Xelisa UMfundisi Omkhulu
“Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu . . . , nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—MATEYU 28:19, 20.
1, 2. (a) Kwenzeka njani ukuba sonke ngandlel’ ithile sibe ngabafundisi? (b) Ngokuphathelele ukufundisa, yiyiphi imbopheleleko ekhethekileyo anayo amaKristu okwenyaniso?
NGABA ungumfundisi? Sonke singabo ngandlel’ ithile. Uyafundisa nanini na usalathisa umhambi olahlekileyo indlela, ubonisa umntu osebenza naye indlela yokwenza umsebenzi othile, okanye uxelela umntwana indlela yokuqhobosha izihlangu zakhe. Xa unceda abanye abantu ngolo hlobo, uziva wanelisekile, akunjalo?
2 AmaKristu okwenyaniso anembopheleleko ekhethekileyo ngokuphathelele ukufundisa. Siyalelwe ukuba ‘senze abantu abafundi, sibafundise.’ (Mateyu 28:19, 20) Nasebandleni, sifumana ithuba lokufundisa. Kukho amadoda afanelekayo amiselwe ukukhonza ‘njengabalusi nabafundisi,’ ukuze akhe ibandla. (Efese 4:11-13) Kwimisebenzi yawo yemihla ngemihla eyenziwa ngamaKristu, amabhinqa aqolileyo afanele “afundise oko kulungileyo” kumabhinqa aselula. (Tito 2:3-5) Sonke sibongozwa ukuba sikhuthaze abo sikholwa nabo, yaye sinokusithobela eso sibongozo ngokusebenzisa iBhayibhile ukuze sakhe abanye. (1 Tesalonika 5:11) Hayi indlela ekulilungelo ngayo ukuba ngumfundisi weLizwi likaThixo size sabelane nabanye ngezinto ezixabisekileyo zokomoya ezinokuzisa iingenelo ezihlala zihleli!
3. Yiyiphi indlela esinokuphucula ngayo ukuze sibe ngabafundisi abaphumelelayo?
3 Ngoko ke, singaphucula njani ukuze sibe ngabafundisi abaphumelelayo? Ngokuyintloko, singaphucula ngokuxelisa uMfundisi Omkhulu, uYesu. Abanye basenokubuza bathi, ‘Kodwa singakwazi njani ukuxelisa uYesu? Kaloku yena wayefezekile.’ Enyanisweni, asinako ukuba ngabafundisi abafezekileyo. Sekunjalo, kungakhathaliseki ukuba injani na imeko yethu, sinokwenza konke okusemandleni ethu ukuze sixelise indlela awayefundisa ngayo uYesu. Makhe sixubushe ngendlela esinokusebenzisa ngayo ezine kwiindlela zakhe zokufundisa—ukusebenzisa indlela elula, imibuzo efanelekileyo, ukuqiqa, nemizekeliso efanelekileyo.
Ukusebenzisa Indlela Elula
4, 5. (a) Kutheni ukufundisa ngendlela elula kukona kubalulekileyo ekufundiseni inyaniso yeBhayibhile? (b) Kutheni kubalulekile ukuwakhetha amagama esiwasebenzisayo, ukuze sikwazi ukufundisa ngendlela elula?
4 Iinyaniso ezisisiseko zeLizwi likaThixo azintsonkothanga. Kumthandazo wakhe, uYesu wathi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, . . . ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.” (Mateyu 11:25) UYehova uye wenza ukuba iinjongo zakhe zityhilwe kwabo baneentliziyo ezinyanisekileyo nezithobekileyo. (1 Korinte 1:26-28) Ngoko ke, ukusebenzisa indlela elula kokona kubalulekileyo ekufundiseni inyaniso yeBhayibhile.
5 Xa uqhuba isifundo seBhayibhile sasekhaya okanye usenza amabuyelo kwabo banomdla, yintoni onokuyenza ukuze ufundise ngendlela elula? Kanene, siye safunda ntoni kuMfundisi Omkhulu? Ukuze aviwe ngabaphulaphuli bakhe, ekwakukho kubo abaninzi “abangenamfundo nabaqhelekileyo,” uYesu wasebenzisa amazwi acacileyo ababenokuwaqonda. (IZenzo 4:13) Ngoko ke, ukuze sikwazi ukufundisa ngendlela elula, okokuqala kufuneka siwakhethe amagama esiwasebenzisayo. Akuyomfuneko ukusebenzisa amagama antsonkothileyo ukuze abanye bayiqonde kakuhle inyaniso ekwiLizwi likaThixo. Amazwi antsonkothe ‘ngokugqithisele’ ngaloo ndlela anokuboyikisa abanye, ingakumbi abo bangafundanga kuyaphi. (1 Korinte 2:1, 2) Umzekelo kaYesu ubonisa ukuba amagama alula akhethwe ngobulumko anokuyidlulisela ngendlela enamandla inyaniso.
