Zintsapho ZamaKristu—Landelani Umzekelo KaYesu!
‘UKristu wanishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’—1 PET. 2:21.
1. (a) Yiyiphi indima awayenayo uNyana kaThixo xa kwakudalwa? (b) UYesu uvakalelwa njani ngoluntu?
XA UTHIXO wayedala amazulu nehlabathi, uNyana wakhe olizibulo wayesecaleni kwakhe “njengomsebénzi onobuchule.” Lo Nyana kaThixo wayesebenzisana noYise xa uYehova wayeyila yaye edala iintlobo ezahlukeneyo zezilwanyana nezityalo emhlabeni, kwanaxa wayesenza iParadesi eyayiza kuba likhaya labantu abenziwe ngokomfanekiso wakhe. UNyana kaThixo, kamva owabizwa ngokuba nguYesu, wayebathanda gqitha abantu. ‘Izinto awayezithanda zazikoonyana babantu.’—IMize. 8:27-31; Gen. 1:26, 27.
2. (a) UYehova uye wenza liphi ilungiselelo lokunceda abantu abangafezekanga? (b) Yiyiphi enye inkalo yobomi iBhayibhile enikela ulwalathiso kuyo?
2 Emva kokuba isibini sokuqala sonayo, ukukhululwa koluntu kwisono kwaba yeyona nto iphambili kwinjongo kaYehova. UYehova walungiselela idini lentlawulelo likaKristu ukuze akhulule uluntu. (Roma 5:8) Ngaphezu koko, uye walungiselela iLizwi lakhe iBhayibhile, elinceda abantu ukuba bakwazi ukuhlangabezana nokungafezeki. (INdu. 119:105) NgeLizwi lakhe, ubonisa abantu indlela yokulondoloza ulonwabo entsatsheni. Ngokuphathelele umtshato, incwadi yeGenesis ithi indoda ifanele “inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.”—Gen. 2:24.
3. (a) Yintoni eyafundiswa nguYesu ngomtshato? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kweli nqaku?
3 Ngexesha lobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wayigxininisa into yokuba umtshato wawenzelwe ukuba uhlale ngonaphakade. Wafundisa imigaqo eyayiza kuthi xa isetyenziswa kakuhle, incede amalungu entsapho aphephe izimo zengqondo nendlela yokuziphatha esongela imitshato nolonwabo entsatsheni. (Mat. 5:27-37; 7:12) Eli nqaku liza kuxubusha indlela iimfundiso zikaYesu nomzekelo awawumiselayo xa wayelapha emhlabeni onokunceda ngayo amadoda, abafazi, abazali nabantwana ukuze bakwazi ukuba nobomi obonwabisayo nobanelisayo.
Indlela Indoda EngumKristu Embeka Ngayo Umfazi Wayo
4. Indima kaYesu ifana njani neyamadoda angamaKristu?
4 UThixo wamisela indoda njengentloko yentsapho, kanye njengokuba uYesu eyiNtloko yebandla. Umpostile uPawulos wathi: “Indoda iyintloko yomfazi wayo njengokuba noKristu eyintloko yebandla, njengoko yena engumsindisi walo mzimba. Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo.” (Efe. 5:23, 25) Enyanisweni, indlela uYesu awayebaphatha ngayo abalandeli bakhe ingumzekelo omhle wendlela amadoda angamaKristu amele abaphathe ngayo abafazi bawo. Makhe siqwalasele ezinye zeendlela uYesu awalisebenzisa ngazo igunya awayelinikwe nguThixo.
5. UYesu wayelisebenzisa njani igunya awayenalo kubafundi bakhe?
5 UYesu ‘wayenomoya wobulali, yaye ethobekile ngentliziyo.’ (Mat. 11:29) Wayethabath’ inyathelo xa kufanelekile. Akazange azityeshele iimbopheleleko zakhe. (Marko 6:34; Yoh. 2:14-17) Wayebaluleka ngobubele abafundi bakhe, yaye esenjenjalo ngokuphindaphindiweyo xa kuyimfuneko. (Mat. 20:21-28; Marko 9:33-37; Luka 22:24-27) Sekunjalo, uYesu wayengabajongeli phantsi okanye athethe nabo ngendlela engenasidima, engazange abenze bazive bengathandwa okanye bengenakukwazi ukwenza oko wayebafundisa kona. Kunoko wayebancoma aze abakhuthaze. (Luka 10:17-21) Siyaqondakala isizathu sokuba abafundi bakhe bamhlonele, kuba uYesu wayebathanda yaye enovelwano.
