IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/01 iphe. 2-7
  • Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoNovemba 12
  • Iveki Eqala NgoNovemba 19
  • Iveki Eqala NgoNovemba 26
  • Iveki Eqala NgoDisemba 3
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 11/01 iphe. 2-7

Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo

ISAZISO; UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buza kucwangcisa iNtlanganiso Yenkonzo veki nganye ebudeni beenyanga zendibano. Amabandla angenza uhlengahlengiso njengoko kufuneka ukuze akwazi ukuya kwiNdibano yeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo.’ Sebenzisa imizuzu eli-15 yokugqibela Yentlanganiso Yenkonzo ngaphambi kokuya endibanweni ukuze uphinde isiluleko esikwisihlomelo sikaOktobha esinokufaneleka ekuhlaleni. Ebudeni benyanga kaJanuwari 2002, yonke iNtlanganiso Yenkonzo iya kulungelelaniselwa ukuba ixubushe iimbalasane zendibano. Ukulungiselela loo ngxubusho, sonke singabhala amanqaku endibanweni kuquka neengongoma esifuna ukuzisebenzisa ngokobuqu ebomini bethu nakubulungiseleli basentsimini. Sinokwandula ke silungele ukuchaza indlela esiwasebenzisa ngayo loo macebiso emva kokuba siye saya endibanweni. Kuya kwakha ukuva abantu ngabanye bebalisa indlela abangenelwa ngayo kwimfundiso entle abaye bayinandipha.

Iveki Eqala NgoNovemba 12

Ingoma 170

8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso Ezikhethiweyo KuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Hlola esi saziso singentla ngokuphathelele uhlengahlengiso lweNtlanganiso Yenkonzo noko kucetyelwa iNtlanganiso Yenkonzo ngoJanuwari 2002, xa kuza kube kusenziwa impinda yeembalasane zendibano yesithili.

15 imiz: “Kholosa NgoYehova Ukuze Ube Namandla.”a Quka amagqabaza akwiMboniselo kaOktobha 1, 1999, iphepha 18-19 isiqendu 6-8.

22 imiz: “Sinesixhobo Esitsha Sokuqalisa Izifundo!” Ingxubusho nabaphulaphuli iya kusingathwa ngumveleli wenkonzo. Ekuqaleni, abalindi mabanike wonke umntu okhoyo umbhalo wephecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Ngakumbi NgeBhayibhile? Ukuba liyafumaneka. Quka imiboniso yeentshumayelo ezimbini ezilungiselelwe kakuhle, usebenzisa amacebiso akwibhokisi ethi “Oko Unokukuthetha Ngamaphephancwadi.” Omnye umvakalisi asebenzise IMboniselo kaNovemba 15, omnye asebenzise UVukani! kaNovemba 8. Kwimeko nganye, umvakalisi uqukumbela ngokuhambisela umninimzi iphecana elithi Yazi IBhayibhile—kongalamkeliyo iphephancwadi nakulowo ulamkelayo. Khuthaza wonke umntu ukuba ahambise eli phecana litsha kubantu bonke abadibana nabo kubulungiseleli.

Ingoma 191 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoNovemba 19

Ingoma 172

12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Iindaba Ezingokobuthixo.

15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.

18 imiz: “Qeqesha Amandla Akho Engqiqo.”b Umdala uxubusha ucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye obeluqhutywa kunyaka wenkonzo ophelileyo.

Ingoma 195 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoNovemba 26

Ingoma 177

15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza bonke abavakalisi ukuba bangenise iingxelo zenkonzo yasentsimini kaNovemba kubaqhubi babo besifundo sencwadi sebandla. Usebenzisa amacebiso akwelithi “Oko Unokukuthetha Ngamaphephancwadi,” yenza imiboniso emibini ngeentshumayelo zamaphephancwadi ezilungiselelwe kakuhle—komnye usebenzise IMboniselo kaDisemba 1 komnye usebenzise UVukani! kaDisemba 8. Wandule ke ukuchaza indlela yokufumana intshumayelo onokuyisebenzisa xa uhambisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo. Hlola iWatch Tower Publications Index ngaphantsi komxholo othi “Presentations” kumxholwana ongaphantsi othi “List by Publication.” Caphula umzekelo ube mnye okanye ibe mibini. Khuthaza wonke ubani ukuba alisebenzise rhoqo iphecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Ngakumbi NgeBhayibhile?

