Amathemba Azukileyo Oluntu KwiParadisi Yolonwabo
“Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.”—GENESIS 1:28.
1, 2. UYehova usebenzela yiphi inkalo ngukuphathelele abantu, ibe ziziphi izabelo zomsebenzi awazinika uAdam?
EBHAYIBHILENI ENGCWELE sixelelwa ukuba, “uThixo uluthando.” Ngokunothando nangokungazingci unomdla kuluntu ibe ngokungenasiphelo usebenzela ukuba lube lunganandipha ubomi obusempilweni noboxolo ngonaphakade kwiParadisi yolonwabo yasemhlabeni. (1 Yohane 4:16; thelekisa INdumiso 16:11.) Umntu wokuqala uAdam, owayefezekile, wayephila ubomi boxolo yaye esenza umsebenzi obangela umdla nonandiphekayo. UMdali womntu wamnika isabelo sokulima loo myezo wase-Eden omhle. Ngeli thuba uMdali womntu wamnika loo mntu omnye umsebenzi okhethekileyo, isabelo esilucelomngeni, njengoko ingxelo yoko kwenzekayo ityhila:
2 “UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu wazisa kuye uAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo. Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho zine, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle.”—Genesis 2:19, 20.
3. Kutheni le nto kwakungekho loyiko phakathi koAdam nendalo yezilwanyana?
3 Lo mntu ihashe walibiza ngokuthi yisus, inkomo ngokuthi yishohr, igusha ngokuthi yiseh, ibhokhwe ngokuthi yiʽez, intaka ngokuthi yiʽohph, ihobe ngokuthi yiyoh·nahʹ, ipikoko ngokuthi yituk·kiʹ, ingonyama ngokuthi yi’ar·yehʹ, okanye ’ariʹ, ibhere ngokuthi yidov, inkawu ngokuthi yiqohph, inja ngokuthi yikeʹlev, inyoka ngokuthi yina·chashʹ, njalo njalo.a Xa waya kumlambo owawuqukuqelela ngaphandle komyezo we-Eden, wabona iintlanzi. Intlanzi wayithiya igama lokuba yida·gahʹ. Lo mntu ungaxhobanga akazange azoyike ezi zilwanyana, ezasekhaya nezasendle, okanye iintaka, ibe nazo zazingamoyiki, ekubeni ngokwethuku lemvelo zazimqonda ukuba wayenobukhosi kuzo, wayengowohlobo lobomi obuphakamileyo kunobazo. Zazizizidalwa zikaThixo, zinikwe ubomi Nguye, ibe lo mntu akazange abe nomnqweno okanye acinge ngokuzenzakalisa okanye azibulale.
4. Sisenokuthelekelela ntoni ngokuphathelele ukuthiya kuka-Adam zonke izilwanyana neentaka, ibe oku kumele ukuba kwakungamava anjani?
4 Ingxelo ayisixeleli ukuba kwathabatha ithuba elingakanani na ukuboniswa kwalo mntu izilwanyana zasekhaya nezasendle neentaka zezulu. Konke oko kwenzeka phantsi kolwalathiso nelungiselelo likaThixo. Ngokunokwenzeka uAdam wathabatha ixesha ehlolisisa isilwanyana ngasinye esahlukileyo, ephawula imikhwa esahlulayo nokwenziwa kwaso; emva koko wayekhetha igama eliza kusifanelekela ngokukhethekileyo. Oku kwakunokuthabatha ixesha elide kakhulu. Ngaloo ndlela kwakungawona mava abangela umdla kuAdam ukuqhelana nezidalwa eziphilayo zalo mhlaba ngokweentlobontlobo zazo ezininzi, ibe kwafuna ukuba asebenzise ubuchule bengqondo namandla okuthetha angalinganiselwanga ukuze akwazi ukwahlula ngegama elifanelekileyo uhlobo ngalunye kwezi ntlobo zezidalwa eziphilileyo.
5-7. (a) Ngokunokwenzeka yiyiphi imibuzo eyayiza kuphakama? (b) Kwanikelwa iimpendulo ezinjani kwingxelo yendalo ekwiGenesis 1:1-25?