6. Sinokukuphepha njani ukuzingxixha izifundo zeBhayibhile ngenkcazelo eninzi?
6 Ukuze sifundise ngendlela elula, sifanele sikuphephe nokuzingxixha ngenkcazelo eninzi izifundo zethu zeBhayibhile. UYesu wayenikela ingqalelo kumlinganiselo wolwazi lwabafundi bakhe. (Yohane 16:12) Nathi sifanele sizicingele izifundo zethu. Ngokomzekelo, xa siqhuba isifundo kwincwadi ethi Ulwazi Okukhokelela Kubomi Obungunaphakade, akuyomfuneko ukuba sicacise zonke iinkcukacha.a Kungeyomfuneko nokuleqa ukugubungela umbandela omninzi, ngokungathi leyo yeyona nto ibalulekileyo. Kunoko, kububulumko ukuqhuba ngesantya esilingene ulwazi lweso sifundo. Eyona njongo yethu kukunceda isifundo sibe ngumfundi kaKristu nomnquli kaYehova. Kufuneka sichithe naliphi na ixesha elifunekayo ukuze sincede eso sifundo sinomdla sikuqonde kakuhle oko sikufundayo. Ngaloo ndlela, inyaniso isenokuchukumisa intliziyo yaso ize isishukumisele esenzweni.—Roma 12:2.
7. Ngawaphi amacebiso anokusinceda ukuze sifundise ngendlela elula xa sinikela iintetho ebandleni?
7 Xa sinikela iintetho ebandleni, ingakumbi xa kukho abasebatsha enyanisweni, singawasebenzisa njani amazwi ‘aqondakala lula’? (1 Korinte 14:9) Khawucinge nje ngala macebiso mathathu anokusinceda. Okokuqala, cacisa nawaphi na amabinzana angaqhelekanga owasebenzisayo. Ukuliqonda kwethu iLizwi likaThixo kuye kwasenza saba nesigama esahlukileyo. Ukuba sisebenzisa amabinzana afana nathi, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ “ezinye izimvu,” nelithi “iBhabhiloni Enkulu,” kusenokufuneka siwacacise ngendlela elula ukuze aqondakale. Okwesibini, kuphephe ukusebenzisa amazwi amaninzi. Ukuthetha into eninzi, nokucacisa kakhulu, kusenokubadida abaphulaphuli. Ukuze intetho icace kufuneka uwashiye amazwi namabinzana angeyomfuneko. Okwesithathu, ungazami ukugubungela umbandela omninzi. Xa usenza uphando usenokufumana inkcazelo eninzi ebangel’ umdla. Kodwa kuhle ukuwulungelelanisa ube ziingongoma ezimbalwa umbandela wakho, usebenzise kuphela inkcazelo enokuchaza ezo ngongoma ngexesha olinikiweyo.
Ukuyisebenzisa Kakuhle Imibuzo
8, 9. Sinokuwazi njani umbuzo oza kuvusa umdla womninimzi? Nika imizekelo.
8 Khumbula ukuba uYesu wayenobuchule bokusebenzisa imibuzo ukuze enze abafundi bakhe bachaze oko kusengqondweni baze baqhele ukucingisisa. Ngemibuzo yakhe, uYesu wayekwazi ukuzifikelela kakuhle iintliziyo zabo. (Mateyu 16:13, 15; Yohane 11:26) NjengoYesu, sinokuyisebenzisa kakuhle njani imibuzo?
