Iintlanganiso Zenkonzo KaJanuwari
Iveki Eqala NgoDisemba 30
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
20 imiz: “Ngaba Uyayixabisa Intlangano KaYehova Yasemhlabeni?” Intetho esekelwe kwiMboniselo kaNovemba 1, 1991, iphepha 30-1.
20 imiz: “Bonke Mabazi Ukuba Unqabiseko Lwehlabathi Lonke Lusondele.” Emva kwamagqabaza amafutshane entshayelelo, chaza indlela nganye yokunikela uncwadi uze ube nomboniso ongendlela yokuyisebenzisa owenziwa ngabavakalisi abalungiselele kakuhle ngokokuvuma kwexesha. Ukuba kunokwenzeka, kungakuhle ukuba umboniso weNdlela Yesi-2 wenziwe ngoselula. INdlela Yesi-3 ivumela umvakalisi ukuba ashiye ubuncinane ingcamango ebangel’ umdla engokweZibhalo engqondweni yomninimzi. Bakhuthaze ngokufudumeleyo abazalwana ukuba basebenzise enye yeentshayelelo ezicetyisiweyo kwiphepha 4 nenye yezi ndlela zokunikela uncwadi.
Ingoma 30 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 6
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
10 imiz: “Amacebiso Asebenzisekayo Ukulungiselela Inkonzo Yasentsimini.” Xubusha eli nqaku nabaphulaphuli, wandule ke ubize abavakalisi abathathu okanye abane ababelwe kwangaphambili ukuba bagqabaze ngeendlela la macebiso anokubanceda ngazo. Ngokomzekelo, banokugqabaza ngokwahlukahlukana kweentshumayelo, iindlela umbandela onokuguquguqulwa ngayo kwintsimi yasekuhlaleni, ukuba bhetyebhetye, okanye banokuthi la macebiso anika abavakalisi ithuba lokukhetha umbandela abakufumanisa kulula ukuthetha ngawo. Khuthaza abavakalisi ukuba beze nombhalo wabo woBulungiseleli Bethu BoBukumkani kwiintlanganiso zenkonzo yasentsimini.
18 imiz: “Iintshayelelo Zokwenza Abaninimzi Baphulaphule.” Qwalasela ngokufutshane imeko yentsimi yasekuhlaleni. Yiyiphi imibandela ebalulekileyo kubaninimzi? Gxininisa kwintshayelelo nakwintshumayelo ekunokwenzeka ukuba ibe yephumelelayo ekuhlaleni. Yiba nomvakalisi olungiselele kakuhle esenza umboniso ngendlela yokusebenzisa le ntshumayelo aze anikele incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo. Lo mvakalisi ufanele ayinikele le ntshumayelo ngendlela echazwe ngayo kweli nqaku. Emva koko umntwana okubudala bokuhamba isikolo unokwenza umboniso kwangale ntshumayelo inye aze aqukumbele ngokunikela amaphephancwadi kumntu onomdla. Khuthaza bonke ukuba bayizame le ndlela kwinkonzo yasentsimini.
12 imiz: I-“Medical Document” ne-“Identity Card.” Unobhala uyalela ukuba kudluliswe la maqweqwe kumalungu abhaptiziweyo ebandla. Xa ulungiselela, hlola ileta kaJanuwari 1, 1990, ukuze ufumane iingongoma ezibalulekileyo ezihambisana neemfuno zasekuhlaleni. Gxininisa ukuba abo babini abatyobela njengamangqina bafanele bajonge xa eli qweqwe lityobelwa baze ke nabo balityobele. Qiqa nabaphulaphuli ngesizathu sokuba imiyalelo ifanele ilandelwe ngenyameko ukuze la maqweqwe asebenze ngokunempumelelo ekusikhuseleni. Abadala banokuwahlola emva kweentlanganiso njengoko benzayo kunyaka odluleyo. Musani ukulibazisa ukuwabhala nokuwatyobela ngokufanelekileyo la maqweqwe.
Ingoma 130 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 13
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neeNdaba Ezingokobuthixo. Quka ingxelo yemali nesaziso sokufunyanwa kweminikelo.
15 imiz: Ngaba Inkonzo Yobuvulindlela Indifanele? Kweli lizwe malunga nesi-7 ekhulwini sabo bonke abavakalisi bangoovulindlela abathe ngxi. Nikela amanani asekuhlaleni ukuze kuthelekiswe. Ngaba abangakumbi kuthi, kuquka abantu abaselula abasandul’ ukugqiba kwisikolo semfundo ephakamileyo, banokungenela inkonzo yexesha elizeleyo? Dlan’ indlebe noovulindlela abathe ngxi abathathu, ukuba kunokwenzeka umntu oselula, umam’ ekhaya nomntu odla umhlala-phantsi. (Ukuba abekho oovulindlela abathe ngxi, kusenokusetyenziswa oovulindlela babancedani okanye abavakalisi ababekhe bangoovulindlela.) Thetha ngombandela ongokwemali. Yiyiphi imisebenzi yesingxungxo ekhoyo kummandla okuwo? Ngamnye uziphilisa njani? Ziziphi iinguqulelo abaye bazenza kwindlela abayisebenzisa ngayo imali? Thetha ngocwangciso lokufikelela iiyure ezifunekayo. Ngaba kukho nabaphi na abaneengxaki zempilo? Bahlangabezana njani nazo? Luluphi olunye ucelomngeni abaye bahlangabezana nalo ngokunempumelelo? Olu dliwano-ndlebe lufanele lube lolwakhayo nolukhuthazayo. Bongoza abaphulaphuli ngokufudumeleyo ukuba bahlolisise iimeko zabo zobuqu ukuze babone enoba kukho abangakumbi kusini na abanokungenela inkonzo yexesha elizeleyo.