5 Kodwa zadalwa njani ngokulandelelana kwazo ezi zidalwa ziphilileyo? Ngaba izilwanyana eziphila emhlabeni zadalwa kuqala kuneentaka okanye akunjalo, ibe yena umntu ukweyiphi indawo ngokwexesha nolandelelwano lokudalwa kwazo zonke ezi zidalwa ziphilileyo zohlobo oluphantsi? UThixo wawenza njani umhlaba ukuze ulungele zonke ezo zidalwa zahlukene ngolo hlobo, elungiselela umoya ezinokuphaphazela kuwo iintaka ngokuphakama okungako, elungiselela amanzi okusela nemifuno yokudla, esenza isikhanyiso esikhulu ukuze sikhanyise emini size senze umntu akwazi ukubona waza wenza isikhanyiso esincinane ukuze sihombise ubusuku? Kutheni le nto imozulu yayintle kangaka yaye ifudumale ngokokude loo umntu abe wayenokuhambahamba aze asebenze aze alale phandle eze?
6 Loo mntu akazange ayekwe nje ukuba aziqashelele iimpendulo. Ingqondo yakhe eyayifuna ukwazi yayifanelwe ziimpendulo ezisengqiqweni ezazivela kumthombo onegunya owawusazi ngokuchanileyo. Wayengayekwanga nje njengonyana kaThixo ongakhathalelwanga, kodwa ngokunokwenzeka umlinganiselo wakhe ophakamileyo wobukrelekrele wazinyaswa ngembali emangalisayo yendalo njengoko ichazwe kwiGenesis 1:1-25.
7 UAdam wayeya kuba nombulelo ngaloo ngxelo ivuyisayo yendalo. Yacacisa izinto ezininzi. Ngendlela eyachazwa ngayo, waqonda ukuba kwakukho izihlandlo ezithathu zexesha ezathabatha ithuba elide awathi uThixo wazibiza ngokuthi yimihla ngokwendlela Yakhe yokubala ixesha, ngaphambi kwesihlandlo sesine sokudala awathi ngaso uThixo wenza izikhanyiso ezibini ezikhulu ukuba zibonakale esibhakabhakeni samazulu khon’ ukuze umntu aphawule usuku lwakhe olufutshane gqitha lweeyure ezingama-24. Olu suku lomntu lufutshane emhlabeni lwaluqalisa ukususela ekutshoneni kwesikhanyiso esikhulu kuse kumjikelo olandelayo. Kwakhona uAdam waqonda ukuba wayeza kuba nexesha elibizwa ngokuba yiminyaka, ibe ngokungathandabuzekiyo waqalisa ukubala iminyaka yakhe yokudla ubomi. Isikhanyiso esikhulu esibhakabhakeni samazulu sasiya kumbangela ukuba akwazi ukwenza oku. Kodwa ngokubhekisele kwimihla kaThixo yokudala ethabatha ithuba elide, loo mntu wokuqala waqonda ukuba ngoko wayephila kumhla wesithandathu wokudala kukaThixo izinto zasemhlabeni. Sasingekakhankanywa kuye isiphelo saloo mhla wesithandathu wokudala zonke izilwanyana eziphila emhlabeni kuze emva koko kudalwe umntu ngokwahlukileyo. Ngeli thuba wayeza kuluqonda ulandelelwano lokudalwa kwemifuno, kwezinto zasemanzini, kweentaka nezilwanyana eziphila emhlabeni. Kodwa ngoxa wayeseyedwa kumyezo wase-Eden, uAdam wayengeyiyo imbonakaliso epheleleyo yenjongo kaThixo yothando ngomntu kwiParadisi yakhe yasemhlabeni.
Ukudalwa Komfazi Wokuqala
8, 9. (a) Umntu wokuqala ofezekileyo waphawula ntoni kwindalo yezilwanyana, kodwa wafikelela kwesiphi isigqibo ngaye siqu? (b) Kutheni le nto kwakufanelekile ngaloo mntu wayefezekile ukuba angaceli uThixo ukuba amnike iqabane? (c) Ingxelo yeBhayibhile ikuchaza njani ukudalwa komfazi wokuqala ongumntu?
