Amaxesha Anzima Kubantu Abakhulileyo
UMAMA ONIYAN, oneminyaka engama-68 ubudala, uhlala kwisixeko esikhulu saseNtshona Afrika. Xa wayeselula, wayenomfanekiso-ngqondweni wakhe enandipha iminyaka yakhe yobudala esidla umhlala-phantsi oseluxolweni, engqongwe ngabantwana bakhe nangabazukulwana bakhe. Kunoko iintsuku zakhe uzichitha ethengisa amanzi abandayo okusela kwilanga eligqats’ ubhobhoyi. Oko kuncinane akufumanayo kumnceda akwazi ukuphila. Oonyana bakhe ababini bahlala kwelinye ilizwe elikude. Sekulithuba bengasamthumeleli mali.
Mandulo, abakhulileyo babexatyiswa kakhulu eAfrika. Babehlonelwa ngenxa yamava nolwazi abanalo, kuquka ubulumko nokuqonda ngokufuthi okubangelwa koku. Babencedisa ekukhuliseni abazukulwana. Abaselula babefuna amacebiso kubo befuna nokubakholisa. Abantu babephila ngesiluleko seBhayibhile esithi: “Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, [okanye, bexhegokazi].”—Levitikus 19:32.
Amaxesha atshintshile. Ubuhlwempu, ukunyuka kwamaxabiso, ukunqaba kwemisebenzi nokuthuthela ezidolophini kuye kwashiya uninzi lwabakhulileyo iliwa libhek’ umoya. Umalathisi weHelpAge Kenya, uCamillus Were, uthi: “Isithethe sokuxhasa nokukhathalela abakhulileyo siya sityeshelwa ngamandla.”
Kakade ke, ukuwohloka kwamaqhina entsapho asinto eyenzeka kuphela kumazwe aseAfrika. Ithetha ngeJapan, iGuardian Weekly inikela le ngxelo: “Ukusondelelana kwabantwana nabazali kwakuyinto ephambili kwinkqubo yemilinganiselo yaseJapan eyayidluliselwe bubuConfucius, kodwa iye yaphela njengoko kuthuthelwa ezidolophini yaye amaqhina entsapho ewohloka: namhlanje, abantu abangama-85 ekhulwini baseJapan bafela ezibhedlele okanye kumakhaya abantu abakhulileyo.”
Enoba injani imeko, abo bafuna ngokunyanisekileyo ukukholisa uThixo bazabalazela ukuhlonela abazali babo. Bathobela isiluleko seBhayibhile esithi: “Beka uyihlo nonyoko . . . ukuze kukuhambele kakuhle uze uhlale ixesha elide emhlabeni.” (Efese 6:2, 3) Nangona kungasoloko kulula ukuhlonela nokunyamekela abazali abakhulileyo, kunokuzisa imivuzo eliqela.