso simele sibize elo gama. Le ndoda yachukumiseka yaza yafuna ukwazi okungakumbi. Eneneni, yayinxanelwe ukwazi. Yacacisa ukuba uyise, owayezinikele gqitha kwisithixo sentsapho, wagula emva kokusinqula waza wafa ngokukhawuleza emva koko. Kwakwenzeke okufanayo kumkhuluwa wayo. Yaza yongezelela: “La mfanekiso usizisela ukufa, kungekhona ubomi. Ngoko kumele ukuba kukho into engatshongo khona ngokuwunqula. Mhlawumbi lo Thixo, uYehova, unokusinceda sifumane indlela esa ebomini.” Ngoko kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nayo, inkosikazi yayo, nabantwana bayo ababini. Benza inkqubela ngokukhawuleza baza babhaptizwa ngokukhawuleza. Baziyekile izithixo zabo ibe ngoku bahamba endleleni kaYehova, uThixo wobomi.
Emva koko siya kwikhaya lentsapho yamaSilamsi. Siphinda samkelwe ngezandla ezishushu, ibe kungekudala sihleli phantsi yaye siphethe iziselo ezibandayo. Eludongeni akukho mifanekiso yonqulo ngaphandle kwendinyana efremishiweyo ebhalwe ngesiArabhu. Simchazela ukuba kukho into efanayo kwiBhayibhile nakwiKoran, usolusapho uAbraham, ibe uThixo wathembisa uAbraham ukuba ngembewu yakhe kwakuya kusikelelwa zonke iintlanga. Eli dinga liza kuzalisekiswa ngoYesu Kristu, uNyana Wakhe. Wambi amaSilamsi akayivumi into yokuba uThixo unonyana. Ngaloo ndlela, sicacisa ukuba kanye njengokuba umntu wokuqala, uAdam, ebizwa ngokuba ngunyana kaThixo ngenxa yokuba wadalwa nguThixo, ngendlela efanayo, uYesu unguNyana kaThixo. UThixo akafuni mfazi wokoqobo wokumzalela oonyana abanjalo. Ngenxa yokuba amaSilamsi engakholelwa kwimfundiso kaBathathu Emnye, sisebenzisa le nto ifanayo ukubonisa ukuba uYehova uThixo uphakamile.
Xa kulapha sekulithuba lesidlo sasemini, ibe amalungu eqela lethu abuyela endleleni, ephuma kumasimi ommoba, ukuze alindele uduladula obuyela edolophini. Nangona sithe ukudinwa kancinane, sonke sinemincili ngenxa yomsebenzi ‘wokuloba’ waloo ntsasa. Umgudu esiwenzileyo wokuba bhetyebhethe kwiimeko neenkolelo ezahlukahlukeneyo ebesidibana nazo ubufanelekile.
Amanzi neengqaqa zaseFiji zizaliswe ziintlanzi ezininzi. Ukuze aphumelele umgonedau (umlobi) waseFiji kufuneka abe nobuchule kumsebenzi wakhe. Kunjalo nangomsebenzi ‘wokuloba’ uYesu Kristu awawuthuma abafundi bakhe. “Abalobi babantu” abangamaKristu bamele babe nobuchule, benze iintshumayelo neengxoxo zabo zivumelane neenkolelo ezahlukahlukeneyo zabantu. (Mateyu 4:19, TE) Oku ngokuqinisekileyo kuyimfuneko eFiji. Ibe imiphumo iyabonakala kwiindibano zamaNgqina kaYehova zaminyaka le, apho amaFiji, amaIndiya, amaRotuma nabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo banqula uYehova uThixo ngomanyano. Ewe, intsikelelo yakhe ikumsebenzi ‘wokuloba’ kumanzi aseFiji.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 115-17.
[Imaphu ekwiphepha 23]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Viti Levu
Vanua Levu
Suva
Lautoka
Nandi
0 100 km
0 100 mi
18°
180°
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umzi, okanye ikhaya lasekuhlaleni
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Itempile yamaHindu eFiji
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
‘Ukuloba’ abantu ngokune- mpumelelo eFiji
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]
Fiji Visitors Bureau