IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 8/1 iphe. 10-15
  • UThixo Unenjongo Yokuba Umntu Anandiphe Ubomi EParadisi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UThixo Unenjongo Yokuba Umntu Anandiphe Ubomi EParadisi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Akukho Mfihlelo Ngobukho Bomntu
  • Ithemba Lobomi Obungunaphakade
  • Akazange Azive Enembopheleleko Yokucacisa Imicimbi
  • Wayeyedwa—Kodwa Ekunandipha Oko
  • UThixo Wadala Indoda Nomfazi Wokuqala
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ukufa Nokuvuswa KukaYesu—Kunokuthetha Ntoni Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amathemba Azukileyo Oluntu KwiParadisi Yolonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Amathemba EParadisi Aqinisekile Phezu Kwako Nje Ukungathobeli Komntu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 8/1 iphe. 10-15

UThixo Unenjongo Yokuba Umntu Anandiphe Ubomi EParadisi

“UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni weEden, ukuba awusebenze, awugcine [“awunyamekele,” NW].”—GENESIS 2:15.

1. Yayiyintoni injongo yoMdali yantlandlolo mayela nabantu abathobelayo?

KWAKUYINJONGO yantlandlolo yoMdali, ibe kuseyiyo nangoku, ukuba abantu abathobelayo banandiphe ubomi bokungaze baluphale, bahlale benamandla obutsha, bangakruqulwa nayenye into, bahlale benezinto abanokuzenza ezinenjongo ebalulekileyo, baphile ubomi bokubonakalisa uthando nabo bathandwe ngendlela yenyaniso, yokungazingci negqibeleleyo—eparadisi!—Genesis 2:8; thelekisa uLuka 23:42, 43.

2. (a) Kumele ukuba kwenzeka ntoni xa umntu wokuqala waba sezingqondweni? (b) Umntu wokuqala wadalwa nini, phi, ibe ngaliphi ixesha lonyaka?

2 Ukuze ukuqonde oko, khawukhumbule emva uAdam owayesandul’ ukudalwa xa okokuqala waba sezingqondweni, xa wahlolisisa umzimba wakhe nako konke okwakumngqongile awakubonayo, wakuva, waza wakuchukumisa, xa waqondayo ekuqaleni apho ukuba wayephila! Oku kwenzeka kwiminyaka enokuba ngama-6 000 eyadlulayo, ngonyaka wama-4 026 ngaPhambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo, ngokobalo-maxesha oluchazwa eBhayibhileni Engcwele. Kwenzeka kummandla othile welizwe elaziwa namhlanje njengeTurkey, okanye kwindawo ekumzantsi ntshona wendawo ngoku ebizwa ngokuba yiAsia, kummandla othile okufutshane noMlambo umEfrati noMlambo iTigris, yaye ngaloo ndlela usiba kwisiqingatha esingasentla sengqukuva yomhlaba wethu. Eli xesha beliya kuba malunga no-Oktobha 1, ekubeni iikhalenda ezininzi zabantu bamandulo zaqalisa ukubala ixesha kufutshane naloo mhla.

3. (a) Lo mntu wokuqala waba luhlobo olunjani lomntu? (b) Lalingubani igama lomntu wokuqala, ibe lalithetha ukuthini?

3 Umntu wokuqala wadalwa engumntu okhule ngokupheleleyo, enziwe ngokugqibeleleyo, egqibelele empilweni, egqibelele ngokokuziphatha. Igama abizwa ngalo ngokuphindaphindiweyo kwingxelo yeBhayibhile litsalela ingqalelo yethu kokuthile awenziwa ngako. Igama lakhe lalingu-’A·dhamʹ.a Umhlaba enziwe ngawo wawubizwa ngokuba yi-’a·dha·mahʹ. Ngoko kunokutshiwo ngokufanelekileyo ukuba igama lakhe lithetha ukuthi “Umntu Owenziwe Ngomhlaba.” Eli yaba ligama lobuqu lomntu wokuqala—uAdam. Enjani yona imvakalelo yemincili amele ukuba uAdam waba nayo xa waqalisa ukudla ubomi, esiba ngumntu osezingqondweni nokrelekrele!