6. (a) Indoda inokufunda ntoni kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abafundi bakhe? (b) UPetros wakhuthaza amadoda ukuba enze ntoni?
6 Umzekelo kaYesu ufundisa amadoda angamaKristu ukuba akamele abusebenzise kakubi ubuntloko, kunoko amele abaphathe ngentlonelo abafazi bawo aze akulungele ukuzincama ngenxa yokuba ebathanda. Umpostile uPetros wakhuthaza amadoda ukuba axelise indlela uYesu awayebathanda ngayo abafundi bakhe ‘ngokuhlala’ nabafazi bawo, ‘abanike imbeko.’ (Funda eyoku-1 kaPetros 3:7.) Ngoko ke, indoda inokukwazi njani ukusebenzisa igunya elinikwe nguThixo ize kwangaxeshanye iphathe umfazi wayo njengofanelwe yimbeko?
7. Indoda inokumbeka njani umfazi wayo? Zekelisa.
7 Enye indlela indoda embeka ngayo umfazi wayo kukunikel’ ingqalelo kwiimbono zakhe nakwindlela avakalelwa ngayo ngaphambi kokuba yenze isigqibo esichaphazela intsapho. Isenokuba sisigqibo sokufudukela kwenye indawo, ukutshintsha umsebenzi okanye imibandela yemihla ngemihla, njengokuya ekhefini nokuhlengahlengisa indlela intsapho eyisebenzisa ngayo imali ukuze ihlangabezane nokunyuka kwamaxabiso. Ekubeni oku kuza kuchaphazela intsapho, ibiya kuba yinto entle nobubele ukuba indoda inikel’ ingqalelo kwimbono yomfazi wayo. Oko bekuya kuyinceda yenze isigqibo esifanelekileyo, kutsho kube lula ngomfazi wayo ukuba ayixhase. (IMize. 15:22) Amadoda angamaKristu abeka abafazi bawo akaneli nje ukuthandwa aze ahlonelwe ngabafazi, kodwa okona kubalulekileyo kukuba ayamkholisa uYehova.—Efe. 5:28, 29.
Indlela Umfazi Ayihlonela Nzulu Ngayo Indoda Yakhe
8. Kutheni simele singalandeli umzekelo kaEva?
8 UYesu ungumzekelo omhle wokuthobela igunya onokuxeliswa ngabafazi abangamaKristu. Onjani ukuba mkhulu umahluko phakathi kwendlela alijonga ngayo igunya naleyo wayelijonga ngayo umfazi wokuqala! UEva akazange abe ngumzekelo omhle onokuxeliswa ngabafazi. UYehova wayenikela ulwalathiso ngentloko awayemnike yona. Kodwa uEva akazange alihlonele elo lungiselelo. Akazange alwamkele ulwalathiso awayelunikwa nguAdam. (Gen. 2:16, 17; 3:3; 1 Kor. 11:3) Liyinyaniso elokuba uEva walukuhlwa; kodwa wayefanele abuze indoda yakhe enoba umele aliphulaphule na elo lizwi limxelela oko ‘kwaziwa nguThixo.’ Kunoko, waxelela indoda yakhe oko imele ikwenze.—Gen. 3:5, 6; 1 Tim. 2:14.
9. Nguwuphi umzekelo omhle wokuthobela omiselwa nguYesu?
9 Ngokwahlukileyo, uYesu wamisela umzekelo ogqibeleleyo wokuthobela iNtloko yakhe. Isimo sakhe sengqondo nendlela awayephila ngayo yayibonisa ukuba ‘wayengacingi ngokurhwaphiliza, ukuze azenze alingane noThixo.’ Ngokwahlukileyo koko, “waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka.” (Fil. 2:5-7) NjengoKumkani olawulayo, nanamhlanje uYesu useneso simo sengqondo. Uyazithoba kuzo zonke izinto aze abuxhase ubuntloko bukaYise.—Mat. 20:23; Yoh. 5:30; 1 Kor. 15:28.