8 Loo mntu wokuqala, ekubeni wayenengqondo egqibeleleyo namandla okuphawula izinto, wabona ukuba phakathi kweentaka nezilwanyana, kwakukho amaduna namathokazi yaye phakathi kwazo zazivelisa uhlobo lwazo. Kodwa ngomntu, kwakungenjalo ngoko. Ukuba oku kuphawula kwakhe izinto kwamenza watyekela kwingcinga yokunandipha ubuqabane nothile, akazange afumane qabane lifanelekileyo phakathi kwazo naziphi na izilwanyana, kwanaphakathi kweenkawu. UAdam wayeya kufikelela kwisigqibo sokuba kwakungekho qabane lakhe kuba ukuba lalikho, ngaba uThixo ngewayengalizisanga kuye? Umntu wadalwa ngokwahlukileyo kuzo zonke ezo ntlobontlobo zezilwanyana, ibe wenziwa ukuba abe ngowahlukileyo! Wayengatyekelanga ekuzigqibeleni imicimbi ngokwakhe aze ngokugabadela acele uThixo umdali wakhe ukuba amnike iqabane. Kwakufanelekile ngaloo mntu ufezekileyo ukuba awuyekele kuThixo wonke umcimbi, kuba kungethuba lide emva koko wafumanisa ukuba uThixo wayefikelele kwizigqibo ezizezakhe ngale meko. Ithetha ngale meko nangoko ngoku kwenzekayo, ingxelo isixelela oku:
9 “Ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo. UYehova uThixo wawisa ubuthongo phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo. UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam. Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni. Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke. Baye bobabini behamba ze, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.”—Genesis 2:20-25.
10. Wasabela njani loo mntu wayefezekile xa kwaziswa kuye umfazi ofezekileyo, ibe amazwi akhe asenokuba abonisa ntoni?
10 Kula mazwi akhe wavakalisa ulwaneliseko olupheleleyo xa kweziswa kuye umfazi ofezekileyo njengomncedi nomphelelisi: “Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam.” Ngenxa yala mazwi wawathetha ekugqibeleni xa wabona umfazi wakhe owayesandul’ ukudalwa kunokwenzeka ukuba wayelinde kangangexesha elithile ukuze afumane iqabane lakhe elingumntu nelalinokumyolisa. Echaza umphelelisi wakhe, uAdam wambiza umkakhe ngokuthi “Ngumfazi” (ʼish·shahʹ okanye, ngokoqobo, “umntu wesikhomokazi”), “ngokuba ethatyathwe endodeni.” (Genesis 2:23, umbhalo osemazantsi weNew World Translation Reference Bible) UAdam wayengenamvakalelo yokuba wayezalana neentaka nezilwanyana ezihamba phezu komhlaba uThixo awayezizise engqalelweni yakhe ukuze azithiye amagama. Inyama yakhe yayahlukile kweyazo. Kodwa lo mfazi wayengowohlobo lwenyama yakhe ngokwenene. Ubambo olwaluthatyathwe kuye ecaleni lwenza uhlobo olufanayo lwegazi olwalusemzimbeni wakhe. (Bona uMateyu 19:4-6.) Ngoku wayenomntu awayenokuthetha naye njengomprofeti kaThixo nawayenokwabelana naye ngengxelo emangalisayo yendalo.
11-13. (a) Mayela nokufumana kuka-Adam umfazi, kusenokuba kwabakho yiphi imibuzo? (b) Yayiyintoni injongo kaThixo ngesibini sokuqala esingabantu? (c) Kwakuza kuba yintoni ukutya kwentsapho yoluntu efezekileyo?
11 Phofu ke, yayiyintoni injongo yoMdali womntu ekumnikeni kwakhe umfazi? Ngaba yayikukumlungiselela nje umncedi nomphelelisi, iqabane lohlobo lwakhe lokuphelisa isithukuthezi? Ingxelo isicacisela ngenjongo kaThixo njengoko isibalisela ngentsikelelo kaThixo eyavakaliswayo ekutshatisweni kwabo:
12 “Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni. Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana. Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.
13 “Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni. Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla. Kwaba njalo.”—Genesis 1:26-30.
Amathemba Awayengaphambi Kwesibini Sokuqala Esingabantu
14. Ngentsikelelo kaThixo, lalinjani ikamva elalibekwe phambi kwendoda nomfazi ababefezekile, ibe ngokufanelekileyo yintoni ababa nombono wayo?