4. Yiyiphi imeko engaqhelekanga yokuqabukela ebomini angazange abe kuyo umntu wokuqala, ngoko wayengengonyana wantoni?

4 Xa umntu wokuqala uAdam, waqalisa ukudla ubomi, waqabuka waba kwimeko yokuba sezingqondweni ngendlela ekrelekrele, yaye xa wavula amehlo akhe, akazange azifumane elele esifubeni esinoboya, ewolwa ziingalo ezinde nezinamandla zesidalwa esithile sokhomokazi esinjengenkawu, naye ethe nca kuso esijonge ngendlela enothando esibiza ngokuba nguNina. Umntu wokuqala, uAdam, akazange aqabukele ebomini ngaloo ndlela ingaqhelekanga. Akazange avakalelwe enolwalamano lokwenyama nenkawu, engazange avakalelwe ngaloo ndlela kwanaxa wayibonayo kamva okokuqala. Ngosuku lokudalwa kwakhe, kwakungekho kwanto eyayibonisa ukuba wayeyinzala, unyana owahlukileyo, wenkawu okanye waso nasiphi na isidalwa esifana nayo. Kanti, ngaba indlela awabakho ngayo umntu wokuqala, uAdam, yayiza kuhlala iyimfihlelo? Hayi.

5. Yintoni awayeyazi ngokuqinisekileyo uAdam ngomyezo awayekuwo onjengepaki nangaye?

5 Kuyaqondakala ukuba, yena kusenokwenzeka ukuba wamangaliswa yindlela ezabakho ngayo zonke izinto ezintle awazibonayo. Wazifumanisa ekumyezo onjengepaki, iparadisi eyayingacetywanga nguye, eyayingenziwanga nguye, nawayengayilungiselelanga. Kwabakho njani oku? Njengomntu owayekrelekrele nowayenengqiqo egqibeleleyo, wayeya kufuna ukwazi. Wayengenamava ezinto ezenzeka ngaphambili. Wayesazi ukuba wayengazenzanga okanye wayengazivelisanga ngokwakhe. Wayengazange abe kwimeko awayekuyo ngemigudu yakhe.—Thelekisa INdumiso 100:3; 139:14.

6. Ngokunokwenzeka umele ukuba wasabela njani uAdam ngokuphila kwikhaya eligqibeleleyo elingumhlaba?

6 Umntu wokuqala, uAdam, usenokuba waba nemincili gqitha ekuqaleni ngenxa yale meko yakhe ayiqalayo yokuphila ngendlela evuyisayo kwikhaya eligqibeleleyo nelingumhlaba ukuba angacinga ngendawo avela kuyo nesizathu sokuba abekho. Usenokuba wasuka wamemelela ngenxa yoko. Wazifumanisa ethetha. Waziva ethetha ulwimi lomntu, egqabaza ngezinto ezithandekayo awayezibona nawayeziva. Hayi indlela ekwakumnandi ngayo ukuphila kuloo myezo uyiParadisi! Kodwa njengoko wayezanelisa ngokuyolisayo ngenkcazelo yazo zonke izinto awayezibona, eziva, awayesezela nawayezichukumisa, usenokuba watyekela ekubeni acinge okuthile ngazo. Ukuba thina, sasizifumanise sikwimekobume awayephila kuyo, yonke loo nto yayiya kuba yimfihlelo, imfihlelo esasingenakuzicombululela yona.