10. Umfazi unokubuxhasa njani ubuntloko bendoda yakhe?
10 Umfazi ongumKristu ufanele axelise uYesu ngokuxhasa ubuntloko bendoda yakhe. (Funda eyoku-1 kaPetros 2:21; 3:1, 2.) Cinga ngemeko anokukwenza kuyo oku. Unyana wakhe ucela ukwenza into ethile efuna imvume yabazali. Ngenxa yokuba bengazange khe bathethe ngalo mcimbi njengabazali, bekuya kuba kuhle ukuba unina ambuze oku, “Ubukhe wacela kuyihlo?” Ukuba akakhange acele, unina umele akuxubushe nendoda yakhe oko ngaphambi kokuba enze isigqibo. Ngaphezu koko, umfazi ongumKristu ebeya kukuphepha ukuphikisana nendoda yakhe phambi kwabantwana. Ukuba akavumelani nayo ngento ethile, ufanele athethe nayo ngasese.—Efe. 6:4.
Umzekelo UYesu Awumisele Abazali
11. UYesu wabamisela wuphi umzekelo abazali?
11 Nangona uYesu engazange atshate okanye abe nabantwana, ungumzekelo obalaseleyo kubazali abangamaKristu. Sitsho njani? Ngamazwi nomzekelo wakhe omhle, wabonisa uthando nomonde xa wayefundisa abafundi bakhe. Wababonisa indlela yokuphumeza uthumo awayebanike lona. (Luka 8:1) Bafunda indlela yokuphatha abanye kwindlela ababephathwa nababejongwa ngayo nguYesu.—Funda uYohane 13:14-17.
12, 13. Yintoni efunekayo kubazali ukuze abantwana babo bakhule bemoyika uThixo?
12 Abantwana badla ngokuxelisa abazali babo, enoba benza izinto ezilungileyo okanye ezimbi. Ngoko ke, bazali, zibuzeni oku: ‘Sibafundisa ntoni abantwana bethu ngokuphathelele ixesha esilichitha kumabonwakude nasekuzonwabiseni, nelo silichitha ekufundeni iBhayibhile nasentsimini? Ziziphi izinto eziza kuqala entsatsheni yethu? Ngaba simisela umzekelo omhle ngokubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala ebomini bethu?’ Abazali bamele bawuthande kuqala umthetho kaThixo ukuze bakwazi ukunceda abantwana babo bakhule bemoyika uThixo.—Dut. 6:6.
13 Xa abazali bezabalazela ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuzo zonke iinkalo zobomi, abantwana baya kukubona oko. Izinto abazithethayo nabazifundisayo ziya kuvakala kakuhle. Kodwa xa bephawula ukuba abazali bathetha le baze benze leyaa, basenokucinga ukuba imigaqo yeBhayibhile ayibalulekanga kangako okanye ayisebenzi. Oko bekuya kwenza abantwana babo bangakwazi ukuxhathisa kwingcinezelo yehlabathi.
14, 15. Abazali bamele babancede basukele ntoni abantwana babo, ibe yiyiphi enye indlela abanokukwenza ngayo oku?
14 Abazali abangamaKristu bayazi ukuba ukukhulisa umntwana akupheleli nje ekumnyamekeleni ngezinto eziphathekayo. Ibiya kuba bubuyatha obugqithiseleyo ukufundisa umntwana ukuba abe nosukelo lokufuna izinto eziphathekayo kuphela. (INtshu. 7:12) UYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bazibeke kwindawo yokuqala izinto zokomoya. (Mat. 6:33) Bexelisa uYesu, abazali abangamaKristu bamele bazabalazele ukunceda abantwana babo basukele izinto zokomoya.
15 Enye indlela abanokukwenza ngayo abazali oku kukuvula amathuba okuba abantwana babo banxulumane nabo bakwinkonzo yexesha elizeleyo. Khawucinge indlela ebekuya kubakhuthaza ngayo abakwishumi elivisayo ukuqhelana noovulindlela okanye abaveleli besiphaluka nabafazi babo. Xa betyelele, abathunywa bevangeli, abasebenzi baseBheteli, kunye nabo bancedisa kumsebenzi wokwakha owenziwa kumazwe ngamazwe, bamele bathethe ngendlela ebangel’ umdla ngovuyo abalufumana ekukhonzeni uYehova. Ngokuqinisekileyo, abo bazalwana banawo amava amnandi abanokuwabalisa. Umzekelo wabo wokuzincama enkonzweni unokubanceda gqitha abantwana bakho benze izigqibo zobulumko, bazibekele usukelo lokukhonza uThixo, baze bafune imfundo efanelekileyo eya kubanceda bakwazi ukuzixhasa.
Bantwana—Yintoni Eza Kuninceda Nilandele Umzekelo KaYesu?