20 imiz: Indlela Abazali Abangabanye Abanokubanceda Ngayo Abantwana Babo. Intshayelelo emfutshane elandelwa ngumboniso womama nabantwana ababini belungiselela inkonzo yasentsimini. Kukho iintsapho ezingakumbi ezinabazali abangabanye entlanganweni namhlanje kunangaphambili. Indlela unina noninakhulu kaTimoti abayibethelela ngayo inyaniso kuye inikela umzekelo omhle ekufuneka bonke abazali bawulandele. (2 Tim. 1:5; 3:14, 15) Umboniso: Umama, intombi ekwishumi elivisayo nentwazana encinane bahleli etafileni ekhitshini, besandul’ ukugqiba isidlo sangokuhlwa. Umama uthi ngaphambi kokuba bahlambe izitya baza kuqhelisela iintshumayelo zenkonzo ibe yena uza kuba ngumninimzi. Intwazana encinane ikhetha intshayelelo kwiphepha 4 loBulungiseleli Bethu BoBukumkani ize iyinikele kunina. Unina uyincoma ngokufudumeleyo ngendlela entle eqhube ngayo aze ayicele ukuba ifunde isibhalo esicetyiswe nguMbutho. Le ntwazana ijonga ngokukhawuleza uIsaya 9:6, 7 ize imfunde. Wandula ke umama abuze intombi endadlana indlela ebiya kuyinikela ngayo incwadi. Le ntombi ikhetha enye yeendlela zokunikela uncwadi ezikwiphepha 1 loBulungiseleli Bethu BoBukumkani ize iyinikele kunina. Unina uyayincoma aze awakhuthaze omabini la mantombazana ukuba ayiqhelisele le ntshayelelo nendlela yokunikela uncwadi ukuze akwazi ukunikela incwadi kwinkonzo yasentsimini. La mantombazana axelelwa ukuba aza kuqhelisela ithutyana andule ke ahlambe izitya. Umdala uqukumbela le nxalenye ngokukhuthaza zonke iintsapho ebandleni ukuba zibancede ngokunothando abantwana bazo.
Ingoma 183 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 20
15 imiz: Umdala usingatha izaziso zasekuhlaleni aze aqwalasele iimfuno zasekuhlaleni. Ngokuvuma kwexesha, xubusha ngeengongoma ekunokuthethwa ngazo kumaphephancwadi akutshanje. Khetha leyo ehambisana kakuhle neentshayelelo kunye neendlela zokunikela uncwadi ezicetyisiweyo kule nkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Yandula ke ube nomvakalisi olungiselele kakuhle enikela intshumayelo epheleleyo esebenzisa intshayelelo nenye yeendlela zokunikela uncwadi, enikela iphephancwadi kumntu onomdla. Bonisa ukuba ngokubaquka abantu encokweni nangokusebenzisa iintshumayelo ezicetyisiweyo, akunzima ukubaphawula abantu abanomdla.
18 imiz: “Ukwamkela Imbopheleleko Yokwenza Amabuyelo.” Imibuzo neempendulo. Bakhuthaze ngokufudumeleyo bonke ukuba babe nesabelo ngokupheleleyo ekwenzeni amabuyelo. Bakhuthaze bonke ukuba babekho kwiveki elandelayo xa kwiNtlanganiso Yenkonzo kuya kube kuxutyushwa oko kunokuthethwa kwibuyelo.
12 imiz: Ingxubusho ethi “Ukuqhomfa” ngokusuka kwincwadi Ukuqiqa, iphepha 302-4. Emva kokuwutshayelela ngokufutshane lo mbandela, ubonisa indlela ongundaba-mlonyeni ngayo nendlela oxhalatyelwe ngayo zizigidi zabantu, tshayelela umboniso wodade oqhuba isifundo seBhayibhile. Lo mfundi weBhayibhile usemtsha uxelela udade ngentlungu yakhe yokukhulelwa. Uchaza indlela akhathazeke ngayo, ekubeni intsapho yakhe ingemanga kakuhle ngokwemali. Izalamane zakhe zehlabathi zimbongoza ukuba aqhomfe ngaphandle kokulibazisa. Udade ucebisa ukuba batyhile kwincwadi Ukuqiqa baze bahlole iZibhalo ukuze babone indlela uYehova abugqala ngayo ubomi bomntwana ongekazalwa kwanokuba ukujonga ukuqhomfa njengento efanelekileyo kusini na. Baqala ngokuhlola ingcaciso yokuqhomfa. Bandula ke baxubushe ngemibuzo, izibhalo namanye amagqabaza akwiphepha 302-4. Lo dade ufanele amncede lo mfundi aqiqe aze abuqonde ubungcwele bobomi.
Ingoma 164 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 27
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khuthaza abavakalisi ukuba benze amalungiselelo ngoku okuba ngoovulindlela babancedani ngoMatshi nangoAprili. Khuthaza iintsapho, kwanabavakalisi abaselula abaya kube besekhefini ebudeni bukaMatshi noAprili, ukuba bahlolisise amalungiselelo abanokuwenza ukuze bakwazi ukuba nesabelo esikhulu ngakumbi kumsebenzi wenkonzo yasentsimini.
20 imiz: “Uya Kuthini Xa Ubuyela?” Xubusha nabaphulaphuli uze ube nabavakalisi abalungiselele ukwenza imiboniso ngamacebiso akwiziqendu njengoko eqwalaselwa. Le miboniso mifutshane ifanele ilungiselelwe kwangaphambili.
15 imiz: “Ukubolekisa Ngemali KumaKristu Okhonza Nawo.” Intetho enikelwa ngumdala kwinqaku leMboniselo kaOktobha 15, 1991, iphepha 25-8.
Ingoma 147 nomthandazo wokuqukumbela.