Sasingesodwa Xa Sasivavanywa Ukholo
UVicky wayelusana oluyintombazana ethandekayo—esempilweni, emhle yaye edlamkile. Ewe, savuya kakhulu ukuzalwa kwakhe ngentwasahlobo yowe-1993. Sasihlala kwidolophu encinane kumzantsi waseSweden, yaye sasibunandipha ubomi.
NOKO ke, xa uVicky wayenonyaka onesiqingatha ubudala, izinto zazingasahambi kakuhle. Kangangethuba wayengekho mpilweni, ngoko samsa esibhedlele. Asisokuze sisilibale eso sihlandlo xa ugqirha wasixelela ukuba intombi yethu yayineacute lymphoblastic leukemia, uhlobo oluthile lomhlaza wabantwana ochaphazela iiseli ezimhlophe zegazi.
Kwakunzima ukwamkela ukuba intombazana yethu encinane ihlaselwe sesi sifo soyikekayo. Kukhona wayesaqala ukuqabuka, yaye ngoku wayesenokufa. Ezama ukusithuthuzela, ugqirha wathi kunokwenziwa unyango olunokuphumelela, oluquka ichemotherapy kunye nokutofela igazi izihlandlo eziliqela. Yenye into eyasothusayo ke le.
Ukholo Lwethu Luyavavanywa
Ngokuqinisekileyo sasiyithanda intombi yethu yaye sasifuna ifumane olona nyango lufanelekileyo. Sekunjalo, sasingenako ukulamkela utofelo-gazi. Silikholelwa ngokupheleleyo iLizwi likaThixo, iBhayibhile, elichaza ngokucacileyo ukuba amaKristu amele ‘akhwebuke kwigazi.’ (IZenzo 15:28, 29) Kwakhona sasisazi ukuba utofelo-gazi lusenokuba yingozi. Amawaka aye afumana izifo aze afa ngenxa yotofelo-gazi. Ekuphela konyango esasinokubhenela kulo yayilunyango olukumgangatho ophezulu olwalungaquki utofelo-gazi. Ngoku saqalisa ukulwela ukholo.
Yintoni esasinokuyenza? Saqhagamshelana neSebe Lenkcazelo Yezibhedlele kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseSweden ukuze sicele uncedo.a Ngokukhawuleza, kwathunyelwa iifax kwizibhedlele ezahlukahlukeneyo zaseYurophu kukhangelwa isibhedlele nogqirha onokuvuma ukwenza ichemotherapy ngaphandle kokusebenzisa utofelo-gazi. Kwakusomeleza kakhulu ukubona inzondelelo nothando lwabazalwana bethu abangamaKristu kwimigudu yabo yokusinceda. Sasingesodwa xa sasilwela ukholo.
Kwiiyure nje ezingephi, safumaneka isibhedlele nogqirha eHomburg/Saar, eJamani. Kwenziwa amalungiselelo okuba siye khona ngenqwelo-moya ngosuku olulandelayo ukuze uVicky axilongwe. Ukufika kwethu, abazalwana bethu abangamaKristu abavela kwibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova eHomburg, kwakunye nezalamane zethu, zazilapho ukuze zisamkele. Yaye ummeli wasekuhlaleni weKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele wasamkela ngezandla ezishushu. Wasipheleka ukuya esibhedlele waza wasixhasa kangangoko anako. Sathuthuzeleka xa sibona ukuba nakwilizwe lasemzini, sasinabazalwana bokomoya ababesixhasa.
Sathuthuzeleka kwakhona sakudibana noGqr. Graf esibhedlele. Wayeyiqonda imeko yethu yaye wasithembisa ukuba uya kwenza konke anokukwenza ukunyanga uVicky ngaphandle kotefelo-gazi. Nokuba umlinganiselo wakhe weeseli ezibomvu wawunokwehla uye kwiigram ezisi-5 kwidesilitha nganye, wayeza kuqhubeka nonyango ngaphandle kotofelo-gazi. Kwakhona wathi ukubonwa kwesi sifo kusengaphambili nokuthabatha amanyathelo ngokukhawuleza okuzisa uVicky apho kwamnika ithuba elihle ukuba olu nyango luphumelele. Wavuma ukuba esi yayiza kuba sisihlandlo sokuqala esenza ichemotherapy ngaphandle kokusebenzisa utofelo-gazi kwimeko efana nekaVicky. Saba nombulelo omkhulu yaye sayincoma inkalipho nokuzimisela kukaGqr. Graf ekuncedeni.