16. UYesu wabathobela njani abazali bakhe basemhlabeni noYise wasezulwini?
16 Nani bantwana, uYesu unimisela umzekelo omhle enimele niwulandele. UYesu wakhuliswa nguYosefu noMariya, yaye wabathobela. (Funda uLuka 2:51.) Wayesazi ukuba, nakuba bengafezekanga, uThixo ubanike imbopheleleko yokumnyamekela. Ngenxa yoko, wayefanele abathobele. (Dut. 5:16; Mat. 15:4) Naxa sele ekhulile, uYesu wayesoloko esenza izinto ezimkholisayo uYise wasezulwini. Oko kwakuthetha ukuxhathisa izilingo. (Mat. 4:1-10) Maxa wambi, nina baselula nisenokulingelwa ekubeni ningabathobeli abazali benu. Yintoni enokuninceda nilandele umzekelo kaYesu?
17, 18. (a) Abantu abaselula bajamelana naziphi iingcinezelo esikolweni? (b) Yintoni efanele ikhunjulwe lulutsha neya kulunceda luxhathise iingcinezelo?
17 Inkoliso yabantwana ofunda nabo isenokuba ayiyihloneli imilinganiselo yeBhayibhile. Isenokuzama ukuba wenze izinto eziphosakeleyo ize ihlekise ngawe xa ungavumi. Ngaba abantwana ofunda nabo bakubiza ngamagama ongawafuniyo kuba ungavumi ukwenza izinto abazenzayo? Yintoni oyenzayo xa besenza oko? Uyazi ukuba xa unokwenza oko bakufunayo ngenxa yokoyika, abazali bakho noYehova baya kuphoxeka. Uya kuphelela phi xa ulandela abantwana ofunda nabo? Mhlawumbi uzibekele usukelo lokuba nguvulindlela okanye isicaka solungiselelo, ukushumayela kwindawo ekukho imfuneko yabavakalisi boBukumkani kuyo, okanye ukuya kukhonza eBheteli. Ngaba ukunxulumana nabantwana ofunda nabo kuya kukunceda ufikelele usukelo lwakho?
18 Lutsha olusebandleni lamaKristu, ngaba ukholo lwenu lukhe luvavanywe? Nidla ngokwenza ntoni? Cingani ngomzekelo wenu, uYesu. Akazange anikezele kwisilingo kodwa wakumela ngokuqinileyo oko wayekwazi ukuba kulungile. Xa nikukhumbula oku niya kuba nesibindi sokuxelela abantwana enifunda nabo ukuba anifuni ukubandakanyeka kwizinto enaziyo ukuba ziphosakele. NjengoYesu, qhubekani nitsolise amehlo kwithemba lokukhonza uYehova ngovuyo nokumthobela ngonaphakade.—Heb. 12:2.
Oko Kwenza Intsapho Yonwabe
19. Yintoni ebangela ulonwabo lokwenene ebomini?
19 UYehova uThixo noYesu Kristu bafuna uluntu lonwabe. Nangona singafezekanga, singakwazi ukonwaba ngomlinganiselo othile. (Isa. 48:17, 18; Mat. 5:3) UYesu wafundisa inyaniso eza kunceda abantu bonwabe, kodwa akazange abafundise oko nje kuphela abafundi bakhe. Wabafundisa neyona ndlela yokufumana ulonwabo. Ngaphezu koko, wasishiyela umzekelo omhle wokuphila ubomi obulungeleleneyo nokuba nesimo sengqondo esihle. Sonke sinokuzuza kumzekelo wakhe, enoba sinayiphi na indima entsatsheni. Madoda, bafazi, bazali, nani bantwana, landelani umzekelo kaYesu! Ukunamathela kwiimfundiso zikaYesu nokuxelisa umzekelo wakhe, yeyona nto iya kubangela ukuba sibe nobomi bentsapho obanelisayo nobonwabisayo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Amadoda afanele alisebenzise njani igunya alinikwe nguThixo?
• Umfazi unokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu?
• Yintoni enokufundwa ngabazali kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abafundi bakhe?
• Yintoni enokufundwa ngabaselula kumzekelo kaYesu?
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Ngaphambi kokuba yenze isigqibo esiza kuchaphazela intsapho, yintoni eya kwenziwa yindoda enothando?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Yiyiphi imeko umfazi anokubonisa kuyo ukuba uyabuxhasa ubuntloko bendoda yakhe?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Abantwana baxelisa izinto ezintle ezenziwa ngabazali babo