IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 1/15 iphe. 3
  • Indoda Nomfazi—Benziwa Ukuze Bafanelane

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indoda Nomfazi—Benziwa Ukuze Bafanelane
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Indoda Nomfazi Bokuqala
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amathemba Azukileyo Oluntu KwiParadisi Yolonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Indima Yomfazi EZibhalweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 1/15 iphe. 3

Indoda Nomfazi—Benziwa Ukuze Bafanelane

KWAKUDALA indoda nomfazi bebesoloko benqwenela ukuba kunye. Lo mnqweno wafakwa nguThixo. UYehova wabona kungafanelekanga ukuba indoda yokuqala uAdam, ibe yodwa. Ngoko wayenzela “umncedi, oza kuba ngumphelelisi [wayo].”

UYehova wamlalisa yoyi uAdam, waza wathabatha ubambo ezimbanjeni zakhe ‘walwakha olo bambo lwaba ngumfazi waza wamzisa endodeni yakhe.’ Wathi akubona esi sidalwa sihle sikaYehova uAdam akakwazi ukuzibamba yimincili waza wathi: “Ekugqibeleni eli ke lithambo lasemathanjeni am nenyama yasenyameni yam.” Ngenxa yeempawu zobufazi awayenazo, umfazi ofezekileyo, uEva wayethandeka ngokwenene. Ngenxa yesidima sobudoda awayenaso, noAdam wayekufanelekela ukuhlonelwa. Ngamnye wayenziwe ukuze afanele omnye. IBhayibhile ithi: “Kungenxa yoko le nto indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.”—Genesis 2:18-24.

Noko ke, namhlanje iintsapho ziyaqhekeka, phakathi kwendoda nomfazi kuhlala kukho ukruthakruthwano nokuzingca. Ukhuphiswano olukhoyo phakathi lwamadoda nabafazi luye lwabangela ungquzulwano nokuhlala bexhwithana. Konke oku kuyangqubana nenjongo awayenayo uThixo ngendoda nomfazi. Indoda yadalelwa ukufeza indima ebalulekileyo emhlabeni. Umfazi wanikwa indima ekhethekileyo nexabisekileyo, ukuba ngumphelelisi wendoda. Babemele batsale ngaxhatha-linye. Kwasekuqaleni kwabantu, amadoda nabafazi aboyika uThixo baye ngokuthembeka bazabalazela ukufeza iinjongo awayenazo ngabo uYehova, ibe oko kuye kwabazisela ulonwabo nokwaneliseka. Ziziphi ezo njongo, ibe singazifeza njani thina?

[Umfanekiso okwiphepha 3]

Indoda nomfazi ngamnye wadalelwa ukufeza indima ebalulekileyo kwilungiselelo likaThixo lomtshato

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share