Iingxaki Zemali
Ngoku umbuzo yayingulo, Sasiza kuluhlawulela njani unyango lukaVicky? Sothuka sakuxelelwa ukuba unyango lweminyaka emibini luya kuxabisa ama-150 000 deutsche marks (iirandi ezingama-520 000). Sasingenayo nemali esondeleyo apho, yaye sekunjalo kwakubalulekile ukuqalisa unyango lukaVicky ngokukhawuleza. Ekubeni sasuka eSweden saya eJamani ukuze sifumane unyango, sasingenalo ilungelo lokufumana i-inshorensi yempilo kawonke-wonke. Sasilapho nentwazana yethu egula kakhulu neengcali zonyango ezikulungeleyo ukunceda, kodwa singenamali yaneleyo.
Esi sibhedlele sasikhulula saza sasixelela ukuba siza kuqalisa unyango kwangoko ukuba sinokuhlawula ama-20 000 marks (iirandi ezingama-70 000) size siqinisekise ukuba siza kuyihlawula kamva enye imali. Sasinayo imali eselugcinweni, yaye ngoncedo lothando lwabahlobo nezalamane, sakwazi ukuhlawula ama-20 000 marks (iirandi ezingama-70 000)—kodwa kuthekani ngenye eseleyo?
Kwakhona sakhunjuzwa ukuba asisodwa kumlo wethu wokholo. Umzalwana wokomoya, esasingamazi ngelo xesha, wayekulungele ukuyihlawula imali eseleyo. Noko ke, kwakungeyomfuneko ukwamkela uncedo lwakhe, ekubeni sasinokukwazi ukwenza amanye amalungiselelo.
Iingcali Zonyango Ziyasebenza
Kwaqaliswa ichemotherapy. Kwadlula iintsuku neeveki. Maxa wambi, kwakuba nzima kwintwazana yethu nakuthi. Kwelinye icala, sasivuya kakhulu yaye sasiba nombulelo sihlandlo ngasinye isenza inkqubela. Ichemotherapy yathabatha iinyanga ezisibhozo. Owona mlinganiselo uphantsi weeseli ezibomvu uVicky awaba nawo yayiziigram ezi-6 kwidesilitha nganye, yaye uGqr. Graf wasigcina isithembiso sakhe.
Sele kudlule iminyaka engaphezu kwemithandathu, yaye xa wayexilongwa ulwelo lomqolo okokugqibela ayizange ibonwe ileukemia. Ngoku uyintombazana eyonwabileyo yaye akubonakali mpawu zesi sifo. Ewe, kubonakala kungummangaliso kuba uVicky uye wachacha ngokupheleleyo. Siyaqonda ukuba abantwana abaninzi abanesi sifo bayafa noxa beye bafumana ichemotherapy notofelo-gazi.
Ukululwela kwethu nzima ukholo kuye kwaphumelela, kodwa sancedwa zizalamane, ngabazalwana noodade wethu abangamaKristu neengcali zonyango. ISebe Lenkcazelo Yezibhedlele lalisixhasa ngokupheleleyo iiyure ezingama-24 ngosuku. UGqr. Graf nabo asebenza nabo basebenzisa ubuchule babo ukunceda uVicky ukuba achache. Sinombulelo kakhulu ngako konke oku.
Ukholo Lwethu Luye Lomelezwa
Noko ke, ngaphezu kwako konke, sibulela uThixo wethu, uYehova, ngokusinyamekela ngothando nangamandla esawafumana kwiLizwi lakhe iBhayibhile. Xa sikhangela emva, siyakuqonda okuninzi esiye sakufunda nendlela la mava abuhlungu ebomini aye alomeleza ngayo ukholo lwethu.
Ngoku owona mnqweno wethu usentliziyweni kukulondoloza ulwalamano lwethu olusondeleyo noYehova uThixo size sifundise intombi yethu ukubaluleka kokuphila ngokuvisisana noko akufunayo. Ewe, sifuna ukumnika ilifa lokomoya elifanelekileyo lobomi obungunaphakade kwiParadesi ezayo apha emhlabeni.—Linikelwe.
[Umbhalo osemazantsi]
a ISebe Lenkcazelo Yezibhedlele longamela iziko elisehlabathini lonke leeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele. Zona zibunjwa ngamatsha-ntliziyo angamaKristu aqeqeshelwe ukukhuthaza intsebenziswano phakathi koogqirha nabaguli abangamaNgqina. Kukho iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ezingaphezu kwe-1 400 ezinceda abaguli kumazwe angaphezu kwama-200.