Akukho Mfihlelo Ngobukho Bomntu

7. Kutheni le nto uAdam engazange amangaliswe kangangethuba elide kukuzifumanisa ephila yaye ekumyezo oyiparadisi?

7 Akuzange kube yinkohla kangangethuba elide kuloo mntu wokuqala, uAdam, ngemekobume awazifumanisa ephila kuyo yaye eyedwa, kungekho kwamntu unjengaye owayebonakala kuloo myezo uyiParadisi. Weva ilizwi, kwakukho umntu othile owayethetha. Lo mntu waliqonda eli lizwi. Kodwa wayephi loo mntu wayethetha? Lo mntu akazange ambone lowo wayethetha. Eli lizwi laliphuma kummandla ongenakubonwa nongabonakaliyo, ibe lalithetha naye. Yayililizwi loMenzi woMntu, uMdali wakhe! Ibe lo mntu wayenokumphendula ngentetho eluhlobo olufanayo. Wazifumanisa ethetha noThixo, uMdali. Kuloo mntu kwakungafuneki unomathotholo wanamhla wezenzululwazi wokudlulisela amazwi ukuze ave ilizwi likaThixo. UThixo wancokola naye ngokungqalileyo njengesidalwa sakhe.

8, 9. (a) Yiyiphi imibuzo awayenokuphendulelwa yona uAdam, ibe yiyiphi inyameko nomdla womzali ongutata owabonakaliswa kuye? (b) Yayisithini impendulo uAdam awayifumana kuYise wakhe wasezulwini?

8 Ngeli thuba lo mntu waqonda ukuba wayengeyedwa, ibe ngenxa yoku umele ukuba waziva ekwimeko entle kakhulu. Wayenemibuzo emininzi engqondweni. Wayenokufuna iimpendulo zayo kuLowo ungenakubonwa wayethetha naye. Ngubani owayemenzile naloo myezo kukho kuwo ulonwabo? Wayebekelwe ntoni apho, ibe wayeza kwenza ntoni ngobomi bakhe? Ngaba kwakukho nayiphina injongo ekuphileni? Kulo mntu wokuqala, uAdam, kwabonakaliswa inyameko nomdla womzali ongutata, kuba imibuzo awayenayo yaphendulwa ngendlela eyanelisa ingqondo yakhe eyayifuna ukwazi. Enjani yona into emele ukuba yabangela uyolo kuMenzi wakhe, uMniki-bomi wakhe, uBawo wakhe wasezulwini, ukuva loo mntu eqalisa ukuthetha amazwi akhe okuqala! Olunjani lona ulonwabo awaba nalo uBawo wakhe wasezulwini ukuva unyana wakhe ethetha naye! Umbuzo ebekunokulindelwa ukuba wawubuza ngothi, “Ndibekho njani?” UBawo wasezulwini wakuvuyela ukuphendula lo mbuzo, ibe ngaloo ndlela evuma ukuba lo mntu wokuqala wayengunyana Wakhe. ‘Wayengunyana kaThixo.’ (Luka 3:38) UYehova wazichaza njengoYise kulo mntu wokuqala, uAdam. Nanku umongo wempendulo kulo mbuzo awayifumanayo uAdam ivela kuYise wakhe wasezulwini nawayidlulisela kwinzala yakhe:

9 “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo. UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile. UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi. Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa ezine.”—Genesis 2:7-10.b

10, 11. (a) Ziziphi iinyaniso awaziqonda ngokucacileyo uAdam, kodwa yayisithini eminye imibuzo ekwakufuneka eyiphendulelwe? (b) Ziziphi iimpendulo uYise wakhe wasezulwini awamnika zona uAdam?