14 Enjani yona into ukumangalisa kuloo ndoda yayifezekile nomfazi wayo owayekwanjalo ukuba beve ilizwi likaThixo lithetha nabo, libaxelela oko babemele bakwenze yaye libasikelela! Ekubeni babesikelelwe nguThixo, ubomi babungayi kuba lilize, kodwa babeza kwenziwa bakwazi ukwenza oko babexelelwe ukuba bakwenze. Elinjani lona ikamva elaliphambi kwabo! Njengoko eso sibini sasitshatile yaye sonwabile sasimile apho kwelo khaya laso, umyezo wase-Eden, ngokunokwenzeka sacamgca ngezinto ezaziza kwenzeka njengoko sasiphumeza ukuthanda kukaThixo ngaso. Njengoko iliso laso lengqondo lalikhangele phambili kwikamva elithe qelele, sabona, kungekuphela nje “umyezo e-Eden ngasempumalanga,” kodwa sabona wonke umhlaba uzaliswe ngamadoda namabhinqa anobuso obuqaqambileyo. (Genesis 2:8) Intliziyo yaloo ndoda naloo mfazi yayiya kumemelela luvuyo kukucinga ukuba bonke aba bantu babengabantwana babo, inzala yabo. Bonke befezekile, bengenasiphako emzimbeni nakwindlela abamile ngayo, benembonakalo yobutsha engenasiphelo ekwasamele kuyo impilo entle novuyo lokuphila, bonke bethandana ngothando olugqibeleleyo, bonke bemanyene ekunquleni uMdali wabo omkhulu, uYise wabo wasezulwini, oku bekwenza nalowo ungubawo nomama wabo wokuqala. Hayi indlela intliziyo yaloo ndoda naloo mfazi emele ukuba yaphuphuma ngayo luvuyo kukucinga ngokuba nentsapho enjalo!
15, 16. (a) Kutheni le nto kwakuza kubakho intabalala yokutya ukulungiselela intsapho yoluntu? (b) Njengoko le ntsapho yonwabileyo yayisanda, nguwuphi umsebenzi eyayiza kuwenza ngaphandle komyezo wase-Eden?
15 Kwakuza kubakho intabalala yokutya yelungu ngalinye lale ntsapho yoluntu ezalise wonke umhlaba. Phofu ke kwakusele kukho kakade kumyezo wase-Eden. UThixo wayebalungiselele waza wabanika yonke imifuno evelisa imbewu ukuze ibe kukudla okunik’ impilo nokuzimasa ubomi, kunye nemithi evelisa iziqhamo.—Thelekisa INdumiso 104:24.
16 Njengoko intsapho yabo eyonwabileyo yayisanda, babeza kuwandisa loo myezo ukuya kwimimandla engaphaya kwemida yase-Eden, kuba amazwi kaThixo abonisa ukuba ngaphandle kwaloo myezo wase-Eden, umhlaba wawungalungiswanga. Ubuncinane, wawunganyanyekelwa ibe ke wawungekho kumgangatho ophakamileyo olingana nendlela ephawulekayo owawulinywe ngayo umyezo wase-Eden. Kwakungenxa yeso sizathu le nto uMdali wabo wabaxelelayo ukuba ‘baweyise’ umhlaba njengoko bewuzalisa.—Genesis 1:28.
17. Kutheni le nto kwakuza kubakho intabalala yokutya ukulungiselela abemi abandayo, ibe ekugqibeleni yintoni eyayiza kugubungela umhlaba njengoko loo myezo wawusandiswa?
17 Njengoko loo myezo wawusandiswa ngabalimi nabanyamekeli abafezekileyo, umhlaba oweyisiweyo wawuza kuvelisa intabalala ukulungiselela abemi abandayo. Ekugqibeleni, umyezo owawusandiswa ngokuthe ngcembe wawuza kugubungela wonke umhlaba, ibe wonke umhlaba wawuza kuba yiParadisi, uchuma njengekhaya loluntu likanaphakade. Wawuza kuba ngummandla omhle obukekayo kwabo basezulwini, ibe uMdali wasezulwini wayenokuthi mhle.—Thelekisa uYobhi 38:7.
18. Kutheni le nto kuloo myezo wazwenibanzi wase-Eden kwakungayi kubakho nto ikhathazayo, ibe luxolo olunjani olwaluza kwesamela?