15 imiz: “Ndingalifumana Phi Ixesha?” Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Quka amagqabaza akwiMboniselo kaOktobha 1, 2000 iphepha 20-1, isiqendu 9-10, ngaphantsi komxholo othi “Indlela Abanye Abalivula Ngayo Ithuba Lokufundisisa.” Cela abaphulaphuli babalise ngeendlela eziluncedo abaye bazisebenzisa ukuze ixesha labo balisebenzise kwizinto ezibaluleke ngakumbi ngokubekela bucala ezo zingeyomfuneko. Gxininisa imfuneko yokucwangcisa ixesha lesifundo sobuqu nesentsapho, eleentlanganiso zebandla, elobulungiseleli basentsimini nelokufunda iBhayibhile yonke imihla.

15 imiz: Ulutsha Ludumisa UYehova. Ingxubusho nabaphulaphuli. Inkoliso yamabandla inolutsha oluninzi olunesabelo kumsebenzi wokushumayela. Kuhle ukwenza oko, kwanokuba oko kuthetha ukuba baza kunikela ubungqina kubantu abadala ubukhulu becala. (INdu. 148:12, 13; Mat. 21:15, 16) Xa abazali nabanye abavakalisi benomdla kulutsha, benikela uqeqesho nokhuthazo, ulutsha lunandipha uvuyo olungathethekiyo kwinkonzo yasentsimini. Cela abaphulaphuli bacebise ngeendlela abanokubabandakanya ngazo abaselula kumsebenzi wendlu ngendlu nakowamabuyelo. Cela abazali bachaze oko bakwenzileyo ukuze bancede abantwana bafunde indlela yokuhambisa amaphephancwadi, ukusebenzisa iBhayibhile xa beshumayela, nokuba bathethe ngokuzithemba emizini. Bonisa iingenelo zokubancoma abantwana. Dlan’ indlebe nabavakalisi ababini abaselula, mabachaze oko bakunandiphayo kumsebenzi wokushumayela nesizathu soko.

Ingoma 198 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoDisemba 3

Ingoma 179

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bancome bonke abaye banesabelo kwiphulo lentsimi engabelwanga bani. Chaza oko kwaye kwafezwa uze ubalise nawaphi na amava avus’ umdla.

15 imiz: Iimbalasane Zencwadi Ethi Ukuqiqa. Ingxubusho nabaphulaphuli. Hlolisisa le mizekelo ilandelayo ngendlela ezisebenza ngayo iinkalo ezahlukeneyo zale ncwadi ekuchazeni iimfundiso zeBhayibhile: Ingcaciso, enjengethi “uBukumkani” (iphepha 85) okanye “umoya” (iphepha 196); ingcaciso yeenguqulelo ezahlukahlukeneyo ezibonisa iindawo nendlela elisetyenziswe ngazo igama likaThixo eBhayibhileni (iphepha 387-9) okanye inyaniso ngesihogo (iphepha 169-70); idwelisa iinkolelo ezisahlula kwezinye iinkonzo (iphepha 230-32) okanye ibonise indlela anokulazi ngayo umntu unqulo oluchanileyo (iphepha 328-30); imvelaphi engokwembali, echaza imvelaphi yeKrismesi (iphepha 152-4) okanye ubundilele bamaKristu enkulungwane yokuqala (iphepha 273-5); ubungqina obungokwenzululwazi, obuxhasa indalo (iphepha 100-1) okanye obubonisa ubungozi bokusetyenziswa komya necuba (iphepha 408-11). Khuthaza abavakalisi ukuba besebenzise esi sixhobo sokufundisa xa amathuba evela kubulungiseleli basentsimini.

20 imiz: “Iintsikelelo Zokubonisa Uxabiso Ngothando LukaYehova—Icandelo 1.”c Xa uxubusha isiqendu 3-6, cela ibandla libalise amava akhuthazayo eliye lawanandipha kumsebenzi wendlu ngendlu, kubungqina basesitratweni kumabuyelo nakumsebenzi wokuqhuba isifundo seBhayibhile.

Ingoma 200 nomthandazo wokuqukumbela.

[Imibhalo esemazantsi]

a Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.

b Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.

c Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share