9 Xa sishumayela kwindlu ngendlu, sinokusebenzisa imibuzo ukuze sivuse umdla, sihlakulela indlela yokuthetha ngoBukumkani bukaThixo. Sinokuwazi njani umbuzo oza kuvusa umdla womninimzi? Yiba neliso elibukhali. Xa uza kungena endlwini, jonga ukuba ziintoni eziseyadini. Ngaba kukho izinto zokudlala, nto leyo ebonisa ukuba kukho abantwana kuloo mzi? Ukuba zikho, usenokubuza uthi, ‘Ngaba wakha wazibuza ukuba liya kube linjani ihlabathi xa sele bekhulile abantwana bakho?’ (INdumiso 37:10, 11) Ngaba kukho amaqhaga amaninzi emnyango, okanye izinto zokuthintela ukuba kungaqhekezwa? Sinokubuza sithi: ‘Ngaba ucinga ukuba liya kuze libekho ixesha apho siya kuze sizive sinqabisekile xa sisemakhaya nasesitratweni?’ (Mika 4:3, 4) Ngaba kukho indlela elungiselelwe isitulo esinamavili sabaguli? Sisenokubuza sithi: ‘Ngaba liya kuze libekho ixesha apho wonk’ ubani eya kuba sempilweni?’ (Isaya 33:24) Amacebiso amaninzi anokufumaneka kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo.b
10. Sinokukwazi njani ukusebenzisa imibuzo ukuze sikhuphe oko kusentliziyweni yesifundo seBhayibhile, kodwa yintoni esimele siyiphaphele?
10 Sinokukwazi njani ukuyisebenzisa kakuhle imibuzo xa siqhuba izifundo zeBhayibhile? Asinakukwazi ukufunda iintliziyo njengoYesu. Noko ke, imibuzo yobuchule inokusinceda senze isifundo sikhuphe oko kusentliziyweni. (IMizekeliso 20:5) Ngokomzekelo, masithi sifunda incwadi Ulwazi kwisahluko esithi “Isizathu Sokuba Ukuphila Ngokuhlonela UThixo Kusizisa Ulonwabo.” Sixubusha ngendlela uThixo akujonga ngayo ukunganyaniseki, uhenyuzo, neminye imibandela. Isifundo sisenokuyiphendula kakuhle imibuzo ekuso, kodwa ngaba siyavumelana noko sikufundayo? Sisenokusibuza sithi: ‘Ngaba ucinga ukuba isengqiqweni le mbono kaYehova kule mibandela?’ ‘Ungayisebenzisa njani le migaqo yeBhayibhile kubomi bakho?’ Noko ke, kuphaphele ukusihlonela isifundo, usinike imbeko esifaneleyo. Asinqweneli ukubuza imibuzo eya kusishiya sidanile eso sifundo seBhayibhile.—IMizekeliso 12:18.
11. Ziziphi iindlela abanokusebenzisa kakuhle ngazo imibuzo abo banikela iintetho zasesidlangalaleni?
11 Kwanabo banikela iintetho esidlangalaleni banokuyisebenzisa kakuhle imibuzo. Imibuzo-buciko—imibuzo engafuni mpendulo—inokunceda abaphulaphuli bacingisise. Maxa wambi uYesu wayeyisebenzisa imibuzo enjalo. (Mateyu 11:7-9) Ukongezelela, emva kwentshayelelo yaso, isithethi sisenokusebenzisa imibuzo ukuze sibalaselise ezona ngongoma siza kuxubusha ngazo. Sisenokuthi: “Kwingxubusho yethu namhlanje, sifuna ukuphendula le mibuzo ilandelayo . . . ” Sinokwandula ke, xa siqukumbela sibhekisele kuloo mibuzo ukuze sishwankathele iingongoma eziziintloko.
12. Nika umzekelo ukuze ubonise indlela abadala abangamaKristu abanokuyisebenzisa ngayo imibuzo ukuze bancede amanye amaKristu afumane intuthuzelo eLizwini likaThixo.
12 Kumsebenzi wabo wokwalusa, abadala abangamaKristu banokusebenzisa imibuzo ukuze bancede “imiphefumlo edandathekileyo” ithuthuzeleke liLizwi likaYehova. (1 Tesalonika 5:14) Ngokomzekelo, ukuze ancede umntu odandathekileyo, umdala usenokumfundela INdumiso 34:18. Ithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” Ukuqinisekisa ukuba lowo udandathekileyo uyayiqonda indlela asebenza ngayo kuye la mazwi, lo mdala usenokubuza athi: ‘Kanene uYehova usondele koobani? Ngaba ukhe uzive “waphuke intliziyo” yaye “unomoya otyumkileyo”? Ukuba ke, njengoko iBhayibhile isitsho, uYehova usondele kubantu abanjalo, ngaba oko akuthethi ukuba usondele nakuwe?’ Isiqinisekiso esinjalo sothando sinokumhlaziya odandathekileyo.—Isaya 57:15.
