Imibuzo Evela Kubafundi
Ibandla lamaKristu libujonga njani ubudla-kudla?
ILizwi likaThixo liyabugweba ubunxila nobudla-kudla njengezenzo ezingamkelekanga kwabo bakhonza uThixo. Ngoko ke, ibandla lamaKristu lilijonga idla-kudla elingafuni kuguquka ngendlela elilijonga ngayo inxila. Inxila okanye idla-kudla alinakuba yinxalenye yebandla lamaKristu.
IMizekeliso 23:20, 21 ithi: “Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu, phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla. Kuba inxila nedla-kudla baya kuhlwempuzeka, yaye ukozela kuya kumambesa amadlavu ubani.” KwiDuteronomi 21:20, sifunda ngomntu ‘oneenkani nonemvukelo,’ owayefanele abulawe phantsi koMthetho kaMoses. Ngokutsho kwale ndinyana, iimpawu ezimbini zaloo mntu unemvukelo nongaguqukiyo yayikukuba ‘wayelidla-kudla nenxila.’ Licacile elokuba, kwaSirayeli wamandulo, ubudla-kudla babujongwa njengesenzo esingamkelekanga kwabo bafuna ukukhonza uThixo.
Noko ke, yintoni eyenza ukuba ubani abe lidla-kudla, yaye zithini iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngalo mbandela? Idla-kudla lichazwa ‘njengomntu otya okanye osela ngokunyoluka nonganelisekiyo.’ Ngenxa yoko, ubudla-kudla kukubawa, yaye iLizwi likaThixo lisixelela ukuba “abantu ababawayo” luhlobo lwabantu abangayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 6:9, 10; Filipi 3:18, 19; 1 Petros 4:3) Ukongezelela, xa umpostile uPawulos walumkisa amaKristu nxamnye nokwenza “imisebenzi yenyama,” wakhankanya “iindywala, iziyunguma, nezinto ezinjengezi.” (Galati 5:19-21) Ukutya ngokugqithiseleyo kudla ngokuhambisana neendywala neziyunguma. Ngaphezu koko, ngokuqinisekileyo ubudla-kudla buqukiwe kumazwi kaPawulos athi “nezinto ezinjengezi.” Njengoko kunjalo ngeminye “imisebenzi yenyama,” umKristu owaziwa ngobudla-kudla nothi ngenkani angavumi ukuguquka kwikhondo lakhe lokubawa ufanele agxothwe ebandleni.—1 Korinte 5:11, 13.a
Nangona iLizwi likaThixo libeka inxila kwindawo efanayo nedla-kudla, inxila kulula ukulibona kunedla-kudla. Iimpawu zobunxila ngokuqhelekileyo zibonakala ngokucacileyo. Noko ke, kunzima ukumbona ubani xa efikelele kwinqanaba lokuba abe lidla-kudla elivunyiweyo kuba ubudla-kudla abunakujongwa kwindlela umntu akhangeleka ngayo. Ngoko ke, ukusingatha lo mbandela kufuna inyameko enkulu nobulumko kubadala bebandla.
Ngokomzekelo, ukutyeba ngokugqithiseleyo kusenokuba luphawu lobudla-kudla, kodwa oko akusoloko kunjalo. Ubani usenokutyeba ngokugqithiseleyo ngenxa yokugula. Imfuza nayo isenokuba negalelo ekutyebeni ngokugqithiseleyo. Kwakhona sifanele sikhumbule ukuba ukutyeba ngokugqithiseleyo yinto ebonakalayo, ngoxa ubudla-kudla busisimo sengqondo sikabani. Ukutyeba ngokugqithiseleyo kuchazwa njengokuba nomzimba onamanqatha amaninzi, ngoxa ubudla-kudla ikukubawa okanye ukuba sisirhovu. Ngenxa yoko, ubudla-kudla abunakujongwa kubukhulu bomzimba womntu kodwa kwisimo sakhe sengqondo ngokutya. Ubani usenokuba nomzimba oqhelekileyo okanye omncinane sekunjalo abe lidla-kudla. Ngaphezu koko, umlinganiselo wesiqu esifanelekileyo wahluke gqitha kwiindawo ngeendawo.
Ziziphi iimpawu zobudla-kudla? Idla-kudla lisoloko lingakwazi ukuzeyisa, liye litye de libhukuxe okanye liqunjelwe. Ukungakwazi kwalo ukuzeyisa kubonisa ukuba alikukhathalele ukuzisa ugculelo kuYehova nakwigama elihle labantu Bakhe. (1 Korinte 10:31) Kwelinye icala, umntu otya ngokugqithiseleyo ngamaxesha athile akanakujongwa ‘njengomntu obawayo.’ (Efese 5:5) Sekunjalo, ngokutsho kweyabaseGalati 6:1, umKristu onjalo kusenokufuneka ancedwe. UPawulos uthi: “Bazalwana, ukuba umntu uqutyulwe sisiphoso, nina enineemfaneleko zokomoya zamani ukumlungisa umntu onjalo ngomoya wobulali.”
Kutheni isiluleko seBhayibhile sokuphepha ukutya ngokugqithiseleyo sibaluleke ngokukhethekileyo namhlanje? Kungokuba, ingakumbi ngokuphathelele umhla wethu, uYesu walumkisa esithi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe.” (Luka 21:34, 35) Ukuphepha ukutya ngokugqithiseleyo yenye indlela ebalulekileyo yokuphepha ukuphila ubomi obunokukubeka engozini ngokomoya.
Ubungcathu buyindlela yokuziphatha efanelekileyo yamaKristu. (1 Timoti 3:2, 11) Ngoko ke, ngokuqinisekileyo uYehova uya kubanceda abo bafuna ngokunyaniseka ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile sokutya nokusela ngobungcathu.—Hebhere 4:16.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaMeyi 1, 1986.