10 Ingqondo ka-Adam ekrelekrele nepholileyo yayifunxa ngolangazelelo olukhulu le nkcazelo yanelisayo. Ngeli thuba wayesazi ukuba wayengaphumi kuloo mmandla ungabonakaliyo apho uMenzi noMyili wakhe wayethetha ekhona. Kunoko yena wenziwa ngomhlaba awayephila kuwo ibe ke ngoko wayengowasemhlabeni. UMniki-bomi noYise wakhe yayinguYehova uThixo. ‘Wayengumphefumlo ophilayo.’ Ekubeni wayefumene ubomi kuYehova uThixo, ‘wayengunyana kaThixo.’ Imithi eyayimjikelezile kumyezo wase-Eden yavelisa iziqhamo ezazilungele ukutyiwa nguye aze aqhubeke ephila njengomphefumlo ophilayo. Ukanti, kutheni le nto wayemele aqhubeke ephila, ibe kutheni wabekwa emhlabeni, kulo myezo wase-Eden? Wayengumntu owenziwe waphelela nokrelekrele yaye enobuchule bokwenza izinto, ibe wayefanele azazi izinto. Ngaphandle koko, wayenokuyiphumeza njani injongo yakhe ebomini aze ngaloo ndlela akholise uMenzi noYise wakhe ngokwenza ukuthanda kukaThixo? Iimpendulo zale mibuzo ifanelekileyo zanikelwa kule nkcazelo ilandelayo:

11 “UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine. UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle; ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.”—Genesis 2:15-17.

12. Yintoni amele ukuba uAdam wambulela ngayo uMdali wakhe, ibe kwakunokwenzeka njani ukuba loo mntu athi ngaloo ndlela amzukise uThixo?

12 UAdam umele ukuba wambulela uMdali wakhe ngokumnika okuthile kokumgcina exakekile kulo myezo mhle wase-Eden. Ngeli thuba wayekwazi ukuthanda koMdali wakhe, ibe wayenokumenzela okuthile emhlabeni. Ngeli thuba wayenembopheleleko eyayithe zinzi phezu kwakhe, leyo yokulima umyezo wase-Eden nokuwunyamekela, kodwa ukwenza oko kwakuya kumvuyisa. Ngokwenjenjalo, wayenokugcina loo myezo wase-Eden ukhangeleka ngendlela apha ezukisa nedumisa uMenzi wawo, uYehova uThixo. Nangaliphi na ithuba uAdam awayeziva elambile ngalo ngenxa yokusebenza, wayenokusibetha sibe bomvu esakhe kwimithi esemyezweni. Ngale ndlela wayenokuhlaziya amandla akhe aze aqhubeke ephila ubomi bolonwabo ngonaphakade—ngokungenasiphelo.—Thelekisa INtshumayeli 3:10-13.

Ithemba Lobomi Obungunaphakade

13. Liliphi ithemba awayenalo umntu wokuqala, ibe kutheni kwakunjalo nje?

13 Ukuphila ngonaphakade? Enjani yona ingcamango ekumele ukuba yaphantse yaba yengakholelekiyo kuloo mntu ufezekileyo! Kodwa kutheni wayengenakungaphili ngonaphakade? UMdali wakhe wayengenangcamango okanye injongo yokutshabalalisa lo myezo wase-Eden awayewucebe ngobuchule obukhulu. Kutheni le nto wayefanele atshabalalise umsebenzi wakhe, ngoxa wawumhle kangaka yaye uyimbonakaliso yobugcisa bakhe bokudala? Ngokusengqiqweni, wayengenakuba nenjongo yokwenjenjalo. (Isaya 45:18) Yaye ekubeni lo myezo ungenakuthelekiswa nanto wawumele uhlale ulinywa, wawufuna umntu owayeza kuwulima aze awunyamekele njengomntu ofezekileyo, uAdam. Ibe ukuba loo mntu wayewunyamekela wayengazange asidle isiqhamo ‘somthi owalelweyo wokwazi okulungileyo nokubi,’ ngewayengazange afe. Loo mntu ufezekileyo wayenokuphila ngonaphakade!

14. Kwakunokwenzeka njani ukuba uAdam aphile ubomi obungunaphakade eParadisi?

14 Ubomi obungunaphakade kumyezo oyiParadisi wase-Eden babubekwe phambi koAdam! Wayenokubunandipha ngonaphakade, ukuba nje wayehleli emthobela ngokugqibeleleyo uMdali wakhe, engazange asidle isiqhamo esasalelwe nguMdali womntu. Kwakungumnqweno Wakhe ukuba umntu ofezekileyo ahlale ethobela aze aphile ngonaphakade. Ukwalelwa ukudla isiqhamo ‘somthi wokwazi okulungileyo nokubi’ kwakungabulali. Kwakuluvavanyo nje lwentobelo yomntu egqibeleleyo kuYise. Kwavulela ithuba lokuba umntu abonise uthando lwakhe ngoThixo, uMdali wakhe.