Ukuqiqa
13, 14. (a) Yiyiphi indlela esinokuqiqa ngayo nomntu othi akakholelwa kuThixo angenakumbona? (b) Kutheni singamele silindele ukuba siya kweyisela wonk’ ubani?
13 Kubulungiseleli bethu, sifuna ukufikelela iintliziyo zabantu ngokuqiqa nabo ngendlela eyeyiselayo. (IZenzo 19:8; 28:23, 24) Ngaba oko kuthetha ukuba sifanele sisebenzise izibakala ezintsonkothileyo ukuze senze abanye bayiqonde inyaniso yeLizwi likaThixo? Akunjalo. Akuyomfuneko ukuba sintsonkothe ukuze siqiqe ngendlela eqondakalayo. Izibakala ezisengqiqweni xa zibekwe ngokulula zidla ngokuphumelela. Khawuqwalasele lo mzekelo.
14 Yiyiphi indlela esinokuphendula ngayo xa sidibana nomntu othi akakholelwa kuThixo angenakumbona? Sisenokuqiqa naye ngomthetho wemvelo wokuba yonk’ into inomenzi wayo. Xa sibona into ethile, siyaqonda ukuba kumele kubekho umenzi wayo. Sisenokuthi: ‘Ukuba ubukwanti uze ubone indlu eyakhiwe kakuhle kukho nokutya kuyo, ubuya kuqonda ukuba kukho umntu owayakhayo waza wafaka nokutya kwiikhabhathi zayo. Ngoko ke, xa sibona ubungqina bokuyilwa kwendalo nentabalala yokutya okusemhlabeni, ngaba akukho sengqiqweni ukuyamkela into yokuba kukho Lowo wakwenzayo oko?’ IBhayibhile ikuchaza ngokulula oku isithi: “Kambe ke, ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Hebhere 3:4) Noko ke, zingakhathaliseki indlela ezisengqiqweni ngayo izibakala esinazo, asinguye wonk’ ubani eziya kumeyisela. IBhayibhile isikhumbuza ukuba ngabo ‘banotyekelo olufanelekileyo’ kuphela abaya kuba ngamakholwa.—IZenzo 13:48; 2 Tesalonika 3:2.
15. Yiyiphi indlela yokuqiqa esinokuyisebenzisa ukuze sibalaselise iimpawu neendlela zikaYehova, yaye yiyiphi imizekelo emibini ebonisa indlela esinokukwenza ngayo oko?
15 Xa sifundisa, enoba sikubulungiseleli basentsimini okanye ebandleni, sinokusebenzisa ingqiqo ukuze sibalaselise iimpawu neendlela zikaYehova. Eyona ndlela iphumelela gqitha kukusebenzisa amazwi athi ‘kobekela phi na ke’ awayedla ngokuwasebenzisa uYesu. (Luka 11:13; 12:24) Kuxhomekeka kumahluko okhoyo phakathi kwezo zinto zithelekiswayo, le ndlela yokuqiqa inokuchukumisa gqitha. Ukuze sibhence ubuyatha bemfundiso yomlilo wesihogo, sisenokuthi: ‘Akakho ubawo onothando onokohlwaya umntwana wakhe ngokubeka isandla sakhe emlilweni. Hayi indlela elizothe ngayo ingcamango yesihogo somlilo kuBawo wethu onothando wasezulwini!’ (Yeremiya 7:31) Ukuze sifundise ukuba uYehova uyamkhathalela ngamnye kubakhonzi bakhe, sisenokuthi: ‘Ukuba uYehova uzazi ngamagama zonke inkwenkwezi ezingamawaka ezigidi, umele ukuba ubakhathalela ngakumbi abantu abamthandayo nabathengwe ngegazi elixabisekileyo loNyana wakhe!’ (Isaya 40:26; IZenzo 20:28) Ukuqiqa ngendlela enamandla ngolo hlobo kunokusinceda sifikelele iintliziyo zabanye.
