IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 6/15 iphe. 32
  • Ububele Buyawuthomalalisa Umsindo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ububele Buyawuthomalalisa Umsindo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusuka Kudandatheko Ukusa Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Baxelele Ukuba Uyabathanda
    Amava
  • Ukuzimisela Ukuphila Ngemilinganiselo KaYehova Yokuziphatha
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 6/15 iphe. 32

Ububele Buyawuthomalalisa Umsindo

ELINYE ixhegokazi lalingatyhilekanga kwaphela ukufika kukaGeorge noManon, amaNgqina amabini aseNetherlands, eze kuthetha nalo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani. Ayevile ukuba laliswelekelwe ngabayeni ababini kunye nonyana yaye lalikhathazwa nasisifo samathambo. Nangona wakha wathi nqum umsindo kulo ngoxa kuncokolwa, eli xhegwazana alizange likhululeke ncam.

Noko ke, uGeorge, wacebisa uManon ukuba xa bephinda bebuyela, kufuneka baliphathele isipha seentyatyambo eli xhegokazi kuba lalibonakala lililolo yaye lisezintlungwini. Xa babuyayo, umninimzi, uRie, wothuka gqitha. Noko ke, bafika exakekile, baza bacela ukubuya ngenye imini. UGeorge noManon babuyela ngosuku olwalubekiwe, kodwa bafika kungekho mntu. Bakhondoza bebuyela, kodwa abazange balifumane elo xhegwazana. Baqalisa ukucinga ukuba liyabazimela.

UGeorge wada wamfumana uRie ekhayeni lakhe. Lacel’ uxolo ngokungafumaneki lisitsho ukuba belilele esibhedlele. Lathi: “Ngaba niyazi ukuba ndenza ntoni emva kokuba nimkile? Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile!” Baxubusha kamnandi nalo, baza baqalisa isifundo seBhayibhile.

Ngoxa uRie wayefunda iBhayibhile, wayeka ukuba nomsindo waza waba ngumntu nje ozonwabeleyo nonobubele. Nangona wayengasakwazi ukuphuma endlwini, ngoko nangoko waqalisa ukuxelela wonke umntu oze kumbona ngeenkolelo zakhe ezintsha. Impilo yakhe yayingamvumeli ukuba abekho rhoqo kwiintlanganiso zebandla, sekunjalo wayekuvuyela kakhulu ukuza kubonwa ngabazalwana noodade. Mhla wayegqiba iminyaka engama-82 ubudala, waya kwindibano yesiphaluka waza wabhaptizwa, ebonisa uzinikelo lwakhe kuThixo.

Emva kweenyanga ezimbalwa eswelekile, kwafunyanwa umbongo awayewubhale ngokwakhe. Kuwo, wayebhale ngentlungu yokuba lilolo ebudaleni ebethelela nokubaluleka kokuba nobubele. UManon uthi: “Kwandichukumisa ngenene ukufunda loo mbongo, yaye ndiyavuya kuba uYehova eye wasinceda ukuba sibonise ububele kuye.”

Ngenene, ngumzekelo kaYehova owasenza sabonisa olo thando nobubele. (Efe. 5:1, 2) Ubulungiseleli bethu buya kuba neziqhamo njengoko ‘sizincomela njengabalungiseleli bakaThixo ngobubele.’—2 Kor. 6:4, 6.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share