15. Kutheni le nto uAdam wayenokukhangela phambili kwikamva eliqaqambileyo, enandipha izinto ezintle azilungiselelwe nguMdali wakhe?

15 Ekubeni wayanelisekile entliziyweni yakhe kukuba wayengavelanga nje ngengozi kodwa wayenoYise wasezulwini, ekubeni ingqondo yakhe yayikhanyiselwe ngokuqonda injongo yakhe ebomini, ekubeni wayenethemba lobomi obungunaphakade eParadisi, loo mntu ufezekileyo wayekhangele phambili kwikamva eliqaqambileyo. Wadla kwimithi eyayilungele ukudliwa, ewuphepha “umthi wokwazi okulungileyo nokubi.” Wayefuna ukwazi izinto ezintle awayezilungiselelwe nguMdali wakhe. Umsebenzi, ongengowokonakalisa, kodwa owokulima umyezo wase-Eden wawulungile, ibe loo mntu ufezekileyo wasebenza.

Akazange Azive Enembopheleleko Yokucacisa Imicimbi

16-18. Ziziphi izinto ekufane kuthiwe ziimfihlelo uAdam angazange azive enembopheleleko yokuzicombulula, ibe ngoba?

16 Ukukhanya kwemini kwaya kuphela njengoko isikhanyiso esikhulu semini, awayenokusibona sihamba sinqumla isibhakabhaka, sasitshona. Kwakuba mnyama, ibe waqalisa ukubona ubusuku nenyanga. Ezo zinto azizange zimbangele ukuba oyike; yaba sesona sikhanyiso sincinane esasilawula ubusuku. (Genesis 1:14-18) Ngokunokwenzeka, iinkanyezi zazibhabha kuloo myezo, ukukhanya kwazo okungenabushushu kudanyaza njengezibane ezincinane zokukhanyisa.

17 Njengoko kwathi kwahlwa waza wagutyungelwa bubumnyama, waziva efuna ukulala njengezilwanyana awayekunye nazo. Akuvuka waziva elambile, waza wazenzela kanobom kwiziqhamo zemithi eyayivunyelwe, esitya oko kunokubizwa ngokuba sisidlo sakusasa.

18 Ekubeni wayenamandla ngakumbi yaye ehlaziyeke ngokwaneleyo kakhulu kukuphumla ebusuku, wanikela ingqalelo yakhe kumsebenzi wosuku. Njengoko wayebona lonke uhlaza olwalumjikelezile, akazange avakalelwe kukuba wayemele aphande ngemfihlelo yoko abantu kwiminyaka engamawaka kamva babeya kukubiza ngokuthi yifotosintesi, inkqubo esebenza ngokuyimfihlelo ekuthi kuyo oko kuluhlaza kwizityalo, intlaza yazo, isebenzise amandla okukhanya kwelanga ukuze ivelise ukutya komntu nezilwanyana, kwangaxeshanye iphefumlela ngaphakathi ikharbon diokside athi umntu nezilwanyana ayiphefumlele ngaphandle ize yona ikhuphe ioksijini ukulungiselela bona ukuba bayiphefumle. Umntu usenokukubiza oku ngokuthi yimfihlelo, kodwa kwakungekho mfuneko yokuba uAdam ayicombulule. Kwakungummangaliso woMdali womntu. Wayeyiqonda le nkqubo ibe wayenza yasebenza ukuze ibe yingenelo kwizidalwa eziphilayo emhlabeni. Ngenxa yoko, kwakwanele ngokwengqiqo ekrelekrele yomntu wokuqala owayefezekile ukuba uThixo, uMdali, wazenza ezi zinto ukuba zikhule, nokuba umsebenzi uThixo awayewunike umntu wawukukunyamekela ezi ntlobontlobo zezityalo eziphilayo ezazilinywe kumyezo wase-Eden.—Bona iGenesis 1:12.