Imizekeliso Efanelekileyo
16. Kutheni imizekeliso ibalulekile nje ekufundiseni?
16 Imizekeliso efanelekileyo zizinongo ezinokwenza imfundiso yethu ibangele umdla ngakumbi kwabanye. Kutheni ibalulekile nje imizekeliso ekufundiseni? Omnye umhlohli wathi: “Ukucinga ngento ongenalo nofifi lwayo yeyona nto inzima ebantwini.” Imizekeliso isenza sibe nomfanekiso-ngqondweni, osinceda siziqonde kakuhle izinto esisandul’ ukuziva. UYesu wayebalasele ekusebenziseni imizekeliso. (Marko 4:33, 34) Makhe sibone ukuba sinokuyisebenzisa njani le ndlela yokufundisa.
17. Ziziphi iingongoma ezine ezenza umzekeliso uphumelele?
17 Yintoni eyenza umzekeliso uphumelele? Okokuqala, umele ubalungele abaphulaphuli, uthethe ngezinto abanokuziqonda ngokulula. Masikhumbule ukuba uYesu imizekeliso yakhe emininzi wayeyisekela kwizinto ezazisenzeka imihla ngemihla kubaphulaphuli bakhe. Okwesibini, umzekeliso umele uyifanele ingongoma ebethelelwayo. Ukuba umzekeliso awungeni ncam, unokubadida abaphulaphuli. Okwesithathu, umzekeliso awumele ube neenkcukacha ezininzi. Khumbula ukuba uYesu wayechaza ezo nkcukacha ziyimfuneko kuphela. Okwesine, xa sisenza umzekeliso, simele siqiniseke ukuba ungena kakuhle. Kungenjalo, abanye basenokungayifumani ingongoma.
18. Sinokuyifumana njani imizekeliso efanelekileyo?
18 Sinokuyifumana njani imizekeliso efanelekileyo? Akuyomfuneko ukuba sicinge ngamabali amade. Imizekeliso emifutshane inokuphumelela. Zama nje ukucinga ngomzekelo waloo ngongoma ixutyushwayo. Ngokomzekelo, masithi sixubusha ngokuxolela kukaThixo, yaye sifuna ukucacisa ingongoma ekwiZenzo 3:19, apho kuthiwa uYehova ‘uyazicima,’ okanye azisule iziphoso zethu. Le ntetho izicacele, kodwa nguwuphi umzekelo esinokuwusebenzisa ukuze sicacise le ngongoma—njengento yokucima? okanye isiponji? Sisenokuthi: ‘Xa uYehova exolela izono zethu, uyazosula ngokungathi usebenzisa isiponji (okanye into yokucima).’ Kulula ukuyiqonda ingongoma yomzekeliso onjalo ukuba lula.
19, 20. (a) Sinokuyifumana phi imizekeliso efanelekileyo? (b) Yiyiphi imizekelo yemizekeliso efanelekileyo eye yapapashwa kwiincwadi zethu? (Bona kwanebhokisi.)
19 Unokuyifumana phi imizekeliso efanelekileyo, kuquka imizekelo yokoqobo? Cinga nje ngobomi bakho okanye imvelaphi namava ahlukahlukeneyo abo ukholwa nabo. Imizekeliso inokufunyanwa kwiindawo ezininzi, kuquka izinto eziphilayo nezingaphiliyo, impahla yendlu, okanye isiganeko sakutshanje esaziwayo. Indlela ephumelelayo yokufumana imizekeliso efanelekileyo kukuhlala sithe qwa, ‘siziqwalasele ngenyameko’ izinto ezenzeka imihla ngemihla. (IZenzo 17:22, 23) Enye incwadi ecebisa ngendlela yokuthetha esidlangalaleni ithi: “Isithethi esiyiqaphelayo indlela abaphila ngayo abantu nezinto ezibaxhalabisayo, esithetha nazo zonke iindidi zabantu, nesizihlolisisayo izinto size sibuze imibuzo de sifumane inkcazelo eyaneleyo, siya kufumana imizekeliso emininzi esinokuyisebenzisa.”
20 Kukho nomnye uvimba esinokufumana kuwo imizekeliso efanelekileyo—IMboniselo, uVukani!, nezinye iincwadi zamaNgqina kaYehova. Unokufunda lukhulu xa uqwalasela indlela eziyisebenzisa ngayo imizekeliso ezi mpapasho.c Ngokomzekelo, cinga ngomzekeliso osetyenziswe kwisiqendu 11 kwisahluko 17 sencwadi Ulwazi. Uthelekisa iimpawu zobuntu ezahlukahlukeneyo ebandleni kunye nezithuthi ezahlukahlukeneyo ezihamba ecaleni kwesakho endleleni. Yintoni ewenza ufaneleke? Phawula ukuba usekelwe kwiimeko zemihla ngemihla, uyayifanela ingongoma ebethelelwayo, yaye ucacile. Ekufundiseni kwethu, sisenokusebenzisa imizekeliso efumaneka kwiimpapasho, mhlawumbi siyenze ifanelekele isifundo seBhayibhile okanye siyisebenzise entethweni.