18 Zonke izinto zaziza kuba seluxolweni zize zingaphazanyiswa nto njengoko kwakunjalo kuloo myezo wase-Eden eyathi loo ndoda naloo mfazi babesandul’ ukutshata bazifumanisa bekuwo. Kwakungayi kubakho mfuneko yokoyika ingozi okanye ukwenzakaliswa zizo zonke ezo zilwanyana neentaka awathi umntu wokuqala, uAdam, wazihlolisisa waza wazithiya amagama. Njengobawo nomama wabo wokuqala abangabantu, abo bemi bafezekileyo beParadisi yazwenibanzi babeya kuba nobukhosi ezintlanzini zolwandle, ezintakeni zezulu, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, nakumarhamncwa asendle. Ekubeni zazinethuku lemvelo lokuzithoba kubukhosi bomntu, owayedalwe “ngokomfanekiselo kaThixo,” ezi zidalwa ziphilileyo zingaphantsi, zaziya kuba seluxolweni naye. Abantu abanobukhosi kuzo abanothando nabafezekileyo, ekulawuleni kwabo ezi zidalwa ziphilileyo, babeza kukhuthaza imekobume yoxolo phakathi kwezidalwa ezizizilwanyana. Impembelelo yoxolo yaba bantu banobukhosi bafana noThixo yayiza kusasazeka ngendlela yokukhusela ezi zidalwa zingaphantsi nezanelisekayo. Ngaphezu kwako konke, uluntu olufezekileyo lwaluza kuba seluxolweni noThixo, ontsikelelo yakhe yayingayi kuze ishenxiswe kulo.—Thelekisa uIsaya 11:9.
UThixo Uyaphumla Kwimisebenzi Yakhe Yokudala
19. (a) Ngokwenjongo kaThixo, yintoni eyayimele iqondwe yindoda nomfazi wokuqala? (b) Yintoni uThixo awayibonisayo?
19 Njengoko eso sibini sabantu esasifezekile sasiya kucamngca ngombono womhlaba ogqityiweyo ngokwenjongo kaThixo, sasiza kuqonda okuthile. Ukuze siphumelele ekuphumezeni olu thumo lumangalisayo luvela kuThixo kwakuza kufuneka ixesha. Ixesha elingakanani? UMdali noYise waso wasezulwini wayesazi. Wasibonisa ukuba ungcelele olude lweentsuku zokudala ngeli thuba lwalufikelele kwesinye isiphelo ibe ngoku sasifikelele ‘kwixesha langokuhlwa,’ isiqalo sosuku olutsha ngokokubala kukaThixo iintsuku zokudala. Yayiza kuba lusuku olusikelelekileyo luze lungcwaliswe ngokwenjongo kaThixo esulungekileyo neyobulungisa. Loo mntu wayefezekile, umprofeti kaThixo, wakuphawula oku. Ingxelo ephefumlelweyo iyasixelela:
20. Ithini ingxelo yeBhayibhile mayela ‘nomhla wesixhenxe’?
20 “Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesithandathu. Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto. Wawugqiba ke uThixo ngomhla wesixhenxe umsebenzi wakhe awawenzayo; waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo. Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza. Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu.”—Genesis 1:31–2:4.
21. (a) Ngaba kukho ekutshoyo iBhayibhile mayela nokuba uThixo wafikelela kwisiphelo somhla wokuphumla kwakhe nokuba wawulungile? Cacisa. (b) Yiyiphi imibuzo ephakamayo?
21 Ingxelo ayitsho ukuba uThixo wafikelela kwisiphelo somhla wakhe wokuphumla waza wabona ukuba izinto zazilunge kakuhle nokuba kwahlwa kwasa, kwaba ngumhla wesixhenxe. Ukuze ufane nemihla emithandathu yokudala eyandulelayo, umhla wesixhenxe usamele uchazwe njengolungileyo, kuba okwangoku awukapheli. Ngaba okwangoku uYehova uThixo unokuwuvakalisa lo mhla njengolungileyo? Ngaba okwangoku uye waba ngumhla wokuphumla kwakhe ngoxolo? Kuthekani ngombono ovuyisa intliziyo eyathi indoda nomfazi wokuqala banawo ngomhla wokutshatiswa kwabo eParadisi? Makhe sibone njengoko kuza kutyhilwa izinto ezingakumbi kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a La ngamagama afumaneka kwisibhalo sesiHebhere seGenesis nakwezinye iincwadi eziphefumlelweyo zeziBhalo zesiHebhere.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Nguwuphi umsebenzi uThixo awawunika uAdam ukongezelela ekunyamekeleni umyezo, ibe oku kwaquka ntoni?
◻ Yintoni etyhilwa yingxelo yendalo ekwiGenesis 1:1-25?
◻ Wadalwa njani umfazi wokuqala ongumntu, ibe uAdam wasabela njani ngomhla wokutshatiswa kwabo?
◻ Ngawaphi amathemba awayengaphambili kwisibini sokuqala esingabantu?
◻ Wabonisa njani uThixo ukuba ungcelele olude lwemihla yokudala lwalufikelele kwesinye isiphelo?