Wayeyedwa—Kodwa Ekunandipha Oko

19. Nangona wayeqonda ukuba wayeyedwa, kungekho namnye owayenjengaye emhlabeni, yintoni angazange ayenze uAdam?

19 Lo mntu wayeseza kuqhubeka efundiswa nguYise wakhe wasezulwini. Wawunyamekela loo myezo wase-Eden kungekho namnye umntu onjengaye emhlabeni owayenokumthelela okanye amncedise. Kuhlobo lwakhe, olungabantu, yayinguye kuphela owayephila. Akazange ahambe efuna uthile onjengaye awayenokuhlala naye emhlabeni. Akazange acele uThixo, uYise wasezulwini, ukuba amnike umntakwabo okanye udadewabo. Ukuba yedwa kwakhe njengomntu akuzange kumqhubele ekubeni acaphuke kuze oko kuphange uvuyo lokuphila nolomsebenzi awayewenza. Iqabane lakhe lalinguThixo.—Thelekisa INdumiso 27:4.

20. (a) Yintoni eyayimvuyisa yaye imyolisa kakhulu uAdam? (b) Kutheni le nto ukuqhubeka ephila ubomi obunjalo kwakungayi kuba yimbulaleko kuAdam? (c) Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngantoni?

20 UAdam wayesazi ukuba yena nomsebenzi awayewenza babephantsi kweliso loYise wakhe wasezulwini. Okona kwakumyolisa kakhulu yayikukukholisa uThixo onguMdali wakhe, omandla akhe angummangaliso atyhilwa yiyo yonke imisebenzi emihle yendalo eyayijikeleze lo mntu. (Thelekisa ISityhilelo 15:3.) Ukuqhubeka ephila ubomi obunjalo kwakungayi kuba yimbulaleko okanye kube ngumsebenzi okruqulayo kulo mntu wayelungelelene ngokugqibeleleyo owayenokuncokola noThixo wakhe. Ibe uThixo wayembekele uAdam umsebenzi obangela umdla, omangalisayo, owawuza kumzisela ulwaneliseko noyolo olukhulu. Inqaku elilandelayo liza kuthetha kakhulu ngeentsikelelo zeParadisi nezinto awazinandiphayo uAdam awayezilungiselelwe nguMdali wakhe onothando.

[Imibhalo esemazantsi]

a Eli ligama lolwimi lwantlandlolo olusetyenziswa kwingxelo yendalo eBhayibhileni Engcwele.—Genesis 1:26, umbhalo osemazantsi weNew World Translation Reference Bible.

b Umprofeti uMoses, owabhala le nkcazelo ekwincwadi yeGenesis kwinkulungwane ye-16 ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo, wongezelela le nkcazelo ilandelayo ngaloo mlambo wase-Eden, ngokuvisisana nolwazi lomhla wakhe:

“Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide. Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki nelitye lebherilo. Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi. Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesine umlambo ngumEfrati.”—Genesis 2:11-14.

Uphendula Ngelithini?

◻ Kutheni le nto uAdam kangangethuba elide engazange amangaliswe ngobukho bakhe?

◻ Nguwuphi umsebenzi uThixo awawunika uAdam, ibe umele ukuba wasabela njani?

◻ Liliphi ithemba elananditshwa ngulo mntu ufezekileyo, ibe ngoba?

◻ Kutheni le nto uAdam engazange akwenze umsebenzi wakhe ongundoqo ebomini ukucombulula izinto eziyimfihlelo?

◻ Kutheni le nto ukuba yedwa kuka-Adam njengomntu kungazange kumphange uvuyo ekuphileni?

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]

NASA photo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share