21. Nguwuphi umvuzo wokuba ngumfundisi ophumelelayo weLizwi likaThixo?
21 Ukuba ngumfundisi ophumelelayo kunomvuzo omkhulu. Xa sifundisa, sabelana nabanye; siyazinikela ukuze sibancede. Ukupha okunjalo kubangela uyolo, kuba iBhayibhile ithi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Kubafundisi beLizwi likaThixo, olo yolo lubangelwa kukwazi ukuba sinika abanye into ebalulekileyo neya kuhlala ihleli—inyaniso ngoYehova. Kwakhona sinokufumana ulwaneliseko lokwazi ukuba sixelisa uMfundisi Omkhulu, uYesu Kristu.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Bona icandelo elithi “Iintshayelelo Ezinokusetyenziswa Kubulungiseleli Basentsimini,” kwiphepha 9-15.—Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
c Ukuze ufumane imizekelo, bona iWatch Tower Publications Index 1986-2000, ngaphantsi komxholo othi “Illustrations.”—Ipapashwe ngeelwimi ezininzi ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Usakhumbula?
• Sinokufundisa njani ngendlela elula xa siqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya? xa sinikela intetho ebandleni?
• Sinokuyisebenzisa njani imibuzo ngokuphumelelayo xa sishumayela kwindlu ngendlu?
• Sinokuyisebenzisa njani ingqiqo ukuze sibalaselise iimpawu neendlela zikaYehova?
• Sinokuyifumana phi imizekeliso efanelekileyo?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngaba Usayikhumbula Le Mizekeliso?
Nantsi imizekeliso embalwa efanelekileyo. Kutheni ungajongi kwezi mpapasho uze uphawule indlela umzekeliso oye wanceda ngayo ekugxininiseni ingongoma exutyushwayo?
• Njengokuba kufuneka intsebenziswano phakathi kwabo badlala izixhobo zomculo neemvumi okanye phakathi kwamadoda aphoselana ngebhokisi, abo bafuna ukuba nomtshato ophumelelayo baxhomekeke ekufumaneni amaqabane afanelekileyo.—IMboniselo, kaMeyi 15, 2001, iphepha 16.
• Ukuvakalisa iimvakalelo zakho kufana nokuphosa ibhola. Unokuyiphosa kakuhle okanye uyigibisele ngamandla ize imenzakalise omnye.—UVukani!, kaJanuwari 8, 2001, iphepha 10.
• Ukufunda indlela yokubonisa uthando kufana nokufunda ulwimi olutsha.—IMboniselo, kaFebruwari 15, 1999, iphepha 18, 22-3.
• Indlela iidemon ezikusebenzisa ngayo ukusebenzelana nemimoya iyafana nendlela umzingeli asisebenzisa ngayo isithiyelo. Nako ukusebenzelana nemimoya kuyawalinga amaxhoba ako.—Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, iphepha 111.
• Indlela uYesu awayihlangula ngayo inzala ka-Adam inokufaniswa nesityebi esifika sihlawule lonke ityala lenkampani (eliye labangelwa ngumphathi onganyanisekanga) size siphinde siwuvule loo mzi-mveliso, nto leyo eya kuba luncedo kubaqeshwa abaninzi.—IMboniselo, kaFebruwari 15, 1991, iphepha 13.
• Kanye njengokuba abathandi bemifanekiso ezotyiweyo beya kwenza konke okusemandleni abo ukuze balungise umfanekiso wobugcisa owonakalisiweyo, naye uYehova unokukhangela ngaphaya kokungafezeki kwethu, aze abone oko kulungileyo kuthi, yaye ekugqibeleni uya kusibuyisela kuloo mfezeko yalahlwa nguAdam.—IMboniselo, kaFebruwari 15, 1990, iphepha 22.
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
AmaKristu okwenyaniso angabafundisi beLizwi likaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Abadala banokusebenzisa imibuzo ukunceda abo bakholwa nabo ukuba bafumane intuthuzelo kwiLizwi likaThixo